Monday 6 January 2014

Scene #4.11

Ekufikeni kwakhe unesi phezu kukaMpumezo, wamjonga, waamjooooonga! Suke qethu waya kulafolder folder ibekwe pha kula tray isezinyaweni zikaMpumezo. Watyhila-tyhila! Afunde! Aphinde ajonge kulencwadi abhala kuyo, anikine intloko. Wamtyhial uMpumezo kulendwo kucaca ukuba ugula yiyo, waqwalasela, wazama ukubhenca-bhenca, wabhala. Uye wayojonga idrip le ikuMpumezo engalweni, walungalungisa, wabetha, wahlikihla, wapica-pica. Ingalo le kanye kulendawo ifakwe kuyo idrip, idumbile. Wazama ukumasaja, elunga-lungisa ukuze iyeza okanye amanzi la angene kakuhhle emthanjeni. Waafaka ngoku isandla kwipotho yakhe, wakhupha inaliti kunye nebhotilana. Wahlukuhla, wakhupha inaliti wayifaka kulampompo yokufunxa iyenza ngenaliti. Wahlaba kulabhotilana, watsala iyeza eliphakathi, ze waqiniseka ukuba ewe iyeza liyaphuma kulenaliti kusini. Wavala esi sivalo sisemlonyeni wedrip ukuze kungaphumi nto, walungiselela ukuhlaba inaliti kuleplastiki yedrip.

Mpumezo: “Ndinxaniwe nesi, bendicela amanzi”

Wothuka ke unesi thaca phantsi ukuwa inaliti, de yophuka. Wabambelela esifubeni ke suke zema iinwele zikanesi waphakuzela. Waazama ukuphuthaphutha lanaliti iphantsi.

Nurse: “Yhuuuu! Yintoni kodwa ukundothusa kangaka”
Mpumezo: “Ndinxaniwe, ndicela amanzi”
Nurse: “Kanti kutheni ungavuki uyosela amanzi? Nantsi nje ijusi bhuti”
Mpumezo: “Ngoku sele uyekile ukufaka eliyeza ubuza kulifaka apha?”
Nurse: “Kumele ndiyotshintsha eliyeza kaloku. Ndizakuphinda ndibuye”
Mpumezo: “Uyandiphinda? Kuba kaloku bebesele befikile abanye oonesi ababini, bezondinika amayeza”
Nurse: “Bebesele bezile? Kutheni ke bengabhalanga ke apha kwifolder yakho? Ima ndiphinde ndiyolanda le naliti bekumele ndiyifake apha! Ndizakubiya namanzi wakho”
Mpumezo: “Oh! Ngoku uyolanda enye! Bekutheni ze wothuke xa ndicela amanzi sisi? Uze nesi zibulala abantu wena belele kwesisibhedlele? Ucinga andikuboni wena ngoku ubala abantu apha? Khona iphi itrey le yamayeza? Ibhi iNAMETAG yakho nesi? Khona! Wena kutheni ubhala kwinote book yesikolo kodwa abanye babhala kwiifolder kunyezinye iincwadi zala kwesisibhedlele? Usebenzela umtyholi sisi nhe? Xa ndinokhala apha ndichaze lento ufuna ukuyenza apha kum ungathini? 

Waakhupha iphone yakhe uMpumezo, wamfota lo nesi kwaye wabufumana kakuhle ubuso bakhe. Wathi sele ezigquma lonesi zabe sele zithathkile iiphoto ezibalekayo. Gwije tshe unesi wabantu sele eletsheza ukubaleka oku. Tyhini! Yintoni nha le iphantse yehlela umqwathi madoda? Ebesecebeni kanti lonesi, lokumlalisa kobentlombe ubuthongo.

Ezinye izigulane zaye zikrobe phantsi kweengubo, zisoyika. Kaloku, awuvele uthi usisigulane uzimele lamhlobo kwaabanesi besi sibhedlele. Ungafa nje zizithuko. Lonesi, uyenze lento yakhe esemothukweni okanye ufikelwe kukoyika. Zaachopha ke ngeempundu ezikwaziyo, zatyhila iingubo zonke zmqhwabela izandla uMpumezo. Sele zimncoma isibindi anaso sokuma kunesi. Zasole zancokola ke, sele zihleka, zixokozela kwelo ward lazo. 

