Thursday 19 December 2013

Scene #3.20

Sifikela uSiseko bekuloSizeka bobabini kuphela. Into yabo sele ibuqina ke noko, nangona bengekayi ebhedini. USizeka lo, noko ungambona endwebile, kodwa akaqhelwa xa indoda imkhomba ebhedini, uphambana abe ligeza. Kudala noko uSiseko lo emfuna ukuba ke ayolala naye pha kokwabo eSite C, kodwa sele wake waya emini usisiza, kodwa yamcenga yancama lenkewu, ukuba ayikhululele ipeynti. Undwebe nje ke loSizeka, kodwa ligwala xa kufuneka kulelwe. Uyathandana nale nkewu, kodwa ke unayo indoda ajola nayo phambi kwale. Uyayithanda kuba imenzela yonke enye into ayidingayo, yona kodwa uyalala nayo, kwaye uyayikhululela ipeynti. Yena ke uSizeka, uyakhonza nje kuba kukhonzwa kokwabo, kwaye akanaxesha lantsindiso yena. Ungaba bathanda ukuhlala emva enkonzweni. Angenzi nix qha akhonze. Akekho ke nakwezi departments zibakhona enkonzweni, ezi zolutsha. Ndixela iUshers, worshipers, assistance team okanye nokuba yeyiphi. Koko, xa ecacile uye azoncedisa. Babezihlelele esetini noSiseko, besela umongimali, besitya isandwhich. Babebukele iDVD yeGod's Army apho kushumayela intwana encinci, uS'phamandla esithi; 'Buyel'ekhaya' kwaye umntwana omncinci sele ethetha izinto ngomlomo. Suke bangamhoyi uS'phamandla aba babini, bamungunyane bephuzana. Suke azame ukufaka isandla uSiseko ngapha kwesikeyti sikaSizeka, nqaku ukubanjwa, suke kuyekwe nalomncamiso, iqumbe ke indoda, ayihleke ke unontombazana.

Sizeka: “Hay kodwa ungcolile, ufunda undimanzisa wena wkodwa sibukele inkonzo?”
Siseko: “Masiyitshintshe ke sifake enye! Ndikungxamele”
Sizeka: “Hay ke uyabhanxa! Asoze ndityelwe ekhaya mna tshini! Esetini nokwenza?”
Siseko: “Masiye ekamerweni kaloku”
Sizeka: “Awundiva nhe? Asoze ndityelwe ekhaya mna”
Siseko: “Noko lide elithuba! Kunini ndikulindile mfondini”
Sizeka: “Ungabe udlula bhuti! Ndithe kuwe andikabikho ready, wena ukuba uxhabashile, dlula nana”
Siseko: “Use uthethe kanje ke wena! Andiyazi ukuba uyandithanda nha”
Sizeka: “So kufuneka ndikubonise kanjani ukuba ndiyakuthanda ke Siseko? Ndenze njani?”
Siseko: “Yintoni ungafuni ukulala nam kanti wena?”
Sizeka: “Oh! Caba kufuneka ndilale nawe ukuze ndazeke ukuba ndiyakuthanda? Hay'ke bhuti, mna andikabikho ready! Futhi maside sihambe, kumele ndilungise ndixhome amalaphu pha ententeni. Wena kumele ulungise, khona kunini ekufowunela uLwando?”
Siseko: “Awunokundipha iround ey1 kaloku nana?”
Sizeka: “Hay kaloku bhuti, andiwenzi mna ama 5*to mna! Ndizakulala nawe xa sele ndi ready for ukulala nawe. Okwangoku ukuba ufuna ukugqitha ungabe udlula. Siyevana ke toto? Nccooooaaaah! Akasaqumbe! Ha! Ha! Ha! Sorry torho shame!”
Siseko: “Akho whey masambe ke jo”

Yaye ke phofu imcaphukisa lento yenziwa nguSizeka. Kakade yena uyazazi ukuba akaxakwanga kwanguye. Kaloku, yena uyi catch. Ookeyboad player badume ngokuthatha ukulala nabo bonke abantu abavula amathanga kubo. Naye ke ube engahlukanga kwabanye, naye enawo amahlahla akhe awarhuqayo. Unaye umntu ajola naye, ekwanaye nomama womntwana wakhe. Zikhona ke phofu izinto emana ekekelela kuzo akungalungi amacebo akhe, nagoku, njengokuba lingalungi eli icebo, uza kuxoza mphoni wumbi yena. Kakade yena, ube encwase mntu wumbi pha enkonzweni, endaweni kaSizeka. Lomntu amncwasileyo mhle, upakile kwaye akhonto angenayo, impundu, ibele, ithanga, ihips kwaye aphinde abemhle kodwa lomntu ufamous, ngevido yenyala phofu, nguBonisa. Oko wathi wafika kulentente, oko wayemjongile uBonisa lo, emthanda kwaye elinde thuba limbi ukuze amxine.

