Thursday 19 December 2013

Scene #4

Scene #4

UMamfundisi kunye noMpumezo sele besedolophi. Injongo kukuya kukhangela iOIL le kudala ifunwa. Ngoku sele behleli kwa Nandos, bayatya. Kambe kuninzi nokukutya bakutyayo.

Mamfundisi: “Uyitheni ke Mpumezo imali? Kushiyeke malini ngoku?”
Mpumezo: “Kushiyeke iR1350”
Mamfundisi: “Yona iR1150 uyitheni ke ngoku?
Mpumezo: “Uyayazi ukuba imali kukutya okuvuthiweyo kaloku”
Mamfundisi: “Yintoni le caba ibikuxakile de uyisebenzi imali? Engaka khona?”
Mpumezo: “Akhange kuphile lantwana wasekhaya umncinci, kunyanzeleke asiwe kwagqirha. Ngoku ke bendiqashe imoto, namali kagqirha, so kwanyanzele athengelwe nezinye izinto zokutya ezi special. Kuba bekungekho mali ekhaya kaloku”
Mamfundisi: “NcooaaH! Shame maaarn! Sorry! Ube etheni?”
Mpumezo: “Usuke waxhuzula nje ngesaquphe sento, kwaye yenzeka lento ngoo12 ebusuku. Uyayiqonda ukudura kwabantu abaneemoto ngeloxesha”
Mamfundisi: “Hay'maaarn uxolo! Ubondixelela kaloku xana kukho into engahambi kakuhle kokwenu ze ndikuncedise uyaqonda”
Mpumezo: “sowenze lukhulu maaan ngoku! Kwanele”
Mamfundisi: “Kanti ke nana andikenzi nto! Thula wena ubone”
Mpumezo: “Utsho nha! Ungandoyikisi ke”
Mamfundisi: “Khake undithembe wethu for once”
Mpumezo: “Ndikuthembile my love”
Mamfundisi: “MhhhMmmmmmM! Awandibiza kamnandi ke nana”
Mpumezo: “Nyhan? Ha! Ha! Ha!”
Mamfundisi: “Hay kaloku, wena use ufune ukundibiza mamfundisi oko, noba sisobabini”
Mpumezo: “Ha! Ha! Ha! Ndiyakuhlonipha kaloku njena”
Mamfundisi: “Hay kaloku nam ndiyafuna ukubizwa kamnandi ngumntu wam”
Mpumezo: “Ngoku ubucebisa senze njani ke ngale OIL nana?”
Mamfundisi: “Kunganjani sithenge i2ol yefish oil ke?”
Mpumezo: “Ndicingela ivumba ke lonto”
Mamfundisi: “Sithini ke? Yho! Inuka nyhani ke ifish oil”
Mpumezo: “Ha! Ha! Ha! Ingabhaqeka msinya ukuba asiyiyo”
Mamfundisi: “Ndicinga nje into enamafutha, enganukiyo kakhulu”
Mpumezo: “Omnye umhlobo wam wayendicebise nge AMLA OIL ke yazi”
Mamfundisi: “Intoni? Le yenwele?”
Mpumezo: “Ewe!”
Mamfundisi: “Yhoooo! Siyenze njani ke ngoku?”
Mpumezo: “Wandixelela ngokuyixuba namanzi kaloku”
Mamfundisi: “Amanzi namafutha? Yhoooooo!”
Mpumezo: “Hay, wathi kaloku ayabiliswa amanzi la, uxube kengoku kodwa ukuba njani nam andiyazi”
Mamfundisi: “Phinda uyombuza kaloku! Thsini!”
Mpumezo: “I am afraid! Ngumngcwabo wakhe ngomgqbelo”
Mamfundisi: “Ouch! Uxolo! Utheni?”
Mpumezo: “Usweleke eyokhutshwa umntwana ethunjini, caba akubanga kuhle kwenyuka iiswekile, namagazi wasweleka”
Mamfundisi: “Hay'maarn! Yhoooo! Ibuhlungu ke into emehleleyo mos”
Mpumezo: “Ube eyitshomi yam ke yazi. Lonto andiqondi ukuba ndiza kuba nayo nemali yokuya kumngcwaba emaxhoseni”
Mamfundisi: “Hay'shame my love! Bhalisa wethu, ndizakukubhatalela ndikunike nemali yotya endleleni”
Mpumezo: “Yho! Enkosi my angel”
Mamfundisi: “Kufuneka dijonge isuti ukwenzela ufaneleke pha emngcwabeni! Uzuke ubiwe apha kum nje! Ha! Ha! Ha!”
Mpumezo: “Ndinayo kodwa isuti endizakuyinxiba pha”
Mamfundisi: “Ndizakukuthengela baby isuti ngoku, sogqiba siyothenga leAMLA OIL yakho, sibone ukuba izakusebenza nha”
Mpumezo: “Kuzomele sithenge neeplain bottles ezi empty ke, ezincinci. Ndizibonile kwe ishop kwalapha”
Mamfundisi: “Hay'ke owthu umcimbi ucala nye ke ngoku. Kuzoshota ntoni ke?”
Mpumezo: “Okwangoku esikuzeleyo sicovered ngako kaloku, so enye nenye sakuyibona phambili”
Mamfundisi: “Enye nenye nhe? Undicingisa into ke ngoku”
Mpumezo: “Intoni ke ngoku! Suke wancuma ke lonto”
Mamfundisi: “Masiye eSeapoint”
Mpumezo: “Apho kukho ntoni ngoku? Siya elwandle?”
Mamfundisi: “Ukhona umngane wam endandifunda naye, ndifune igumbi kuye! Ndifuna ke sizimamele, sitshajise imizimba yethu, sabelane ngegazi elishushu ngo ngo ngo”
Mpumezo: “Ewe nhe”
Mamfundisi: “Kaloku, ayizubakho ichance ukufika kwethu ekhayeni, asindithi nomama wakho ukhona ugade losisana wakokwenu ungaphilanga, nalamfo wofika uthe ndwenye kulaseti ubukele ibhola yaphesheya”
Mpumezo: “Phofu ke unyanisile”
Mamfundisi: “Nam ndiyakukhumbula kaloku tshini! Kunini ndikugqibele”
Mpumezo: “hay'bo! Izolo elinye elingaphaya kaloku”
Mamfundisi: “Yhuuuuuu! Uyaziva phofu! Indala lonto kaloku! Ndikufuna apha kum! Lonto ndibawela nokukuthi jize ngeblowjob namhlanje! Ndikunxanelwe!”

Basole besiya kwezindawo bazibalileyo ukuba bazoya kuzo kuqala phambi kokuya eSeapoint kwatshomi. UMpumezo waye onwabe ngakumbi kuba ayide ibizwe lemali ilapha kuye, kodwa zonke izinto ziyathengwa ngumamzo wakhe. Icacile ke mos, ukuba ngengomso, angamkhupha uBonisa lo ebemthembise ngokukhupha. Ukuba phofu lemali ayibizwa.

Wathengelwa ke izihlangu zokuya emngcwabeni, iikawusi, itrunki, isport bag sakwa NIKE, amazaza, iwatch kunye nenqwaba yeehempe, nalasuti ke. Bayifumana iAMLA OIL, baathenga ii5l zayo ke zaliqela, basole bethenga nezaabhotile zincinci zingenato phakathi nazo zaninzi. Benyuka ke ukuya erenkini, bazigcinisa ezimpahla zabo zininzi kwesinye isitendi, bethembisa ukubuya bathenge nalopho ukubuya kwabo. Baya ke kwii taxi eziya eSEAPOINT.

Ukuba bafike benzani ke pha kwelagumbi linebhedi emfumamfuma, nam mna mbalisi andiyazi. Kodwa endiyaziyo ke bahleli into eninzi yeeyure behamba ze. Umninimzi naye ekwelakhe icala nowakhe uBen10 welawu beswantsulisana. Suke abantu bagilane ekhitshini, efrijini beze benjalo. Omnye ephuthuma ice, omnye eleqa isisiselo esibandayo. Caba amaqondo obushushu anyukele phezulu, neempahla zabaya ekhitshini suke zabarhabaxa kubo mhlawumbi? Ukuntswayiza oku kona? Kwekh, imandi kanene into ebiwayo, uyidla ngebhongo kanene.

