Monday 6 January 2014

Scene #4.12

Umphathi sibhedlele: “Kwaye senza ngako konke okusemandleni ethu ukusindisa ubomi bakhe ubhuti. Kodwa nani sicela ukuba nisincedise ngomthandazo ukwenzela ukuba inkosi imvuse”
Pastor: “Siyakuva sisi. Kwaye siyathembisa ukumbeka emthandazweni, ze nani singanilibali ukuniyaleza kuThixo”
Umphathi: “Sukulila mama! Unyana wakho akazukufa. Sincedise nawe wethu”
Pastor: “Isasothusile wethu lento mphathi sibhedlele”
Mphathi: “Yothuse thina kanti tata kodwa yonke imeko ime ngendlela okwa ngoku”
Mama ka Mpumezo: “Mgxotheni kaloku la nesi uligwirha”
Mphathi: “Ndithetha nje nawe mama sele engaphaya kwezitixo. Kunye nonoUndertaker lo asebenza naye”
Pastor: “Oh zamnandi ke ezo ndaba”
Mphathi: “Amapolisa asaqhuba uphando kodwa okwa ngoku”
Mama ka Mpumezo: “Kakade! Ube engasebenzi yedwa lamgulukudu wegqwirhakazi”
Pastor: “Uhlobo abafa ngalo kea bantu, kuyacaca ukuba ikhona iSYNDICATE esebenza lomkhuba wokubalala abantu”
Mphathi: “Injalo tata. OonoUndertaker kuyacaca ukuba basebenzisana kunye nabasebenzi abaninzi esibhedlela ukuze bafumane izidumbi ezininzi. Ukuze bakwazi ukungcwaba. Kodwa amapolisa ayakhele umkhanyo loonto kwaye nam ezam iingcango kwesi sam isibhedlela ndizivulile ukuba enze uphando lwawo engaphazanyiswa tu”
Mama ka Mpumezo: “Mntanam! Akukho nto ifihlakala de kuphele. UThixo uzakubaveza aba babulali”
Pastor: “Ngokholo sisi lonto izakwenzeka kwaye siyamcela uThixo anikhanyisele nani ze niyifumane lemigulukudu”
Mama ka Mpumezo: “Kwa abasebenzi aba balotywa ngemali, bathenjiswe izinto ezinkulu, balobeke. Asoze bangavumi ke belotywa ngemali, kwaye iimali ezinkulu”
Mphathi: “Senza konke okusemandleni ethu mama, ukulwa lomkhuba”
Pastor: “Uzakuninceda uThixo sisi. Masimthembe”
Mphathi: “Ngoku masibuyeleni kule size ngayo ke. Ubhuti sithetha nje ukwikoma, ukususela ebusuku emva kokuhlatywa kwakhe ipoison ngulonesi sithetha ngaye”
Mama ka Mpumezo: “Oh! Umntwana wam! Umntanam!”
Pastor: “Sukulila kaloku mama! Qhuba sisi simamele”
Mphathi: “Kuye kwanyanzeleka ukuba kuzanywe ukudreynwa le poison ke ubusuku bonke. Yena ooko ebemkelwe ziingqondo kwaye akakabuyi kunangoku. Kodwa ke uyachacha ke kwimo ebekuyo kuqala. Le poison le ingene kumzimba obusele uhlelwe yiswekile kakade ngoku ze yakhawuleza ukusebenza. Ngoku sisazamana nokunyusa leswekile yakhe, siphinde ke ubhuti siyamazi ukuba ube eneSTI ekumele siyinyange nayo, kuba ibisele ikwiqondo eliphezulu kwayona”
Mama ka Mpumezo: “Yintoni isithiyane kengoku mntanam? Ndiyakuva kwiswekile ezi kodwa isithiyane esi sisifo esinjani?”
Pastor: “Isifo sangaphantsi mama, osifumana ngokwabelana ngesondo okanye ulale nomntu onaso uye usifumane”
Mphathi: “Xa uthe walala naye ngaphandle kwekhondom”
Pasto: “Ewe! Bendisele ndizakutsho”
Mama ka Mpumezo: “Njani ke uMpumezo afumane ezo zifo esindisiwe nje yena, kanti unamantombi uMpumezo ngoku? Hay hay hay nothi uMpumezo wam mntanam. Ulala yedwa pha endlini. Akanantombi”
Pastor: “Kaloku, uMpumezo awulali naye. Kungenzeka ukuba uyazimelisa pha kwakho wena ulele”
Mphathi: “Nangaphandle kwalonto, ezi zifo ziyathanda ukuzimela. Ziphume emva kwexesha sele zihorho ke ngoku”
Mama ka Mpumezo: “Undoyisile”
Mpathi: “Ngoku sisenza loomatile tile ke okusindisa ubomi bakhe. Nantsi ke ke enye into; ningalufaka ubango lwembuyekezo ke kwiqumrhu elijongene noko, ze abhatalwe ubhuti imali yakhe. Kodwa kuzakunyanzeleka ake alidwe kuqala kujongwe imeko yakhe ukuba ithini nha. Kodwa ewe ningabe nithetha ke negqwtha lenu ukuze nenze amalungiselelo okufuna ibango”
Pastor: “Ibango kanjani ke ngoku?”
Mama ka Mpumezo: “Hay’nam andiva ngoku suke ndamnyama”
Mphathi: “Ngempazamo eyenziwe sisibhedlele okanye omnye wabasebenzi waso, kumele kubekho imbuyekezo ebakhona ephumayo. Ngoko ke ngomsebenzi omdaka owenziwe yilanesikazi, kumele nilwele ibango, nibuyekezwe”
Pastor: “Usivule amehlo! Besingayazi thina lonto”
Mphathi: “Kumele ndiyithethe kaloku ukwenzela zingade zide ziyophuma emaphepheni ezi zinto. Zakuphuma emaphephe ziphuma sele zingancumisi kwaphela. Nalapho igama lesibhedlele lirhuqe bhutya pha eludakeni. Oh, ibuhlungu kodwa into esiyenziwe ngula nesi. Kwaye ke uneminyaka elapha. Ingalo yomthetho izakuba qatha ke ngakuye. Kuba letyhefu ifunyenwe kwizidumbu ezininzi kakhulu kwesi sibhedlele, kwaye ungaziwa umkhondo wayo tu. Ngoku lo, uzakuntama achaze abaninzi asebenza naye”
Mama ka Mpumezo: “Ndithanda lento sele ebanjiwe lonomqhitsi lowo”
Mphathi: “Kunye nalonoUndertaker asebenzisana naye”
Mama ka Mpumezo: “Asinakumbona ke ngoku mntana sekhaya umntwana wam?”
Mphathi: “Ningambona mama! Ndilandeleni! Ubekwe kwigumbi elilodwa ukuze aphumle. Kwlicala ke mama notata”