USizeka lo uyamthanda ewe, kodwa uyahqobosha maarn. Naye akhonto ingekhoyo apha kuye, naye ukwapakile, ukwanederi, intsula, ihips and ke yena mhle ngaphezu kukaBonisa, qha ha.a umilele uba phandl'apha maaaarn.

Ngoku sebe sendleleni ukuya ententeni. Uyabona nje ukuba akukhululekwanga apha kwesi isibini. Omnye uzihambe pha komnye, usisiza uphethe ibhayibhile yakhe, ze wabhinqa ijezi yakhe ukwenzela xa sele kubanda ngokuhlwa azithi wambu. Uzidlalela nge phone yakhe ke yena uSizeko, akatyhilekanga apha erhesi. USizeka, wayefanele ukuhambela pha, kaloku indoda yakhe ihlala kwalapha kufutshane, so woyika into engekehli. Phinde, lo ahamba naye asinguye nowalapha, ngoku ke ingayingxaki.

Sizeka: “Kushumayela bani ke namhlanje?”
Siseko: “Andiyazi ke”
Sizeka: “Uqumbile nha?”
Siseko: “Ha.a”
Sizeka: “MxM! Awuserongo! Usaqumbele ungaphiwa ndim? Ekhaya? Hasuka wethu”

Ayizange imphendule le yaseSite C intwana. Suke yafaka iearphones zayo yafaka ingoma ka Pastor Cwezi ethi; 'Siyezweni' wamane eyiqethukisa lantloko yakhe.

Suke wangena kuWhatsapp uSiseko, wakhangela uBonisa.

Bonisa: (Whatsapp) “Oko ndalahlwa nanguwe bhuti”
Siseko: “Cela uze enkonzweni namhlanje kaloku”
Bonisa: “Andizukwazi bhuti! Makuqale kuhle lento”
Siseko: “Hay'maarn! Kumele uze jo! Le yokungakhonzi ngenxa yabantu ayikho ryt! Iza”
Bonisa: “Not now but maybe next week bhuti wan! Enkosi ngokhathala torho! Kodwa ha.a! I will pass. Ndiqala next week uvile”
Siseko: “Ndiyakukhumbula ingxaki”
Bonisa: “Yho! Yhehake! Ha! Ha! Ha! Andikukholelwa tu ke ngoku”
Siseko: “Ndinyanisile ke yazi”
Bonisa: “Hay hay hay! Uzakundiqumbelisa ngoSizeka wena”
Siseko: “For ukukukhumbula? Hay makase aqumbe kaloku”
Bonisa: “Awuwazi wena amantombi! Kanti ke, oko ndagqibela before the video kaloku! I though she is my friend ke yazi”
Siseko: “Yho! Hay'ke”

Sizeka: “Ndicela undithengele iApile Siseko!”
Siseko: “NdineR10 yogoduka late kaloku”
Sizeka: “Sapha, ndizakukunika pha ententeni imali! Zoyifuna! Ndiyalifuna maarn eli apile”

Siseko: (Whatsapp) “Ndisak'thanda kanti jo”
Bonisa: “Masiyiyeke lonto maaarn! Izomosha ubuhlobo bethu! Uyayazi ukuba nam ndiyakuthanda kodwa asikwazi ukuthandana kuba kaloku sele unoSizeka, ongumhlobo wam”Bonisa: “Masiyiyeke lonto maaarn! Izomosha ubuhlobo bethu! Uyayazi ukuba nam ndiyakuthanda kodwa asikwazi ukuthandana kuba kaloku sele unoSizeka, ongumhlobo wam”

Siseko: “Andikhathali, mna ndifuna wena wedwa jo! Ndixolelele ukuyeka nakule kerk ndiyodlala kwenye, kalok ndifuna wena”
Bonisa: “Hay hay hay! Sukungcola! Uzakumka njani ke enkonzweni uyazi nawe ukuba sixhomekeke kuwe?
Siseko: “Ndiyakuthanda kaloku my love! Ndicela siyenze lento”
Bonisa: “Ha.a! Ukuba sibhaqiwe apha? And besides, kusekho lento ndidume ngayo, phinde ndijole noKeyboard player? Phinde ndithathe itshomi yam? Well my ex'friend coz ke I thought she was but no...!”
Siseko: “Ndiyakuva! Kodwa andikuveli ntweni mna! Ndifuna wena! And wena wedwa! Ndiyakucela love wam”
Sizeka: “Awusathulanga! Ndabona ikhona lentombi indishiyayo apha kuwe! Uthandaze ke ndingaze ndiyazi ke sana! Coz, ke ndakuyinyisa mna”Siseko: “Ok”

Sime apho ke!

#DOUO

No comments:

Post a Comment