Monday 6 January 2014

Scene #4.19

Ententeni.

Namhlanje, kwakugcwele kodwa kungazelanga ngalendlela siyazi ngayo. Zazikhona izitule ezikhoyo ezingenabantu. Uninzi lwalungekho, uninzi lwaye lungafaka sizathu songezi. Iindwendwe zaye zimbalwa namhlanje, ingathi bazile ukuba umfundisi akazubakho naye. Yonke into namhlanje yaye imbi, kwaqalwa late. Kwaye uLwando noSiseko baye bengadlali kamnandi namhlanje. Isystem babe beyivulele phezulu kakhulu. Zazimane zisuke zitswine ezi mics, zitsho ngengxolokazi enkulu. Umculo kwawona wawungadibani tu. Abasisi baculayo suke bangamayilo namhlanje, suke bayiloza kakhulu. Kwa ooSiseko basuke batswinise iikeyboards zabo, banyuse kwa iiKEY, ipotyalake ke ingoma. Suke ngoku yangathi usathana ume phezu kwentente, kuba kwa umthandazo wabo suke yangathi ubotshiwe, wawunganwo tu amandla.

Kwa uLindelwa lo uqhele ukuvutha, suke wasindwa naye ngoku yimvuselelo inga akathandazanga. Kwakunzima, ndlela le yayirhuqeka ngayo imvuselelo. 

Abanye abantu basuke bajame bejonge phambili, bengaculi, bengaqhwabi, bengenzi nto tu. Abangathi makuphakanyiswe izandla uLindelwa, suke iba ngathi bayagoloza kwa oko kuphakamisa ezo zandla. Athin ucela kucinyelwe, suke bathu phuhlu-ndunya amehlo abanye abantu. Suke yamdika kwale yokuhlabelela ngoku uLindela. Aphathe kushwabula, aphathe kubacenga, aphathe kubagromba koko akwalunga tu. 

Kwa ukunikela kwakunzima. Imali suke yancinci namhlanje. Washwabula wancama utata owayenikwe ukuba ashumayele abize umnikelo. Waphatha naye ukushwabula koko baqina abantu abeza namali. 

Yaanikezelwa inkonzo kuSiyabulela ozakuza nezwi lalo mini. Kwaye ume pha kuqala wake washwabula naye. Esithi, yilento kungekho umfundisi namhlanje nha lento kunje emvuselelweni. Okanye abantu bade bona kuba bebancinci nha? Okanye kukhethwa ubuso.

Kodwa wake wazama ukuhlabelela ngokwakhe naye. Kodwa ke shame elakhe ilizwi alimnandanga tu. Liyarhwexa kwaye libi shame. Uyayiloza ke indalo ubhuti wakho koko uyakuthanda ukuhlabelela. Waacula umchabelelo othi; “Alikho igama elihle nje ngalo! Libongwa ngabantu! Libongwa nazi ngelosi” Wawucula ke kuntenga-ntenga kunjalo umhlabelelo wakhe. Kodwa kungavumi tu. Wancama waya ezwini.

Lindelwa: (Efunda ibhayibhile) “Marko Chapter 8 verse 34! Incwadi okanye ibhayibhile kaNdikhoyo ifundeka kanjena; “34 Esibizele kuye isihlwele, kwanabafundi bakhe, wathi kubo, Osukuba ethanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele. 35 Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke yena othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, nangenxa yeendaba ezilungileyo ezi, wosindiswa”

Siyabulela: “Ndicela ke siyifunde nange bhayibhile ye english bazalwane! Ngubani oza kusinceda? Funda sisi”

Thembela: “Mark Chapter 8 and we will start to read from chapter 34; “Then Jesus called the crowd and His disciples to Him. “If anyone wants to come with me,” He told them, “he must forget self, carry his cross, and follow me. 35 Fo whoever wants to save his own life will lose it; but whoever loses his life for me and for the gospel will save it!” Amen”

Siyabulela: “Yeyphi leyo iversion sis'Thembela?”
Thembela: “Ngu-Good News brother”
Siyabulela: “Amen! Enkosi sisi! Hlala phantsi”
Siyabulela: “Thandazela izwi sisi”
Thembela: “Baba eli lilizwi lakho! Thetha ngomkhonzi wakho Jehova! Uthethe intwentsha empilweni yethu ngaye! Utyale intwentsha Nkulu-nkulu wethu ngomntwana wakho! Esamile phambi kwethu Nkosi membathise ngamandla! Ubeke ilangatya encamini yolwimi lwakhe! Ubeke ubulumko kuye Jehova! Mnikeze amandla Nkosi! Amelane nemimoya engendawo! Ndithethela yooooooonke imimoya yobumnyama! Imimoya engendawo! Imimoya ak sathana! Imimoya emelene nelizwi likaThixo! Iyatsha ngegama lika Jesu! We Thank You Jesus! Amen”
Siyabulela: “Amen! Siyabonga moya oyingcwele”

Uke wema uSiyabulela ngoku, ecimele. 

Siyabulela: “Uyacetyiswa namhlanje! Ncama! Oh! My my my my my! Ncama konye! This is Jesus, ethetha nankitha yabantu kunye nabafundi bakhe! Esithi, ukuba ubani uthe wazincama walendela man! NdinguYesu! Wosindiswa! Kodwa ukuba uthe wagcisa wena ngobo bakho ubomi! Wotshabalala! Oh my God! Bangaphi nha abantu abancama ubomi babo bencamela ukwenza umsebenzi kaThixo? Bangaphi na abantu bencama ubomi babo bencamela ukulandela uYesu? Ubusazi nha mzalwane wethu ukuba, xa sukuba wena awabuncama ubomi bakho, ze ulandele uYesu, ze wenze umsebenzi kaThixo, uyakutshabalala? Abantu abaninzi bayakhonza kodwa izinto zabo abazincamanga! Bayakhonza kodwa basasela! Basajola! Basabulala! Bsahleba! Savimba! Basathuka! Yhewethu! Kumele uncame kwaanto! Ujongane noYesu kuphela! Uncame ubomi bakho bakudala, ngokuya wawungasindiswanga wawusenza izinto, ngoku usindisiwe kwaye uzibiza ukuba umntwana kaThixo! Khawuncame wethu ubomi bakho! Usindisiswe! Buncamele uyesu! Uyekele kuye konke okusempilweni yakho! Ncama! Ncama! Ncama! Ncama! Ncama! Ewe, abantu bazothetha izinto ngawe, bazokuhleba, bazokwenzela namayelenqe to proove the point yokuncama kwakho! Kodwa, wena yekela kuYe akuthwalele! Uncame ubomi nje, ubunikezele kuye ukuze yena akuqhubele ubomi bakho! Kaloku, xa wena ubunikezele kuYesu ubomi bakho, uqhutyelwa ngu driver oneempepha kaloku. Kwaye wena uhlala nje kwi passenger seat, umyeke akuqhubele ubomi bakho! Wena kumele nje ucame konke! Uncame konke! Uncame konke! Mnta ka baba ncama! Ncama! Ncama! Ncama! Ncama! Ncama! Nokuba abantu sebegqibile ngoobo bomi bakho! Ungabinaxhala! Ikhona indoda yamadoda! Nokuba sebegqibiiiiiiiiiiiiiiiiiiiiiileeeeeeeeee! Suwara! Ncamela uYesu kuphela! Jesus!”

Kwakuthe cwaka tu. Wonke umntu eqonde phantsi. Kungekho mntu ushukuamayo. Lenkonzo yabanzima nakumshumayeli. Kuba kwakungekho kwamntu unikeza ihlombe kulomntu ushumayelayo. Abanye basuka baqubuda. Abanye abahoya suke bazidlalela ngee phone zabo. Abanye suke bamana besebezelana. 

Siyabulela: “Yhe maaan! Suka kulendawo ume kuyo! Ncama uze kuYesu! Ncama iboyfriend yakho! Uncame igirlfriend! Uncame loomakhwapheni! Uncame obotywala! Uncame elo cuba! Uncame ezotshomi! Uncame looBent10! Uncame looShugardaddy! Uncame loo Shugarmama! Uncame elogintsa! Ncaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaama! Ncama loolndlela usele uzikhethele yona! Iza kuYesu! Ikhona indlela enguYesu! Uthi 'Ndim indlela ndim inyaniso!' Awuyifuni nha inyaniso enguYesu! Kodwa kumele uncame konke ukuze akuhlangule! Uyahlangula looYesu bangcwele! Uyahlangula! Uyahlangula! Uyahlangula! Uyahlanguuuuuuuuuuula!”

Ngelithuba, kwathi thu emnyango umfundisi uBulelani. Esanxibe ezaapijama zokulala ebe ezinxibe ngokuya abetha unkosikazi wakhe. Waake wema emnyango kodwa uSiyabulela akazange amazi ukuba nguye. Kwa ihlobo eli anxibe ngalo yena suke lambhida. Weza ngaphambili umfundisi kwindawo aqhele ukuhlala kuyo. Kodwa woonke umntu phethuthu ukumjonga. Suke ngoku abanye babamba imilomo kukothuka. Abanye bakrwecana bekhombisana ngaye. Kodwa akazange anake umfo omkhulu weza ngaphambili, weefokohlo esitulweni sakhe.

