Monday 6 January 2014

Scene #4.7

Ngoku sele sise ntenteni, umfundisi sele esendimeni enkulu yezwi. Kugcwele kumiwe nangeenyawo. UMpumezo akekho yena kodwa uBonisa sele ekhona. Umamfundisi, umana ephuma ajikele ngapha kweemoto achame. Nomchamo ngoku uya umtshisa kodwa suke ubemncinci kwawona. Wayethwele eso sikade ke somana eyothutsula achame ngaphaya kwee moto. Yaye phofu imcaphukisa ke lento kodwa wagqiba kwelokuba uzocela ake athandazelwe xa kuthandazwa emva kwentshumayelo. Wabuyela phakathi.

Pastor: (Ententeni) “Bazalwane, mamelani. Usathane, uyacwangcisa ngawe xa sele ekufuna nyhani! Akakhathali nokuba usindiswe kangakanani okanye ume ndawoni entsindisweni. Kodwa the devil tries by all means to distract you. OH! Yes! Uyakufunda usathana mzalwane wam! Ade azi nohlobo othandaza ngalo wena! Kaloku, uyankqaya wena! Uyakwazi! Mamela! The devil doesn't have time to waist, but finds time to loo you away from God if he can. Lent'ikanje wena, uhlala uzingomba isifuba saying akasoze akwenze niks usathana, kucaca nje ukuba wena ubhekene nosathana ngamaxesha onke instead of nursing your faith kuThixo. Umyeke usathana adakase kodwa wena amehlo wakho uwabhekise kuThixo! Kulapho uncedo lwakho luvela khona! Bhekisa amehlo kuThixo! Hebazalwane! Hlala endaweni yokubalekela! Unayo kusini nha indawo yokubalekela? Khazijonge ukuba usenayo nha indawo yokubalekela! Umyeke usathane athathe zonk'ezinye iindawo zakho kodwa hayi indawo yokubalekela! Indawo yokubalekela! Indawo yokubalekela! Kumele ulumkele usathane angayithathi indawo yakho yokubalekela! Mamela! Ukuba ubalekela endlini kaThixo, kumele uyithathele ukhanyo indawo yakho yokubalekela! Hlala! Khawuhlale kwindawo yakho yokubalekela! Haleluya! Ungafiki sele engaphambili usathane, ehleli kwindawo yakho yokubalekela! Mamela, wena ubaleka ukuhletywa ngaphandle, kodwa ungafiki uhlebe ngaphakathi endaweni yakho yokubalekela. Ungabaleki ukujola ngaphandle, kodwa kwa wena ufika ujole okanye ujolise ngaphakathi kwindawo yokubalekela. Gcina ngcwele indawo yakho yokubalekela. I don't care nokuba kwenzekani ebomini bakho, kodw'indawo yokubalekela yigcine ngcwele! Yamkela ngobubele abanye abantwana bakaThixo ababalekela kuyo lendawo ubalekela kuyo. Ukuze bangabaleki kwa wena inga babaleka umtyholi. Yiba nendawo yakho yokubalekela, lakufika utshaba olungusathana, yiba nendawo yokubalekela. Wakufikelwa zizilingo kunye nokufa, balekela endaweni yakho yokubalekela! Baleeeeeeka! Baleeeeeeeeka! Yiya endaweni yakho yokubalekela! Hlaaaaaaaala! Endaweni yakho yokubalekela! Ungagungqi! Ungesabi! Unganyakazi! Uhlale endaweni yakho yokubelekela! Kuyahlaaaaalwa endaweni, yokubalekela! Nyuka uze ngaphambili ukuba ufuna ukuphila. Nyuka uze ngaphambili ukuba ufuna indawo yakho yokubalekela! Nyuka! Nyuka! Nyuka! Nyuka! Iza endaweni yakho, yokubalekela! Iza! Iza! Baleka! Baleka! Baleka! Woza endaweni yakho yokubalekela! Ukhona uYesu, oyindawo yokubalekela! Iza kuYesu! Yiza! Yiza! Baleka! Gijima! Gijima! Balekela endaweni yokubaaaaaaaleeeeeeekeeeeeelaaaaaaa! Baaaaaleeeeeeeeeeekaaaaaaaa! Mokhoshandalabasanda! Baleeeeeeeka! Indawo yokubalekela! HoooooooooooooooooooO! Baleeeeeeeeekkkkkaaaaaaaaa!”

