Monday 6 January 2014

Scene #4.3

Sele kusezinzulwni zobusuku, kwamfundisi. Kulelwe, kodwa wayengalela kodwa yena umamfundisi, uyazonwaya, azirhawuzelele, aguquguquke. Umana unendawo akhonyuluka kuzo, inge unesingqala ngelinye ixesha.

Pastor: “Yintoni maarn oko ugushuza ebusuku apha”
Mamfundisi: “Andiyazi maarn, inokuba ndityatyulwa nayilepeynti ndiyinxibileyo”
Pastor: “Ungayikhululi nje ubanjwe yintoni?”
Mamfundisi: “Andikwazi ukulala ngaphandle kwayo kaloku tata”
Pastor: “Zezipeynti zenu zincinci kaloku”
Mamfundisi: “Ayincincanga ke tana, qha iyandityabula shuuu”
Pastor: “Yikhulule kaloku mfazi” 
Mamfundisi: “Khawuyeke ke ndizame ukulala wethu! Lonto ndikwanesizaphuzaphu”
Pastor: “Inokuba utye kakhulu kaloku”
Mamfumdisi: “Hay akhange nditye. Suke kwandinukisela kakubi okwakutya, yangathi ndingangabha”
Pastor: “Makube ikhona into oyityileyo erongo kaloku”
Mamfundisi: “Hay kanti akhange nditye kwanto namhlanje ezimini”
Pastor: “Makube ke utheni?”
Mamfundisi: “Ide ingathi ndiyobuza apha ngaphantsi maarn”
Pastor: “Khawulayite isibane ke ndijonge lento uthetha ngayo”
Mamfundisi: “Hay’bo tata”
Pastor: “Yintoni?”
Mamfundisi: “Ngumgqwaliso ke lo uwufunayo tyhini”
Pastor: “Ukuba ngowomfazi wam aukho ngxaki! Iza ndibone”
Mamfundisi: “Suke undonwaye qha wena hay’le yokufuna uphuma amaqhakuva kukubona igusha”
Pastor: “Ide ibuncangathana nale peynti yakho”
Mamfundisi: “Ifumile? Ifanele, andiyazi lento ndiyiphuma apha ngaphantsi”
Pastor: “Yosula kaloku ngale peynti yakho nawe! Ingathi umanzi lonto”
Mamfundisi: “Mmmh! Undinwaya kamnandi myenam”
Pastor: “Unawo namaqukunya amaqhakuva apha esineneni”
Mamfundisi: “Adumbele ngaphakathi ke uyawava”
Pastor: “Khawuvule kalok ukwenzela ndikwazi ukukonwaya kamnandi”
Mamfundisi: “Yhu myenam ngoku undinwaya kamandi so, lonto ndiyakukhumbula tata”
Pastor: “Nam ndisuke ndarhlalela oko konwaywa ngoku mkam” 
Mamfundisi: “Ndiyayiva lento yomeleleyo indihlabayo apha ethangeni lam! Oh myeni wam”
Pastor: “Ewe maaarn”
Mamfundisi: “Sukuyifaka imnwe kaloku baby! Faka ubemnye, iyatshisa kaloku”
Pastor: “Ndibambe nawe kaloku love”
Mamfundisi: “Tjiu, liyatsho ibumbu levumba eliphuma apha ngaphantsi kweengubo kodwa shame”
Pastor: “Kufuneka ke ucele amantombazana pha ebandleni, ake azozihlamba noko ezi ngubo nkosikazi”
Mamfundisi: “Sitheni isusu sam saqina nha? Ingathi ndizogabha ngoku”
Pastor: “Yima ke ndibethe nje ibenye mkam and then ungazama ukulala ke ngoku”
Mamfundisi: “Ungakhawulezisa tata torho, ilapha ngoku lento emqaleni”
Pastor: “Ima ke, lungisa lomqamelelo wakho! Nyuka kaloku mama”
Mamfundisi: “Mhm! Ima! Suka! Suka! Suka! Mmmmmmmmmhmhhh”
Pastor: “Yintoni ke ngoku! Yima ndenze kaloku ndigqibe! Andikaqali kwa kaloku”
Mamfundisi: “Ndizogabha! Ndifuna ukuya etoilet ngigabhele khona! Suka!”

Watsiba kulo bhedi umama umfundisi, kwee thuxa ecaleni indoda, ishiyeka ibambelele ngaphambili. Waaya ngasese ebambelele emlonyeni wakhe, ekhonyuluka, egila izinto eziphambi kwakhe de wayofika. Wagabha kea pho, ekhonyuluka enjalo.

Makube lixakaxa. Wazicingela njalo ke umama lo, sele ehlamba ubuso esinkini yangasese. Waake wema wazijonga, wazibuka. Ephatha kosula ubuso, atyikitye amehlo, osule.

Pastor: “Ixakaxa? Ufanele! Zezi zinto nizityayo kaloku, ziswiti kwaye uyazithanda ke wena”
Mamfundisi: “Yho yhehake”
Pastor: “Yiza ke mfazi sigqibezele ebesikushiye phakathi”
Mamfundisi: “Hay khawuyeke wethu tata wam, ndisuke ndaanaar ngoku and andisazi esisusu ukuba sisuke sathini! Suke saqina and ngoku ngase ndisuze oko oko, mhlawumbi singayeka ukuba nje”
Pastor: “Usazithwisha nje nangoku, iza ndikonwaye ngomlenze wesithathu, mhlawumbi uzakuba right nana”

Akazange avume umama, suke waguquka wajonga edonge. Suke enendawo ezimana ukunukisa apha phantsi kwee ngubo ngoku, afike kunuka kakubi aphinde asele umoya angagqumatheni.

Pastor: “Ayizonyawu zam kule game, bendizihlambi phambi kokuba ndilale”
Mamfundisi: “Ewe, ayizizo! Ikhona maaarn lento itsho kakubi and ayizongubo futhi”
Pastor: “Makube nguwe lo umana usuza, kaloku wenziwa sesisusu sakho”
Mamfundisi: “Inga ndingasuza ke tana kodwa akuphumi nto tu! Suke saqina qha isisu. Lonto ndine pain elapha esinqeni ngemva”
Pastor: “Kufuneka ke uvukele kwagqirha ke ngomso! Okanye eklinik”
Mamfundisi: “Hay’wethu! Izakuvuka ingekho kusasa”
Pastor: “Kumele uvuke uyoqonda maaarn! Ingathi kanti unto!”
Mamfundisi: “Izophela wethu yhiri! Hay!”
Pastor: “Yiza ke ndikubeke isandla mhlawumbi izoba right”
Mamfundisi: “Xa ingathenjwa kwa nguwe nje ke lonto! Uthi mhlawumbi mos so awuwuthembanga kwawena loomthandazo! Futhi andimithanga mna! Zobe ndimithiswe ngubani? Andilalwa kaloku apha endlini, ndiyavinjwa kaloku”
Pastor: “Ndiyiqondile nje ukuba asoze ungayivusi ke leyo! Naku ndisithi yiza ngoku, awufuni, ufuna ndithini kanye?”

Sime njalo ke okwangoku, siyebuya ke.

#DOUO

No comments:

Post a Comment