Monday 6 January 2014

Scene #4.16

Phumlani Clinic

Nurse: “Olandelayo! Ndithe ngubani olandelayo? Anizazi nha? Anihlelanga ngeline nha? Niyasokolisa kodwa Okanye ngakusuka ndiniyeke ke mna! Ngubani olandelayo? Ngubani lo ukulefolder ingaphezulu? Bu-le-la-ni? Ngubani uBulelani? Yewethu kutheni ungaphenduli? Kutheni uhleli ngemva kodwa uyayazi ukuba usekuqaleni kwi laine? Akhange libizwe igama lakho ze uzohlala apha kwesi situlo? Ndiyathetha bhuti! Ngena! Jongani ke apha! Umntu makahlale endaweni yakhe kule line. Andifuni kuphinda ndize apha ndizokhwazana nani mna! Ngubani oza kungena emva koBulelani? Siziwe? Uphi? Uhlelele ntoni ngemva nha? Yintoni nha ngani nha? Nisuke nazizi tunxa namhlanje nonke! Jongani apha andinamini yonke mna nani! Zilungiseni ngokwenu ke! Nindidikile mna! Ingathi anibadalanga tu ndlela nisuke naangozincinci namhlanje kwaye niyadika shame”

Ngaphakathi egumbini lokunyangela.

Pastor: “Ewe sisi wam”
Nurse: “Ubusowuthethile neHIV khansila ke kuqala?”
Pastor: “Ewe ndisuka khona sisi?”
Nurse: “Ke ngoku ukulungele ukwenza uhlolo?”
Pastor: “Ewe mama”
Nurse: “Kutheni wathi ‘mama’ kum? Ndilingana nomama wakho nha?”
Pastor: “Hay! Ndiyaxolisa! Kaloku mna umntu wesifazane ndiymahlonipha kwaye ndimbiza mama amaxesha amaninzi”
Nurse: “Kaloku mna andingomama wakho!”
Pastor: “Ndiyayiqonda lonto! Ndiyazixolisela”
Nurse: “Yintoni esona sizathu esibangele ukuba uzokwenza uhlolo ke bhuti”
Pastor: “Hay! Er, eneneni wena sisi wam inje ke lento! Er, er…”
Nurse: “Thetha wethu bhuti! Andinaxesha lide nawe! Iline inde pha phandle! Thetha!”
Pastor: “Ndifuna nje ukuzazi eyona nto ingamandla”
Nurse: “Ingathi utshatile nje”
Pastor: “Ewe kunjalo sisi”
Nurse: “Uphi unkosikazi wakho ke? Kutheni uze wedwa?”
Pastor: “Nesi! Besingenakwenza oluhlolo na torho! Kuba ngoku undifaka entolongweni”
Nurse: “Kumele ndiyazi imbangi kaloku! Ukwenzela ndikwazi ngcono ekukuncedeni xa uthe wafunyaniswa unaso esi sifo”
Pastor: “Hlola wena sisi! Ndingumfundisi ungabi nalo ixhala”
Nurse: “Ungumfundisi?”
Pastor: “Ndiyathandabuzeka?”
Nurse: “Hay kodwa ndiyaqala ukubona umfundisi esiza apha ezokuhlola”
Pastor: “Ndim lo ke ndizile ndingumfundisi!”
Nurse: “Ibangwa yintoni ke loonto ke? Kuba ke nina befundisi anifuni kwenza hlolo! Inkitha yenu”
Pastor: “Inkitha yethu thina befundisi, ikholelwa ekubeni angeke ifunyanwe yingculaza, koko bona bakhupha ingculaza ebantwini”
Nurse: “Wena ukholelwa ekuthini ke? Kuba naku ulapha nawe!”
Pastor: “Naku ndilapha! Yinto ebalulekileyo leyo, so wena yenza umsebenzi wakho”
Nurse: “Lonto umhle! Andisarhaleli ukubona umfazi wakho! Ndicela undifilishele apha le form ke wethu”
Pastor: “Ndiyabulela”
Nurse: “Iphi icawe yakho ke mfundisi? Ndifuna ukuyokhonza kuyo! Iyanxitywa ibhlukhwe phofu pha?”
Pastor: “Omphi umnwe ke?”
Nurse: “Yho awusandiphoxi nje! Nokuba ngowuphi wethi iza”
Pastor: “Ouch!”
Nurse: “Yini ude uxhume kangaka nha dali”
Pastor: “Undintsuntse kangaka maaarn! Jonga ndopha kakhulu ngoku”
Nurse: “Masilinde ke i15minutes! Thatha nasi isipontshi uprese ngaso apho kulendawo iphuma igazi!”