Waye eyibambile umfundisi imvuselelo yangokuhlwa kwaye indoda kaThixo yabe ithandazile ngakumbi. Kuba kwenyuka inkitha phantse yonke yentente befuna lendawo yokubalekela. Kwenyuka omncinci omdala, onesihlalo, ongenasihlalo. Kwenyuka nkqu nomamfundisi imbala, exhome izandla naye ukuze afumane lendawo yokubalekela. Baye uninzi luxhome izandla phezulu.

Pastor: “Hey! Ungaphoswa yindawo yokubalekela! Iza endaweni yokubalekela!”

Zenza umsebenzi wazo ke nazo iiushers ke nkosi yam. Zinceda abafuna ukuncedwa, zigquma abawileyo, zilungisa abalele kakubi, zimisa abanye ngeline ukuze nabo bafumane ukuhoywa ngumfundisi. 

Kwangena ke noMpumezo emnyangweni wentente kucaca ukuba uyafika, kwaye ulate kakhulu, kuba ngoku sele kwenziwe yonke into, sele kuzakuthandazelwa abantu ngumfundisi. Wacothoza kabuhlungwana ke ukuza enyuka esiza ngasendaweni aqhele ukuhlala kuyo. Waabonwa nguSiyabulela ukuhamba kwakhe kabuhlungu oku, ze wamkhawulela, wamtotobisa ukuhamba oku ukuya esitulweni. Ye maarn, uyagula uMpumezo bethuna. Yhini sisono esi. 

Pastor: “Mamelani bazalwane! Ningakhe nilinge niye kubathandazeli! Ningakhe niye emagqirheni! Ningayi kwii fortune tellers! Ningakhe niye kumaxhwele nezangoma! Hay! Hay! Hay! Hay! Ningaaaaaayi! Iza nje kuphela endaweni yakho yokubalekela! Nokuba ugula yintoni! Nokuba unantoni! Nokuba kubuhlungu ndawoni! Ikhooooooooooon'indawo yokubalekela! Iza endaweni yokubalekela!”

Bakhona ke aba badla ngothensa ke bangayi, kodwa ngoku ihophu eninzi thacu ukuya ngaphambili nayo. 

Pastor: “Angeke ubalekele kumyeni wakho! Ungekhe ubalekele emfazini wakho! Awunakubalekela kwi boyfriend oknaye kwigirlfriend, ungenakubalekela kwi family okanye kubahlobo hay hay hay hay ikhona indawwwwoooooooooo! Ikhona indaaaaaaaaawo! Ikhonaaaaaaaaaa! Ikhonaaaaaaaaa! Indawo yokubalekela! Ikhona! Iza kuyona! Izaaaaaaaaaa”

Siyabulela: “Yintoni mfondini?”

Wavela wanikina nje intloko uMpumezo suke zehla iinyembezi. Uhlobo awayehleli ngalo ke esitulweni, wayehleli ngomsila. Intamo ingqiyame ngalendawo yokuxhasa umqolo esitulweni. Eyivule nkabalala imilenze le yakhe inga ufunda ukuhlala itwetwe.

Umamfundisi uyibona yonke lento, wathoba ezo zandla zakhe wasuka nakuloomgca wonda ngoSiyabulela noMpumezo. Ufike wagoba naye pha kubo weva lento ithethwayo pha. Wayesele ethetha ngoku uMpumezo nabo kodwa ilizwi lakhe lisatshile, sisehlo sasemini namagqirha. Wayenuka kamnandi kucaca ukuba akakayisebenzisi impepho kunye nezinye izinto, phofu asazi. Kuba lalingekho kwa elavumba lasemini langaphaya komdiya-diya. 