Beehla ke ngepaseji ukuya apho aliswe khona uMpumezo. Yayingumkrozo ke kulandelelwana ingumphathi sibhedlele phambili, ehamba esolatha usisi lo, kujikwe lokona ayikhombileyo. Wayethwaxuza ngemva yena umfundisi inga usindwa yinteshe yakhe. Ephatha kunyusana nebhrukhwe inga akafakanga bhanti kodwa ulifakile. Wayentushuza ke ukuhamba oku inga uwa amacala. De bayokuma kumnyango apho badibene netafile enosisi ongumabhala ohleli kuyo.

Mphathi: “Kuza kufuneka nibhale iinkcukacha zenu apha ke”

Baabhala ke kulendawo bakhonjiswa kuyo. Kwathathwa yonke into eyeyabo abaye beyiphethe. Banikwa ke izinto zokugquma iimpumlo, banikwa neeplastiki ukuba bagqume izihlangu, banikwa iigloves zezandla ukuba nazo bazinxibe. Bakwathwaliswa neeplastiki apha entloko, ze baqwelwa ngonikwa iapron zeplastiki nazo bazinxiba. Bakhonjwa emnyango. Naye umphathi ebakhokele, enxibile oku kwakhe. 

Nanko ke uMpumezo elele kulaabhedi ipha entla. Yaye inguye yedwa okwelogumbi. Kodwa zazikhona ezinye iibhedi. Way eke elele cwaka tu, kodwa simane sinyuka isifuba sakhe kucaca ukuba umane evuthelwa kwa yile mitshini imxhagileyo. Yayilele bunyuswa ke kale bhedi yakhe, inga angavuka athethe. Kukho lento yokuphefumla isetyenziswa zizigulane, ilapha empumlweni kunye nasemlonyeni. Waye efakwe inaliti yedriphu entloko, echetyiwe ke kule ndawo ijikelezo londawo. Iminywe yakhe nayo ifakwe ezintweni ezinoopipe abade ukuya kulemitshini. Ekwa neentambo ezincanyathiselwe kwiziphika zakhe zombini, nazo ke zikwaya kulemitshini ndini. Phantsi kwekhwapha lasekhohlo, enenxeba kazi elibuliweyo, kwaze kwafakwa umbhobhokazi omkhulu, kumane kuphuma into eyellow nagold inga ligwebu lebeer ke. Caba kuphuma lento ikhutshwayo aphakuye.

