Monday 6 January 2014

Scene #5.3

It was now 05H23 am in the morning. Umkhwaya was now getting ready for work. Wayeqokela izinto asebenza ngazo emsebenzini wakhe. Wayemana emtiba ubulelani njengokuba waye ondlele apha phantsi. Agqoqomisele ukuba makasole evuka! Kaloku, umkhaya waye encwase ukuyitrafa le yasemfundisi ukuze ingazuphinde iziphakamise. Wayeyifungele, ezakuyixovisa udaka, ayithithise izitena, ayithume evenkileni iyothenga ilunch yabasebenzi. Lowo yaye ingumsebenzi kamkhaya, koko naye wayefuna umntu ozakuba semva kwakhe. Ze nemali ayicuntsule ukuze amnike encinci eyangemini. 

Mkhaya: “Uthini andikuva? Sukuzirhonisa mfondisi! Vuka! Itshayile mfo kabawo! Ibhaki izakufika ngoku”

Waaziqutha umfundisi akanyakaza tu. Waabonisa phandle ukuba akasoze yena aye apho. Angase amgxothe umkhaya. Yena ugcotyelwe ukulanda agcine abantu enkosini, hay ukuba ayosebenza ngodaka Kwaye asebenzele imali encinci nje ngale yasekontrakini.

Mkhaya: “Hey! Hey! Hey! Vuka! Vuka! Vuka Bulelani! Uselivila lanto indal nha! Vuka! Vuka! Vuka! Izakufika ngoku ibhaki! Vukaaaa!”

Waatyhila ezongubo umkhaya emhlubula. Uzamene nokumkhaba apha esinqeni ukuze akhawuleze ukuvuka.

Mkhaya: “Huh? Uthini na wena?”
Pastor “Andiphilanga! Ndinefasting!”
Mkhaya: “Intoni? Unefestile?”
Pastor: “Ndinefasting mkhaya! Eso sisigulo sabefundisi”
Mkhaya: “Ulivile gqithi! Phakama!”
Pastor: “Ukuba ubukhonza mkhaya ubuzakuyazi”
Mkhaya: “Ndilunge kanye ngoku mna ndingakhonziyo! Kulamanyala angaka niwenzayo nakube nikwezi cawe zenu! Umzekelo ngoku; wena ubaleka abahlali ngaaaapho eLower! Uzokuhlala kwelityotyombe lam, ubetha umfazi, wenza izimanga kodwa uzibiza ukuba ungumfundisi! Khona, wena Bulelani ufundisa ntoni? Ndakugqibela uwathanda amankazana! Ndikhumbula umana ukuza nentombazana apha, kodwa unomfazi! Ulala nabantwana abancinci! Hay kungcono nokuba andikhonzanga mna! Jonga ngoku, ubanjwe yifestile ngoku endaweni yokuba uvuke uyosebenza! Vuka maaarn! Andifun wenze lemikhuba yakho apha kule yam indlu! Kwaye ndiyaqonda ufuna ukushiyeka nje ufuna ukunyonyoba apha! Ha.a akhofestying ngandawo apha! Vuka!”
Pastor: “Mkhaya! Ndizakuya ngomso! Ndiyeke kuqala ndizame ukuyokulanda iimpahla zam pha endlini namhlanje!”
Mkhaya: “Uzakubulawa unye ke namhlanje ukuba uye eLower! Ina nantsi R20 ukhwele ngayo!Ubuye nalamoto uakho”
Pastor: “Enkosi! Andizokwazi kaloku! Ndizakuhamba ngeerhontshi ze ndiyothatha nje ndiphinde ndibuye”
Mkhaya: “Ingathi uzimisele ukuhlala ixesha elide nje mfo?”
Pastor: “Iintsukwana nje mkhaya!”
Mkhaya: “Ngomso siya emdeni ke mhlekazi”
Pastor: “Ngawufake nokuba yiR15 kaloku mkhaya”
Mkhaya: “Unyile”
Pastor: “Ndizakubuya netivi kaloku mkhaya ukwenzela sibe nento yokubukela qho ngokuhlwa xa sibuya emsebenzini, sibukele neendaba”
mkhaya: “Ucinga ndidinga itivi wena apha kwam nhe? Andinxesha lativi yakho mna! Nokuba ingazezi kuthwa ziiPlazza andinaxesha lazo mna! Ngoku izikoli ziza kakngaka kwimizi enazo? Iwes kuleNkanini!”
Pastor: “Yhe mkhaya! Ukhona nha umntu omaziyo obelekisa ngemali? Nokuba iyazala maarn! Ndifuna ukuboleka imali ukwenzela ndibe ndizithengela ibhedi nehoki okanye ndifumane indawo erentayo maaarn”
Mkhaya: “Unyile”
Pastor: “Nditheni ngoku mkhaya? Ndifuna ukuzihlalela kaloku ukuze ndingaphazamisani nawe! Umzekelo ngoku uyatshaya icuba, mna anditshayi! Ngoku ndoyikisela impilo yam!”
Mkhaya: “Ingathi ngowuphuma ke ngoku! Sapha looR20 yam! Ufuna ukuboleka imali wogqiba uphele emehlweni? Izobhatalwa ngubani ke loomali? Ndayaleka gqithi ke ekukhapheni umntuaye kwamatshonisa! Yhu! Unyile!”