Wabambelela emlonyeni ngoku umamfundisi kunye noSiyabulela, bevelana nomzalwane wabo. Inoba ikhona lento aithethe kubo ngalemeko yakhe. Wayenxibe vuxalala kodwa umfo, ingenguye lo simaziyo ngeesuti zikanokutsho. Wayenxibe ijini enkulu kuye, ihempe kunye nesilamba esikhulu. Efake umnqwazi oshushu wasebusika, ewutsale wanga angawagquma amehlo.

Wabathandazela bonke umfundisi abazalwane ababefuna indawo yokubalekela. Akugqiba wayokhletyezelwa ngumafundisi. Elixesha yena azosula ukubila ebusweni, emana ukunyusa ibhulukhwe yakhe ezama ukuhlohla ihembe yakhe. Wanqwala ngentloko ke naye! Nomamfundisi wabhekusa kuSiyabulela ebumkhweba. Nomnye caba wayazi ukuba kuthethwa ngantoni, wonda ngoMpumezo, wamncedisa ukuphakama. Kwabe sele kubekwe isitulo ngaphambili. Wachotshiswa.

Pastor: “Sinenceku yethu bangwele! Nantsi phambi kwethu! Ndicela siphakamise sonke izandla zethu kuyo! Simcele uThixo ukuba amkhulule, amncede. Uphethwe ngamathumba bangcwele, kwaye amqale izolo. Into embi ke alapha emaphakathweni akhe kwaye niyambona ukuba kunzima nokuhamba. Sizakuwathandazela loomathumba ke aphele! Akasoze asiphoxe ke uThixo! Uzakuphila lomzalwane usathana ethanda engathandi. Kakade usathana uziva enoloyiko kuna umzalwane wethu akavani nosathana. Namhlanje usenkingeni! La amathumba akuye! Ayaphela ngegama lika Yesu! Thanda kulondawo ukuyo mzalwane, utshise elidimoni lamathuma! Biza igama likaJesu, ubize umlilo wezulu, utshise lamathumba aphume kumzalwane wethu. Umbize ngegama, ulande igama lakhe emkhathini. Kakade igama lakhe libhaliwe kwasathane, lamathumba ayi sign yoko. Mbize! Mbize! Mbizeeeeeeee! Mlande mzalwane! Mlaaaaaaaande! Devil is the liar! Akanagunya ngobomi bukaMpumezo! Mbiiiiiiiiiize!”

Baathandaza ke abazalwane becenga uThixo ngenceku yabo efunyenwe ngamathumba ngesaquphe nje. Baathndaza becela uThixo ukuba amphilise ukuze abuye ashumayele ivangeli. Babelibiza ke igama lakhe, belikhwaza ngeyona ndlela.'

Naye ke uMpumezo wayexhome izandla zakhe phezulu, Ebanjwe entloko nguPastor, umamfundisi yena embambe amagxa, namanye amadoda kaNkulunkulu esalatha apha kuMpumezo, enga athi “Sathana! Phuma kulomzimba ngegama likaYesu! Phuma! Phuma! Awunagunya kulomzimba! Siyakuthethela! Phuma uphele! Hamb'uhambe! Phuma!” Abanye beqhwaba izandla abanye bexhumaxhuma ukuthandazela uMpumezo wabo.

UBonisa yena, wayeme bhunxe, erhole amehlo ebambelele emlonyeni. Emana enikina intloko suke ange uqhwaba izandla kodwa wayemangazekile yena mntu uyaziyo lento. Kaloku, uzazi yena inguye ongqube uMpumezo izolo. Makube ke ebenamathumba kakade suke yonke lento wayosulela kuye. Tyhini! Inani na ke lendoda? 

Sime ke apho okwa ngoku.

#DOUO

No comments:

Post a Comment