Waalinda ke umrev ehlikihla kulomnwe wophayo engakanakanga ukuba unesi lo wenzani. Emana emjonga nje jike abuyele emnweni wakhe. Aphinde amjonge, alaqaze egqiba igumbi lonke. Uke wabhala lonesi ixeshana elide, emana enika umfundisi ukuba asayine kwindawo ezidinga yena. Ahqubekeke nokuhlikihla akugqiba. 

Nurse: “Ingathi ndinazo iziphumo kengoku tata”

Uqaphele nto ngoku umfundisi ukuba, kutheni kwathiwa tata endaweni ka ‘wena’ bhuti’ obeqhele ubizwa ngulonesi. Ngoku suke watshintsha akatyhileka ebusweni ngoku. Suke naye ngoku umrev wafikelwa kukungcangcazela, wafikelwa kukududa emzimbeni wakhe ngoku. Yanga unesigaqana esisemqaleni. Yanga kuvakala nesiba ukubetha kwalo, eli le wotshi esedongeni. Suke kwa ukubhala oku amane ekwenza usisiza lo luyavakala kakhulu ngoku nasezindlebeni zakhe. Uvalo lwangongoza ngakumbi ngoku. Suke wanesangcangcazela esandleni sakhe ngoku! Suke wanga uyagodola ukushukuma oku kwakho. 

“I am so sorry! The test that we just did, shows that you are HIV POSITIVE”

La yaba ngamazwi avela kunesi exelela uBulelani, umfundisi. Suke ankenteza ngoku ukukhenkceza oku kwawo ezindlebeni zikamfundisi; 

HIV POSITIVE! HIV POSITIVE! HIV POSITIVE! HIV POSITIVE! HIV POSITIVE! HIV POSITIVE! 
HIV POSITIVE! HIV POSITIVE! HIV POSITIVE! HIV POSITIVE! HIV POSITIVE! 

Ankenteza ke lamazwi ingathi kucula amadimoni ngamazwi amabi, angqokolayo, arhwexayo, agqumay esihogweni sikasathane. Suke namehlo ache abona lukhulu, luzizi inga ubukele umabonakude odlala i-slow-motion. Suke zatwezeka izinto, suke zanwebeka zonke. Suke waphandlwa nale lalitha lokukhanya livela ngalafestile ikwelagumbi. Lasuka lamya ngoku uphopho, womelwa nangumlomo.

Wayembona ukuba unesi lo uyathetha kwaye ubhekisa kuye. Kodwa ubone nje ngokushukuma kwemilebe emilomo yakhe ukuba uthetha naye. Suke wafixizelwa zimpumlo, wahlelwa zinyembezi, kwavuza izinkcwe suke wanga angayeka yonke into izphmele. 

HIV POSITIVE! HIV POSITIVE! HIV POSITIVE! HIV POSITIVE! HIV POSITIVE! HIV POSITIVE! HIV POSITIVE! HIV POSITIVE! HIV POSITIVE!

Suke acula ngakumbi ngoku amadimoni de yamsinda nalentloko yakhe utata. Kodwa wazibona ukuba uphakamile kwaye sele ephume nge gate yekliniki kwaye usendleleni eya kwakhe. Wayedlula engabulisanga ebantwini, engahoyi kwagilana nabo endleleni.

Pastor: “Uzakutya lomfazi! Ukundphathela ukufa? Uzakuyithetha inyani! Yhuuuuuuuuuuuuu!”

Sime apho ke okwangoku.

#DOUO

No comments:

Post a Comment