Monday 6 January 2014

Scene #4.8

Pastor: “Ina nantsi R350 Mpumezo, uvuke kusasa uye kwagqirha”
Mpumezo: “Ndizakuba right tata”
Mamfundisi: “Kumele uye kwagqirha maarn Mpumezo! Uzofumana uncedo!”
Pastor: “Indlela elibuhlungu ngayo ke ithumba, nam ndakha ndanalo ndiyalazi, kodwa ela lalisekhwapheni”
Mamfundisi: “Lonto wawutefa tata shame”
Pastor: “Hay! Kwakumele nditefele wena kakade kodwa nje”
Mpumezo: “Ha! Ha! Ha!”
Pastor: “Kwakumele kaloku mzalwane wam, yena ukwangumama wam, uncedi wam kwanomongi wam. Ndandizakutefela bani nha nkosikazi?”
Mamfundisi: “He! He! He! Kodwa wean undishiye apho ke xa ndigula, uthi ndinyangwe okanye nditefele bani?”
Mpumezo: “Tyhini! Kanti uke abe namaqhinga nha yena?”
Mamfundisi: “Andishiye apho sana! Ndipenapene ndedwa jwi”
Pastor: “Ndizokunyanga njani mna nkosikazi ndingazi nton nje”
Mamfundisi: “Ube lapha ecaleni kwam kaloku nawe tata njengam”
Pastor: “Ha! Ha! Ha! Uzandosulela kaloku. Kulapha kanene kokwenu Mpumezo?”
Mpumezo: “Ewe, misa apha tata. Enkosini bethuna”
Pastor: “Uvuke ke uye kwagqirha mfo”
Mpumezo: “Ndakwenza njalo tata. Enkosini”
Mamfundisi: “Usixelele ke bhuti ukuba uhambe njani uvile? Uphile ke ngokukhawuleza ke”
Pastor: “Ungalibali ukuthandaza ke mzalwane wam. Uqine maaarn! Ungamvumeli usathane adlale ngawe. Ufuna ungamthembi uThixo, ndiyakwazi ke uligorha”
Mamfundisi: “Ewe, unyanisile utata wena ulitshantliziyo kwaye akusoze wagungqa elikholweni lwakho tu…”
Mpumezo: “Nakanye! Enkosini tata nomama”
Pastor: “Kulungile Mpumie”

Wehlika ke uMpumezo emotweni kamfundisi. Ubephiwe ilift kaloku, kuba noko umfo omkhulu ube ebambeke kakhulu. Xa engena ehekeni gqi uAkhona, evela emaSomaliyeni.

Mpumezo: “Uthin I nha wean?”
Akhona: “Itshomi yam ezayo iinyembezi asoze zawela phantsi. Ngase ufe ufe ufe ufe unye mdlwengulindini”
Mpumezo: “Yintoni ke lento undizonda kangaka? Andizange ndadlwengula Sisanda mna. Ndandilele naye ngokuvana kwethu. Phofu awusoze wandikholelwa kuba kaloku sele wahlohlwa ikaka nguloSisanda wakho”
Akhona: “Wamkrazula wogqiba wamfaka iSTI, that’s why wean unkalasa ngoku, uzakufa unye nawe nje ngaye. Caba kudala ugula qha waqonda uzakosulela itshomi yam ngokuyidlwengula. Awuzuba yinto ke bhuti, uzakufa unye nawe”
Mpumezo: “Ay’ke! Mna andinalo ixesha lobuvuvu mna! Ndiyeke mna ndihambe”
Akhona: “Caba uzimisele ukuyisasaza ke bhuti le AIDS yakho nhe? Huh? Ba mawuqale ngetshomi le yam, wogqiba wean ume ngentsindiso yakho nhe? Uzakuba sisikhuni sasesihogweni ken awe bhuti”
Mpumezo: “AIDS yamu? Uthetha nganto kanene?”
Akhona: “Sukuthi iNYEDZI NYAMU” uyazazi ukuba uneAIDS Mpumezo kodwa uyaqhubeka uyadlwengula! Itshomi yam iswelekiswe yiSTI neHIV ngoku ibisenza laoperation. Uyimithisile! Ngoku wena ulibele kukuzenza ungcwelengcwele
Mpumezo: “Ngumbhedo wodwa ke uwuthethayo uvile. Jonga andiyondawo yobhudela mna. Andina AIDS mna and andina STI, sanukulala namadoda amaninzi jike nihambe nityholana nathi nakubhedelwa zizinto. Jonga! Yiya eSaltriver esidumbini sikaSisanda utsho sikuxelele inyani uyeke uhamba ubekana nabantu amabala uvile. Jonga andiyontlambo yokufela amahashe mna uvile? Uyakuxakana nam ukuba awundazi kakuhle mna!”
Akhona: “uzakunya yiAIDS le ulibele kukuthi uyayisasaza kanti uzakunya Mpumezo”