Kwaa pipiza imoto phandle egeythini! Waaxhuma ke nomkhaya, waqubula abe esele ezilungisile wonda ngomnyango.

Mkhaya: “Ndifike upheke upensi kunye nomngqusho. Umngqusho ukhona phaya epheyileni, upensi wona uzakuwufumana pha ekupheleni kwesitrato, kulamama uthengisa pha, lobesidlula kuye ze ndabuza impilo, umxelele uthunywa ndim. Uwupheke ke! Ubenomhluzi ke! Ungagaleli beefstock ke, itswele netyiwa qha. Uvile?”

Sele kusekuseni ngoku emva kwentsimbi yesibhozo.

Siyabulela: “Andikwazanga ukuza ke nceku phezolo! Yilonto ebangela ndifika ekuseni kangaka! Unjani mkhonzi?”
Mpumezo: “Ngenxa kaYesu scaka kuyaphileka! Siyambonga ke ngokuphakama”
Siyabulela: “Ewe maarn tata! Kuhle ke! Kodwa ukhawulezile ukuhla noko! Uthe wunxu maaarn! Uphume nalamathambo ezidlele iqwela”
Mpumezo: “Ha! Ha! Ha! Utsho na nceku? I've tasted death bawo! Ukufa mna ndudibene nako! Kwaye ndikoyisile! Kwaye kuyandoyika kona kulandawo kukuyo”
Siyabulela: “Utsho na mkhonzi kaThixo? Usinde ekufeni nceku!”
Mpumezo: “I will live to tell my story bawo! Ndiwangqine amandla kaThixo kwaye lentambiso andinike yona uThixo, ndizakuyisebenzisa”
Siyabulela: “It was a sign man of God”
Mpumezo: “Ndiyalisabela ubizo tata! Ndifuna undincedisa siqale iministry mkhonzi”
Siyabulela: “OH! Kanti sele udibene namarhamente kanti?”
Mpumezo: “Amarhamente?”
Siyabulela: “Kaloku afuna mna nawe siwakhokele kwelabandla sikulo”
Mpumezo: “Hay mkhonzi, andifuni kuphinda ndibuyele mna kwela bandla! Okanye wena ungasala kuwo ke loomahlamente ukwenzela ukuba usole uwakhokela mntakaThixo”
Siyabulela: “Ndincwase njalo ke mkhonzi! Kaloku, singasole sisebenzisana uyaqonda?”
Mpumezo: “Utshintshe kwa elagama maaarn”
Siyabulela: “Yiba nelakho ibandla tata! Nam ndibe nelam! Senze umsebenzi kaThixo qha!”
Mpumezo: “Ikwalungile nanjalo tata! Ukhona umntu endimaziyo ke, angasinceda ekukhuliseni amabandla ethu tata! Lamntu uthenjwe ngabefundisi abaninzi! Lizakukhula ibandla lakho libe nomtsalane kubantu abaninzi, ubone sele kugcwala enkonzweni! Umnikelo ke nezishumi udlala abantwana! Kube segcibhala ke nakuthi mfo kabawo”
Siyabulela: “Ewe nhe?”
Mpumezo: “In return, thina kuzakumele sithengise nje ezi OIL zakhe qha! Kunye nezinye izinto, ezifana neetshefu kunye namalaphu athi anentambiso”
Siyabulela: “Oh!”
Mpumezo: “Phinde futhi, sizakukhupha nale-holly water izakuza naye ukwenzela amabandla ethu ahlume bawo. Thina sizakukhupha nje isishumi sesishumi pha kuye”
Siyabulela: “Oh! Uzakusole eba sispiritual father sethu loomntu?”
Mpumezo: “Ewe! Sizakuqhuba iimoto zikanokutsho mnganam! Ukuba nje siyalela imithetho yakhe lotata. Kumele sizame ukuhlangana naye ukwenzela nathi sifane nalamadoda angabefundisi kwezicawe zinkulu. Singayenza nathi imimangaliso Siya mnganam! Koko kumele sithathe isigqibo. Yicingisise ke mnganam lento ndikuxelela yona”