Mpumezo: "Kumele sigoduke kaloku"
Mamfundisi: "Kutheni umQwathi enamqhakuvana amhlophe apha enwebini nje?"
Mpumezo: "Andiwazi nam, andiphuma namhlanje ke yazi"
Mamfundisi: "Abuhlungu?"
Mpumezo: "Andiva nex mna! Khamunce maaarn! Uyanza kamnandi. Sumqinisa kaloku umQwathi nawe! Mbambe soft kwenzele akhululeke"

Masibayeke ke abo...!

#DOUO

Scene #3.20

Sifikela uSiseko bekuloSizeka bobabini kuphela. Into yabo sele ibuqina ke noko, nangona bengekayi ebhedini. USizeka lo, noko ungambona endwebile, kodwa akaqhelwa xa indoda imkhomba ebhedini, uphambana abe ligeza. Kudala noko uSiseko lo emfuna ukuba ke ayolala naye pha kokwabo eSite C, kodwa sele wake waya emini usisiza, kodwa yamcenga yancama lenkewu, ukuba ayikhululele ipeynti. Undwebe nje ke loSizeka, kodwa ligwala xa kufuneka kulelwe. Uyathandana nale nkewu, kodwa ke unayo indoda ajola nayo phambi kwale. Uyayithanda kuba imenzela yonke enye into ayidingayo, yona kodwa uyalala nayo, kwaye uyayikhululela ipeynti. Yena ke uSizeka, uyakhonza nje kuba kukhonzwa kokwabo, kwaye akanaxesha lantsindiso yena. Ungaba bathanda ukuhlala emva enkonzweni. Angenzi nix qha akhonze. Akekho ke nakwezi departments zibakhona enkonzweni, ezi zolutsha. Ndixela iUshers, worshipers, assistance team okanye nokuba yeyiphi. Koko, xa ecacile uye azoncedisa. Babezihlelele esetini noSiseko, besela umongimali, besitya isandwhich. Babebukele iDVD yeGod's Army apho kushumayela intwana encinci, uS'phamandla esithi; 'Buyel'ekhaya' kwaye umntwana omncinci sele ethetha izinto ngomlomo. Suke bangamhoyi uS'phamandla aba babini, bamungunyane bephuzana. Suke azame ukufaka isandla uSiseko ngapha kwesikeyti sikaSizeka, nqaku ukubanjwa, suke kuyekwe nalomncamiso, iqumbe ke indoda, ayihleke ke unontombazana.

Sizeka: “Hay kodwa ungcolile, ufunda undimanzisa wena wkodwa sibukele inkonzo?”
Siseko: “Masiyitshintshe ke sifake enye! Ndikungxamele”
Sizeka: “Hay ke uyabhanxa! Asoze ndityelwe ekhaya mna tshini! Esetini nokwenza?”
Siseko: “Masiye ekamerweni kaloku”
Sizeka: “Awundiva nhe? Asoze ndityelwe ekhaya mna”
Siseko: “Noko lide elithuba! Kunini ndikulindile mfondini”
Sizeka: “Ungabe udlula bhuti! Ndithe kuwe andikabikho ready, wena ukuba uxhabashile, dlula nana”
Siseko: “Use uthethe kanje ke wena! Andiyazi ukuba uyandithanda nha”
Sizeka: “So kufuneka ndikubonise kanjani ukuba ndiyakuthanda ke Siseko? Ndenze njani?”
Siseko: “Yintoni ungafuni ukulala nam kanti wena?”
Sizeka: “Oh! Caba kufuneka ndilale nawe ukuze ndazeke ukuba ndiyakuthanda? Hay'ke bhuti, mna andikabikho ready! Futhi maside sihambe, kumele ndilungise ndixhome amalaphu pha ententeni. Wena kumele ulungise, khona kunini ekufowunela uLwando?”
Siseko: “Awunokundipha iround ey1 kaloku nana?”
Sizeka: “Hay kaloku bhuti, andiwenzi mna ama 5*to mna! Ndizakulala nawe xa sele ndi ready for ukulala nawe. Okwangoku ukuba ufuna ukugqitha ungabe udlula. Siyevana ke toto? Nccooooaaaah! Akasaqumbe! Ha! Ha! Ha! Sorry torho shame!”
Siseko: “Akho whey masambe ke jo”

Yaye ke phofu imcaphukisa lento yenziwa nguSizeka. Kakade yena uyazazi ukuba akaxakwanga kwanguye. Kaloku, yena uyi catch. Ookeyboad player badume ngokuthatha ukulala nabo bonke abantu abavula amathanga kubo. Naye ke ube engahlukanga kwabanye, naye enawo amahlahla akhe awarhuqayo. Unaye umntu ajola naye, ekwanaye nomama womntwana wakhe. Zikhona ke phofu izinto emana ekekelela kuzo akungalungi amacebo akhe, nagoku, njengokuba lingalungi eli icebo, uza kuxoza mphoni wumbi yena. Kakade yena, ube encwase mntu wumbi pha enkonzweni, endaweni kaSizeka. Lomntu amncwasileyo mhle, upakile kwaye akhonto angenayo, impundu, ibele, ithanga, ihips kwaye aphinde abemhle kodwa lomntu ufamous, ngevido yenyala phofu, nguBonisa. Oko wathi wafika kulentente, oko wayemjongile uBonisa lo, emthanda kwaye elinde thuba limbi ukuze amxine.

USizeka lo uyamthanda ewe, kodwa uyahqobosha maarn. Naye akhonto ingekhoyo apha kuye, naye ukwapakile, ukwanederi, intsula, ihips and ke yena mhle ngaphezu kukaBonisa, qha ha.a umilele uba phandl'apha maaaarn.

Ngoku sebe sendleleni ukuya ententeni. Uyabona nje ukuba akukhululekwanga apha kwesi isibini. Omnye uzihambe pha komnye, usisiza uphethe ibhayibhile yakhe, ze wabhinqa ijezi yakhe ukwenzela xa sele kubanda ngokuhlwa azithi wambu. Uzidlalela nge phone yakhe ke yena uSizeko, akatyhilekanga apha erhesi. USizeka, wayefanele ukuhambela pha, kaloku indoda yakhe ihlala kwalapha kufutshane, so woyika into engekehli. Phinde, lo ahamba naye asinguye nowalapha, ngoku ke ingayingxaki.

Sizeka: “Kushumayela bani ke namhlanje?”
Siseko: “Andiyazi ke”
Sizeka: “Uqumbile nha?”
Siseko: “Ha.a”
Sizeka: “MxM! Awuserongo! Usaqumbele ungaphiwa ndim? Ekhaya? Hasuka wethu”

Ayizange imphendule le yaseSite C intwana. Suke yafaka iearphones zayo yafaka ingoma ka Pastor Cwezi ethi; 'Siyezweni' wamane eyiqethukisa lantloko yakhe.

Suke wangena kuWhatsapp uSiseko, wakhangela uBonisa.

