Monday 6 January 2014

Scene #5.5

UMpumezo noSiyabulela base Acacia kwa-Cutters balinde inyama yabo isojiwa eziko. Bahleli basela ii-powerades zabo ngelixesha basalindileyo. UMpumezo utshintshe ebusweni, akatyhilekanga tu. Umane ecimela ajonge phezulu, avume yonke into ethethwa ngugxa wakhe de avume nangayivanga ke. Caba noSiyabulela uyiqaaphele lento. 

Mpumezo: “Intoni ke?”
Siyabulela: “Lento yokuthula kwakho mfondini” 
Mpumezo: “Andikho right maarn mnganam”
Siyabulela: “You know mos mnganam ukuba you can always talk to me”
Mpumezo: “I know that my friend, thank you”
Siyabulela: “Qalisa ke bawo! Yintoni le uyixelelwe ngumamzo?”
Mpumezo: “Lento?”
Siyabulela: “Lento uphume pha kwelagumbi lakhe sele uvutha kakade ngumsindo! Awafuna nokuba ndibe ndiyovalelisa”
Mpumezo: “Akho nex ke mfethu!”
Siyabulela: “Ndiyakubona mnganam ukuba ikhona into ekuthe fixi! Kuba ooko uthule nakula taxi ngoku sibuyayo, ooko uthe cwaka! Kanti yintoni mfondini! Suke ufixeke ngumsindo inga ungabetha umntu! Yintoni?”
Mpumezo: “Ndikhulelise umamfundisi mfondini!”
Siyabulela: “Andiva! Umkhulule ntoni? Amabhandeshi? Hay’bo mfondini!”
Mpumezo: “Yho! Umuncu kanene! Ndithi ndimithise umama umfundisi Siyabulela”
Siyabulela: “Hayi andikuva! Yenza njani lonto? Ulele nomamfundisi? Yhoo! Umqale ngaphi? Uthini nha mfondini?”

Waqala phantsi ke uMpumezo ukubalisela ugxa wakhe konke okuthe kwenzeka. Waabalisa yonke into kwaye akazange ashiye nento malinga nendibanisela yakhe nomamfundisi. Omnye wayethe nkamalala umlomo othukile suke wabambelela esidleleni kukumangazeka. Inokuba waye othukee!

Mpumezo: “Say something bhuti”
Siyabulela: “Ndithethe ntoni nha mfondini” 
Mpumezo: “into oyicingayo mfondini”
Siyabulela: “So disappointed I am tata”
Mpumezo: “I know! I know mnganam”

Wamxelela uSiyabulela yukuba ube emthembe kakhulu lomzalwane, kwaye udane kakhulu yilento ayivayo. Ube emthatha nje ngomzalwane ogqibeleleyo kwaye yena Siyabulela ube ejonge lukhulu kuye. Wayethe shwace nomnye ingathi yinkuku esikwe umlomo, suke wadana ngoku naye. Wayenga ukuba ebemngamxelanga ugxa wakhe. Suke waaneentloni ngoku uphopho. Kodwa waazama ukucacisa ukuba ewe usetyenzisiwe ngumtyholi kwaye sele eyibona naye ukuba usele eseliweni. Kodwa wamcenga umngane wakhe ukuze angabi samshiya kuba kwacaca phandle ngoku ukuba uSiyabulela ulinde nje inyama ogqiba ayirhuqe eyakhe. Sesonqena nje nokushiya imali yakhe, kuba kaloku lenyama yaye ithengwe nguye.

Mpumezo: “Lomcimbi besithetha ngaow izolo ke ngoku yihlo?”
Siyabulela: “Ndiyabona ukuba ucinga ndimuncu wena nhe! Andisoze mna ndivule bandla nawe! Ndizakuzama ukumisa eli likamfundisi lime, ukuba kuzakunyanzeleka ndibe ngumphathi walo ndiza kuba nguye, ukuze ndiqhubeke ndenze umsebenzi kabawo. Lomdlalo nisawenzayo nina, mna ndifuna ukuwenza ngenene nangenyaniso. Nina ke nisadlala nalomamfundisi wenu. Kodwa akungawam amandla ukunijaja, kaloku umdali wenu yena uyanazi kwaye nale uyayazi”

Yade yabizwa nenombolo yabo yokuba bayothatha inyama yabo. Waajikela ngapha emva uSiyabulela ukuyolanda inyama, elixa yena uMpumezo waleqa ukuyothenga isonka. Usole wazithengela ne airtime ke ukwenzela ke azame ukutsala umnxeba. Xa ebuya ufike sele ekhona uSiyabulela, kodwa sele eqalisile yena ukuqhuba umngcwabo. Yaba ngucwaka kodwa kuqhutywa ekudityenwe ngako. Yaye ke intle kakhulu nayo le nyama; isoseji le incinci kodwa inquzunquzu kamnandi, isithi ntsum ntsum xa uyiluma. Inyama yehagu, intle kakhulu kwaye iininzi ngeyona ndlela. Eyegusha ityebe idlekedleke de intsumza amanqatha ukuba mnandi.

