Monday 6 January 2014

Scene #4.14

Uwalindile lamanzi aseketileni ukuba abile. Ikomityi yakhe eneswekile kunye kekofu ime phambi kwakhe. Waamane ezamisa laswekile idibene nekofu, edlala nje ngayo. Uqaphele ukube leswekile isuke yanga ayicolekanga kakuhle noko. Suke yanamahlalutye kunye nezigaqana ezithile, suka yanga ingcolile ukujongeka oku. Uke weema ebambelele kuletafile inesinki, phezu kwezitya ezi, kwaye suke zagqola nazo. Ezinye zinyinyitheka ngamafutha la kapensi waphezolo. Iimpukane ke zazisemgidini ka Zanyonyo umtshana kaHodoshe, ziduda, zisombela, zityityimba kusiya le na le. Ayeleqana ke namaphela oku kwezi zinjana zihluthiyo.

Aabila de ayeka amanzi, umnikazi wawo ekobentlombe ubuthongo beengcinga. Wake waama ke kucaca ikhona lento imtya kabuhlungu, de imenza umsindo. Umane ejonga phezulu, ajonge phantsi, suke arhawuzelele intloko ngomsindokazi omkhulu. Umfundisi, laye limyile ke eli lokutyholwa kwakhe ngunkosikazi wakhe ngeHIV yakhe. Akuba yena engaguli, engahoyanga kuya kwagqirha phofu yena.

Wavela naye umamfundisi emnyangweni wekhitshi, kwek madoda. Iinwele zime bhunxe yanga zidiza indlala. Ezinye zikekele inga lihashi lakomkhulu, lihlaba umkhosi. Ezinye zilele ncwaba inga nguqaqaqa ehluma kuhle. Suke watshonelwa ngamehlo, kwavela lamathambo obuso esidleleni. Suke wanee bags under her eyes, ephatshile, ubuxwebarha ke umlomo de wanamaxolo enyhekeni. Wayenzibe inytie encinci ke le alala ngayo, imfutshane. Amathanga suke avela onke, kwavela nkqu nesidima samathanga lawo. Kwakubonakala ke phofu ukuba ayikho enye into ayinxibileyo ngaphantsi, kungekho mzobo wapeynti. Suke eewuxa ke namabele, kaloku akagangwanga yibhodi kule game kuba inganxitywanga. Ubetha ngezi ka Mahamba ke iinyawo kwezo tiles zakwakhe. Uvele nje woyama ngomgubasi ngeligxa lasekhohlo, wogqiba wasonga izandla ezisongela phezu kwamabele akhe asuke awa wona inga akanathemba lakuvuka.

Mamfundisi: “Into yokubaleka kwakho inyani ayizukunceda Bulelani! Ndakutshata mna ndingenaHIV! Wandizalisa abantwana ababini, nakulo wokugqibela ndindingena HIV. Kuyacaca ukuba wena uyifumene kulomkhuba wakho wokumana ungalali apha endlwini. Umana ubuya ngobusuku. Uyifumene kulomjolo wakho umane uwenza. Ngoku ubaleka inyani, awufuni kuvuma ukuba nguwe lo undifake lento. Vuma Bulelani! Vuma!”

Akazange aphendule umfundisi koko uye yena wathatha iketile yakhe wagalela amanzi ekomityini yakhe. Wazamisa, wazama ukurhabula suke yanga ingamtshisa. Waqhubekeka nokuzamisa ukuze isole ibe buphola. Wazama ukuthi waxa ukurhabula oku, kwek! Waaxhuma uphopho wathufela esinkini ze kwasole kuqhashumba amaphela buqu. Kwathi saa iimpukane nazo zizisindisa kumgwebo wekofu eshushu. Waawavulelelela emlonyeni ke unkabi amanzi, waxukuxa aphinde aticele kwalapha esinkini, phezu kwaaloonkitha yezitya. Kutheni kanti, akatshanga kuphela umfo omkhulu. Ngoku aphuma ekamerweni etyholwa ngokuza nokufa, uye wathatha ityuwa ecinga ukuba yiswekile, wagalela amacephe agcweleyo adlisayo. Kaloku, kuthwa xa wothukile, sela into eswiti ukuze kwehle umsindo. Nekofu kucaca ukuba wawayalaza namacephe ukuze ibestrongo ngamandla. Kodwa ityuwa? Yayibetha yanambitheka ngenye indlela engathandekiyo loncasakazi waye eyinqwenela uBulelani. Kaloku umfundisi igama lakhe laye linguBulelani.

Mamfundisi: “Ndakubona kwalento ubuye rhoqo udiniwe ungafunin nokubanjwa oku. Uzirhonise ungafuni nokuvuka uthandaze ngexesha esiqhele ukuthandaza ngalo. Lonto, uhlamaba kaninzi ngemini ingathi ungumfazi. Yintoni wasoloko khona ungekho endlwini? Kuba kaloku wena awuphangeli, ndim ndodwa ophangelayo apha ekhaya, wena soloko uphi ke? Uneephone numbers zooLindelwa nooThembela kwphone yakho kodwa mna andinazo, uncokola ntoni nabo? Huh? Kodwa ujike uzifune kwalapha kum ezoSiyabulela nooMpumezo! Kutheni ezoodade zifumaneka kuwe? Huhu? Phendula tata ndiyabuza”

Suke ngoku wanomsindo mpela umfundisi ngoku, ume jaju pha. Wayeyirhalela ngenkunzi yempama lenkosikazi yakhe. Ake ayivale umlomo nokuba kungomva nje. Ayothuse.

Mamfundisi: “Ndikubuza nje umbuzo olula ukuba ugqibele nini ukuya ekliniki. Wena unexhala lokuhletywa. Ucinga kuthethwa ngawe? Huh! Jonga bhuti! Kumele uyohlola ekliniki! Uhambe nelavunqela lakho ulala nalo. Ukuze nifumane unyango kwaye nizazi ukuba ninayo. Sole undinika igama lalo ke bhuti! Ngubani? Ngubani lenkazana yakho? Huh? Ndiyabuza! Thetha sukundijamela mna! Ndifuna undixelele ukuba uyithathe phi le HIV undinike yona! After everything I did for you Bulelani? Ndakuchola ungento! Ndakuqoqosha! Ndakutyura! Ndakuphipha! Ngoku uzibona ubhetere kum? Ba mawundidyobhe ngeAIDS nhe? Uzibona ungumfundisi ngoku ungento? Wethu! Yikhuphe ke le HIV undinike yona! Andizuzala umntwana onengculaza mna kwaye ndi”
Pastor: “Come again? Uthini?”
Mamfundisi: “Sukuthi 'Nyamageni' undivile! Uve ndawoni?”
Pastor: “Ukhulelwe wena nkosikazi?”
Mamfundisi: “Ewe ndikhulelwe! Kaye ndiHIV positive! Kwaye kungenzeka ukuba naloomntwana sele ebolile”
Pastor: “Ukhuleliswe ngubani ke?”
Mamfundisi: “Ndilala nabani ke?”
Pastor: “Hey ndiyabuza ukuba ukhuleliswe ngubani? Kuba ugqiba kuthi mna ndilala pha phandle, ugqiba ukuthi andikukhathalelanga! Ngoku wena ukhulelisw ngubani?”
Mamfundisi: “Ungakulinge undiphike mna! Ndogqiba ndilala nawe lo”
Pastor: “Thetha inyani wena! Xa ndingalali nawe, ngoku ndikukhawule ngomoya oyingcwele ukuze umithe? Umithiswe ngubani? Huh? Ujola nabani wena nkosikazi? Ngubani le uzenza mna apha kuwe? Khona, kutheni uSHO ukuba ndim okunike ingculaza? Kutheni? Kanti wena xana usimka ekuseni usithi uyaphangela kodwa ubonwa ngapha kulabhaselona. Nasemini uyawabonwa pha. Uzube uye kubani pha? Huh? Ngubani loBen10 wakho soloko wabonwa naye uhamba naye etown? Ube ubuthe kum wena uphangele?”
Mamfundisi: “Ubuve ngabani? OH! Ngoku uva ngabantu anhe? Huh? Umamela izinto ezithethwa ngabantu? Ufuna ukuphika lomntwana ngoku wena Bulelani? Kanti andenziwa njalo mna ke bhuti! Lomntwana ngowakho! Kwaye nokuba ungathini! LO NGOWAKHO!”
Pastor: “Ufumene iAIDS kulendawo yakho, mhlawumbi nguloBen10 wakho lo ukunike looHIV yakho yebhongo uzotyhola mna! Khona ndaagqibela nini mna ukulala nawe sele undityhola nje? Huh?”
Mamfundisi: “Ngokuubundinyanzela ngoku? Ulibele?”
Pastor: “Nokuba sele kusithiwa andifundanga ke”
Mamfundisi: “Ufundile ke? Ungalibali kaloku wena bhuti wasithenga iCertificate sakho sika10, awuzange uye kaloku”
Pastor: “Ububuzwe phi ke leyo? UngunoQatiko gqithi”
Mamfundisi: “Hamba uyozihlola bhuti! Ngomso lo usayo! Usole unyanga iSTI le undinike yona! Uhamba uthwala ezi zifo kwezi ndawo uhamba kuzo uzozifaka apha kum! Asobe uphinde ulale nam ngaphandle kwekhondom ukususela namhlanje. Kwaye ndizakumgcina lomtwana”
Pastor: “Yena umntwana lowo umthweleyo asingo wam! Senditshilo”
Mamfundisi: “Oh! Ndiyakuva ke ngoku! Umntwana lo ndimthweleyo asingowakho! Owakho umntwana yileHIV undimithise ngayo? OH! Ndiyabona ke ngoku!” 

Akazange aphendule umfundisi. Waphuma kwelokhitshi efufutheka ngumsindo esiya ngase tivini. Wathatha iremote wacofa itivi, wazama ukutyhila-tyhila izinto eziphakathi (Channels) engade ahlale kule ayinqwnelayo. Wachopha esetini. Yena umfundisi, waye enxibe ibhukhwe emfutshane yangaphantsi (trunk) enganxibanga enye into. Suke wabila kakhulu inga uvumbele. Suke waphefumlela phezulu inga unombefukazi omkhulu. Suke wabalekelwa ngumbilo usihla esifubeni inga ugalelwe ngamanzi uphopho. Yabe iprepreza imazi yakhe phezu kwakhe, izandla iziphakamisele phezulu. Ze nala nytie kwacaca ukuba inyukile kuvele yonke into ekungamelwanga ibonwe yindoda. Kwek, suke whla nomsindo ngoku kutata.

Pastor: “Kungangcono xa unoke uyonxiba ke mfazi uyeke undihambela ze”
Mamfundisi: “Ndizakuhambela bani ze xa ndingahambeli wena? OH okanye sele ubone aba nemizimba enefiga ebhetere nhe? OH ndiyabona ngoku! Jonga ke bhuti! Apha kukwam, kwaye ndizakuhamba ze ngalndlela ndifuna ngayo! Jonga ndikubonise ngoku (Watsho ekhulula) unje lomzimba kungenxa yakho! Wandithatha ndiyintombi ndingazani nandoda! Wawuxhaphaza de wawuzalisa! Ngoku uqwela nokukuwumithisa futhi ujike uwufake neHIV? Soze yndixelele ukuba ndithini kaloku! Yhuuuuuuuuuuuuuu”
Pastor: “Hay futsek maaarn! Bazakuthini abantu ekuseni? Nxiba maaarn! Asoze ndibatywe wakugqiba undixelela ukuba uneHIV! Mna andinayo ke sisi”
Mamfundisi: “Rhhhhaaaaaa! Ucinga ndifuna ubatywe wena mna? Huh? Kaloku, mna ndikufuna ndingakufumana”
Pastor: “Unyile kule game”
Mamfundisi: “Ngoku uvukelwe ngoku?”
Pastor: “Uphambene! Ndithini? Ngoku undihambela ngegusha kaloku! Ndinemithambo kaloku nam”
Mamfundisi: “Masambe siyokulala ke kwela cala! Ungazoqinisa ifokotho”
Pastor: “Ndicebisa ukuba uke uyovasa nawe maaarn! Ugqibele ngolwesihlanu ukuvasa nawe! Hay hamba!”
Mamfundisi: “Oh! Ndiyanuka ngoku kuwe?”
Pastor: “Naku uzithwisha nangoku! Ambohlamba wethu”

Wanyoshoza umama ukuya ngaegumbini lokulala. Wafika wangena ezingubeni walala. Kwelinye icala umfundisi wabe efumana umyalelzo ka Whatsapp. Wawuphendula!

Pastor: (Whatsapp) “Hay kodwa ukhona! Kufuneka ke sidibane sithethe”
Thembela: “Ikhona ingxaki?”
Pastor: “Ewe! Kwaye inkulu”
Thembela: “Yho! Inokuba yintoni leyo? Masithethe ngoku!”
Pastor: “Ayonto singayithetha apha kwi phone le! Kumele sithethe ubuso ngobuso! Uphi?”
Thembela: “Ukuba uyakwazi ukuza apha endlini! Ndikhona! Kwaye akukho bantu ndim ndodwa”
Pastor: “Ndinike nje imizuzu ndiyeza”
Pastor: “Cela usole undiphathela amagwinya amabini ndilambile! Eline bhega kunye neline rashiyeni. Nejive torho!”
Pastor: “Lungile”

Sime apho. 

#DOUO

No comments:

Post a Comment