Bonisa: (Whatsapp) “Oko ndalahlwa nanguwe bhuti”
Siseko: “Cela uze enkonzweni namhlanje kaloku”
Bonisa: “Andizukwazi bhuti! Makuqale kuhle lento”
Siseko: “Hay'maarn! Kumele uze jo! Le yokungakhonzi ngenxa yabantu ayikho ryt! Iza”
Bonisa: “Not now but maybe next week bhuti wan! Enkosi ngokhathala torho! Kodwa ha.a! I will pass. Ndiqala next week uvile”
Siseko: “Ndiyakukhumbula ingxaki”
Bonisa: “Yho! Yhehake! Ha! Ha! Ha! Andikukholelwa tu ke ngoku”
Siseko: “Ndinyanisile ke yazi”
Bonisa: “Hay hay hay! Uzakundiqumbelisa ngoSizeka wena”
Siseko: “For ukukukhumbula? Hay makase aqumbe kaloku”
Bonisa: “Awuwazi wena amantombi! Kanti ke, oko ndagqibela before the video kaloku! I though she is my friend ke yazi”
Siseko: “Yho! Hay'ke”

Sizeka: “Ndicela undithengele iApile Siseko!”
Siseko: “NdineR10 yogoduka late kaloku”
Sizeka: “Sapha, ndizakukunika pha ententeni imali! Zoyifuna! Ndiyalifuna maarn eli apile”

Siseko: (Whatsapp) “Ndisak'thanda kanti jo”
Bonisa: “Masiyiyeke lonto maaarn! Izomosha ubuhlobo bethu! Uyayazi ukuba nam ndiyakuthanda kodwa asikwazi ukuthandana kuba kaloku sele unoSizeka, ongumhlobo wam”Bonisa: “Masiyiyeke lonto maaarn! Izomosha ubuhlobo bethu! Uyayazi ukuba nam ndiyakuthanda kodwa asikwazi ukuthandana kuba kaloku sele unoSizeka, ongumhlobo wam”

Siseko: “Andikhathali, mna ndifuna wena wedwa jo! Ndixolelele ukuyeka nakule kerk ndiyodlala kwenye, kalok ndifuna wena”
Bonisa: “Hay hay hay! Sukungcola! Uzakumka njani ke enkonzweni uyazi nawe ukuba sixhomekeke kuwe?
Siseko: “Ndiyakuthanda kaloku my love! Ndicela siyenze lento”
Bonisa: “Ha.a! Ukuba sibhaqiwe apha? And besides, kusekho lento ndidume ngayo, phinde ndijole noKeyboard player? Phinde ndithathe itshomi yam? Well my ex'friend coz ke I thought she was but no...!”
Siseko: “Ndiyakuva! Kodwa andikuveli ntweni mna! Ndifuna wena! And wena wedwa! Ndiyakucela love wam”
Sizeka: “Awusathulanga! Ndabona ikhona lentombi indishiyayo apha kuwe! Uthandaze ke ndingaze ndiyazi ke sana! Coz, ke ndakuyinyisa mna”Siseko: “Ok”

Sime apho ke!

#DOUO

Scene #3.19

UCeliwe uncokola noNolitha umhlobo wakhe. Umncokolela okuthe kwenzeka namhlanje xeshikweni eseBarcelona kwamakazi wakhe. Intombi kucaca nje mhlophe ukuba ikholiwe nguMpumezo.

Celiwe: “Mhle wena! And unxiba kakuhle”
Nolitha: “Ubumbona phi nha mnganam?”
Celiwe: “kaloku bendikwamakazi pha eBarcelona, so ndathunywa iAirtime kwe nye ishop ekwapha. Ndadibana naye ke mnganam”
Nolitha: “So wathini kaloku”
Celiwe: “Nothing much kaloku, ufune nje inumber yam and nam andalibazisa”
Nolitha: “Haaaaaaaa! Ndikwazi ke wena”
Celiwe: “Tjiooo! Inemali lachap! Iyikhuphe phakathi kwezinye inotes laR50 and kucaca ukuba akayikhathalelanga netshintshi sana”
Nolitha: “Kwathini ungaceli imali nha mnganam”
Celiwe: “Yhuuuuu! Undijongise kakubi ngamntu? Myeke wena! Ndizakuhamba naye ngomgca!”
Nollitha: “Kodwa ke mnganam soloko uneLuck wena yala maOW mahle and ke uyawawina onke”
Celiwe; “Ndithi sana oko endincoma ukubamhle! Ndaqonda nje lo uyandifuna!”
Nolitha: “Hay chomza”
Celiwe: “Masimlinde andifowunela nje wena and see if ukum nha”
Nolitha: “Unayo nje nawe inumber yakhe, uyekela ntoni?”
Celiwe; “Ha.a! Zojongeka desperate kaloku mpintjie yam. Myeke enze the first move...!”
Nolitha: “So, uzomxelela nge status sakho ke ngoku?”
Celiwe: “I don't know”
Nolitha: “Hay'bo! Why?”
Celiwe: “You know what happenes when I tell these guys my status kaloku”
Nolitha: “But you have to tell him at some point”
Celiwe: “I know! Kanti wena wawumxelele uSityhilelo that you are HIV positive?”
Nolitha: “Hayi! Ndandingenakuzilambisa rha! Kodwa ndamxelela ukuba makafake ikhondom, akafuna! Ndimyeka ke mna”
Celiwe: “Tjiooo! Basuke bangayifuni ke ikhondom!”
Nolitha: “Nam kaloku andizobe ndizisokolisa! Phofu uBrian yena wanditya ngoku ndimxelelayo ukuba ndi HIV, suke wahamba endihleba ukuba ndi neAIDS kodwa akakhnge asebenzise khondom apha kum”
Celiwe: “Yhewena! Hle lompumezo wakhona! Unxiba kakuhle! Kuyacaca ukuba uyakhonza ke yazo”
Nolitha: “Umbone njani?”
Celiwe: “Uhlobo anxibe ngalo! Izihlangu ezitsolo, nesheti yakhe enamaqhosha amaninzi kwi colar! Imali wena! Yhooooo! Iaccent yevumba lakhe wena”
Nolitha: “Andisarhaleli ukumbona ke ngoku! Kodwa wofika ngumntu endimaziyo ke yaz”
Celiwe: “Hay bendiqala ukumbona mna ke shame”
Nolitha: “Hewena awuncume sana! Setheuyakthanda na lomfana?”
Celiwe: “Ha.a! Kodwa you know moss amadoda kaloku! Obviuos uandifuna! Undithandile”
Nolitha: “Kwaye ulityile ilaphu namhlanje mnganam! Yintoni wachophisa na today?”
Celiwe: “Hay hay hay hay! Yintoni? Hay khandiyeke wethu! Ha! Ha! Ha! Okanye uyiLesbian ngoku mnganam”
Nolitha: “Haaaaaaaa! Yhuuuuuuuu! Yini ukundihlekisa! Ha! Ha! Ha! Wena kanene!”
Celiwe: “And unaye noWhatsapp ke sana, qha ndoyika ukuqala incoko ngokwam! Ha! Ha! Ha!”
Nolitha: “Ubani ke?”
Celiwe: “Lo Mpumie kaloku”
Nolitha: “Ngubani kanti igama lakhe loMpumie wakho?”
Celiwe: “Uthe unguMpumie kaloku nalapha kum! Andimazi nam”
Nolitha: “Yhehake Mpumie!”
Celiwe: “Yintoni?”
Nolitha: “Akekho gay nha loMpumie wakho?”
Celiwe: “Haaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaaa!”
Nolitha: “Igama eli liyandikrokrisa ke yazi”
Celiwe: “Andimbonanga njalo kodwa mna”
Nolitha: “Ebengapitsekanga nha mnganam? Ha! Ha! Ha!”

UCeliwe waye wafumana umyalezo ongena ngoWhatsapp. Wawuvela kuMpumezo. Wabonisa umhlobo wakhe ke sele enoncumo oluhle.

Nolitha: “Nyhani tshomi?”
Celiwe: “Ewe! Nanku ke jonga...”
Nolitha: “Khaveze iPic yakhe Celie! Yhu! Akasemhle maaaarn”
Celiwe: “Akasasutanga sana”
Nolitha: “Mhle tshomi yam! Lonto inoba uphangela endwaeni eryt ke yazi! Jonga lesuti ayinxibileyo. Yho! Ufumene this time ke yazi”
Celiwe: “Utsho?”
Nolitha: “Uzamthini uSimphiwe ke ngoku? ULonwabo yena?”
Celiwe: “Hasuka! Andisabafuni! Ndifuna loMpumie”
Nolitha: “Hay'wena! USimphiwe ekuthanda kangaka?”

UMpumezo oko waye eOline elindele impendulo kuCeliwe. Kodwa phofu embona akuba lomntu athetha naye ukhona naye apha emgceni. Kodwa walinda ngomonde umfo, emana ephendula iincokwana ezibandayo zoBonisa kodwa emana ukukroba kumanye amacala esocial networks, like facebook and twitter.

