Monday 6 January 2014

Scene #5.4

UMpumezo wafumana umyalezo ovela esibhedlele. Wawuvela kumamfundisi ecela ukumbona. Yamenza ixhala kodwa lento kuba kaloku banento abanayo nomamfundisi le, ngoku kuthen ezakubiza yena ngoku xa sele esesibhedlele. Khona, kutheni efuna ukuvelelwa nguye khona? Makube ufuna ukuncedidwa kwenye into, okanye ufuna ukwenzelwa into. Okanye kungenzeka uyamkhumbula shame, kodwa ke phofu naye uMpumezo, unayo indawo emcingayo umamfundisi shame. Uyakhumbula! Uyayazi ukuba ngeke adinge mali ekhona umamfundisi wakhe. Angeke alambe! Ubesoloko emkhathalele kwaye emphethe kakuhle. 

Ugqibe kwelokuba aye kwesi sibhedlele akuso. Kodwa makacele ukukhatshwa ngugxa wakhe uSiyabulela ukuze afumane amandla. Kalolu, ihlobo abamchaza ngalo abantu alithetheki, bathi unximfi-nximfi ebusweni kukudumba kwaye amehlo akabonakali tu. Waacinga kanene ukuba angamphathela ntoni nha etyiwayo kodwa akafumana nto. Wazama ukucinga kodwa ha.a nkqi.

Siyabulela: “Andiqondi ukuba sele ekwiqondo lokuphathelwa izinto okwangoku. Masiye ukuze sive ukuba ukubizela ntoni nha umamfundisi, ukuze uzame ukumnceda apho ke. Ukuba ikhona into ayidingayo, singaphinde siyise ngokuhlwa mfo kabawo. Noko singathi chu nangeenyawo kuba nasi esi sibhedlele saseMitchell's Plain ngapha kwendlela uR300 lo. Akuncedi ukuba sizisindise ngezinto ukuya pha kanti sizakuphinda sijike nazo kuba kusithiwa imeko yakhe imbi. Masiyova kuqala”
Mpumezo: “Kuthe ingxamisekile ke tata! Lonto ithetha ukuba asinakulinda ixesha lokundwendwela ke ka bawo! Masiye”
Siyabulela: “Siyakhwela okanye siya ngeenyawo ke ntanga?”
Mpumezo: “Ungaxhali wena! Sizakukhwela sobabini! Imali isanele”
Siyabulela: “Ewe maarn! Kuba kwa wena awukabikho kwixabiso okanye kwiqondo lokuhamba umgama omde”
Mpumezo: “Kanti ndiphilile mfo kabawo koko lelinxela lilapha phantsi kwekhwapha eli lindityayo. Kodwa liyakrwaqa noko”
Siyabulela: “ Inxeba? Wakuhlaba nha lanesi wobugqwirha?”
Mpumezo: “Ewe wandihlaba! Ha! Ha! Ha! Kodwa inaliti! Inxeba eli kwakufakwe upipe ofunxa ukufa oku kwakufakwa apha kuma ngaphakathi! Likhulu nantsika”
Siyabulela: “Nyamezela mfo ka bawo!”
Mpumezo: “Igcwala kade nale taxi maaarn”
Siyabulela: “Kusekusasa kaloku, abakabikho abantu abaya edolophini! Kodwa ikhona leya itaxi ivela pha ngaseLanti, ivela kuqokelela! Ingathi igcwele kwayona! Ewe izele qhu!”
Mpumezo: “Kwaangcono! Masihlale apha emva kodriver ukwenzela sehle lula! Err driver?”
Driver: “Bhuti?”
Mpumezo: “Usibambele ehekeni ke kwesi sibhedlele sitsha ke! Iheke mos uyayazi?”
Driver: “Ewe mlungu! Kulungile”
Siyabulela: “Ndothuswa nayilento yokuba sele sisebenza esasibhedlele”
Driver: “Kudala bawo! Sele sisebenza”
Mpumezo: “Sendingxamele nje mna ukusibona ngaphakathi! Igcwele ngoku mfo kabawo! Yirhuqe”
Driver: “Bayasincoma abalele kuso! Kodwa sikhuzwa ngeekati ezininzi eziyaluza pha ngaphakathi kuso! Kuthwa kukho nje imfumba yezikathi kwaye uninzi lwazo zimnyama”
Siyabulela: “Iikati? Zifuna ntoni ke ngoku esibhedlele? Bathwele ngazo nha?”
Mpumezo: “Akukho apho kungathwalwayo tata! Kodwa ke ziikati ezivela phi ezo? Utsho ukuba sele kukho imfumba yomkhosi wamagundwane nha kwesi sibhedlele?”
Driver: “Akho waziyo bawo! Koko ungalibali kaloku ukuba ibilihlathi eli kokhiwe kuso esi sibhedlele! Kusenokwenzeka amagundwane awafuni kutelekiswa, kaloku ngumhlaba wookhokho bawo nawo lowa! Ha! Ha! Ha! Abhokile”
Siyabulela: “Ha! Ha! Ha! Uthini nha mfo kabawo! Amagundwana awasuki nawo ngenxa yokubanga umhlaba! Haaaaaaaaaaaa! Andinangayihleki ke leyo”
Mpumezo: “Yinto ayicinge ngaphi umfo le? Ha! Ha! Ha! Kwek usile maaarn”
Driver: “Nyhani madoda! Yicingeni lento! Nantsi ke le gaythi kungenywa kuyo! Buzani kwabamantshingilani ukuba niye ngaphi! Kodwa iskude endleleni noko esisibhedlele”
Mpumezo: “Oh enkosi bawo! Siyabulela! Kodwa asikayifumani itshintshi yethu!”
Drive: “Aninayo iR2 ndininike iR20?”
Mpumezo: “Ngamaphepha odwa bawo! Awunayo wena Siya?”
Siyabulela: “Andinayo nam yihlo”
Driver: “Inani! Akukho ngxaki madoda”
Mpumezo: “Usikeleleke bawo! Enkosi”

Bangena ngesango elisingisa esibhedlele, bake kuqala bapokothwa besetshwa ngalamadoda asebenza pha egeythini. Abakhombisa ke umzila osingisa esibhedlele, wawye umde ke noko! Kwakukwakho nenja yamapolisa ke apha enkulukazi. Yaye ibotshelelwe pha ngasemnyango wendlu yoonogada. Imnyama thsu! Inamazinyo amade kunene, ilive phuhle loonke olwalwimi lwayo inga idenge ngamanqatha. Baacwezelela kude kunayo ke noorheme ukuze kungaphazanyiswana. Otherwise kunganzima madoda.

Beenyuka ke ngomzila lowo ubasa ngqo kwesasibhedlele. Zaamane zisithi thu letshe ke neezokati zimnyama bezixelwa ngudriver wetaxi. Babesothuka ke inge bangabaleka, yayingathi zizilwanyana zasendle ezinye iikati uhlobo ezazinkulu ngayo, zazilwathuza ukuhamba oku. Zinyantsula inga ngumhlaba wazo lowo. Ezinye zazibabeleka abasicatyana ukubaleka oku, inga ziyaqala ukubona umntu.

Bathi bakungena ngaphakathi ooMpumezo, yangathi bangele emall kuba yonke into yalapho yaye ishayina, isagqunyiwe ngeplastiki, isentsha kraca. Kwasedongeni akukho lemibhalo mininzi ufike ixaka esibhedlele ixhonwa eludongeni. Yonke into yayinuka ubutsha. Kwakungekho bumba lamayeza okanye ivumba leepilisi koko kunuka isiqholo esinuka kamnandi esifakwe apho. Bake baqala babuka kuqala ubuhle kunye nezinto zelixesha ezikhoyo kwesasibhedlele. Letshe zona iikati kwalapha ngaphakathi kwesakhiwo. Iikati? Ngaphathi esibhedlele?

Mamfundisi: “Ndicela ukuthetha noMpumezo yeswa kuqala! Ndicele ube ulinda apha ngaphandle Siya mntanam”
Siyabulela: “Kulungile mamzo! Ndiyavuya ukukubona ube uphilile! Inkosi mayibongwe ngokusinda kwakho! Siyabulela!”
Mamfundisi: “Ndiyabulela”

Waaphuma ke noSiyabulela esabethelwa luvalo eenjalo. Umbono noko waye umbi. Wayebhandeshiwe umama intloko le yonke. Kuvele nje iimehlo lalinye kodwa elinye ligqunyiwe. Ingalo yasekunene ifakwe isamente. Enamabhandeshe avele nalapha esifubeni kucaca ukuba nomonakalo ukwakhona apha emzimbeni koko akakwazanga ukuwubona kuba umama wombethiswe ingubo. Waphuma umfo wake wayozibukela isibhedlele esi. Kwakusathe nkcwe ke kucaca ukuba akukabikho mntu mninzi apha kuba kakade sisavulwa. 

Mpumezo: “Imbi ke lento ndiyibona apha! Uziva unjani mamfundisi?”
Mamfundisi: “Ndiyaxolisa Mpumezo! Ndikhulelwe umntwana! Lo mntwana ngowakho! Kuba besele ndingasalali notata umfundisi! Nawe uyayazi lonto! Sezo sizathu ke esibangele ze ndibethwe! Kwaye ebezama ye ukumbulala! Koko oogqirha bathi umntwana akenzekanga nto koko ukhula kakuhle. Uphantse wandibulalela usana lwam uBulelani?”
Mpumezo: “UBulelani? Ngubani ngoku lowo? Ikwa yenye indoda yakho?” 
Mamfundisi: “Ligama likamfundisi wakho kaloku elo”
Mpumezo: “Oh! Ukhulelwe? Umntwana ngowam? Ahy'andikholwa tu!”
Mamfundisi: “Kwaye kufunyaniswe ndi HIV positive Mpumezo! Ndicela usole uzijonga nawe! Ukwenzela uzazi!”
Mpumezo: “Mna? Andina nex mna! I did the test and I am Negative”
Mamfundisi: “Oh! Thanks God! Makube ndiyifumene kulambulali unguBulelani! Ndiyamzonda ke lamntu! Undenzakalisile!” Yhu! Yhu! Yhu! Yhu!”
Mpumezo: “Musa ukulila! Kodwa ke le yomntwana andikholwa tu yiyo! Mna ndimithise? Ngoku ndifunayniswe ndine STI? Kuyacaca ukuba ndiyifumene apha kuwe ke yazi! Kuba wena you are HIV positive and its highly possible ukuba ubuzazi kwaye ubufuna ukundosulela! Nhe? Ubufuna ukundidyobha nhe? Ubufuna ukundibulala mamfundisi? Ubuzazi? Ubuzazi nhe? Ndiyabuza! Thetha!”
Nurse: “Bhuti! Uvakala down the coriddor ukuba uyangxola! Please keep it down please! And please do not yell kwisigulane”
Mpumezo: “Uxolo nesi”
Mamfundisi: “All I am saying is that, thisi is your child lo ndimthweleyo”
Mpumezo: “Kutheni uzakuqiniseka ukuba ngowam? Yho! Bazakuthini abantu? Umdala kum! Ebandleni bazokuthini? Hay hay hay hay! Ekhaya athini umama? Sukundityhola!”
Mamfundisi: “Mpumezo! Andithi nanku umntwana yondla! Ndiyakuxelela qha wena ukuba undenze nzima! Kukuwe ke ukuba yithini! Andixakwanga kaloku ukuzikhulisela umntwana wam am! Ngowam kakade. Kukuwe ukuba uyafuna okanye awufuni ukuba yi-part and parcel yobomi balomtwana”
Mpumezo: “Umyeni wakho umxelele yena? Uthini?”
Mamfundisi: “Andikamxeleli! Kodwa ndiza kumxelela net ukuphuma kwam apha okanye ndimyeke azibonele! Kodwa namxelela ukuba ndikhulelwe! Naye waphika ecinga ukuba andizazi ukuba ndikhuleliswe ngubani! Mpumezo! Amagazi ethu aabashushu ngokuya sasidibana kwenzeka lento ke! Ukuba awukholwa, linda umntwana ze wenze iDNA, ukuba akuzube ku too late for that mhlawumbi”
Mpumezo: “Hay mama ndini wandityhola ngomntwana ngoku kutheni? Indoda yakho? Ewe salala sobabini lonto ayithethi ukuba ndakumithisa kaloku! Ayithethi ukuba ndim oqhufuze iqanda lakho! Tyhini! Utheni ngoku watyhola mna? Ngumyeni wakho okunike iAIDS ukuba wena awunayo enye indoda, phofu wofika unayo ndlela le utsha ngayo maarn! Bekutheni ungakwazi ukulinda emzini wakho wena? Jonga ngoku, uHIV andi uzohambe utyhola abantu! Yhu! Asoze apha kum! Naqhela ukundityhola! This time andivumi! Umithiswe ngubani wena? Kuba asindim tu kaloku!”
Mamfundisi: “Nguwe Mpumezo! Kulungile ungahamba ngoku! Qha okusalayo ndikuxelele! Nguwe utata womntwana wam! Ukuba uyathanda okanye awuthandi kukuwe! As long ndikuxelele qha mna! Hamba ke toto!”

laabonakala elamehlo likamamfundisi lisihlelwa ziinyembezi ngoku. Suke zathi waxa ukuhla oku zibanjwali libhandeshi ke kodwa. Wazama umama wabantu ukuthatha ingubo esosula ngalengalo ingenanto.

Naanko ephuma ngomnyango noMpumezo ejwaqeka ngumsindokazi onkhulu anawo. Zazimcaphukisa kaloku noko ezi iindaba.

Sime apho ke zinantsika zikaMpesh. Sibonane mathunzi.

#DOUOM

No comments:

Post a Comment