Monday 6 January 2014

Scene #4.6

Umsebenzi wangapha komdiya-diya sele uqhubeka ke, kwaye sele uphakathi kakhulu. Kukho igqirha, ithwasakazi kunye noMpumezo lo uze ngoncedo.

Igqirha: “Unomoya omdaka! Makube ikhona lento uyinyatheleyo”
Mpumezo: “Njani ke ngoku?”
Mkhwethakazi: “Sukuphendula! Yithi; Camagu!”
Mpumezo: “Camagu”
Igqirha: “Uthakathwa ngumama womntwana wakho”
Mkhwethakazi: “Yithi camagu”
Mpumezo: “Hay! Andinamntwana mna”
Mkhwethakazi: “Yithi camagu”
Mpumezo: “Camagu”
Igqirha: “Ulandelwa yimimoya emdaka kaloku wena! Kufuneka kuqala sigxothe yona”
Mkhwethakazi: “Camagu”
Mpumezo: “C-a-m-a-g-u”
Igqirha: “Izinyanya zakho zakujikela kudala. Ngoku kumele uke wenze isingxengxezo kwabakuni. Ucele intethelelo ngebhokhwe ukwenzela ubuyise isidima sakho sobudoda”
Mkhwethakazi: “Yithi camagu! Camagu gqirh'eliyindoda”
Mpumezo: “Ayisetyenziswa ibhokhwe phaya e..”
Mkhwethakazi: “Shhhhhhhhhhhhh! Camagu”
Mpumezo: “Camagu”
Igqirha: “Unelifu elimnyama elikujikelezileyo! Ukufa kuwe kusondele! Kumele ungxengxeze kuzo izinyanya zakokwenu, zikukhusele, zikonge, zibe nawe ngamaxesha onke. Kuyanyanzeleka ke uyonyathela kumhlaba wakuni, ukuze wakufika pha wenze umsebenzi wongxengzezo kwizinyanya, usile, uhlabe inkomo, uwise nebhokhwe. Uke uvise izinyanya zakho uxolo ze nawe ucele uxolo”
Mkhwethakazi: “Camagu”
Mpumezo: “Camagu”
Igqirha: “Qhumisa mkhwetha impepho nesalathandlela ukuze siqalisu umsebenzi”
Mkhwethakazi: “Camagu”
Mpumezo: “Camagu”
Mkhwethakazi: “Shhhhhhhh! Thula!”
Igqirha: “Wena ndoda, khulula ibhulukhwe ubhinqe elabhayi, uhlale ngomsila sisebenze”
Mpumezo: “Eliphi ibhayi? Eli linje? Sizakwenzani kuqala? Yimalini yonke lento? Uzakwenzani? Yintoni le? Lifele lantoni ke eliya? Ngamafele enyoka enjani ke ngoku la?”
Mkhwethakazi: “Hey! Asinamini yonke wena! Khulula! Iza ngapha! Thatha lengcambu, yifake phantsi kolwimi, le uyihlafune kodwa ungayiginyi uginye amathe! Thambisa lamafutha ezinyaweni! Khawulezisa maaaarn! Sukuma ngenyawo! Guqa! Tyhini! Lonto uthetha oko maaarn”
Mpumezo: “Hay kaloku kumele ndi...”
Mkhwethakazi: “Thambisa wethu! Sezela apha lomsi! Sezela! Sezela! Hlala ngomsila ke! Susa isandla sakho apha ngaphambili! Ina, bamba lentonga uyiqinise ngezo zandla zombini!”
Igqirha: “Makasole elala ngomqolo, uzakusokolisa lo! Mbambe ke nawe angashukumi”
Mkhwethakazi: “Camagu! Lala ke mfana! Iyhoooo! Ityhalrha lide libe ngaka? Unebekelo wena soze uve”
Mpumezo: “Liyazi...”
Mkhwethakazi: “Shhhhhhh! Thu-la”
Igqirha: “Kumele ke ndiqale ndimncuntsancuntse ngesiba lenciniba, ndifake iyeza, sele limoshakele elisende kwedini. Kungenjalo asoze liphele. Emva koko kumele ndikuqaphule, ndimane ndikucudisela ukuze kuphume obu bumdaka bulapha! Yima ke ndigale umgutyana oliyeza apha ebudodeni bakho. Unyamezele ke lizakuluma eliyeza kodwa ke liyasebenza lona”

Waatutshalaza ke umqwathi emveni kokuba lithe lagalelwa elo yeza ebudodeni bakhe. Kucaca ukuba liyamtya. Ke wagqushalaza ke noko kodwa elithwasakazi caba linamandla ngoba lambamba mfi. Suke wadizi ngoku uMpumezo, kucaca ukuba eliyeza alisezeleyo lilo elimenza suke waandindisholo ngoku. Suke waanamathe amaninzi eginya eginyile, kodwa mfi ukubanjwa lelithwasakazindini. Suke albe limnukisela ngevumba levaseline bluesil, alifakanga kwa roll one emakhwapheni, suke lanuka umbilo kunye nevumba lempepho.

Uve ngontii ntii ntii kwaye inga uhlatywa esihogweni ngefolokhwe kasathana. Uxhume xa kulapho umfo kuba kaloku, akumnandanga kakade ukuncuntswa ngento etsolo, iphinde ithi kanti ifakwe iyeza. Waqhashumba ngakumbi ke uphopho, wajubalaza ke. Nako ke kumane kuthontsiza maqabaza egazi kuye, suke wadom ngoku umqwathi. 

Waqatshulwa ke, kwacudiswa, phiniyane lona igazi. Kwaqatshulwa, kwasikwa, kwacikidwa, kwacudiswa, nalo ke igazi. Kosulwa, kwahlikihlwa umgutyana obambe bumgubo wetibhegi. Kwacudidwa, kwaqatshulwa, kwancuntswa ke kusenziwa loonto ndingayaziyo mna.

Wayenga angakhala uMpumezo kodwa enesigaqa esilapha emqaleni, nedolo lelithwasakazi lisesifubeni sakhe, izandla zalo zimthe khwinkxi amagxa ukwela ukuba angajubalazi. Kodwa uMqwathi uqaphele nto yimbi yena. Njengokuba ecinezelwe ngedolo nje lelithwasakazi, ke phofu libhinqe lamalaphu abo ke akwabhaca. La abomvu mhlophe kanje. Alimbunganga! Imehlo lakhe alizange ke liphele pha unkabi. Yini madoda kuthi kukubi kangaka kuye abe encunyelwe nguNojeje. Waye encumile mfondini lonoJeks lo, inga umana ezamla kuba kaloku umniniwo uyasebenza, ake ayivule lemilenze okanye ezilungisa ukuhlala, kodwa elikamqwathi lona imehlo ntsho pha! Wayenga uyayiqalekisa ke le ayijongileyo into, alapha nje yiyo.

Kude ke kwagqitywa ukusetyenzwa. 

Thwasakazi: “Thatha nanga amayeza ke phambi kwakho! Kodwa kuqala beka imali engangamakhulu amathandathu apha emrhawuleni! Wokugqiba ugaqe uphumele kwela cala! Ndizakukuxelela khona ke indlela ekumele uwasebenzise ngawo lamayeza! Nxiba ke izinto zakho”

Kwakungasaphumi nelizwi kuMpumezo, etshone zwabha amehlo wakhe ke, enga angakhe asitsho isikhalo ze kusuke esisigaqa anaso.

Igqirha: “Mamela mfana wam, uze uwubambe umyalelo wokusebenzisa lamayeza ke pha kumama lo uzakuthetha naye. Ukhumbule ke ukuba, ukuze aba bantu bakumonelayo ezi zinto uzenzayo bakuyeke, kumele uphinde ubuye, ukuze sibuyisele kwakubo elibekelo balithumelele apha kuwe. Ukuba uyafuna ndibalandelise ngezulu, utsho. Sikwanaso nesipili ke apha, ukuba ufuna ukuba bona ze ubancuntse ngokwakho ze bafe. Yibe uhamba uyocinga ke mfana wam. Kodwa uyazi ke ukuba imali yezi zinto ihamba yodwa ke”

Waphumela kwelacala.

Ithwasakazi: “Eli ke lelokuba ugabhe! Eli ufuthe ngalo! Eli ke kufuneka ulihalise phantsi kolwimi rhoqo! Thambisa inyawo qho xa ugqiba uvasa ngalamafutha, nezandla ke. Ungasibambi isandla somntu ke de uphile. Ungabulisi mntu xa uvuka ke, usenokwenzeka uthetha netshaba lakho. Uhlamba kanye ngosuku ke iintsuku ezingamashumi amathandathu, khumbula, kanye ngosuku”

Waphuma apho ke ubhutiza engakhange abhekise nelimdaka. Suke wangathi ugalelwe umhlaba apha emaphakathweni wakhe ngoku, suke wangathi uxobulwe isilonda sakudala, suke wangathi uku wahlanjwa ngamanzi anepepile netyiwa kwisilonda esingaphantsi. Suke ngoku zamane zizihlela iinyembezi kwindoda endala, eyekelele umzimba, esankalasa, esancuse laamagxa wakhe inga uhamba ngeenzwane unkabi. 

Inga singayazi ukuba inokuba unjani umqwathi omncinci kunye netyhalarha lakhe uphopho. Siyamvela kodwa shame, uzenzile akakhalelwa kodwa yena.

Simyeke apho uMpumezo esayalwa ngamayeza akhe. Sakubuya siyijonge ngelinye ixesha ukuba kanye wenziwe ntoni umfo lo ngeza blades. Usuku oluhle ke sibuye siphinde sibonane.

#DOUO

No comments:

Post a Comment