Mpumezo: “Ndiyaxolisa ukukuphoxa mzalwane wam! Yini, ndixolele”
Siyabulela: “Akumelanga ukuxolisa kum! Umele kukuxolisa nakumamfundisi lo umenze nzima jike waphika kuye! Uyatsho nawe ukuba umshiye elila! Lixesha lokuba ulungise mfondini ubugwenxa bakho nawe ukuze ukwazi ukubamba umkhala kakuhle kwelabandla ufuna ukulivula”
Mpumezo: “Does that mean awuweli mfo kabawo? Ndikudinga kakhulu Siyabulela ukuba ube lapha ecaleni kwam! Andingekhe ndikwazi ukuwenza lomsebenzi ndodwa ube wena ungekho ecaleni kwam! Nceda mfo ka bawo! Ndiyakudinga torho!”
Siyabulela: “Asoze ndikwazi mfo! Icacile ukuba uzakubashumayeze ujike ubatye kwa wena! Angeke ndikwazi tu”
Mpumezo: “Ndizakutshata mfo kabawo”
Siyabulela: “Yinto yakudala kaloku leyo! Uzakube sele umoshe kakhulu”
Mpumezo: “Kungentsuku zatywala mnta ka tata”
Siyabulela: “Uzakutshata umamfundisi ke ngoku? Kuba kaloku ummithisile andithi?”
Mpumezo: “Hay mfo kabawo! Ndinqwenela ukutshata uThembela! Kodwa noBonisa ndimjongile! Ndisacela kubawo andibonise oyena mfazi wam, oyena mama webandla phakathi kwabo bobabini”
Siyabulela: “yho! Hay’ke ngoku!”
Mpumezo: “Yintini ngoku mzalwane wam? Don’t tell me nawe ujongile pha!”
Siyabulela: “Uya undibhida mpela ngoku Mpumezo”
Mpumezo: “Nditheni ngoku tata?”

Nkqi ukuphendula uSiyabulela, koko wathatha isilayi sesonka, wapakisha isoseji walumela. Ehla ke amafutha ngeminwe, wawalandelala ke nophopho ngolwimi ewanqanda ukuze angamngcolisi.

Mpumezo: “Enye into, kungenzeka ukuba ndi HIV positive, koko ayikafunyanwa apha kum! Umamfundisi ifumanekile kuye! Ndiyaxakwa ukuba mna ndisinda njani. Inokuba kungeemfefe zikamdali. Okanye nyhani akho sifo sinokumelana nam! Ndibiziwe! Kumele ndisabele ubizo! Ndiphilise abagulayo! Ndinyange abafayo! Ndibiziwe!” 

Sime apho okwangoku.

#DOUOM

Scene #5.4

UMpumezo wafumana umyalezo ovela esibhedlele. Wawuvela kumamfundisi ecela ukumbona. Yamenza ixhala kodwa lento kuba kaloku banento abanayo nomamfundisi le, ngoku kuthen ezakubiza yena ngoku xa sele esesibhedlele. Khona, kutheni efuna ukuvelelwa nguye khona? Makube ufuna ukuncedidwa kwenye into, okanye ufuna ukwenzelwa into. Okanye kungenzeka uyamkhumbula shame, kodwa ke phofu naye uMpumezo, unayo indawo emcingayo umamfundisi shame. Uyakhumbula! Uyayazi ukuba ngeke adinge mali ekhona umamfundisi wakhe. Angeke alambe! Ubesoloko emkhathalele kwaye emphethe kakuhle. 

Ugqibe kwelokuba aye kwesi sibhedlele akuso. Kodwa makacele ukukhatshwa ngugxa wakhe uSiyabulela ukuze afumane amandla. Kalolu, ihlobo abamchaza ngalo abantu alithetheki, bathi unximfi-nximfi ebusweni kukudumba kwaye amehlo akabonakali tu. Waacinga kanene ukuba angamphathela ntoni nha etyiwayo kodwa akafumana nto. Wazama ukucinga kodwa ha.a nkqi.