Siyabulela: “OH madoda, siyibethele izandla indoda kaThixo isangena ngaphathi kwethu! Utata esimthanda kakhulu! Utata wezizwe! Utata wethu sonke!Ungutata oqotho bangcwele! Utata onomfazi oyedwa! Utata onenkathalo! Uyambona nangoku, akakwazanga ukungezi, nokuba sele engaphilanga! Uyambona ukuba uvuka ebhedini! Kodwa ke siyambulela ukubakho kwakhe! Ancame ibhedi eze ebantwaneni bakhe”

Zaaqhwatywa ke ezo zandla libandla kakhulu. Wabe yena uSiyabulela emtyibela ukumbonga utata wabo oncame ibhedi weza kubo sele enxibe ipijama. Makube utyhilelwe nto sele elele koko akakwazi ukuthatha ithuba elide anxibe oknaye alungise. 

Waahlala ke umfundisi ecuphile esitulweni okomntu opreseke kakhulu ngumntsontso. Kodwa suke waliphakuphakwana elimana libhekabheka. Suke akazinza ukuhlala oku, wamane etshintsha imilenze, omnye awubeke phezu komnye, nomye awuse phezu komnye. Aphathe kubeka izandla entloko, aphathe kusonga iingalo, aphathe kugquma ubuso. Wayemana esosula ke into engapheliyo, ancinde ke nasemlonyeni ahlikihle kulendawo afuna ukuzosula kuyo.

Siyabulela: “Abantu abaninzi babhenela emaxhweleni bakuxakwa zizinto! Bathathele kubo ubunzima babo! Abanye de babe ngoosathana ngokwabo! Baxakwe yimeko! Yekela imeko! Iza kuYesu nemeko yakho! Yebangcwele! Akudingeki wena ukuba unyusane nemikhono, ulwe ngokwakho! Ube uzilwela! Uzakubulala abantu ngalamandla akho! Kodwa yekela kuThixo! Yiza kuThixo!”

Lindelwa: (Esebeza) “Yewena! Jonga umfundisi esihlangwini! Unegazi!”
Thembela: “Lonto usuke waphatsha!”
Lindelwa: “Inokuba bafikelwe zizikoli! Kodwa kutheni enxibe iipijama?”
Thembela: “Uyambona phofu unemikrwelo nasentanyeni nasebusweni?”
Lindelwa: “Ingathi uyoyika kodwa shame”
Thembela: “Lihlazo kodwa eli lomfundisi oze ngepijama ententeni”

Siyabulela: “Ncaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaama! Ngubani oncama konke namhlanje? Yiza ngaphambili ngoku! Uncame konke uzithathele uYesu!”

Pastor: “I'VE KILLED MY WIFE”

Wadanduluka watsho umfundisi, sele eguqe ngedolo ephakamise izandla zakhe phezulu ngaphambili. Egixa iinyembezi zizihlela ngezidlele. Suke wagxwala ngoku umfo wakwaThixo, kwee cwaka ententeni. Bayeka ezo keyboard oSiseko, bayeka ezoMICS ooLindelwa kwathi cwaka ententeni, umntu wonke etsale iindlebe.

Sizeka: “Uyaqeqa ndoku umfundisi?”
Thembela: “Kwazi bani?”
Sizeka: “Cela ubrother Siya acele athandazelwe ngoku! Engekathathi indawo amadimoni”

Wayohlebezela uSiyabuela ngoko nangoko uThembela ngokomyalelo kaSizeka.

Siyabulela: “Eli dimoni lithethayo kumfundisi lizakuphuma ngoku! Bazalwane, ndicela sonke siphakamise izandla zethu kutata wethu! Likhona idomini elimngenileyo! Siyazakulikhupha ngoku! Ngomlilo wezulu! Heyi wena sathana! Phuma kuye! Phuma! Phuma! Phuma! Ngegama likaJesu! Ngegama lika Jesu! Phuma kuye! Phuma! Phuma! Hey nina madimoni! Phumani! Phumani! Phumani!”

Kanye xa kwakukweso sithuba, kwangena amapolisa amane emnyango wentente, alaqaza, aphunguza, ajonga jonga. Kwaangena ummelwane kamfundisi naye weza ngaphambili, waphunguza, wakhangela. Kwaye kukho ipolisa elilapha ecaleni kwalo sisi. Wakhomba umfundisi oguqe phambi kuka Siyabulela yena othandazayo ecimele ekhupha idimoni kumfundisi. Onda ngaye amapolisa. 

Make sibe sisima ke apho ke. Kwixa elizayo.

#DOUO

No comments:

Post a Comment