Monday 6 January 2014

Scene #4.9

Umama umfundisi, sele enze lonke uhlolo olufunekayo ekliniki yaseCrossroads. Ngoku waye elindele iziphumo. Simbona ehleli esitulweni elinde lonesi wenze uhlolo apha kuye. Waye esaphumile ukuyolanda ezinye izinto nje ezibalulekileyo, kunye nokwenza uqiniseko kwiinkcukacha asele enazo kuye. Wayengatyhilekanga ebusweni lonesi, emana kufowuna aphinde athi gwije ukuphuma, abuye aqwalasele amaphepha, abhale, aphume. Lento noko yamthukuthezela umama lo. Kaloku, utsalwe igazi, wahlolwa-hlolwa uNojeje, waseliswa ipilisi kunye namanzi anomgutyana omhlophe. Walindiswa. 

Ngoku ahleliyo yena, elixesha enza isiphithi-phithi umongikazi yena ukwelinye ilizwe. Wayephatha kothuka ame ngeenyawo xa kungena umntu, suke angcangcazele, abile, angazinzi esitulweni. Suke wafikelwa nje sisifuthu-futhu esafika ngesaquphe, esambetha wamana ukuziphekuza nangesandla kucaca ukuba usemaxhaleni. Wayebile ibunzi, ebile impumlo suke wamana ukuhla amathontsi ombilo ngoku. 

Into eyavela kuqala engqondweni yakhe kuqala. Umyeni wakhe ingathi uphandle apha kwaye soloko enuya ehluthi. Iyazicacela ukuba indoda le iyajola, nokuba ewe engekayibambi namntu kodwa iyazicacela ukuba urheme uyabhaqa apho abhaqa khona kwaye akayazi nokuba uyayisebenzisa nha ikhondom. Akasebenzisi khondom naye kumyeni wakhe, kuba kaloku kakade amadoda awafuni kusebenzis akhondom, ukuba wena mfazi ufuna njalo iba ngathi uyakrexeza. Ungabethwa ke okanye kuvalwe iimfanelo zakho ezininzi, ngenxa nje yokungafuni ikhondom. Amadoda ke zizinja.

Nurse: “I will be with you just now! I need to confirm some tests and other stuff. If you will wait”
Mamfundisi: “Enkosi”

Yaphinda yaphuma lenesi imshiya yedwa umamfundisi. Kule igem, lenesi imke ithuba elide kakhulu kwaye kucaca ukuba inokuba inzima nha lento iyenzayo? Yamphathisa ngovalo ngakumbi ke umama umfundisi lento. Waphakama ke wazulazula, ephatha kufunda okusedongeni, ephatha kuhlikihla izandla aphathe ku kuma bhunxe, abambelele entloko, ahambahambe.

Mamfundisi: (Ethatha yedwa) “Engandiphathi kakuhle ke yile kaMpumezo, suke aphume amaqhakuva ngaphantsi, suke aphume amathumba. Suke agule ngesaquphe. Ekubeni ndinento yokusuka nditshiswe nangumchamo kaninzi-ninzi. Ukuba ke ithi kanti ndinalento iphandla apha ke tana ndingathini? Bangathini abantu enkonzweni? Angathini umyeni wam ke khona? Phofu makube naye unayo, kaloku undilele ngenkani kuleveki iphelileyo. Yhooo! Uyakuba undibulele ondinike lento. Iyakuba ngubani ke phofu? Kutheni ndakulala noMpumezo kwanje empilweni yam? Ukuba ayinguye, ungafika lelitunxa lendoda kodwa yafika kuMpumezo sele ihorho akakade. Kowu umntwana wabantu! Ndingaba ndimbulele ke xa inokuthi kanti ndim omphathele ukugula. Kodwa ke mna shame andinako tu ukuphila ndintsholongwane kagawulayo. Bakuthini ke abanye abefundisikazi kula women's forum yeenkonzo? Ndingayintlekisa! Ndingahletywa de ndiyofa. Ungcungcutheko endinoba nalo ke nkosi yam! Kodwa ndiyacela Thixo, ungasose undinika nayo, ndincede nkosi. Sole uzibonakalisa kum nkosi njengomkhonzi wakho ze ndikubone ukuba ukhona ngenene nangenyaniso. Zibonakalise mdali wezulu nomhlaba, ndingumkhonzi wakho nam nkosi, ndithethelele. Ndizakukhonza ngokuqinisekileyo ukuba ungandidlulisa nje kwelinqanaba ndibhekene nalo”

Zathi waxa iinyembezi zakhe suke zagcwalisa ubuso, zaathi gxii ngezidlele mfondini, suke ngesaquphe wanesingqala inga uyakhutywa. Wakhawuleza waya kwibhegi yakhe wakhupha into yokosula, wazisula, wazisula, wazisula, wazisula kodwa suke yanga zithunyiwe iinyembezi ukuxananaza zigqiba ubuso. Azame ke ukuzichola zonke ngexesha elinye ngalento osula ngayo suke inga zigqitha ngapha kwayo lonto. Suke wahlelwa nayimifinya.

Nurse: “Yintoni walila ke ngoku? Hlala phantsi! Awufuni ndikugalele amanzi?”

Mamfundisi: “Please”

Waqubula iglass unesi wathulula amanzi, wogqiba wamnika. Wawathi krolokonqo loomanzi umamfundisi de wacela ukuphindwa ngenye iglass. Makube ngoku alilayo avele aphuma onke lamazi abe enawo emzimbeni, suke wakhotheka kukunxanwa oku. Wawanikwa namanye, ze wanikwa ne tissue yokosula. 

Mamfundisi: “Ewe sisi ndilungele ukuva iziphumo zoluhlobo ube ulwenza apha kum”

Nurse: “Mamela ke mama! Okwangoku sizakube sikunika unyango lwale infection unayo ngaphantsi. Igazi lakho sizakulithumela ke kwi lab yethu, apho kuzakwenziwa uphando ukuba ingaba unayo nah iSTI. Ukuba unayo, sizakunika unyango olululo. Okwangoku zizakunika nje ezi zizobe zikuthomalalisa ukuze inganwenwi ide ijike ibe yenye into. Kodwa ke by the look of things, ubusele unayo amaqhakuva aphumayo, into ekucaca ukuba noko sele kuntsuku unayo wena lento koko ubusathensile. Ingaze iphinde yenzeke ke lonto. Xa uva utshintsho ngaphantsi, kumele udibane nonompilo wakho ukuze uqiniseke ngempilo yakho, ze ufumane unyango ngokukhawuleza. Ngelinye ixesha, ingaphazamiseka inzala yakho xa inokuthi kanti unonosuleleko lwangaphantsi. Mamela ke, kuza kufuneka onke amadoda olala nawo, eze kuhlolo. Iyosulela kaloku lento ngoku kumele ngalo lonke ixesha usenza ucantsi uzikhusele. Kanene ubuthe utshatile?”

Mamfundisi: “Ewe sisi ndinomyeni”

Nurse: “Mxelele ke ukuba ze naye eze kunyango okanye azofumana uhlolo. Kanene otata abaninzi kunye nabafana abafuni kuza kuhlolo, kodwa uninzi ngabo abasoloko besemngciphekweni wokosuleleka. Umcele de umcenge eze. Kaloku uzakuba uyazinceda nawe, ubeka ubomi bakho endaweni elungileyo. Ezinye iziphumo ke mama zifumanise ukuba, uneveki ezintathu ukhulelwe. Zindaba ezimnandi ke ezo kwaye siyavuyisana nawe...”
Mamfundisi: “Intoni? Ndikhulelwe? Njani kodwa bendihlaba inaliti nje?”

Nurse: “Hay kaloku mama! Khumbula, ukuba wena awucwangcisanga iinyanga ezimbini kwaye andikubuzanga ke isizathu soko”

Mamfundisi: “Oh nkosi yam! Yinto endizakuyithini nha le?”

Nurse: “Utsho njani ke ngoku mama! Awuvuyi nha kanti uzakupha indoda yakho isipho esikhulu kangaka esivela kuThixo? Nangaphandle kwalonto, siyikliniki siye sincedisane kakhulu noninzi loomama ngabantwana babo, amayeza akahlawulelwa, iingcebiso ezininzi, amacebiso ngokhuliso bantwana, oonontlalo kunye naliphi nha uncedo ozabe uludinga. Akumelanga ubenalo tu ke ixhala. Kodwa nazi iindaba ezingambana kodwa kuwe. Phofu izabe ingekuko ukuphela kobomi. Wena, sizakunika lonke uncedo oludingayo, sikunike kwaneengcebiso kunye nayo yonke into ozakube uyidinga. Mama, sifumanise ukuba wena unesandulela-ntsholongwane kagawulayo kodwa siyaz..”

Mamfundisi: “Intoni? Mna! OH nkosi yam! Sukudlala kakubi nesi! Uthi nditheni? Mna! IAIDS? Hay! Hay! Hay! Hay! Hay! Uyaxoka! Phinda wenze enye itest! Uyaxoka andina HIV mna! Andiguli! Andiguli mna! Sozeeeeeee! Mna! Soze tu! Uyaxoka!”

Nurse: “Singenza olunye uhlolo mama ukuba ucinga ndiyaphosisa! Kodwa ke, kuzakufuneka ubuye emva kweenyanga ezintathu ze senze olunye uhlolo lwesibini, siphinde senze olunye lwesithathi ze siqiniseke. Kodwa emva koko kuyanyanzeleka ukuba wena rhoqo uqhubeke umane usenza uhlolo ukwenzela uhlale uzazi. Ukususela ngoku, kumele usebenzise ikhondom xa usabelana ngocantsi mama. Ungayibhudi ikhondo. Thatha nazi ezikarhulumente zisimahla xa ningakwazi ukuzithenga ke neqabane lakho. Ikhona ke nesupport group kwalapha eklinik, kwa nombutho iYabonga nayo ikhona, baluncedo kakhulu ke nabo, iingcebiso ezininzi ungazikha napha kubo. Mininzi ke nemibutho encedana nabantu abaphila nentsholongwane kagawulayo kunye nesandulela sayo! Akumelanga ukuba ube nalo tu ixhala, uncedo lukhona kwaye luninzi. Esi, ayisosiphelo sobomi. Ungaphila iminyaka emininzi ke ukuba ubuyazi. Kodwa ngokuqale wamkele, uzamkele, uzixolele, uzikhathelele, uzikhusele kwaye ukhusele nabo ubathandayo nawe. Abupheli ubomi wakufumana ugawulayo”

Wanikwa ke ifolder yakhe umamfundisi, ekhonjwa kwicala lamayeza ukuze afumane amayeza azakumnceda kulenyhikityha ingaphantsi. Unikiwe kodwa usuku lokubuya aze kuva ngeziphumo emva kweeveki ezimbini. Waze waqononondiswa ukuba aze ancede acele utata wekhaya ukuba naye ze aze kuhlola, kuse nokwenzeka ukuba naye unaso esi sifo kunye nokosuleleka ngaphantsi.

Sime apho ke okwa ngoku.

#DOUO

No comments:

Post a Comment