Kulo-Celiwe.

Celiwe: (Ekhala kabuhlungu) “Maaaaaaaaaaaaaammaaaaaaaaa! Iyhooooooooooooo! Ndiyaaaaaaaaafa! Maaaaaaaaaaamaaaaaaaaaaa! Maaaaaaamaaaaaaaaaaaa! Maaaaaaaamaaaaaaaaaa! Ndincedeeeeeeeeeeeeni! Ndinceeeeeeeeedeeeeeeni! Maaaaaaaaaaaaaamaaaaaaaaaaaaa! Ndifun'umaaaaaaaaaaamaaaaaaaaa!”
Mama ka Celiwe: “Yintoni? Yintoni? Unxilile ngoku uyasingxolela thina! Yintoni?”
Celiwe: “Andinxilanga mam'am! Ndiphuma igazi!”
Mama: “Uphuma igazi phi? Livumba lantoni na eli linukayo? Unuka utywala Celiwe? Unxilile? Yho! Butywala obunjani obu? Khona kutheni bukwi drink ye-COKE? Yinton le Celiwe? Inuka isipirithi phuqu! Kwenzeka ntoni apha? Yintoni uyenzileyo Celiwe? Unxila kakubi ngoku! Yhehake bawo! Celiwe! Celiwe! Yhuuuu! Igazi elingaka? Celiwe! Utheni? Usexesheni? Celiwe! Celiwe! Heeee wasuka wayoba ndithetha naye! Utheni? Umntwana wam! Igazi elingaka? Celiwe! Celiwe! Celiwe! Vuka! Vuka! Phakama! Yintoni le?”

Waamane enukisa labhotile inomxube omdaka. Kuthe kanti uyenze nyhani uCeliwe lanto ebefunge ukuyenza. Ngoku uxakene nento. Ebhedini yakhe kubomvu nje ligazi, lalide liphumele nasematrasini. Kukho amahlwili, ingathi sisibindi somvundla. Kukho izigaqana ezininzi ezibomvu rhwee. 

Waantantazela ke umama wakhe ecela amancedo, efowuna, ekhwaza, elila, ethukisa. Suke nje wenza ingxolo nje. 

Sime apho.

#DOUOM

No comments:

Post a Comment