Mphathi: “It’s been about 12 hours ekwi khoma”
Mama kaMpumezo: “Mpumezo! Mpumezo”

Wazama ukumdlikidla ngezandla zakhe zombini unyana wakhe. Ziziqengqelekela iinyembezi ngezidlele zombini. Suke wanga wophukelwe ngamadolo umama, wehla ngebhedi, ewuvule kakhulu umlomo ekhala koda kungaphumi nto ngomlomo wakhe. Wazama ukumphakamisa umfundisi, sele emshishizela, emthuthuzela. 

Pastor: “Ndingathandaza mphathi?”
Mphathi: “Ewe tata! Kodwa ungakhwazi kakhulu! Ungambambi”
Pastor: “Kulungile! Phama kaloku mama kaMpumezo! Sithandaze!”
Mama ka Mpumezo: “Umntanam! Ungandishiyi mntanam! Ndingayintoni ngaphandle kwakho! Kaloku, sele inguwe indoda kwela khaya! Buya! Buya! Buyela kum mntanam! Oh yhini mntanam! Ungandishiyi”
Mphathi: “Sukulila mama. Ubhuti uzakuphila kwaye ndiyakholwa ukuba uyakuva unyana wakho”
Pastor: “Baba! Egameni likaJesu waseNazarethe! OH, siza kuwe Baba! Siza kuwe Nkosi! Siza kuwe Thixo! Siza kuwe Emmanuel! Sizakuwe dwala lentsindiso yethu! Siza kuuuuuuwe! Siza kuwe gqirha lethu! Sive isikhalo sethu Nkosi! Sive Baba wethu! Sive thixo wethu! Sikahla kuwe! Sithi ABBA BABA! Sikhala kuwe! Sithi AAAAAH Mhlekazi! UnguAYIKHO engenzeki kuwe! Ungumavula kuvaliwe! Nangoku! Unako! Unako! Unako! Unako! Unako! (Wangena kwizilwimi) Unaaaako! Selephilile uMpumezo ngegama likaYesu! Sele umkhulule kwinto embambileyo! Sele umkhule! We thank you Jesus ngokumkhulula kwakho! Kweli ikhuko lokufa, sele evukile kulo! Mphilise! Mphilise! Uphinde umphilise Nkosi! Ngegama lika Jesu, waseNazaretha! Mvuse nakule koma Nkosi! Umbuyisele iingqondo! Mbuyisele! Mbuyisele! Bring back his life right now in Jesus name! Hey wena sathana! Ngegama likaYesu! Phukama kulomzimba wakhe! Phuma! Phuma! Phuma! Phuma! Awunagunya nasabelo kulomzimba! Phuma! Phuuuuuuuuuuuma! Lomzimba yitempile kaJesu! Wena awunaszo nesincinane isabelo. Phuuuuuuuma! Phuuuuuuma! Ngegama likaJesu! Ngegama likaJesu! Lomzimba ndiwuqaba ngegazi lemvana! Igazi elaphalala eKhalvari! Igazi likaYesu! Ndigxotha onke amadimoni, kunye nemimoya yobumnyama ebuthamileyo kulo eligumbi nakuwo lomzimba! Mawahambe! Abuyele kumniniwo! Ndigcoba abasebenzi abaphatha lomzimba ngentambiso yamazulu, bawenze ngenyameko umsebenzi wabo. Nayo yonke lemitshini ilapha nayo ndiyifaka ugcobo lwasekhaya ezulwini. Iza kusebenza kakuhle nayo inJesus name! Wooooonke umbuso kasathana kunye namadimon ache, akaso awufumane lomzimba kunye naaabobangcwabi na kakade! Lo uphilile ngegama likaYesu! Ndirhangqa esi sibhedlele ngomlilo wezulu, abenzi bobumnyama bangasondeli kuso ngegama lamagama! Yiba ngugqirha ube kwangunesi wenaThixo ngokwakho! Amen!”
Mphathi: “Amen! Oh! Siyabulela nathi tata ngokusifaka emthandazweni torho”
Pastor: “Uzakuninceda uThixo nani mphathi, umsebenzi wena vele nina niwuxhome nje kuThixo ngokwakhe”
Mphathi: “Enkosi tata! Masisele siphuma ke ngoku! Simyeke aphumle ubhuti”

Sime apho ke. Sibonane kwixa elizayo.

#DOUO

2 comments: