Monday 6 January 2014

Scene #4.13

Umfundisi uyavuka ayozenzela into ephungwayo kwela cala lasekhitshini. Afike abeke amanzi ngeketile. Azame ukujonga ikomityi yokuphunga suke angayifumani, zonke zimdaka. Isinki yaye igcwele mome zizitya ezimdaka. Ide icumbile. Kwakuthe saa zizinto kunye neembiza ezimdaka, amacephe kunye nayo yonke enye into engcolileyo. Akafumananga komityi utata, yamenza umsindo noko lento.

Pastor: “Kanti ziza kuhlanjwa ngubani?”
Mamfundisi: “Andiphilanga tata. Ndicela upule le uzakuyisebenzisa wethu ndovuka ndizihlambe”
Pastor: “Bubuxelegu bantoni nha obu ubenzayo nha nkosikazi? Oko ubulele ukususela ngolwesihlanu ukubuya kwakho ekliniki”
Mamfundisi: “Yhehake ndithini? Andikuxelelanga ukuba andiphilanga nha mna? Ufuna ndisebenze kodwa andiphilanga?”
Pastor: “Yintoni le ungaphilanga yiyo?”
Mamfundisi: “Ndicela undiyeke wethu mna tata ndilale”
Pastor: “Akhange uye nasenkonzweni izolo, ufuna ndiyazi njani ukuba awuphilanga nha? Kuba awuthethi nam. Usuke uzigqume wogqiba ufixize wedwa. Kanti yintoni ingxa nha?”
Mamfundisi: “Ayonto tata”
Pastor: “Awuthi uyagula nha?”
Mamfundisi: “Ewe”
Pastor: “Ngoku kutheni ungandixeleli eyona nto ikuhluphayo?”
Mamfundisi: “Xa ndinethuba lokuthetha ndizakuxelela tata! Ndicela ukulala ngoku torho”
Pastor: “Awucoci apha endlini, awupheki, awenzi nix. Uyalala qha”
Mamfundisi: “Andiphilanga ingxaki! Nawe khake ube ngumncedisi wam nje ngendoda yam. Ndakugula, ube ngumama welikhaya ngokwakho nawe. Upheke! Ucoce! Wenze newashing! Oko uphindana nesheti enye kule weekend, ingcole ikhola ngoku, awuyihlambi”
Pastor: “Ingumsebenzi wakho ukundicoca de undivasele nempahla”
Mamfundisi: “So xa ndigula?”
Pastor: “Ugula yintoni nha wena? Yintoni ekulilisayo khona? Yintoni nkosikazi?”
Mamfundisi: “Awuboni tshintsho wena apha kum? Uqaphela ntoni apha emzimbeni wam?”
Pastor: “Andikulandeli ke ngoku”
Mamfundisi: “Yintoni oyibona itshintshile kaloku tata apha kum?”
Pastor: “Utshonelwe ngamehlo”
Mamfundisi: “Ngaphandle kwamehlo! Yintoni enye oyibonayo?”
Pastor: “Usuke wathi wunxu ke lonto! Ubhityiswa yintoni ke ngoku?”
Mamundisi: “Sele ndibhityile nha? Oh yhini nkosi yam! Bazothini abantu?”
Pastor: “Uthetha ngantoni ke ngoku?”
Mamfundisi: “Ndicela ukubuza into tata?”
Pastor: “Buza kaloku”
Mamfundisi: “Ndicela unyaniseke ke torho”
Pastor: “Kulungile”
Mamfundisi: “Wagqibela nini ukundwendwela emthoampilo?”
Pastor: “Andiva? Uzama ukuthini ke ngoku?”
Mamfundisi: “Ndicela undiphendule tata”
Pastor: “Ingathi ngamanzi am ekofu la abilayo! Ndifuna nokubukela iindaba zakusasa ke”
Mamfundisi: “Ndicela ukuphendulwa torho”
Pastor: “Thetha lento ufuna ukuyithetha wethu uyeke ukundijikeleza oku”