Kulaabhedi isekoneneli, kwakulele ityendyna alomfana ekucaca ukuba ubambekile. Xa esiva uMpumezo umfo lo wayesele esuka kutyando lokususa ubudoda bakhe. Kucaca ukuba umfo besele ebolelwe bubo. Wayelele tywaa yena yedwa enganakanga ncoko yabanye kodwa kucaca ukuba ukobude ubuthongo. Uphakamile uMpumezo, ukuyomvusa ukwenzela ukuba bahlale bonke, bancokole ubusuku bonke ukuze bagade abanesi kunye nequmrhu lekhe. Baye ke bebabaza ukuduma kakubi kwesi sibhedlele. Kufa abantu bebulawa kwangabantu abaphangela kwalapha. Kubiwa nabantwana kwalapha. Ikwakhona nento ethethekayo yokuba kukwathengiswa amalungu omzimba kwangabanye abantu.

Mpumezo: “Yhe bhuti! Khovuke wethu! Yihlo! Vuka maaarn! Inokuba udonyiwe naw yila nesi! Kodwa akhange ize apha kuwe! Nale phone yakho kudala imana ikhala ke. Kodwa ingathi iku silence kuba isuke nje idanyaze nje! Bawo khovuke maaaarn!”

Suke kwathi cwaka ke ngoku kule ward. Waavakala yedwa uMpumezo engxola ezama ukuvusa lo uleleyo. Kwaacaca nje mhlophe ukuba lo hayi ubashiyile kodwa yena uMpumezo akazange ayiqonde loonto. Ethubeni caba uye wayiqonda. Wamshukumisa. Shukumiyane umntu wonke. Wamtyhila. Wafika iindlebe ezi zinamachaphaza egazi, amehlo la enegazi, cabe belike laphuma ke nasezimpumlweni. Uswelekile umntu wabantu. Woothuka ke uMpumezo, kanti ubambe okanye uthetha nesidumbu. Watsibela ebhedini yakhe sele ekhala.

Mpumezo: “Ufile! Ufile! Ufile! Ubhubhile! Yhooooooooooo! Ubhubhile! Yhuuuuuu! Yhuuuuu yhuuuuuu! Yhuuuuuu yhuuuuuuu! Nesi! Nesi! Nesi! Neis! Nesi! Nesi!”

Kwaangena oonesi begxalathelana ukuza apha. Bonda ngalo ukhalayo sebephethe izinto zokutofa kakade.

Nurse: “Mbambeni! Hlaba apha engalweni! Uyangxola maaarn lobhuti! Bekumele ukuba uthunyelwe eLentergier kaloku. Oko kwayizolo elinye esenza ingxolo, eliyeza liza kumenza alale, ake aphumle. Kunini sisiva ngaye nengxolo yakhe”

Isigulane: “Hay! Asinguye lowo! Umkisiwe lo ungxolayo! Lo ufika namhlanje! And ebezotofwa yile inesi koko suke wayibhaqa lomfo, yabaleka”
Nurse: “Ayikho lento uyithethayo !wazi njani ukuba ndim obe ze apha?”
Isigulane: “Hay sisi uqhele ukuba ubaqhatha! Ndikubone kakuhle! Ubungena NAMETAG ngokuya ubudisa apha. Ngoku unayo!”
Nurse: “Hay'bhuti! Makube eliyenza likwenza dom. Kumele utshintshwe itreatment wena”
Isigulane: “Biza umphathi sibhedlele! Lento ndizakuyithetha mna pha kuye uqobo! Nguwe lo ubuze apha”
Gqirha: “What is going here? You are all noisy”
Isigulane: “Heke! Gqirha! Losisi nguye obulele lamntu ulele kulabhedi”
Gqirha: “Are you alright papa? What is wrong with you?”
Nurse: “I think we should change the treatment fro this patient doctor! He is no getting well but getting worse”
Isigulane: “No! No! No! Not treatment! I fine! This one kills this one now now”
Nurse: “See? I told you. We have to do something doctor”
Gqirha: “Wait a minute! What are you saying papa! Who kills who?”
Nurse: “I suggest you don't listen to him! He is insane”

Saphaka ebhedini ngoku isigulane sele sisolatha kuMpumezo. Saakhomba nkqo kuMpumezo. 

Gqirha: “What is wrong with him?”
Isigulane: “This one kill the drip to stop”

Waaze wasondela ugqirha kwidrip, wafika ngenene ivaliwe. Wafika ingathontsizi.

Isigulane: “Look here, the syrup of the bottle that was with her”

Caba ngoku iwayo lanaliti ibizotofwa kwidrip kaMpumezo ibiye yathontsiza. Nalo ke elayeza lise pha phantsi. Wathoba ke ugqirha ukze aqwalasele eliyeza aboniswa lona. Wafika kukwakho nenaliti eyophukileyo. Wabiza omnye kwabanesi bakwalapho. Take this evidence. Kusenjalo, kwangena iWard Matron kunye neManager.