Celiwe: “Ungubani?”
Mpumezo: “Hay'bo”
Celiwe: Yintoni? Andikwazi kaloku mna! Ungubani”
Mpumezo: “Mpumie”
Celiwe: “Oh! Hi! Sorry andikabinayo imali yokukubhatala ke bhuti”
Mpumezo: “Nha! Andifuni undibhatale! Infact, you can pay me ngokuzondibona”
Celiwe: “Haybo!”
Mpumezo: “Yintoni”
Celiwe: “Njalo nje?”
Mpumezo: “You will be paying the debt aloku”
Celiwe: “Nini ke”
Mpumezo: “Manje! Or late”
Celiwe: “I will see”

Wancuma ke utatakho, kaloku kuye nguthemba mqala uzoginya. Kwaye waye sele eyazi ukuba angavuma nje ukuza kuye usisiza icacile ukuba anganza nantoni nha ayifunayo okanye usele evunyiwe.

Sibonane kwelizayo ilixa.

#DOUO

Scene #3.18

UMpumezo uncokola kuWhatsapp noBonisa.

Bonisa: (Whatsapp) “Yaphelela phi eyokhupha mna ke bhuti”
Mpumezo: “Ngomso love sizoya apho ufuna khona”
Bonisa: “Ubuthe izolo elinye ke”
Mpumezo: “I know, suwara babe! Tomorrow ndim nawe qha”
Bonisa: “Yhehake”
Mpumezo: “Nyhan jo! Ndingowakho ngomso 24/7”
Bonisa: “Ohk ke”
Mpumezo: “Uziva njani namhlanje love”
Bonisa: “Ndiryt qha andikafuni ujongana nabantu”
Mpumezo: “Ohk”
Bonisa: “Ndizivalela ngendlu! Kodwa zoqala uphangela ngomso”
Mpumezo: “Its a start, welcome back”
Bonisa: “Entwenini ke ngoku?”
Mpumezo: “Kaloku, esi sisiqalo sokuphuma kwakho kulomqolomba ukuwo, uzakude udibane nabantu, lento yale vido izode inyamalale tu. Ndivuyiswa nje nayilento ubuyela emsebenzini. Intle lonto'
Bonisa: “Yazi nguwe wedwa umntu ondikhathaleyo ke sana, wonke omnye umntu undibona ubuDevil Worshipper, nomama umfundisi wakho undibona ubugqwirha”
Mpumezo: “Yho! Ewe nhe?”
Bonisa: “Ndiva namarhe okuba ufuna ndigxothwe ecaweni ngenxa yalevido and to be honest, I know who did le vido. Ndimbekele umbeko yena shame”
Mpumezo: “Ngubani yena lowo?”
Bonisa: “Uyamazi uNolitha wakoo12 pha kweza flet zingaseBhekela?”
Mpumezo: “Ndazi lo ubhityileyo utshaya gqthi intsango mna”
Bonisa: “Ha.a! Hasuka! Myeke lowo, akamdaka ke lonto lowo! Ukhona omnye, unesiqwana kodwa yena. Uthanda poster pha kwiGROUP yeJokes, “LMFAO”
Mpumezo: “Ewe, ndiyambona nalowo! Usile ke khona! Utheni”
Bonisa: “Ujola noSityhilelo, lo ndilala naye kulavido”
Mpumezo: “Ngokyu?”
Bonisa: “Kaloku ndafumana iklatshi naye, so, ndayiwina emva kokuba ndimnyisile. Kanti yena washeka esenza ivido ngoku sityanayo”
Mpumezo: “Akangcole ke love”
Bonisa: “Ikhona nje into ezayo kuye wena! Myekele kum”
Mpumezo: “Kodwa uyayenza into yakho kuvido babes andinamona”
Bonisa: “MxM! Wes ke sana ndandingamva naloSityhilelo”
Mpumezo: “Haaaaaaa!”

Waye esemaSomaliyeni uMpumezo ngelixesha athethe noBonisa. Eyozithengela ubuntwana-ntwana nje obuncinane. Kwangena uCeliwe naye ezozithengela umoya.

Somalia: “Azikho iqanda bhuti”
Mpumezo: “Kukho ntoni ke?”
Somaliya: “Zifrench ikhona”
Mpumezo: “Ungayibambi ngesandla ke my friend”
Somalia: “Ikhona ezinye?”
Mpumezo: “Sapha nechips ze 50c kwedin”
Somalia: “Amvovo?”
Mpumezo: “Ewe! Unike nalosisi! Ufuna ezantoni nana?”
Celiwe: “Enkosi bhuti! AweBBQ my friend”
Somalia: “Iwena! Ha.a! Errr! Ithanda imfazi wena!”
Mpumezo: “Hay! Hay! Hay! Yintoni le uyithethayo ngoku kwedini?”
Somalia: “Ha! Ha! Ha! Wena! Ayikh right wena! Ithanda kakhulu inthombhi wena!”
Celiwe: “Caba udume ngothanda amacherie jo nhe?”
Mpumezo: “Nha! Iyageza lentwana. Andinamntu mna jo”
Celiwe: “Hasuka! Uvela phi ndiye?”
Mpumezo: “Serious! Andixoki”
Celiwe: “Ok ke xa usitsho. Enkosi ngee chips, see you”
Mpumezo: “So, andivufumana nokuba ligama lakho ke ngoku?”
Celiwe: “Celiwe bhuti”
Mpumezo: “Waze wanegama elimnandi nkosazana”
Celiwe: “Ndiyayazi lonto bhuti! Enkosi!”
Mpumezo: “Mamela ke nana! Ndicela oku kwamanani akho maaarn”
Celiwe: “Uzowenzani kanene wona bhuti? Iaitime yeR10 my friend nechocolate, islap”
Mpumezo: “Ndingathanda ukumane ndikufowunela! Umhle kakhulu maarn”
Somalia: “Ishota R3.50”
Celiwe: “Andinayo nje my friend, please cela undinike zokuyibhatala”
Somalia: “Ayikho bhatala wena! I know you! Ayikho mali bhatala wena”
Mpumezo: “If I pay for ezi zinto zakho, will you give me your number babe?”
Celiwe: “Nha enkosi! Cela undiphe nje le R3.50 ishotayo”
Mpumezo: “No! I insist! Let me pay for you, and wena undinike nje oku kwenumber yakho”
Celiwe: “If you insist ke bhuti! Sapha iR20 yam ke my friend, please”

Wakhupha iR50 uMpumezo, abhatala. UCeliwe yena ucula lamanani akhe, umfo yena wabe ebhala kwiphone yakhe, ukugqiba kwakhe, wayifowunela le kaCeliwe, yatsho.

Mpumezo: “Yeyam ke leyo! Ndingakufowunela nini ke nana?”
Celiwe: “Nanini ufuna! Xa ingabanjwa ke uyazi ukuba ndibhizi! Enkosi ngokundibhatalela kwakhona”
Mpumezo: “Ingxaki umhle kakhulu jo”
Celiwe: “Ndibhale bani ke igama? Akhange undixelele! Enkosi kodwa ndiyazazi ukuba ndimhle ke nam”
Mpumezo: “Mpumie! Bhala Mpumie! Okanye ungalibhala neliphi nha igama olifunayo”
Celiwe: “ha! Ha! Ha! Funny! Ok ke bhuti Mpumie!”

Bagqibile ukuthenga. Bakhuphana phandle ukuya ngasendleleni, umntu ephethe pwakhe umgodlo.

Mpumezo: “Andizukuhlatywa xa ndikufowunela nana?”
Celiwe: “Ngubani kanene?”

Bohlukana ke kodwa umntu ngamnye wajonga kwelakhe icala. Umfo lo waye engangxama ezithele chu kuhle, efake iiearphones edlala umculo wevangeli, esacofa-cofa iphone ke phofu, kaloku ooko ebekuWhatsapp unkabi, encokola noBonisa ixesha eli lonke. Kwakho lamama wasebumelwaneni ummisayo ukuba athethe naye.

Mama: “Zeke nimise intente nakwesi sethi isitrato kaloku mpumezo mntanam, nishumayeze olu lutsha izwi. Ke lubone apha kuni mntam ukuba intsindiso le iyaphilwa! Ke luyeke ezi zinto luzenzayo”
Mpumezo: “Utsho na mama”
Mama: “Ewe mntanam! Ivele ibe buhlungu ke intliziyo yam xana ndilubon alutshabalala! Kudingeka kwa nina ke nilwe losathana ubasebenzisayo. Kumele kwanina bantwana bethu abaphila intsindiso, ndimlwe losathana. Kaloku, kwanina, xana nikwazi ukuma phambi kwabo nime, nisithi umfana uyakwazi ukuphila ubungcwele, umfana uyakwazi ukuphila engajoli, umfana uyakwazi ukuphila ngaphandle kwentombazana, aphile de futhi ayotshata. Lonto abafani maaarn bona tu nani, nina niphila ubungcwele, niphilela uYesu. Zamani maaarn”
Mpumezo: “Ndiyakuva mama! Kwek kumnandi ke khona ukuphilela uYesu! Uphile futhi phakathi kwezinto, sele usathana ekuzama ukukuthwebula kodwa ngamandla kamdali, ulwe ungagungqi tu. Sizakuzama mama wam”
Mama: “Sizakunithandazisa mntanam, sikhona singomama, sizakunisekela ngemithandazo nani, ukuze niwenze umsebenzi kaThixo, zilande lemfumba yabantu abatsha abazibhubhisayo. Kugcwele isifo sikagawulayo nje, kodwa abeva ukuba nali iyeza, natsi isolution, enguYesu. Kodwa bona bafuna ukufa kuqala ukuze umntu afune uyothandazelwa enkonzweni, sele efuna ukuncedwa nguYesu. Zamani mntanam! Shumayezani olulutshan luzintanga zenu”

Wayesele eme ngasegeytin kowabo umfo lo, sele engxamele ukuyotya

Sime apho okwangoku...! Siyabuya kwakhona

#DOUO

Scene #3.17

Ngoku kusemva kwento enoba ngangee yure ezine uThembela ehleli kwaMpumezo. Sekulithuba noko. Kwaye mninzi umonakaloku osele bewenzile ngezi hours bebobabini. Kwaye ubungqina buninzi. Kwaye kuthe saa amaphepha elekese, kuthe thaca-thaca amathambo ombengo, nango namaphepha echips, ne2l yeJive sele iyinip nayo. Iimpahla zabo nazo zasuswayo kwindawo zazo. Babe ze. Kodwa amaphanga eCONDOM ayengabonakali ndawo wona. Kucaca nje ukuba baye egwadana ze ngentloko uqina.

Kodwa yena uMpumezo wayengayekanga ukunxiba aquqe ngasese, okanye ajikele emva kwendlu oyamise. Yayimcaphukisa ke lento, kuba ngoku imchamisa kade ebhedini, kodwa xa emthumile umqwathi wonwayeka kamnandi pha kunojeje kaThembela. Wawunoba nosizi xa unokumbukela uMpumezo xa ebetha amanzi, wayede asineke nkosi yam, abe bugobarha inga unesisu, amince impundwana ezi zakhe inga ubambe nto ingaphumi ngemva. Athi apho akukhululeka khona, inge angawuyeka umzimba uziwele phantsi.

Waqaphela nto uThembela, kodwa avale umlomo angathethi. Imane isenzeka lento kodwa suke wathula. And uMpumezo lo xa avela phandle uvele afune kuyiwe emkhathini, kwaye enze kamnandi, kwaye naye amnandelwe, kuba kaloku, igudla amacala la edonga lasegwadanga kamnandi kakhulu. Imenze lonto ave kamnandi.

Mpumezo: “Ha! Ha! Ha! Ha! Uthini nha wena?”
Thembela: “iyandikrokrisa kaloku nam lento?”
Mpumezo: “Ha! Ha! Ha!”
Thembela: “Suhleka nyhani torho! Yintoni le umane uyoyenza pha phandle?”
Mpumezo: “Ndimane ndisiyochama kaloku”
Thembela: “Hay kutheni uchama oko nha wena? Uchamela mna phinde yochama phandle? Khona kutheni uchama oko nje?”
Mpumezo: “bendisele amanzi kakhulu kaloku kunye nezinye iipilisi, ngoku zindiphethe kakubu. Ziphuma oko”
Thembela: “Yho! Andinakuzisebenzisa ke mna ezo! Caba zizakundiquqisa phandle oko oko? Ha.a?”
Mpumezo: “Enye into nale jive iselwe ndim kakhulu”
Thembela: “Hay suxoka kaloku! Usele yanye iglass wena kaloku, ndim nje oyintyintyileyo le 2l”
Mpumezo: “Hay suxoka!”
Thembela: “Sose uyisapha ngoku ndiyimhumhe mna ke”
Mpumezo: “Angeke ufince kaloku! Iqwela lelo tata”
Thembela: “Pha ebuhlanti ke bhuti! And le ibithengelwe mna”
Mpumezo: “Indoda yintloko kaloku, ngoko kumele ibe yiyo egqibelayo”
Thembela: “Jonga ke bhuti oyintloko, uyakuba yintloko pha emfazini wakho! Kakade nebhayibhile itsho. So, asitshatanga ke awuyontloko yam. Siyevana?”

Yatsho isithi hlasi ela-empty lanto ilisa emlonyeni, wabetha ixilongo elikhawulezileyo, wavuthela wagongqoza. Wathi akugqiba wawusela kakhulu umoya sele kucaca ukuba ubusele umkile. Suke wabeka isandla esinqeni, esinye esabambe ngalo ela-empty. Suke wamane ekhothana nomlomo lo, emjonge ntsho umfana, nalo ke elalwimi lutsolo lujiko-jiko ngapha komlomo wephanga. Suke wamana ewancineza amahlo akhe uThembela, kucaca nje ukuba usecebeni.

Kwangoko umQwathi akuyiqaphela lento, wavukwa naye likakade losuka amelwe zizinto. Wayethe natya umfo wasententeni ebhedini, evule nkaa de kungena umoya ophole kamnandi. Yeza lentombi, sele igaqe ngamadolo apha ebhedini ukuza emaQwathini. Kwakucaca ke phofu ukuba ibhalele kuwo. Yaangena kanye phakathi kwemilenze, yagaqa kanye apha ekungqamaneni kwamadolo kabhutiza lo. Ngaxeshanye yabhrasha buphulula amathanga anoboya kaMpumezo. Yamana isenza lento, imana isihla inyuka oku kwamaza olwandle, isihla inyuka oku kwegeza kubanda.

Nkamfu, umQwathi uqobo lwakhe. Ngesosandla sasekunene, sihle, simhlophe, sinamazipho ke amade, la afakelwayo, abe kwa wona epeyntwe kaninzi-ninzi naloo mazipho. Uke waqala ngominca uMpumezo, kaloku usenalengxaki anayo, le yosuke aqaqanjelwe. Kodwa, uThembela wayiqonda ukuba ezinye iinyama kaloku zithambile, ngoko akufunakanga uzibambe gadalala. Kufuneka ube nobunono, uzibambe ngenkulu yona inkathalo. Wazama ukucengacengana nomsindo kamQwathi omfutshane, omnyama, okhoyo noko. Suke wazisa umlomo, hay'ke waxhentsa ezombelela ke uThembela.

Kwakucaca ke phofu ukuba usisiza lo noko lomcimbi uyawuchana kakuhle, kwaye ukwayiyo nenkulu yona incutshe. Kuba uhlobo awaye ezenza ngalo, uhlobo awayelenca ngalo, uhlobo awayemunca ngalo, kwanendlela yokufaka amathe esitokini yayahlukile.

Mpumezo: “AaaaaaH! Undenza kamandi b-a-b-y...!”

UMpumezo wayebambe usisiza lo entloko kunye nasentanyeni. Suke wangathi ngumntu ekudala exhuzula ukuhambisa kwakhe isinqe esi, kwakusele kunzima kuye kaloku, eyokuba kube kujikelwa ngapha egwadana ingathi ingathatha ixesha lonto, kuba uhlobo awayewufetsha ngawo umlomo kaThembela wayesele efuna ukukhuphela apho umkhwinya wamageza.

Thembela: “Sukwenza kakhulu”

Wasele waguquka usisi, wagaqa ngamadolo, ukuba ufike nini uMpumezo ngemva kwakhe uzazi yena. Suke wagoba ke lamqolo wakhe, wamthi khamfu apha esiswini, ngesinye isandla bambiyane egxeni, wakhwetshela ke unkazi inga kukude ebhakubha ngenyawo.

Thembela: “Ah! Ah! Ah! Ah! Aha! Ah! Baby! Baby! Ohhhhh! Ouch! Ouch! Ah! Ah! Ah! Ah! Ah! Ishushu! Ishushu! Ishushu! Iyhuuuuuuuu! Eh! Eh! Eh! Eh! Eh! Phe-za! Phe-za! Pheza! Phezaaaaa! Iyhuuu yhu yhu yhu! Hay! Hay! Hay! Hay! Pheza! Aaaaaaaaaaaaah!
Mpumezo: “Ima baby! Sendizogqiba! Aaaaaaaah!”
Thembela: “Hay! Phezaaaaaa! Pheeeeeeeza! Eh! Eh! Eh! Eh! Eh!”
Mpumezo: “OHK! OK! OK! OK! Oh shit! Oh yeah! Ok! OK! OK! OK! OK!”
Thembela: “Yhuuu! Ugqiba nini kaloku! Yhu! Ibihlungu ngoku! Aaaaa! Aaaaah! Ahaaaaa! Ahaaaa!”
Mpumezo: “Nazo! Nazo! Nazo! Haaa! N-a-z-o! Ima! Ima! Ima! Ima! Hiiiiiiiiii! Yhoooooooo! Shit! Aaaaaaaaaah!”
Thembela: “MmmMmm! Yho! Kutheni ibuhlungu ngoku? Suke kwatshisa! Yho! Ingathi igalelwe ityiwa! Shu!”
Mpumezo: “Uyayiva kanti nawe lento itshisayo? Ndiba ndim ndodwa lo! Inokuba kutheni?”
Thembela: “Makube wenze ngamandla kaloku”
Mpumezo: “Azange wandimunca kaloku, ngoku nawe undithumile”
Thembela: “Ha! Ha! Ha! Bendisuke ndacaca! Andiphinde ke tu! Iph'ipeynti yam? Ndinxibe ndigoduke, Kunini kaloku ndimkile ekhaya. Nanamhlanje ke sana ndi ozophatha inkonzo ententeni, akaphilanga yifiva uLindelwa. Kumele ndiyolungisa”
Mpumezo: “Khaphinde undimunce kaloku babay, unditsho kamnandi ke yazi. Uyonwaya kamnandi ke yazi”
Thembela: “Ha.a kumele ndigoduke kaloku! Okanye wena munca mna! Ewe kaloku, besele ndiyenzile mna”
Mpumezo: “Qale wenze kaloku, zokwenza nam”
Thembela: “Ok! Iza ke”

Waguqa uThembela. Wayibamba ezimpundwini le yabe ime ngeenyawo. Wayimunca!

Singami nha apho? Kwixa elizayo ke nanas zethu.

#DOUO

Scene #3.16

Mpumezo: (Ecinga yedwa) “Kutheni ndisuke ndanesazela nje ngokukusweleka kukaSisanda? Lonto abantu abathethi nto inye ngalento. Suke amaninzi amarhe ngokusweleka kwakhe, kwaye nam ndibuxakwa ngoku. Kanene umntu esaphila ubhala umqulu wencwadi, ze akusithetha kuthetheke ngaye, kwaye ibe ninzi nento ethethwayo ngaye. Abe engekho phofu yena ukuze aziphendulele. Ndigqitywa yile yokuba ube ejola namakwirikwiri usisiza lo. Kwaye ubelapha phandle apha ngokwasemadodeni. Ithe ndii into yokuba ubhubhe eyokwenza iArbotion, ekhupha isusu. Nam ke ndilele naye, ingakubi ebekhupha umntwana wam phofu? Akafumanekisanga ukhulelwe mhlawumbi emva kokulalana kwethu? Makube lusana lwam ke olu belubulawa pha! Ukuba kunjalo, bekutheni engatsho ke? Bekutheni ke engandixeleli? Kaloku nam, bendinalo ilungelo lokugqiba ngaye lamntwana, njengotatakhe. Ndizokwazi njani ke ngoku ukuba ibingowam? Hayi, inzima kanye xa kulapho ke ngoku! Mandizame ukuke ndithethe noAkhona! Ke ndizame ukuphanda pha kuye! Ingathi ndinayo inumber yakhe, kuzakumele ndimfowunele ke ndive pha kuye. Kaloku bebe ngootshomi ababantu kwaye ndiyathemba ukuba bebexoxa ngento yonke”

Waphaka esitulweni ebe engqendeve kuso umfo waya ngasentla. Uke wema wazolula unkabi kucaca ukuba umzimba wakhe udakumbile kwaye ubudinwarha noko. Wonde ngetafile apho ikhoyo iphone yakhe ifakwa embaneni. Uyithathile wayicofa-cofa ze wabeka endlebeni yakhe, weza esetini, wazijula phinde wangqendeva ukungqengqa oku kuyo.

Akhona: (Ethetha kwiphone) “I hate you Mpumezo”
Mpumezo: ANdiyazi ke mna lento undixelela yona”
Akhona: “You the reason my friend is dead and you know it”
Mpumezo: “Ndiyindoda kaThixo mna sisi, andibulali bantu koko ndiyabaphilisa. Wena kukundityhola ke oku ukwenzayo! Andidlwengulanga Sisanda mna”
Akhona: “Rhaa! Uzimela ngecawe wogqiba ukuba ngumdlwenguli Mpumezo! You will rot in hell ke bhuti”
Mpumezo: “Sisi, sukundithuka! Andenzanga nto mna”
Akhona: “People will know who the jeck you are very soon and mark my work, uz-a-k-u-n-y-a bhuuti”
Mpumezo: “makube ulelona gqirhwa laziwayo nhe? Lento de undifungele kangaka. Uyaxoka!”
Akhona: “Ndizakubonisa bhuti! Asoze undibulalele my friend and the uzozenza ungcwele-ngcwele apha kum. Yikaka ke leyo bhuti”
Mpumezo: “Khaphendule wethu ukuba yintoni eyenze uSisanda asweleke? Uyeke ukundibhudela mna”
Akhona: “Buz'ekunyeni! Unesazela ngoku nhe?”
Mpumezo: “Esantoni?”
Akhona: “Yini Mpumezo de umbethele ikuku yakhe angafuniyo ukunika yona! De umdlwengule? This is all your fault and I will go tell the police of what I know and bhuti, believe you me, uzakundazi ke”
Mpumezo: “Hay hey jonga, yikaka ke ngoku le undixelela yona! Andenzanga nto mna! Bendithandana noSisanda and ebenditakela njengabantu abathandanayo and wena awungeni ndawo uvile”
Akhona: “Uzakuyiphendula kakuhle ke lokaka pha emapoliseni. My friend never lied to me and I know it. Umbethe abe njeya? IBlue eye enjeya?”
Mpumezo: “Akazange ke abethwe ndim, wafika apha kum enjeya, esithi ubethwe yikaka yakhe, not mna”
Akhona: “Ulixoki gqithi”
Mpumezo: “Ngoku ndade ndamrola ngempahla entsha mfondini”
Akhona: “Suxoka rha! Unemali oyithatha phi wena ungaphangeli? Wayiphiwa nguThulani laR1200 ukuze azithengele impahla. Utsho lento wayecele wena umkhaphe niye etown? Rhhhhhaaaaaaa! Umuncu bhuti. Awuziboni nokuba uyintlama, u-m-u-n-c-u qhaaaa!”
Mpumezo: “Hey jonga wena Nomqwayitondini ndizakuku...! Hello? Hello? Hello? Njakazi ndini! Uzakuhlala usinda msunu”

Wacaphuka ke umnganam kucaca ukuba akayithandanga ke le yobethwa nge phone esathetha. Kaloku, akumelanga kugqibele umfazi, kumele yindoda egqibayo. Le yotyholwa ngento angayaziyo yena unkabi ayikhange imphathe kakuhle noko. Kaloku, yena uzazi ethandana noSisanda, akayazi ke le yotyholwa kangaka leliphuqekazi, de limxelele ezinkonkqeni ukuba ungumbulali. Suke yazula ngoku ngakumbi ingqondo yakhe umfo omkhulu. Yamcingisa ngakumbi mpela ngoku le into. Makube bethu uSisanda lo ube engathethi nyani kwezi tshomi zakhe. Ubexoka!