Siyabulela: “Andiqondi ukuba sele ekwiqondo lokuphathelwa izinto okwangoku. Masiye ukuze sive ukuba ukubizela ntoni nha umamfundisi, ukuze uzame ukumnceda apho ke. Ukuba ikhona into ayidingayo, singaphinde siyise ngokuhlwa mfo kabawo. Noko singathi chu nangeenyawo kuba nasi esi sibhedlele saseMitchell's Plain ngapha kwendlela uR300 lo. Akuncedi ukuba sizisindise ngezinto ukuya pha kanti sizakuphinda sijike nazo kuba kusithiwa imeko yakhe imbi. Masiyova kuqala”
Mpumezo: “Kuthe ingxamisekile ke tata! Lonto ithetha ukuba asinakulinda ixesha lokundwendwela ke ka bawo! Masiye”
Siyabulela: “Siyakhwela okanye siya ngeenyawo ke ntanga?”
Mpumezo: “Ungaxhali wena! Sizakukhwela sobabini! Imali isanele”
Siyabulela: “Ewe maarn! Kuba kwa wena awukabikho kwixabiso okanye kwiqondo lokuhamba umgama omde”
Mpumezo: “Kanti ndiphilile mfo kabawo koko lelinxela lilapha phantsi kwekhwapha eli lindityayo. Kodwa liyakrwaqa noko”
Siyabulela: “ Inxeba? Wakuhlaba nha lanesi wobugqwirha?”
Mpumezo: “Ewe wandihlaba! Ha! Ha! Ha! Kodwa inaliti! Inxeba eli kwakufakwe upipe ofunxa ukufa oku kwakufakwa apha kuma ngaphakathi! Likhulu nantsika”
Siyabulela: “Nyamezela mfo ka bawo!”
Mpumezo: “Igcwala kade nale taxi maaarn”
Siyabulela: “Kusekusasa kaloku, abakabikho abantu abaya edolophini! Kodwa ikhona leya itaxi ivela pha ngaseLanti, ivela kuqokelela! Ingathi igcwele kwayona! Ewe izele qhu!”
Mpumezo: “Kwaangcono! Masihlale apha emva kodriver ukwenzela sehle lula! Err driver?”
Driver: “Bhuti?”
Mpumezo: “Usibambele ehekeni ke kwesi sibhedlele sitsha ke! Iheke mos uyayazi?”
Driver: “Ewe mlungu! Kulungile”
Siyabulela: “Ndothuswa nayilento yokuba sele sisebenza esasibhedlele”
Driver: “Kudala bawo! Sele sisebenza”
Mpumezo: “Sendingxamele nje mna ukusibona ngaphakathi! Igcwele ngoku mfo kabawo! Yirhuqe”
Driver: “Bayasincoma abalele kuso! Kodwa sikhuzwa ngeekati ezininzi eziyaluza pha ngaphakathi kuso! Kuthwa kukho nje imfumba yezikathi kwaye uninzi lwazo zimnyama”
Siyabulela: “Iikati? Zifuna ntoni ke ngoku esibhedlele? Bathwele ngazo nha?”
Mpumezo: “Akukho apho kungathwalwayo tata! Kodwa ke ziikati ezivela phi ezo? Utsho ukuba sele kukho imfumba yomkhosi wamagundwane nha kwesi sibhedlele?”
Driver: “Akho waziyo bawo! Koko ungalibali kaloku ukuba ibilihlathi eli kokhiwe kuso esi sibhedlele! Kusenokwenzeka amagundwane awafuni kutelekiswa, kaloku ngumhlaba wookhokho bawo nawo lowa! Ha! Ha! Ha! Abhokile”
Siyabulela: “Ha! Ha! Ha! Uthini nha mfo kabawo! Amagundwana awasuki nawo ngenxa yokubanga umhlaba! Haaaaaaaaaaaa! Andinangayihleki ke leyo”
Mpumezo: “Yinto ayicinge ngaphi umfo le? Ha! Ha! Ha! Kwek usile maaarn”
Driver: “Nyhani madoda! Yicingeni lento! Nantsi ke le gaythi kungenywa kuyo! Buzani kwabamantshingilani ukuba niye ngaphi! Kodwa iskude endleleni noko esisibhedlele”
Mpumezo: “Oh enkosi bawo! Siyabulela! Kodwa asikayifumani itshintshi yethu!”
Drive: “Aninayo iR2 ndininike iR20?”
Mpumezo: “Ngamaphepha odwa bawo! Awunayo wena Siya?”
Siyabulela: “Andinayo nam yihlo”
Driver: “Inani! Akukho ngxaki madoda”
Mpumezo: “Usikeleleke bawo! Enkosi”

Bangena ngesango elisingisa esibhedlele, bake kuqala bapokothwa besetshwa ngalamadoda asebenza pha egeythini. Abakhombisa ke umzila osingisa esibhedlele, wawye umde ke noko! Kwakukwakho nenja yamapolisa ke apha enkulukazi. Yaye ibotshelelwe pha ngasemnyango wendlu yoonogada. Imnyama thsu! Inamazinyo amade kunene, ilive phuhle loonke olwalwimi lwayo inga idenge ngamanqatha. Baacwezelela kude kunayo ke noorheme ukuze kungaphazanyiswana. Otherwise kunganzima madoda.

Beenyuka ke ngomzila lowo ubasa ngqo kwesasibhedlele. Zaamane zisithi thu letshe ke neezokati zimnyama bezixelwa ngudriver wetaxi. Babesothuka ke inge bangabaleka, yayingathi zizilwanyana zasendle ezinye iikati uhlobo ezazinkulu ngayo, zazilwathuza ukuhamba oku. Zinyantsula inga ngumhlaba wazo lowo. Ezinye zazibabeleka abasicatyana ukubaleka oku, inga ziyaqala ukubona umntu.

Bathi bakungena ngaphakathi ooMpumezo, yangathi bangele emall kuba yonke into yalapho yaye ishayina, isagqunyiwe ngeplastiki, isentsha kraca. Kwasedongeni akukho lemibhalo mininzi ufike ixaka esibhedlele ixhonwa eludongeni. Yonke into yayinuka ubutsha. Kwakungekho bumba lamayeza okanye ivumba leepilisi koko kunuka isiqholo esinuka kamnandi esifakwe apho. Bake baqala babuka kuqala ubuhle kunye nezinto zelixesha ezikhoyo kwesasibhedlele. Letshe zona iikati kwalapha ngaphakathi kwesakhiwo. Iikati? Ngaphathi esibhedlele?

Mamfundisi: “Ndicela ukuthetha noMpumezo yeswa kuqala! Ndicele ube ulinda apha ngaphandle Siya mntanam”
Siyabulela: “Kulungile mamzo! Ndiyavuya ukukubona ube uphilile! Inkosi mayibongwe ngokusinda kwakho! Siyabulela!”
Mamfundisi: “Ndiyabulela”

Waaphuma ke noSiyabulela esabethelwa luvalo eenjalo. Umbono noko waye umbi. Wayebhandeshiwe umama intloko le yonke. Kuvele nje iimehlo lalinye kodwa elinye ligqunyiwe. Ingalo yasekunene ifakwe isamente. Enamabhandeshe avele nalapha esifubeni kucaca ukuba nomonakalo ukwakhona apha emzimbeni koko akakwazanga ukuwubona kuba umama wombethiswe ingubo. Waphuma umfo wake wayozibukela isibhedlele esi. Kwakusathe nkcwe ke kucaca ukuba akukabikho mntu mninzi apha kuba kakade sisavulwa. 

Mpumezo: “Imbi ke lento ndiyibona apha! Uziva unjani mamfundisi?”
Mamfundisi: “Ndiyaxolisa Mpumezo! Ndikhulelwe umntwana! Lo mntwana ngowakho! Kuba besele ndingasalali notata umfundisi! Nawe uyayazi lonto! Sezo sizathu ke esibangele ze ndibethwe! Kwaye ebezama ye ukumbulala! Koko oogqirha bathi umntwana akenzekanga nto koko ukhula kakuhle. Uphantse wandibulalela usana lwam uBulelani?”
Mpumezo: “UBulelani? Ngubani ngoku lowo? Ikwa yenye indoda yakho?” 
Mamfundisi: “Ligama likamfundisi wakho kaloku elo”
Mpumezo: “Oh! Ukhulelwe? Umntwana ngowam? Ahy'andikholwa tu!”
Mamfundisi: “Kwaye kufunyaniswe ndi HIV positive Mpumezo! Ndicela usole uzijonga nawe! Ukwenzela uzazi!”
Mpumezo: “Mna? Andina nex mna! I did the test and I am Negative”
Mamfundisi: “Oh! Thanks God! Makube ndiyifumene kulambulali unguBulelani! Ndiyamzonda ke lamntu! Undenzakalisile!” Yhu! Yhu! Yhu! Yhu!”
Mpumezo: “Musa ukulila! Kodwa ke le yomntwana andikholwa tu yiyo! Mna ndimithise? Ngoku ndifunayniswe ndine STI? Kuyacaca ukuba ndiyifumene apha kuwe ke yazi! Kuba wena you are HIV positive and its highly possible ukuba ubuzazi kwaye ubufuna ukundosulela! Nhe? Ubufuna ukundidyobha nhe? Ubufuna ukundibulala mamfundisi? Ubuzazi? Ubuzazi nhe? Ndiyabuza! Thetha!”
Nurse: “Bhuti! Uvakala down the coriddor ukuba uyangxola! Please keep it down please! And please do not yell kwisigulane”
Mpumezo: “Uxolo nesi”
Mamfundisi: “All I am saying is that, thisi is your child lo ndimthweleyo”
Mpumezo: “Kutheni uzakuqiniseka ukuba ngowam? Yho! Bazakuthini abantu? Umdala kum! Ebandleni bazokuthini? Hay hay hay hay! Ekhaya athini umama? Sukundityhola!”
Mamfundisi: “Mpumezo! Andithi nanku umntwana yondla! Ndiyakuxelela qha wena ukuba undenze nzima! Kukuwe ke ukuba yithini! Andixakwanga kaloku ukuzikhulisela umntwana wam am! Ngowam kakade. Kukuwe ukuba uyafuna okanye awufuni ukuba yi-part and parcel yobomi balomtwana”
Mpumezo: “Umyeni wakho umxelele yena? Uthini?”
Mamfundisi: “Andikamxeleli! Kodwa ndiza kumxelela net ukuphuma kwam apha okanye ndimyeke azibonele! Kodwa namxelela ukuba ndikhulelwe! Naye waphika ecinga ukuba andizazi ukuba ndikhuleliswe ngubani! Mpumezo! Amagazi ethu aabashushu ngokuya sasidibana kwenzeka lento ke! Ukuba awukholwa, linda umntwana ze wenze iDNA, ukuba akuzube ku too late for that mhlawumbi”
Mpumezo: “Hay mama ndini wandityhola ngomntwana ngoku kutheni? Indoda yakho? Ewe salala sobabini lonto ayithethi ukuba ndakumithisa kaloku! Ayithethi ukuba ndim oqhufuze iqanda lakho! Tyhini! Utheni ngoku watyhola mna? Ngumyeni wakho okunike iAIDS ukuba wena awunayo enye indoda, phofu wofika unayo ndlela le utsha ngayo maarn! Bekutheni ungakwazi ukulinda emzini wakho wena? Jonga ngoku, uHIV andi uzohambe utyhola abantu! Yhu! Asoze apha kum! Naqhela ukundityhola! This time andivumi! Umithiswe ngubani wena? Kuba asindim tu kaloku!”
Mamfundisi: “Nguwe Mpumezo! Kulungile ungahamba ngoku! Qha okusalayo ndikuxelele! Nguwe utata womntwana wam! Ukuba uyathanda okanye awuthandi kukuwe! As long ndikuxelele qha mna! Hamba ke toto!”

laabonakala elamehlo likamamfundisi lisihlelwa ziinyembezi ngoku. Suke zathi waxa ukuhla oku zibanjwali libhandeshi ke kodwa. Wazama umama wabantu ukuthatha ingubo esosula ngalengalo ingenanto.

Naanko ephuma ngomnyango noMpumezo ejwaqeka ngumsindokazi onkhulu anawo. Zazimcaphukisa kaloku noko ezi iindaba.

Sime apho ke zinantsika zikaMpesh. Sibonane mathunzi.

#DOUOM

Scene #5.3

It was now 05H23 am in the morning. Umkhwaya was now getting ready for work. Wayeqokela izinto asebenza ngazo emsebenzini wakhe. Wayemana emtiba ubulelani njengokuba waye ondlele apha phantsi. Agqoqomisele ukuba makasole evuka! Kaloku, umkhaya waye encwase ukuyitrafa le yasemfundisi ukuze ingazuphinde iziphakamise. Wayeyifungele, ezakuyixovisa udaka, ayithithise izitena, ayithume evenkileni iyothenga ilunch yabasebenzi. Lowo yaye ingumsebenzi kamkhaya, koko naye wayefuna umntu ozakuba semva kwakhe. Ze nemali ayicuntsule ukuze amnike encinci eyangemini. 

Mkhaya: “Uthini andikuva? Sukuzirhonisa mfondisi! Vuka! Itshayile mfo kabawo! Ibhaki izakufika ngoku”

Waaziqutha umfundisi akanyakaza tu. Waabonisa phandle ukuba akasoze yena aye apho. Angase amgxothe umkhaya. Yena ugcotyelwe ukulanda agcine abantu enkosini, hay ukuba ayosebenza ngodaka Kwaye asebenzele imali encinci nje ngale yasekontrakini.

Mkhaya: “Hey! Hey! Hey! Vuka! Vuka! Vuka Bulelani! Uselivila lanto indal nha! Vuka! Vuka! Vuka! Izakufika ngoku ibhaki! Vukaaaa!”

Waatyhila ezongubo umkhaya emhlubula. Uzamene nokumkhaba apha esinqeni ukuze akhawuleze ukuvuka.

Mkhaya: “Huh? Uthini na wena?”
Pastor “Andiphilanga! Ndinefasting!”
Mkhaya: “Intoni? Unefestile?”
Pastor: “Ndinefasting mkhaya! Eso sisigulo sabefundisi”
Mkhaya: “Ulivile gqithi! Phakama!”
Pastor: “Ukuba ubukhonza mkhaya ubuzakuyazi”
Mkhaya: “Ndilunge kanye ngoku mna ndingakhonziyo! Kulamanyala angaka niwenzayo nakube nikwezi cawe zenu! Umzekelo ngoku; wena ubaleka abahlali ngaaaapho eLower! Uzokuhlala kwelityotyombe lam, ubetha umfazi, wenza izimanga kodwa uzibiza ukuba ungumfundisi! Khona, wena Bulelani ufundisa ntoni? Ndakugqibela uwathanda amankazana! Ndikhumbula umana ukuza nentombazana apha, kodwa unomfazi! Ulala nabantwana abancinci! Hay kungcono nokuba andikhonzanga mna! Jonga ngoku, ubanjwe yifestile ngoku endaweni yokuba uvuke uyosebenza! Vuka maaarn! Andifun wenze lemikhuba yakho apha kule yam indlu! Kwaye ndiyaqonda ufuna ukushiyeka nje ufuna ukunyonyoba apha! Ha.a akhofestying ngandawo apha! Vuka!”
Pastor: “Mkhaya! Ndizakuya ngomso! Ndiyeke kuqala ndizame ukuyokulanda iimpahla zam pha endlini namhlanje!”
Mkhaya: “Uzakubulawa unye ke namhlanje ukuba uye eLower! Ina nantsi R20 ukhwele ngayo!Ubuye nalamoto uakho”
Pastor: “Enkosi! Andizokwazi kaloku! Ndizakuhamba ngeerhontshi ze ndiyothatha nje ndiphinde ndibuye”
Mkhaya: “Ingathi uzimisele ukuhlala ixesha elide nje mfo?”
Pastor: “Iintsukwana nje mkhaya!”
Mkhaya: “Ngomso siya emdeni ke mhlekazi”
Pastor: “Ngawufake nokuba yiR15 kaloku mkhaya”
Mkhaya: “Unyile”
Pastor: “Ndizakubuya netivi kaloku mkhaya ukwenzela sibe nento yokubukela qho ngokuhlwa xa sibuya emsebenzini, sibukele neendaba”
mkhaya: “Ucinga ndidinga itivi wena apha kwam nhe? Andinxesha lativi yakho mna! Nokuba ingazezi kuthwa ziiPlazza andinaxesha lazo mna! Ngoku izikoli ziza kakngaka kwimizi enazo? Iwes kuleNkanini!”
Pastor: “Yhe mkhaya! Ukhona nha umntu omaziyo obelekisa ngemali? Nokuba iyazala maarn! Ndifuna ukuboleka imali ukwenzela ndibe ndizithengela ibhedi nehoki okanye ndifumane indawo erentayo maaarn”
Mkhaya: “Unyile”
Pastor: “Nditheni ngoku mkhaya? Ndifuna ukuzihlalela kaloku ukuze ndingaphazamisani nawe! Umzekelo ngoku uyatshaya icuba, mna anditshayi! Ngoku ndoyikisela impilo yam!”
Mkhaya: “Ingathi ngowuphuma ke ngoku! Sapha looR20 yam! Ufuna ukuboleka imali wogqiba uphele emehlweni? Izobhatalwa ngubani ke loomali? Ndayaleka gqithi ke ekukhapheni umntuaye kwamatshonisa! Yhu! Unyile!”

Kwaa pipiza imoto phandle egeythini! Waaxhuma ke nomkhaya, waqubula abe esele ezilungisile wonda ngomnyango.

Mkhaya: “Ndifike upheke upensi kunye nomngqusho. Umngqusho ukhona phaya epheyileni, upensi wona uzakuwufumana pha ekupheleni kwesitrato, kulamama uthengisa pha, lobesidlula kuye ze ndabuza impilo, umxelele uthunywa ndim. Uwupheke ke! Ubenomhluzi ke! Ungagaleli beefstock ke, itswele netyiwa qha. Uvile?”

Sele kusekuseni ngoku emva kwentsimbi yesibhozo.

Siyabulela: “Andikwazanga ukuza ke nceku phezolo! Yilonto ebangela ndifika ekuseni kangaka! Unjani mkhonzi?”
Mpumezo: “Ngenxa kaYesu scaka kuyaphileka! Siyambonga ke ngokuphakama”
Siyabulela: “Ewe maarn tata! Kuhle ke! Kodwa ukhawulezile ukuhla noko! Uthe wunxu maaarn! Uphume nalamathambo ezidlele iqwela”
Mpumezo: “Ha! Ha! Ha! Utsho na nceku? I've tasted death bawo! Ukufa mna ndudibene nako! Kwaye ndikoyisile! Kwaye kuyandoyika kona kulandawo kukuyo”
Siyabulela: “Utsho na mkhonzi kaThixo? Usinde ekufeni nceku!”
Mpumezo: “I will live to tell my story bawo! Ndiwangqine amandla kaThixo kwaye lentambiso andinike yona uThixo, ndizakuyisebenzisa”
Siyabulela: “It was a sign man of God”
Mpumezo: “Ndiyalisabela ubizo tata! Ndifuna undincedisa siqale iministry mkhonzi”
Siyabulela: “OH! Kanti sele udibene namarhamente kanti?”
Mpumezo: “Amarhamente?”
Siyabulela: “Kaloku afuna mna nawe siwakhokele kwelabandla sikulo”
Mpumezo: “Hay mkhonzi, andifuni kuphinda ndibuyele mna kwela bandla! Okanye wena ungasala kuwo ke loomahlamente ukwenzela ukuba usole uwakhokela mntakaThixo”
Siyabulela: “Ndincwase njalo ke mkhonzi! Kaloku, singasole sisebenzisana uyaqonda?”
Mpumezo: “Utshintshe kwa elagama maaarn”
Siyabulela: “Yiba nelakho ibandla tata! Nam ndibe nelam! Senze umsebenzi kaThixo qha!”
Mpumezo: “Ikwalungile nanjalo tata! Ukhona umntu endimaziyo ke, angasinceda ekukhuliseni amabandla ethu tata! Lamntu uthenjwe ngabefundisi abaninzi! Lizakukhula ibandla lakho libe nomtsalane kubantu abaninzi, ubone sele kugcwala enkonzweni! Umnikelo ke nezishumi udlala abantwana! Kube segcibhala ke nakuthi mfo kabawo”
Siyabulela: “Ewe nhe?”
Mpumezo: “In return, thina kuzakumele sithengise nje ezi OIL zakhe qha! Kunye nezinye izinto, ezifana neetshefu kunye namalaphu athi anentambiso”
Siyabulela: “Oh!”
Mpumezo: “Phinde futhi, sizakukhupha nale-holly water izakuza naye ukwenzela amabandla ethu ahlume bawo. Thina sizakukhupha nje isishumi sesishumi pha kuye”
Siyabulela: “Oh! Uzakusole eba sispiritual father sethu loomntu?”
Mpumezo: “Ewe! Sizakuqhuba iimoto zikanokutsho mnganam! Ukuba nje siyalela imithetho yakhe lotata. Kumele sizame ukuhlangana naye ukwenzela nathi sifane nalamadoda angabefundisi kwezicawe zinkulu. Singayenza nathi imimangaliso Siya mnganam! Koko kumele sithathe isigqibo. Yicingisise ke mnganam lento ndikuxelela yona”

Kulo-Celiwe.

Celiwe: (Ekhala kabuhlungu) “Maaaaaaaaaaaaaammaaaaaaaaa! Iyhooooooooooooo! Ndiyaaaaaaaaafa! Maaaaaaaaaaamaaaaaaaaaaa! Maaaaaaamaaaaaaaaaaaa! Maaaaaaaamaaaaaaaaaa! Ndincedeeeeeeeeeeeeni! Ndinceeeeeeeeedeeeeeeni! Maaaaaaaaaaaaaamaaaaaaaaaaaaa! Ndifun'umaaaaaaaaaaamaaaaaaaaa!”
Mama ka Celiwe: “Yintoni? Yintoni? Unxilile ngoku uyasingxolela thina! Yintoni?”
Celiwe: “Andinxilanga mam'am! Ndiphuma igazi!”
Mama: “Uphuma igazi phi? Livumba lantoni na eli linukayo? Unuka utywala Celiwe? Unxilile? Yho! Butywala obunjani obu? Khona kutheni bukwi drink ye-COKE? Yinton le Celiwe? Inuka isipirithi phuqu! Kwenzeka ntoni apha? Yintoni uyenzileyo Celiwe? Unxila kakubi ngoku! Yhehake bawo! Celiwe! Celiwe! Yhuuuu! Igazi elingaka? Celiwe! Utheni? Usexesheni? Celiwe! Celiwe! Heeee wasuka wayoba ndithetha naye! Utheni? Umntwana wam! Igazi elingaka? Celiwe! Celiwe! Celiwe! Vuka! Vuka! Phakama! Yintoni le?”

