Monday 6 January 2014

Scene #4.20

Ngaphandle kwentente. Kuthe xhonkxosholo ngabazalwane kumiwe kubukelwe elihlazo lomtu ebanjwa esenkonzweni. Uninzi lungungelene kuleveni afakwe kuyo, limbuza imibuzo umfundisi ukuba wenzeni. Abanye bengungelene phezu kwalamapolisa azobamba ukuba yintoni nha eyenzekileyo. Abanye bephezu kommelwane ukuba ake abhentsise ukuba umakhelwane lo wakhe wenze ntoni nha. Wayethetha ke nomeza bethuna ekhupha into ngomlomo.

Meza: “Ukuba bendingayanga kukha amanzi pha phandle ngembulele fi unkosikazi wakhe. Kodwa ndikwazile ukubiza abantu bakhaba ucango. IAmbulance ifike esaphefumla umama, siyathemba ke ukuba uzakuphila. Kodwa andithembisi kuna untleke-ntleke ke kukukhatywa ebusweni. Sifike elele tywaaa oku komntu otshabileyo kodwa esarhoxoza sazama ke ukumnceda. Ingumbono ombi kodwa eyakhe imeko, amehle awabonakali udume kakhulu. Ukwanalo inxebakazi elivulekileyo entloko inga ihlatyiwe, liyampompoza ke negazi kwelanxeba. Ingalo yakhe ingathi yophukile, kuba isuke yapetye-petye kakhulu ngoku athathwa ngababhuti beAmbulance. Enye intokubonakele nemikrwelo entanyeni, inga ubeke wakrwitshwa. Ukuba usindile ekufeni, iyakuba zimfefe zikaSomandla bahlali”
Bulelani: “Benike nava ukuxambulisana phofu phambi kwesi sehlo?”
Meza: “Kwezintsuku wena kudala simana sisiva ukungxolisana, ukushawutana, ukuxambulisana kunye nokuthukana kwesi sibini. Koko nangona singeva unobangela kodwa besele kungasamnandanga pha kwela khaya. Phofu lento isukela ngolwesihlanu. Suke yangathi kukwikhaya apho kuselwa khona ndlela le suke kwathukwana ngakhona”
Thembela: “Oh! Yiyo lento moss umama engakhanga aze enkonzweni ngecawe”
Meza: “Kwa ukumbona mna ngamehlo am enyama ndimgqibele kudala! Kuyacaca phofu wena ukuba kudala ikho lento! Koko iyaqhushekwa! Bake bangavumi sibabulisa suke aqumbe umntu ibe ngathi lithe ixhwele lakhe angabulisi kwammelwane wakhe umntu”
Siseko: “Uphi umamzo ke ngoku?”
Meza: “Bathe bamsa kwesi sibhedlele sitsha! IMitchell's Plain Hospital. Imeko yakhe ayincumisi kwaphela! Imbi kakhulu!”

Azange lwenziwe ufefe ke ententeni. Uninzi lwemka nomsinga wokubanjwa kwendoda kaThixo, ibanjelwa ententeni. Suke kwawilizela ngoku yanguphithi-phithi ngoku wonke umntu efuna ukuzibonela ngamehlo wakhe. Zazidanyaza, zirhaxaza ke ezaphone zabo zifotayo. Wonke umntu ekhuza ihlazo. Nkqu nabadlula ngendlela ngoku yayingathi nabo bakhonza apha. Ubazi ke ngothanda iindaba, naabo bethe nta iindlebe nabo.

Mama 1: “Lonto bayayitya imali yecawa aba bafundisi! Makabanjwe! Ndayeka nje ukhonza kokokutyelwa imali”
Mama 2: “Kuthwa uyitye yonke imali yenkonzo sele ebanjwa nje”
Mama 1: “Ufike bethenga ezi suti zikanokutsho zimbejembeje”
Mama 2: “Batya ezihotele ke bona sibe sisitya imingqusho engenanto ke thina”
Mama 1: “Lonto bayayibiza nalemali”
Mama 2: “Jike bayoyitya namankazana!Naku ebanjwa ke lo yiloo mali ayityileyo! Andinakuze ndikhonze kwezi nkonzo zekeyboard mna suka”
Mama 1: “Kungcono kwala ziyoni ndikuyo mna shame! Andinaxhala lakubizwa mali mna”

Ukuba ivele phi kwe ukuba umfundisi ubanjelwe ukutya imali yebandla hayi nam andinalwazi. Koko suke yaqhubeka inwenwela nangaphandle ngoku lento, kuba kwakuvela abantu macala onke begidima bengxamele ukubona elihlazo. Nabaagqibela kudala enkonzweni ngezi zathu zabo babesele belapha aba bakufutshane, nabo bezo zivela ngokwabo unobangela. Suke kwaagcwala qhuu ngoku inga kuzobanjwa isikoli esikhulu. 

Ukuba amaphepha ndaba ave ngabani ukuba ikhona into andinakuyazi. Kuba iintatheli zalapha zamaphephandaba alapha ekuhlaleni zazikhona nazo, zilanyazisa ikhemera zazo nazo, zaye zibuza kwamntu imibuzo zizama ukufumana elona bali. IDaily Sun, iCity Vision, iVukani kunye namanye endingenakuwazi ayesele elapho. Caba yinto enkulu ukubanjwa kwendoda kaThixo andithi? Kuba kaloku kutheni kuzakuphuma ilali yonke xa ibanjwa lendedeba? Kodwa xam ikhwaza uvuko lukaYesu yona lendedeba akuzi noyedwa, kutheni? Xa kwenziwa imicimbi ebandleni yilendedeba kwala maphephandaba awazi, kutheni ngoku xa ibanjwa ethontelana? 

Siyabulela: “Ndicela wonke umntu abuyele ententeni bazalwane sithandazeni sonke”
Lwando: “Sele siqoqoshile thina ngoku! Siyagoduka! Sinike imali yethi sihambe!”
Siyabulela: “Ayikho imali Lwando! Akhange ndiyinikwe mna! Imali kaloku ikumfundisi”
Lwando: “Sizakubhatalwa ngubani ke thina? Sifuna imali yethu thina sigoduke”
Siyabulela: “Unuka iSminorff Lwando! Uyasela?”
Lwando: “Hay'maaarn! Sapha imali yethu! Ndizakungayityi ngoku ichapies? Ukuba mayinuke kanje ke mna asiyongxaki yam! Imali mfo”
Siyabulela: “Uyabona wena sivelelwa yingxaki! Into ome ngayo yimali! Nganime! Cela wonke umntu angene phakathi sithandaze”
Lwando: “Sithandazele ntoni? Umfundisi? Umbulani? Hay thetha enye into! Sinike imali maaarn! Kunikelwe kaloku sapha imali yethi sihambe”
Siyabulela: “Akunikelwanga kakuhle namhlanje Lwando! Ndicela singene ngaphathi! Ndizakunihoya xa siphuma”

Waasole waququzela ke ulwando ukubiza amalungu alo ibandla ukuba angene ngaphakathi ententeni ukuze kukhulekwe. Koko, suke abantu bahoya le bathetha ngayo, abanye bangena ezimotweni zabo bagoduka. Abanye chuu ukuhamba ngeenyawo begoduka benganakanga nto. Kwaangena nje iqaqobana ententeni kodwa alizange lilawuleke ukuze kwenziwe lento kumele yenziwe.

Siyabulela: “Kaloku bazalwane kumele si..!”
Umzalwane 1: “Hoga! Yibambe apho ke kwedini! Mna andizukuyimela lento yokudlala icawa! Andisoze ndikhokelwe ngumfundisi ongumbulali! Mna, ndodwa ndiyemka kwelibandla ndibuyela apho ndandikhonza khona”
Mzalwane 2: “Hay nam my brother ndiyahamba! Yindlalo le! Umfundisi abe ngumbulali? Hay angeke kaloku! Sizakuba ngababulali sonke kaloku xa kunjalo”
Mzalwane 3: “Ngumfundisi onjani lo ubulala umntu? Kutheni? Akathandazi nha yena akufikelwa yimisindo? Kanti lento ayifundisayo akayiphili nha yena? Andiphindi ndize kwakuloontente yobubhanxa ke mna! Andinalo ixesha lokudlala mna”
Mzalwane 4: “Kungcono asuswe bethuba! Kungcono agxothe kwelibandla! Okanye silishiye ibandla lakho siyozivulela elinye ibandla lethu! Nithini nina bazalwane?”
Mzalwane 2: “Uyibeka njalo?”
Mzalwane 1: “Ndiyahamba mna wethu andisenaxesha lokwenza nto nalomfundisi”
Mzalwane 5: “Libe liza kuphathwa ngubani ke ibandla elitsha?”
Mzalwane 4: “Ukhona uMpumezo! Kunye noSiaybulela bangaliphatha”
Mzalwane 3: “Asingobefundisi kaloku nje bona”
Mzalwane 4: “Bazakugcotywa kaloku! Sizakubafunela umntu ozakuba ngumgcobi wabo! Abathambise”
Siyabulela: “Hay andiyiqondi ke lento niyithethayo bazalwane”
Mzalwane 4: “Yintoni enzima kulento nceku? Sifuna wena noMpumezo nivuse ibandla elitsha! Ibe lelethu! Silishiye eli likaMbulali! Kaloku, asizukuphathwa ngumbulali thina! Nithini bazalwane?”
Mzalwane 2: “Ngumbono omhle ke lowo! Simka nale instrument. Kaloku, le system sayi plejela ngokwethu ngoku simka nayo”
Lwando: “Hay! Sicela oku kwemali yethu ke thina sikhululeke! Siyacela tu”
Siyabulela: “Ndithe ndizakunihoya maaarn yimani!”
Siseko: “Hay'unganqali ngomsindo bhuti! Lomali yeyethu! Siyisebenzele! Sapha imali yethu sibe siyibetha thina”
Siyabulela: “Ndithe ndizakuninika imali yenu!”
Mzalwane 3: “Khona kuzakukhonzwa ngomso?”
Mzalwane 1: “Ucinga abantu bazakuza kwelihlazo? Andizi kwalapho mna ngomso! Nakundixelela ke xa sele nilimisile ibandla elitsha ke ndize! Okwa ngoku mna ndibuyela ekhaya!”
Siseko: “Nathi asizi apha ngomso! Kuzakumele sifumane imali yethu yonke iphelele okanye simka neKeyboard”
Siyabulela: “Masithandazeni bazalwane sigoduke kaloku”
Mzalwane 1: “Wethu! Sukusithandazisa maaarn sineentliziyo ezisukileyo esihlalweni! Mna ndiyahamba ngoku andizukuthandaza! Ndakuthandaza ekhaya!”
Siyabulela: “Oku kofefe ke?”
Lwando: “Imali tata uyasilibazisa ngoku qha wena”

Waancama wayikhupha uSiyabulela iR500 wayinika uSiseko ukuba bohlulelane ngokulinganayo.

Lwando: “Hay hay hay hay! Bhuti! Kushota i80 kule bread! Iyashota! Sapha! Asiphinde size thina apha! Sapha!”
Siyabulela: “Yhuuuu! Hay ndiyekeni andibulalanga mntu mna! Besides umfundisi akafanga!”
Mzalwane 1: “Ngoku kusithiwa akhothemba lakuphila? Yhoooo! Hay! Kodwa ke yena singafane sithandazele yena! Umbulali yena makabe eyoba ngumfundisi esiseleni! Mhlawumbi ubizo lwakhe luphayana!”
Mzalwane 4: “Yazi wofika unyanisile! Wofika olwakhe ubizo lusetrongweni”

Sime apho ke okwa ngoku! Laphela ibandla!

#DOUOM

No comments:

Post a Comment