Mpumezo: (Esacinga) “Ukuba ke ziyinyani ezi zinto zokuba uSisiza lo ukhulelwe, makube ndim lo; ukuba unayo nyhani lengculaza, makube nam ndizithathele pha kuye; ukuba nantoni ebenayo eyosulela ngesondo, ndinayo nam ke mos! Yho! Ndongayithini ke loonto yokugcakamela ilanga kube kushushu mna? Yho! Hay make ndiyochama! Suke wanditshisa ngesaquphe nawo lomchamo. Lona elagqwirha linguAkhona! Ndizakulitshiza ngomlilo wezulu. Uzakumazi uYesu ukuba uyinkosi”

Uye waphuma ke unjabi sele ekhawulezile ukuya ngasese. Ndlela le wawungxame ngayo lamchamo wakhe, suke yangathi ungaphuma kungoku. Wathi sele esaya wabe sele enyenyisa ibhlukhwe yakhe. Xa sele ephezu kwethobhi, watsiba ke umchamo. Usisichenenana esingayanga phi, suke sajiya kakhulu. Yangathi uke wabethwa ngoswazi apha kubudoda bakho, ndlela le suke bashushu ngayo, suke banga bundindisholo, suke banga bungawa ukusuka apha ngasesineneni, ngendlela obasuka babuqaqamba ngayo. Uke wazama ukukhama umfo ecinga ukhona apho uxinge khona umchamo, nkqi, suke kwatshotshozela. Wabambelela edongeni phezu kwethobhi wabujingisa bona.

Mpumezo: “Andiyazi ke lekaka indehlalayo kodwa ngoku! Yintoni wavele wanje umqwathi? Makube unemikhinkqi kaloku, uyasebenza kodwa umfo. Kodwa abuzange baqaqamba kanjena maarn! Andinakuba ndine drop kaloku, izokuba yenziwe ngubani? Noko umamzo akananto ibheke ecaleni, ugrend, nThembela akho whwey itheni. Ngoku inga ingaba ndenziwe ngubani? Kodwa iyatshosthozela maaarn! Suke wastrongo nalomchamo, kwa ivumba lawo lakrakra. Mxm, izophela ngo ngo le whey. Kumele ndicele iiBICO apha kuOledi ubuya kwakhe ke ndizicoce maarn yho!”

Ukuphuma kwakhe aphe wacofa amanani kwiphone yakhe, wathenga iairtime ngeepoints zakhe. Watsalela umnxeba uThembela.

Thembela: “Ha.a andenzi nto, kodwa ndingeza ukuba wena awuzuya ndawo”
Mpumezo: “Ndiyakyukhumbula baba wam! Iza kaloku”
Thembela: “Ndilambile kodwa, funa uqale ndizenzele into etyiwayo then ndize ke ngoku”
Mpumezo: “Suwara! Nam besele ndilambile, ndizakuzama into yotya nam, iza qha wena”
Thembela: “Uza nedrinki torho ke! Kushushu ndinxaniwe”
Mpumezo: “Akho ngxaki, uza ngantoni?”
Thembela: “Zoza ngeenyawo kaloku! Andinamali”
Mpumezo: “Awonkwazi ukuyiboleka?”
Thembela: “Zoyiboleka kubani nha Mpumezo? Ngoku suke kubolekwe eyegwinya kwalapha kum ke tana”
Mpumezo: “Boleka wethu! Zokubhatala nam xa ugoduka”
Thembela: “Ndoku undigciselayo wena ube unayo phofu imali”
Mpumezo: “Khawuze kaloku maaarn”
Thembela: “Awusengxame! Ndiyeza wethu! Ndifike nditye ke apho otherwise, zojika mna ndigoduke”

Sike sibe sisima ke apho. Siyabiya nokuninzi okuzakuqhubeka.

#DOUO

Scene #3.15

Gqirha: “Senze konke okusemadleni ethu mama! Sohlulakele ukuyinqanda umpfumlo wakhe ungaphumi, kaloku isi...”
Mandlovu: “Njani gqirha? Umntanaaaaammmm”
Gqirha: “Sicela ungalili ingathi awunathemba mama! USisanda, usishiyile”
Mandlovu: “Yhuuuuuuuuu! Umntanaaaaaaam”
Gqirha: “Mama! Senze konke ebesifanele ukwenza kodwa asibanga sakwazi ukumsindisa ukuba angafi”
Mandlovu: “Ndifuna umntanam mna! Buyisani umntanam gqirha! Nimbulele! Nimbulele! Nimbulele! Umntanaaaaaaam! Yhuuuuuuuuuuuuuu!”
Gqirha: “Mama, ndicela ukukushiya nonesi, uza kukucacisela yonke into kunye nemibuzo onayo uzakuyiphendula. Kumele ndiye kwelinye idinga endinalo ngoku”
Mandlovu: “Hay hay hay ndifuna umntanam mna gqirha! Mbuyise! Mbuyiiiiiiseeeeeeee”
Nurse: “Mama! Hlala phantsi kaloku, myeke ugqirha aphume mna ndizakukucaciselea kakuhle”

Waaphuma umfo wezempilo. Kucaca ukuba ukhathazekile kakhulu ngesehlo esisanda kwehla. USisanda njengoko eye kuqhaqho, kuyacaca ukuba ikhona nje into engahambanga kakuhle, wasweleka. Ngoku lomfo ube ephuma kwelagumbi loqhaqho ezochazela lomama ukuba intombi yakhe isole yasweleka. Kona-kona lomfo yayiyona ngcaphephe kwesi sibhedlela, kodwa ke umntu angeke umbuyisele umphefumlo wakhe. Xa sele ilixesha lakhe lokufa akukho mntu unokuma phambi komdali, xa sele ethatha eyakhe into. Nakuye ke uSisanda, caba kwakusele kufike elothuba, lokubonana nomdali wakhe.