Isigulane: “This one! I saw you! I know you! It was you! Doctor, look the phone. Take the phone! This one photor her. Take the phone”

Ukhombe nje ngentloko ugqirha, ze omnye kubancedisi bakhe wathatha laphone. Wayityhila-tyhila waya kwii photo. Naanko unesi eme pha. Uvele wonke! Kwezinye uyazama ukuzimela. Yho! Wanikisa ngephone kugqirha, yena ojonge nje ze wayigqithisa. Wonke umsebenzi walpho owaye ekwelo gumbi wayifumana lephone wajonga, wothuka. Suke wonke umntu watshintsha ngoku ebusweni. Ukuba ayebizwe ngubani amapolisa ayaziwa kuba kwakusele kukho oozakuthi abanxibe ezi blue, sebe bhinqele phezulu kakade. Kukhona nje eli polisakazi lisuke latyeba lona. Nantso ke inteshe yalo iqale ibuze impilo kuqala xa lingena emnyango. Suke labila lona, suke laleqa isitulo kuqala kucaca ukuba lidinwe kukunyuka amanqwanqwa eso sibhedlele. 

Suke wangcangcazela ngoku unesi kucaca ukuba ubhaqiwe namhlanje.

Nurse: “I need do speak with my lawyer”
Polisakazi: “Hay wethu! Khawume ngamagqwetha! Asikakubambi! Phofu sibizelwe wena? Mphathi! Ngubani lo sibizelwe yena apha? Sixakekile thina!? 
Matron: “Esi isigulane sitofelwe ntoni?”
Gqirha: “Who authorised the injection in this patient?”
Omnye unesi: “She did! She told us that you told her that”
Gqirha: “ I never did! Who gave you the authority nurse?”

Waqala ukunga uyaxhuzula ngoku uMpumezo. Suke waangcangcazela umzimba wakhe wonke. Waaphuma nento emhlophe ngoku nasemlonyeni kucaca ukuba uyafa. Koothuka wonke umntu ngoku egumbini elo, wonke umntu wonda ngaye.

Gqirha: “Quick! Take him to the lab! NOW!”

Waye enyukela ngoku uMpumezo inga uplagwe embaneni. Waaxhuzula kakhulu ngoku kwaye wonke umntu suke wathi pha!

Matron: “Nurse! What did you gave him?
Isigulane: (Shaking) “You don't have to ask. POISON!”
Manager: “Out of the way”
Gqirha: “Ring Doctor Von! Quick”
Omnye unesi: “I'm on it”

Gwije tshe! Umkile unesi lo utofe uMpumezo. Akazange abaleke nkosi yam kucaca ukuba hay limyile ngoku. Kodwa labe lihleli ipollisakazi emva kwakhe. Lambamba. Kodwa ubunokulidelela ke uhlobo elibaleke ngalo maaarn. La nesi ibhityile kodwa akhange ikwazi ukulishiya tu. Labe liduxuza emva lizisa ngesantya kazi esikhulu, nqaku.

Polisakazi: “Uyaphi? Gqwirhakzi ndini? Awukagqibi kaloku ukubenza namhlanje”

Yakhala iphone kanesi. Suke wayikhathisha yena. Yakhala okwesibini, nqaku usisi polisa. Wacula ilizwi.

Undertaker: “Sowubulele abangaphi namhlanje? Ubuthe kaloku usena 3 yabantu. Inokuba sele ubafumane nabanye ngoku. Kufanele ndikunike iR10 000 kule game, phezu kwalemali uzoyifumana ngabo bantu. Umsebenzi wakho uyancomeka kwaye ibusiness ihamba kakuhle kakhulu. Okanye kunganjani ndikuthengele imoto? Okanye indlu. Ungakhetha imoto ze ndikuthengele. Nam ndibona iyindlela yokuba ndithi enkosi kuwe leyo. Sizohlangana ke kwanamhlanje uvile?”
Polisakazi: “Ndicela ume kancinci wethu kusaxakekiwe apha. Lonto suke kwaa bhuzi. Sizobuya sithethe! Lonto suke ndanayo nefiva, yiyo onto ilizwi lam suke lalibi! Ndizobuyela kuwe ke ngento endiyifunayo”
Undertaker: “Kulungile wethu. Ndizakuva ngawe ke”

Sime net kanjalo bethuna.

#DOUO

No comments:

Post a Comment