Monday 6 January 2014

Scene #5.5

UMpumezo noSiyabulela base Acacia kwa-Cutters balinde inyama yabo isojiwa eziko. Bahleli basela ii-powerades zabo ngelixesha basalindileyo. UMpumezo utshintshe ebusweni, akatyhilekanga tu. Umane ecimela ajonge phezulu, avume yonke into ethethwa ngugxa wakhe de avume nangayivanga ke. Caba noSiyabulela uyiqaaphele lento. 

Mpumezo: “Intoni ke?”
Siyabulela: “Lento yokuthula kwakho mfondini” 
Mpumezo: “Andikho right maarn mnganam”
Siyabulela: “You know mos mnganam ukuba you can always talk to me”
Mpumezo: “I know that my friend, thank you”
Siyabulela: “Qalisa ke bawo! Yintoni le uyixelelwe ngumamzo?”
Mpumezo: “Lento?”
Siyabulela: “Lento uphume pha kwelagumbi lakhe sele uvutha kakade ngumsindo! Awafuna nokuba ndibe ndiyovalelisa”
Mpumezo: “Akho nex ke mfethu!”
Siyabulela: “Ndiyakubona mnganam ukuba ikhona into ekuthe fixi! Kuba ooko uthule nakula taxi ngoku sibuyayo, ooko uthe cwaka! Kanti yintoni mfondini! Suke ufixeke ngumsindo inga ungabetha umntu! Yintoni?”
Mpumezo: “Ndikhulelise umamfundisi mfondini!”
Siyabulela: “Andiva! Umkhulule ntoni? Amabhandeshi? Hay’bo mfondini!”
Mpumezo: “Yho! Umuncu kanene! Ndithi ndimithise umama umfundisi Siyabulela”
Siyabulela: “Hayi andikuva! Yenza njani lonto? Ulele nomamfundisi? Yhoo! Umqale ngaphi? Uthini nha mfondini?”

Waqala phantsi ke uMpumezo ukubalisela ugxa wakhe konke okuthe kwenzeka. Waabalisa yonke into kwaye akazange ashiye nento malinga nendibanisela yakhe nomamfundisi. Omnye wayethe nkamalala umlomo othukile suke wabambelela esidleleni kukumangazeka. Inokuba waye othukee!

Mpumezo: “Say something bhuti”
Siyabulela: “Ndithethe ntoni nha mfondini” 
Mpumezo: “into oyicingayo mfondini”
Siyabulela: “So disappointed I am tata”
Mpumezo: “I know! I know mnganam”

Wamxelela uSiyabulela yukuba ube emthembe kakhulu lomzalwane, kwaye udane kakhulu yilento ayivayo. Ube emthatha nje ngomzalwane ogqibeleleyo kwaye yena Siyabulela ube ejonge lukhulu kuye. Wayethe shwace nomnye ingathi yinkuku esikwe umlomo, suke wadana ngoku naye. Wayenga ukuba ebemngamxelanga ugxa wakhe. Suke waaneentloni ngoku uphopho. Kodwa waazama ukucacisa ukuba ewe usetyenzisiwe ngumtyholi kwaye sele eyibona naye ukuba usele eseliweni. Kodwa wamcenga umngane wakhe ukuze angabi samshiya kuba kwacaca phandle ngoku ukuba uSiyabulela ulinde nje inyama ogqiba ayirhuqe eyakhe. Sesonqena nje nokushiya imali yakhe, kuba kaloku lenyama yaye ithengwe nguye.

Mpumezo: “Lomcimbi besithetha ngaow izolo ke ngoku yihlo?”
Siyabulela: “Ndiyabona ukuba ucinga ndimuncu wena nhe! Andisoze mna ndivule bandla nawe! Ndizakuzama ukumisa eli likamfundisi lime, ukuba kuzakunyanzeleka ndibe ngumphathi walo ndiza kuba nguye, ukuze ndiqhubeke ndenze umsebenzi kabawo. Lomdlalo nisawenzayo nina, mna ndifuna ukuwenza ngenene nangenyaniso. Nina ke nisadlala nalomamfundisi wenu. Kodwa akungawam amandla ukunijaja, kaloku umdali wenu yena uyanazi kwaye nale uyayazi”

Yade yabizwa nenombolo yabo yokuba bayothatha inyama yabo. Waajikela ngapha emva uSiyabulela ukuyolanda inyama, elixa yena uMpumezo waleqa ukuyothenga isonka. Usole wazithengela ne airtime ke ukwenzela ke azame ukutsala umnxeba. Xa ebuya ufike sele ekhona uSiyabulela, kodwa sele eqalisile yena ukuqhuba umngcwabo. Yaba ngucwaka kodwa kuqhutywa ekudityenwe ngako. Yaye ke intle kakhulu nayo le nyama; isoseji le incinci kodwa inquzunquzu kamnandi, isithi ntsum ntsum xa uyiluma. Inyama yehagu, intle kakhulu kwaye iininzi ngeyona ndlela. Eyegusha ityebe idlekedleke de intsumza amanqatha ukuba mnandi.

Mpumezo: “Ndiyaxolisa ukukuphoxa mzalwane wam! Yini, ndixolele”
Siyabulela: “Akumelanga ukuxolisa kum! Umele kukuxolisa nakumamfundisi lo umenze nzima jike waphika kuye! Uyatsho nawe ukuba umshiye elila! Lixesha lokuba ulungise mfondini ubugwenxa bakho nawe ukuze ukwazi ukubamba umkhala kakuhle kwelabandla ufuna ukulivula”
Mpumezo: “Does that mean awuweli mfo kabawo? Ndikudinga kakhulu Siyabulela ukuba ube lapha ecaleni kwam! Andingekhe ndikwazi ukuwenza lomsebenzi ndodwa ube wena ungekho ecaleni kwam! Nceda mfo ka bawo! Ndiyakudinga torho!”
Siyabulela: “Asoze ndikwazi mfo! Icacile ukuba uzakubashumayeze ujike ubatye kwa wena! Angeke ndikwazi tu”
Mpumezo: “Ndizakutshata mfo kabawo”
Siyabulela: “Yinto yakudala kaloku leyo! Uzakube sele umoshe kakhulu”
Mpumezo: “Kungentsuku zatywala mnta ka tata”
Siyabulela: “Uzakutshata umamfundisi ke ngoku? Kuba kaloku ummithisile andithi?”
Mpumezo: “Hay mfo kabawo! Ndinqwenela ukutshata uThembela! Kodwa noBonisa ndimjongile! Ndisacela kubawo andibonise oyena mfazi wam, oyena mama webandla phakathi kwabo bobabini”
Siyabulela: “yho! Hay’ke ngoku!”
Mpumezo: “Yintini ngoku mzalwane wam? Don’t tell me nawe ujongile pha!”
Siyabulela: “Uya undibhida mpela ngoku Mpumezo”
Mpumezo: “Nditheni ngoku tata?”

Nkqi ukuphendula uSiyabulela, koko wathatha isilayi sesonka, wapakisha isoseji walumela. Ehla ke amafutha ngeminwe, wawalandelala ke nophopho ngolwimi ewanqanda ukuze angamngcolisi.

Mpumezo: “Enye into, kungenzeka ukuba ndi HIV positive, koko ayikafunyanwa apha kum! Umamfundisi ifumanekile kuye! Ndiyaxakwa ukuba mna ndisinda njani. Inokuba kungeemfefe zikamdali. Okanye nyhani akho sifo sinokumelana nam! Ndibiziwe! Kumele ndisabele ubizo! Ndiphilise abagulayo! Ndinyange abafayo! Ndibiziwe!” 

Sime apho okwangoku.

#DOUOM

2 comments: