Monday 6 January 2014

Umfundisi uphume nge bail eluvalelwenin lwamapolisa. Waze wayalelwa ukuba angabuyeli eLower Crossroads apho ahlala khona, kuba koyikiselwa ubomi bakhe kubahlali. Babefungile ke nabo abahlali ukuba, loonguka yomfundisi ifanelwe kukunxityiswa itayara ukuze itshiswe sisihogo salapha emhlabeni kuqala phambi kokuba iye kwesiya sakwasathana isihogo, ayokuba ziinkuni ezivuthisa isihogo esi sizakutshisa usathana. Waphumela eNkanini eKhayelitsha kumkhaya wakhe. Lomkhaya wayehlala etyotyombeli lakhe elingacacanga kakuhle. Limdaka kwalapha ngaphakathi, umfo lo ngaba bafo nasebenza ngodaka kwezikontraki zaselokishini, ungudaka-boy kodwa ke noko sele eqinile. Akanamfazi okanye ntombi koko uyazihlalela yedwa. Kwalapha kwelityotyombe limagumbi mathathu, elokulala, elokuphekela kunye neletivi, kukwathe saa izinto zokusebenza, iikiriva, imihlakulo, iipeki kunye nee avaroro ezimdaka. Iimbiza ezintathu pha phezu kwetafile zimnyama thsu! Yangathi kuphekwa ngazo pha phandle embawuleni. Uhlala apho ke umfundisi.

Whatsapp convesation.

Thembela: “Uza kuyibhatala nini ke ngoku imali yam?”
Pastor: “Ndizakukubhatala wena imali yakho. Ndilinde nje kancinci”
Thembela: “Yimali kamama leya, bendinikwe ukuba ndibe ndiyigcina ze ndibhatale ngayo iDSTV yasekhaya”
Pastor: “Suwara maarn! Ndizakulenza icebo! Uzakuyifumana imali yakokwenu”
Thembela: “Kushiyeke 8 days ke iphelelwe”
Pastor: “Uzakuba sele uyifumene imali yakho Thembela”
Thembela: “Undincede torho! Ndifuna ungake ulinge undiphoxe”
Pastor: “Ndiqhele ukukunceda nam kodwa Thembela! Ndaka ndayifuna back imali endikunike yona? Kwaloo phone wena wayithengelwa kwa ndim lo, ndaka ndayifuna back?”
Thembela: “Kaloku asiyo yam le, yeyasekhaya and uyayazi ukuba andifundi andiphangeli ngoko andinamali”
Pastor: “Anditsho nam kaloku, kodwa bendibuza nje”
Thembela: “Uzakuyithatha phi imali ke ngoku mfundisi?”
Pastor: “Ungawari wena! Ikhona ibusiness endingena kuyo! Inemali eninzi. Ndinike nje iintsukwana nje ndilungise okuncinci”
Thembela: “Ibusiness? Injani?”
Pastor: “Yima wena sukungxama uza kuyazi maduzane nje”
Thembela: “Uza kuyithatha phi kaloku imali yaloo business”
Pastor: “Ha.a! The less you know, the better”
Thembela: “Undifihlela izinto ngoku?”
Pastor: “Khambe ke, umntu wephone uyayifuna! Kaloku wena wayophula eyam! Ndisebenzisa utilili ngoku mna!”
Thembela: “Ok! Ndakulungisa! Watsho wenza icebo ngomamfundisi! Kakade umbethele ntoni?”
Pastor: “It's obious nje! Do you have to ask?”
Thembela: “Tell me”
Pastor: “Ndifuna wena”
Thembela: “Andiva?”
Pastor: “Ndifuna wena ube ngumamfundisi kaloku! Bekumele ndimsuse yena! Kodwa ndiva kuthwa usindile”
Thembela: “Umbulale ke ngoku? Yhu! Ungcolile kodwa mfundisi! Isibindi esingaka?”
Pastor: “Ewe! Bendisenzela thina sobabini Thembela! Ubungathi udiniwe kukufihlwa?”
Thembela: “Ubundifihla nha? Ukumbulala kwakho umamfundisi bekuzakunceda entweni? Bekutheni ungamdivosi ke xa ufuna mna?”
Pastor: “Undlela lula kaloku babes kukuba aswaye maaarn!”
Thembela: “Yhu ha.a andifuni gazi kwezam izandla maarn tata umfundisi”
Pastor: “Bathini ngma pha enkonzweni? Ndizakuza Sunday! Libandla la kaloku eliya”
Thembela: “Yho!”
Pastor: “Wakhuza?”
Thembela: “Ndithini?”
Pastor: “Kuthwani ngam ke?”
Thembela: “Andiyazi ke!”
Pastor: “Ok! Undimamelele kodwa! Mamela ke, ndifuna undenzele ifavour ke, andinampahla zokutshintsha apha. Ndicela undiphathele wethun pha endlwini”
Thembela: “Yhuuu! Ha.a! Andicingi! Andinakuya pha kulandlu mna! Igazi?”
Pastor: “Ndiyakucela torho! Oko ndinxiba lempahla yokulala le ndibanjwe ndiyinxibile kaloku! Bathini abantu?”
Pastor: “Ok ndizakuzama! UseNkanini kanene?”
Pastor: “Ndihlala apha kunye nomkhaya wam! Kodwa linxila yana akakhonzi! Ndiyakucela nana! And ndiyakukhumbula ke futhi”

Phone call convesation.

Mpumezo: “Ukuba uzawukwazi ndoda ingxaki ayikho”
Siyabulela: “Uphuma ngabani ixesha wena s'caka?”
Mpumezo: “Sele ndisendleleni ngoku egodukayo bawo! Singahlanga ngokuhlwa kwanamhlanje”
Siyabulela: “Uthi sizivulele elethu ibandla inceku?”
Mpumezo: “Ubona njani wena mkhonzi? Ndisinde ekufeni! Ngoku ndifuna ukubabaza amandla kaThixo! Ndikulungele ngoku ukuzimela bawo”
Siyabulela: “Mkhulu lomsebenzi uwufunayo tata kwaye ingathi sise bancinci thina! Kwaye ufuna amadoda noko asele eqinile”
Mpumezo: “Hay suka apha wena ndoda kaThixo! UYesu waqala ena12 years ukwenza umsebenzi kaThixo! UDavide naye wayedelelekile emcinci! Ngoku thina singoyiswa yintoni? Uzakusinceda uMoya oyiNgcwele”
Siyabulela: “Akukho ngxaki! Kodwa sizakuzifumana phi izinto zokusebenza mfondini? Intente?”
Mpumezo: “UThixo, uzakuzibonela my brother! Believe!”

Kuncokola abahlobo besendlwini bebukele itive.

Nolitha: “Chomi you are not serious!”
Celiwe: “I mean it my friend”
Nolitha: “Oh! Kodwa xa ubona njalo wena”
Celiwe: “I am HIV positive Nolitha! And andimazi utata womntwana phakathi kukaMpumie nalagweja lam! Besides andifuni mntwana mna jo”
Nolitha: “I-Arbotion Celiwe? What if ngowokuqala nowokugqibela loomntwana?”
Celiwe: “Hay sukuyithetha loonto! Ndizakumkhupha mna shame! Andimfuni”
Nolitha: “Uzakumxelela uMpumpie ke?”
Celiwe: “No! He doesn't have to know! Besides ndamgqibela ngalamini lowo! Wayefuna nje iimpundu zam lowo! Kuba naku engazange waphinda wafowuna okanye wazama ukuthetha nam kuWhatsapp! Unqabile! Bendike ndadlula pha kokwabo, ndafika kuvaliwe mba! Akandifuni lowa”
Nolitha: “I think he deserve to know kodwa chomie, umntwana naye ngowakhe! Mxelele!”
Celiwe: “Ungandenzi umsindo ke apha! And andimithanda mna kuba ndizosikhupha esi sisu! Sasingekho kanene isitametha kokwenu? Ngandiphe torho!”
Nolitha: “Hay hay hay Celiwe! Ngumhlola wantoni ngoku lo ufuna ukuwenza? Ukuba ke ufuna ukukhupha isisu kutheni ungayi ekliniki? Khona isitameta sesokhupha isisu? Wawuyiva phi loonto? Tyhini! Ukuba ufile apha okanye wenzakala?”
Celiwe: “This is my life ke mama! Ukuba awuzundipha akho ngxaki! Ndizakuzithengela!”
Nolitha: “Yiya ekliniki Celiwe! Its safe khona sisi”
Celiwe: “Ha.a! Ndifuna ukusikhupha ngokwam! Le yoyokutshitshiliza ekliniki mna ndibe ndizihlebisa ngabanesi nezazigulane? Andicingi! Ndizakuzenzela umxube ndiwusele! Sizakuphuma!”
Nolitha: “Umxube?”
Celiwe: “Ewe! Ndake ndeva ngalomxube andi kuthwa uyanceda shame”
Nolitha: “Ngumxube onjani lowo?”
Celiwe: “Ndizakubilisa ikota ye-COKE + ndigalele ikota yeglass yestameta + ndifake ipilisi ibenye yeluxative + ipilisi ye painkillers + inip emhlophe yesminorff + Amacephe apalekayo espirit + Amacephe abalekayo obisi + uthuthu lwntsango kunye nentwana yeparafini! Iyakhawuleza”
Nolitha: “Hay hay hay hay hay! Asiyombadlo le! Uzakufa unye ke ube uzityisa ukunya nje! Ungase ufaka namanzi ebhetyi yemoto nje? Okanye intwana yeACID? Ingakhawuleza!”

Sime apho! '

#DOUOM

No comments:

Post a Comment