Mamfundisi: “Phendula tata!”
Pastor: “Uyawazakuvusa oluchuku lwakho lokundityhola ngokujola! Kutheni? Uve kuthwa ndijola nonesi?”
Mamfundisi: “Andikhathali nokuba ujola nobani! Phendula wena qha”
Pastor: “Kungcono ndingaphenduli ke xa ungazuthetha ukuba uve ntoni ngam kaloku”
Mamfundisi: “Kutheni ucinga ndive into?”
Pastor: “Ndiyanazi kaloku ngokuhleba xa nikwezi kliniki zenu”
Mamfundisi: “Tata! Ugqibele nini ukuya ekliniki nha? Ndiphendule”
Pastor: “Andiboni sizathu sakukuphendula kaloku mna! Ndagqibela nini mna ukugula? Ndagqibela kudala. Kaloku mna ndingumfundisi, owam uThixo uyandiphilisa! Akudingeki ukuba ndiye ekliniki ke! Ndizobe ndiyothini? Ha.a kaloku loThixo ndimsebenzelayo uyandinyanga kaloku”
Mamfundisi: “Kulamantombi akho, ubuyisebenzisa ikhondom?”
Pastor: “Amantombi am? Ufuna ukuthini ke ngoku?”
Mamfundisi: “Phendula umbuzo kaloku”
Pastor: “Bububhanxa ke obu undibuza bona uvile! Andizukuyiphendula lomfitshi-mfitshi mna”
Mamfundisi: “Kuza kunyanzeleka undiphendule ke bhuti”
Pastor: “Andizuphendula obo buvuvu mna uvile! Ndiyeke ndiyokwenza iti yam”
Mamfindisi: “Ndi-HIV positive”
Pastor: “Andiva?”
Mamfundisi: “Awuvanga ndawoni wena kanti?”
Pastor: “Kulamagama okugqibela”
Mamfundisi: “Ndithi ndi-HIV positive”
Pastor: “Njani? Gxebe Why? Uthini? Sudlala kakubi maaarn! Yintoni nha le uyithethayo?”
Mamfundisi: “Why njani? Ndithi kuwe ndine-HIV and umele kukuyazi lonto!”
Pastor: “Hay! Kutheni kumele yaziwe ndim? Huh? Uyifumene kubani wena? Kutheni ubuza kum? Andinangculaza ke mna. Wena uyifumene kulendawo uyifumene kuyo”
Mamfundisi: “Andinandoda mna! Kwaye indoda endilala nayo inye! Yile inguwe! Kumele uyokwenza uhlolo ke bhuti kungekudala”
Pastor: “Ngumva ke lo undixelela wona wena! Andinagculaza mna! Andinangculaza! Uyandiva? Wena nguwe lo ujolela mna! Ngoku une AIDS ngokun uzamam ukutyhola mna! Thetha ukuba uyifumene phi? Uyeke ukutyhola mna! Ujola nabani?”
Mamfundisi: “Akhange ndikutyhole mna! Ndikubuzile! Koko wena ufune ukubhekelisa ityala kuwe! Andikutyholanga nganto mna koko ndikubuzile! Ndifumaniseke ndinegciwane eandulela ingculaza”
Pastor: “Umbuzo ngothi; Uyifumene phi? Kubani?”
Mamfundisi: “Ndiyifumene kuwe ukuba ingene ngesondo! Kuba asizikhuseli thina! Ukuba ingene ngenye indlela ke nam andinakuyazi ukuba njani, kuba andikhumbuli nto mna”
Pastor: “Kutheni uza kukhomba kum umnwe? Ndilala nawe wedwa mna! Ngoku okukundityhola wena ukuthatha phi?”

Waphama umfundisi waya ngasekhitshini ngoku, sele ebufixeka ngumsindo. Wafika wathatha ikomityi, wayithi wayi-wayi ngamanzi aphuma esinkini, wathatha iswekile wagalela

#DOUO

No comments:

Post a Comment