Akaphendulanga umaqwathini, watotoba engcileza ukuya ngasendlini. Wafika wazijula nebhedini izula ingqondo yakhe. 

Mpumezo: (Ethetha yedwa) “USisanda ube HIV? Yho! Makube ken am ndiyifumene pha kuye. Makube nam ndinayo ke ngoku! Ndinayo? Asizange sisebenzise nekhondom le kanene! Yhoooooo! Yinto endiza kuyithini nha le? Ndithini? Ukuba ndifumaniseke ndinayo? Heeeee! Kanti lamaqhakuva nezizilonda ndiphuma zona akuzizo eze AIDS? Ndine AIDS? Angathini umama madoda ikukuphela kwendodana anayo le indim. Yhooo! UThembela? Angadana ke notata umfundisi endithembe kangaka! Oh Nkosi yam, ndithembe wena!

Mamfundisi: “Indenzela iworry ke le kaMpumezo into, uvele wathi wunxu maarn”
Pastor: “Uyacaca ukuba uyoyika ugula lamzalwane”
Mamfundisi: “Indenzela iworry ke tata into yakhe kuba noko sithembele kuye apha ebandleni kwizinto ezininzi”
Pastor: “Masithembe uzakukhawuleza ukuphila nkosikazi”
Mamfundisi: “Nam ke tata ndifuna uke ndiye kwagqirha”
Pastor: “Ugula yintoni ke wena?”
Mamfundisi: “Hey, kutshisa imichamo tata. Andiyazi maarn nalomrhawuzelelo uya uqatsela. Kaloku, into yangaphantsi akumelanga uhlale nayo, kumele uyikhawulezele uye kugqirha ze ufumane unyango ngokukhawuleza. Nam ndifuna unyango ngokukhawuleza tata”
Pastor: “Oh hay kulungile nkosikazi yam, ungaya wena kwagqirha”
Mamfundisi: “Nalento yokusuka ndigabhe nje, nalento yokuba nentliziyo encinci nje esithubeni. Iwes namhlanje suke ndanukiselwa zizinto ezininzi namhlanje ententeni”
Pastor: “Lonto mna ndiqaphela ukuba akusatyi qha”
Mamfundisi: “Akungeni baby, suke kubuye okanye ndibe naarrr imini yonke”
Pastor: “Uyanqumka nha nkosikazi yam! Ingaba umithi nha?”
Mamfundisi: “Hay! Hay! Hay!”
Pastor: “Kungenzeka ke khona”
Mamfundisi: “Andiyifuni ke lento uyithethayo”
Pastor: “Uxolo kodwa ke nkosikazi”
Mamfundisi: “Lonto ushumayele ke namhlanje tata. WoW! Ndaziva ndivuseleleka!”
Pastor: “Qha waphazanyiswa kukungena kukaMpumezo nhe? Ndiyiqaphele nhoko wena lonto”
Mamfundisi: “Yhuu! Undoyikisile kaloku tata! Ndaqonda nhoko mna ndawusele ndihoya yena. Uyiqaphele nha tata lonto? Ubungekho kumoya nha?”
Pastor: “Ha! Ha! Ha!”

Sime apho okwangoku. Kwixa elizayo.

#DOUO

No comments:

Post a Comment