Waamane enukisa labhotile inomxube omdaka. Kuthe kanti uyenze nyhani uCeliwe lanto ebefunge ukuyenza. Ngoku uxakene nento. Ebhedini yakhe kubomvu nje ligazi, lalide liphumele nasematrasini. Kukho amahlwili, ingathi sisibindi somvundla. Kukho izigaqana ezininzi ezibomvu rhwee. 

Waantantazela ke umama wakhe ecela amancedo, efowuna, ekhwaza, elila, ethukisa. Suke nje wenza ingxolo nje. 

Sime apho.

#DOUOM

Scene #5.2

Kungokuhlwa eNkanini, umfundisi uhleli nomkhaya wakhe bayancokola.

Mkhaya: “Kutheni ungandiniki landlu yakho? Wena ube uthatha leyam kaloku mkhaya”
Pastor: “Tyhini! Elityotyombe lakho? Yithi uphambe!”
Mkhaya: “Awungomfundisi nha?”
Pastor: “Lento?”
Mkhaya: “Undithukela ntoni? Ungumfundisi onjani lento uthukayo? Kanene ungabafundisana besheleni wena”
Pastor: “Ndikuthuke ndathini nha mkhaya? Kodwa khawujonge elityotyombe lakho mfondini! Uthi kungahlala umfundisi apha?”
Mkhaya: “Phofu loo mfundisi uhleli phi kungoku? Oh, caba ityotyombe lam yindawo yokuzimela abefundisi nhe? Jonga ke bhuti! Uphume singazalani nje”
Pastor: “Uzazokundilahla kude eKapa nha mkhaya? Xa ndigxothwa nanguwe ndingayaphi?”
Mkhaya: “Buyela kulandlu yakho kaloku! Uyobulawa unye ngabahlali”
Pastor: “Ndizakuyithengisa maarn landlu”
Mkhaya: “Uhlale phi wena? Uncwase ukuhlala kweligali lam ngoku uligxekayo? Jonga andikho muncu mna undivile? And kufuneka urente ke kabawo! Awuzolala nje, utye nje mahala kaloku! Rhafa!”
Pastor: “Ndiyithatha phi nha mkhaya imali?”
Mkhaya: “Yenza icebo njengomfundisi kaloku”
Pastor: “Andinalo kaloku, ngaphandle kokuthengisa indlu okanye imoto yam”
Mkhaya: “Iphi imoto kakade? Yinike mna, wogqiba ungahlala mahala ke ngoku”
Pastor: “Ngoku iduru kangaka imoto kabawo! Hay uyandityabula ke ngoku!”
Mkhaya: “Jonga bhuti! Akukho kwakho apha kukwam, awuzuhlala mahala! Yenza icebo ke! Rholisa”
Pastor: “Ndilinde mkhaya maaarn! Iintsukwana kaloku”
Mkhaya: “Ndihlala ndisiva ukuba aba befundisi banobuqhphololo! Unyile ke apha kum! Uzakutya isanti ke apha kwam! Awuzuchola naphantsi”
Pastor: “Yini mkhaya wam! Undenzani ngoku? Ngoku ndithembele ngawe! Andiphangeli nje mna”
Mkhaya: “Awuphangeli? Xa nitya ubunewunewu nezaa saladi zenu pha nisela nezijusi zenu zika 100% anisicingi tu! Kodwa nakuxakeka nibuyela kwalapha kuthi! Ziphi ezonto ngoku?”
Pastor: “Kwowu! Wathetha kabuhlungu kodwa mkhaya”
Mkhaya: “Jonga ke tata! Kusasa sivuka kunye! Idaka likulindile pha ekontrakini! Sivukela khona ke!”
Pastor: “Idaka? Ekontrakini? Angeke mkhaya! Mna kaloku ndingumfundisi so akumelanga ndisebenze kanzima! Mna kumele ndishiyeke apha ndithandazele nina bantu bayophangela ukuze ningaqhathwa ngabelungu”
Mkhaya: “Uphambene! Kulenkqatho ingaka asenza yona amsilamusi? Unyile! Kukwam apha! Xa ndiphuma mna, andizoshiya mntu apha! Ndizakutixa! Siyaya”
Pastor: “Ndizakuqala kaloku nam mkhaya kuleveki izayo!”
Mkhaya: “Unyile”

Waaphakama umkhaya waya ngasentla. Lungisa imbiza eyaye inomhluzi wamafele etyiphu, wamane eyinukisa kodwa engabonisi ukuva vumba libi. Walayita iflem ze wayibeka lembiza. Wawugrwantyiza ke nalomhluzi unamafutha amaninzi kakhulu. Waqhaqha itopnotch aze nayo ngoku abuya emsebenzini uphopho wayigalela iseso sigaqa sinjalo embizeni, wayicika. Elixesha umfundisi ubukele naye, lomkhaya wakhe mbi ebusweni ke akathethi koko uyenza qha. Ukhangele icala letswere ke, wanqunqa, wlithi quba embizeni nalo. Wadlwabhazela ke loonyama yenkukhu inemiqolo eneendununu ezityheli. Ityebe idleke dleke.

Uke waphuma kancinci umfo, kanti usazithengela uhafu wesonka esibrown. Wawubeka pha entla wogqiba wathatha icephe wayovuyavuya esophula esasigaqa urheme. Sabeke naso sesiphasalaka. Athathe ifele alibimbilize ngoko nangoku inga akatshi tu. Wake wangathi ugalela amanzi abandayo ekomini, azokosula umzimba odiniweyo. Wayesanxibe ezi asebenza ngazo ke iiovalolo, zimhlophe wee yisamente, iigambutsi ezimnyama kodwa vele yangathi zenziwa zamhlophe, udaka lwazenza ukuba zitshintshe umbala. 

Waakhulula, wazama ukosula ubuso, kodwa caba lambamba kanobom iphango kuba waya ngogaga embizeni yakhe, waqubula ityiwa, wayithi thwishi-thwishi nje ukuba ivakale. Akazange agalele nesiphi nha isiqholo sokunonga inyama ke ngaphandle kwetswele netyiwa. Wosula isityakazi sokutyela umvubo ze wayongula emafutheni lanyama akashiya nepisi. Wathatha uhafu wakhe wajikela ekamerweni wakhe wazinika. 

Suke yancinci intliziyo kamfundisi ke ngoku. Akakhange atye imini yonke yanamhlanje, akukho kutya kulomzi akuwo, phinde akanayo nesenti. Selecenge nje indawo yokufihla intloko nje ngoku. Kuba lomkhaya wakhe lo ingathi ubhalele kuye namhlanje. Uke wazama ukuya entla ecinga ukuba ushiyelwe imbizeni noko amaqathana athile, kodwa kwakungekho nkqu nepisi yefele eshekeleyo. Caba umkhaya ukhambe kwa elo tswere lingavuthwanga nakakade. Wazama ukuncinda ngomnwe emhluzini kambalwana. Kodwa ucinge nto, xa inovela lendedeba apha ngoku asalibele kuncinda yena. Wayivala ngocoselelo imbiza ukuze ingangxoli ibize umniniyo.

Waayohlala kulaseti alala kuyo. 

Yathi thaa imini abethe ngayo unkosikazi wakhe. Suke wee thaa naye ethe natya pha etyinga ukuba ufile. Wabubona obo buso bakhe buntlimfi-ntlimfi, budumbile, buntleke-ntleke. Wambona ethe naa izandla inga ufile. Suke lwangongoza ngoku uvalo, suke waba bubilarha noko ngoku. Zaachiphiza iinyembezi umfo ekhumbula inkosikazi yakhe. 

Pastor: (Ethetha yedwa) “Ndikwenkulu ingxaki ngoku! Ndizenzile futhi andinakukhalela mntu! Unkosikazi ube endikhathalela! Endiphekela! Endihlambela iimpahla zam! Endikhuthaza endithanda! Ngoku ndimenzakalisile! Kwaye senokwenzeka angaphindi abenguye! Okanye akhubazeke ngengqondo! Hay! Hay! Hay! Ndimenzakalisile! Umsindo! Umsindo! Umsindo! Sendivinjwa nje ukutya kulemizi ngumloomsindo! Sendilala ezisetini nje kwezihoki zineentwala zalapha eNkanini ikwanguloomsindo! Ukuba ndandithethe inyani kuphela kunkosikazi, mhlawumbi ngendaxolelwa! Mhlawumbi naye ngewayethethe inyani! Saxolelana sagqitha apho! Kodwa ngenxa nje yomsindo! Unkosikazi wam ulele esibhedlele! Mhlawumbi kungasa kuthwe ufile! Ngubani owaziyo? Ndixolele mamfundisi wam! Ndenziwe ngumsindo”

Suke wachiphiza ngoku umfo ezicelela kule yabantwana imeko. Suke wafixiza ngoku enesingqala.

Mkhaya: “Ndoda! Kukwam apha! Andinamntwana ukhwinayo ke man! Ulile inyama? Hasuka thatha nanga amathambo namafele utye! Izilayi zesonka zimbini! Thatha!”

Waphuma kulakamire sele esiphethe ngesinye isandla isitya, esinye ebambe umqolo ngezilayi ezimbini. Phakathi kweminywe kusihla amafutha eqengeleka kanobom. Unkabi wayehlihliza ukuganga naye loomafutha ngomlomo nagelwimi.

Mkhaya: “Ina maarn! Awufuni? Ayindixakanga ke le nyama Bulelani! Thatha okanye uyeke! Ukuba awuvuki kusasa, kuzakuba nje apha endlini! Ndizakubulala ngendlala mna! Akhange ndithi nkula umfazi wakho mna!”
Pastor: “Enkosi my brother”
Mkhaya: “Futsek! Ndingomntakwenu mna undijonge kakuhle! Ngoku niziphakamise kangaka pha kokwenu! Kugeza kwa odade wethi ingathi basuza iairtime bona! Kupetsula kwa wena pha emakhaya ungasazi! Kodwa wakuxakeka ubalekela kwalapha kuthi...! Jou moer!”

Gwije inomsindo indoda yekhaya. Ayizange ibuyele ekuvaseni, kucaca ukuba ihluthi ngoku koko idinga nje ukungqengqa qha qwaba. Yaashwaqa ke, ithukisa ingapha kwela cala ilala kulo. Yayingekho eyayingathukisi ngayo. Kodwa wayengahoyanga ye uBulelani entlantlatha laamathambo ebetyiwa ngumlomfo. Ebimbiliza amafele etyebe eenjalo.

Sime apho.

#DOUOM