Nurse: “Ewe mama! Zindaba ezibuhlungu kaloku ezi”
Mandlovu: (Egixa kabuhlungu) “Umntanam nkosiyam yini ukundishiya ndodwa, ikuphela kwakhe”
Nurse: “Ungamsoli nganto uThixo! Ube eyazi nale into kwaye ube eyazi ukuba nakuwe kuza kuba buhlungu. Xola mama! Ewe kodwa ungalila ukuze iphime lento ikuwe, de uxole. Kodwa akumelanga ulile inga awunathemba! Lila usazi ukuba uThixo unawe kwaye uyakubona”
Mandlovu: “Ibikuphela kwakhe mntanam! Andinaye ngoku omnye umntwana. Ababini baasweleka ngo re. Owokuqala wadutyulwa, owesibini wahlatywa kwezi zinto zabo zomnxilo”
Nurse: “Zabuhlungu ke nezo iindaba mama”
Mandlovu: “Undishiya nosana uSisanda! Luseyimveku! Lineminyaka emine okanye emihlanu kuphela”
Nurse: “OH petuna! Yintoni yena umntwana?”
Mandlovu: “Yintombazana ecekecekana ingathi ayondliwa. Kakade unina ubeyitya kuye le mali yegrant”
Nurse: “banjalo bonke ke mama! Masithethe ngokwenzekileyo namhlanje, kumele ndikucacisele mama”
Mandlovu: “Akunamsebenzi wethu mntwana wabantu, yiyeke iinjalo, akusoze ube sambuyisa kaloku umntwana wam”
Nurse: “Ingumsebenzi wethu ukuyicacisa kaloku mama ukwenzela singaleqwa ngumthetho. Njengoko usazi ukuba intombi yakho ibimithele ethumbini, siye sazama ke uyifunela uncedo ngokukhawuleza, sayifaka kuluhlu olungxamisekileyo kuba imeko yakhe ibisiya kuvutho ndaba. Kodwa ekuyenzeni kwethu lonto, kuye kwacaca ukuba, sisephakathi kuqhaqho, unyukelwe ziswekile, noxinzelelo lwegazi lwanyuka ngamandla, intliziyo yakhe naye yabe sele isishiya ecaleni, kuba ibisele ilumpompa kancinci igazi ngoku, lonto yenze ukuba makwenziwe macebo maambi kodwa nawo aye akalunga, wabe ke uya ekusishiyeni. Senze konke okusemandleni ethu ukusindisa ubomi bontwana wakhe, kwaye besijonge ukumnceda ngakumbi...!”
Mandlovu: “Makube uye wazikhathaza kakhulu wena mntanam, wacinga ngakumbi, ze lonto yambangela istress esikhulu. Woyisakala”
Nurse: “Inokuba naleyo ke mama ibe yenye yokusweleka kwakhe ke. Ndiyavuya ukuba uwuqonda umcimbi. Noko andithethi nomntu ekuzakufuneka ndicacise yonke into le. Ukrelekrele”
Mandlovu: “Ndiyinesi nokwam kaloku sana, kodwa ke eziya zokuqala. Ndaye ke ndaphelelwa ngumsebenzi ukungena kwalo rhulumente mtsha, kodwa ewe ndiyiyo. Kwaye akwamkeleki ukufa nakubani nha, ngakumbi xa ilelinye kumathambo akho mntanam”
Nurse: “Injalo na mama? Yhehake! Ndiyakubona ke ukuba kutheni unofifi kwezi zinto? Kuba kaloku umbuzizise kakuhle ugqirha de ndambona ukuba ingathi angaphuma emgceni. Sibuyele ke kule singayo! Mamela ke mama, sizakumthumela ke kwi..”
Mandlovu: “Post-martem! Yes ndiyayazi”
Nurse: “Yes! Ewe! Ukwenzela kujongwe oyena nobangela wokufa kwakhe yintoni! Ze emveni koko ke uzakuthunyelwa elugcinweni kwezidumbu! Kodwa ukuba kukhona indawo ofuna agcinwe kuyo, unganalo ilingelo lokuza nonoUndertaker wakho nimthathe”
Mandlovu: “Ndiyakuva sisi, enkosi mntanam! UThixo akusikelele, uwuthathele phezulu ke nalomsebenzi wakho wokunceda abantu, yanga abasemagunyeni bangakujonga de bakujongisise ke mntanam”
Nurse: “Ndiyabulela mama! Ndininqwenelela okuhle ke nakumalungiselelo omngcwabo ke mama! Ndingakunika ke nenkcukacha zomntu onokungcwabela ngemali efikelelekayo, nali ikhadi lakhe. Nimfowunele, nithi nyinikwe ndim inumba yakhe”
Mandlovu: “Kwowu! Ingaba undincedile ke sana lam, kwaba bangcwabi badura kangaka? Yhu! Uyakuba usebenzile ke sana! Ndukumfowunela ke ndive ngokwam ke amaxabiso”
Nurse: “Wenze njalo ke mama! Ndimthembile ke ukuba uyakukunceda lotata ulapho. Sele encede abantu abaninzi”

Waaphuma ke apho kwelogumbi uMandlovu inga ukhululekile okwexeshana. Waya apho azakufumana iimpahla zomntwana wakhe uSisanda, osandula ukusishiya. Wayithatha loplastiki inazo wonda ngee taxi. Wazama ukuthumela umyalezo kumntu amaziyo wasefemelini ukuba asole exelela abanye ukuba intombi yakhe isandula kusweleka kungoku esibhedlele kwaye naye ezindaba ziyamothusa.

Nurse: (Ethetha kwi phone yasendlini) “Kaloku usanda ukuphuma apha ngoku. Wena lindela inumber evela kuye. Umsebenzi ke ume ngendlela”
Undertaker: “Zindaba ezimnandi ke ezi undixelela zona. So bangaphi ke namhlanje?”
Nurse: “Sele ndifumene abathathu, lo ngowesine”
Undertaker: “Ewe, abanye sele beqhagamshelene nam, ngomso ke ndizakuzisa umgodlo wakho. Ilungile iR3900?”
Nurse: “Ke ngoku usayishiyelani iR100 le ishotayo?”
Undertaker: “R4000? Ok ke kulungile! Sisebenzisana kakuhle ke ntombazana! Mhlawumbi singathetha, ukwezele sikwenze ipartner kulebusiness yethu”
Nurse: “Hay ilunge ngoluhlobo kaloku sana, ingandikrokrisa kaloku apha emsebenzini”
Undertaker: “Mamela ke, andikwazi ukuyifaka kwibank yakho ke lemali, kumele ndikuphathele ilunch ngomso, uzakuyifumana pha phakathi wena lomali yonke”
Nurse: “Kulungile ke tata! Bakhona abanye abanokusishiya namhlanje, kuxakekiwe ke tana, kwaye ndim osondeleyo kubaqhaqhi namhlanje, ngoba kuxelelwa mna”

Zakhawuleza ke iindaba zokubhubha kuka Sisanda, inga zinwenwa okomlilo wedobo. Yaba sisanxwe somothuko ke kwabamaziyo, abamthandayo bagxwala, akufutshane naye suke nabo bengqukuleka, yasisijwi sento ebuhlungu. Bazisana ke abantu ngalomphanga, besothukile benjalo. Yayinguwele-wele esitratweni sakhe beme bubini okanye besisiqhu abanye, begwadla lomhlola. Kwakungekho waziyo isizathu, kuba lomntu ubephilile, lomntu ubeqakatu kwezi zitalato engenanto.

Makube kwenzeke ntoni bethu? Makube utheni?

Bazicingela inyhadudu yovobe ke abantu. Bambi besithi, kakade uhlobo ebephandle ngalo loSisanda, ubegula ehamba. Abanye besithi, kuyaxokwa, ugqitywe yiZ3 iphandl'apha. Abanye bezicingela ukuba ubeyokhupha isisu, suke izinto zahamba kakubi. Abanye bathi, udliswe ngalamadoda anawo maninzi kakade. Abanye baqamba nje izinto ezibheke ecaleni, uve nje ukuba hay'lo uyaxoka.

Oyena mntu usazi sonke isitori, nanko ezingalweni zika-Mandlovu ethuthuzelwa, uAkhona. Wayexheleke kabuhlungu umntwana wabantu ngetshomi yakhe. Wayengasakwazi nokukhupha isikhalo, hlobo awayetshelwe ngayo lilizwi, wayephelelwe naziinyembezi kusihla nje amathe nemifinya kuphela.

Lona usana likaSisanda lwaluthe shwace luzityela iichips zalo nesitoki, luneelekese ezininzi nkqu nemali eninzi, lumana luqhayisa ngayo kwelimdeleleyo umntu. Ndiyabona ukuba yayiyindlela yokuduka umkhondo ze lingabe libuzisa ngonina. Lwalugrwamza ichipsi lona, lunqunquthe isitoki kumnandi kulo. Mntanam, ukuba nje ubusazi ukuba awusenamama. Kakade utata wakho wakuphika uselityam-tyam esiswini sikamamakho. Ngoku, uwedwa.

Sime apho. Sibonane kwixa elizayo. ENKOSI!

#DOUO

Scene #3.14

Ekufikeni kwakhe endlini ebuya esibhedlele uSisanda. Yaba ngathi alusapheli olwalamini usuku, yasuka nde kakhulu nalemini. Asuka acotha kakhulu amaxesha, ahamba kancinci namathunzi. Wazijula phezu kwebhedi usisiza, waziqotha ngeengubo zakhe zonke, engakhululanga kwaa. Indlela ke elalihlabe umhlaba ngayo ilanga phandle. Wayibona yonke into, nale yosikwa kwakhe kukhutshwe umntwana lo usesiswini, ethunjini. Wayibona ken ale yedistshaj anayo, inganyangeka iphele. Kodwa wagxwala kanobom ke akufukelela ekuyazini ukuba unesandulela-ngculaza kwelakhe igazi. Walila kanye oku komntu ove iindaba zokushiywa ngamthandayo. Kodwa ke wayezivalele, de wazitixela kuli eli gumbi lakhe. Suke wagodola inga angoleka phezu kwezi sele enazo iingubo, okanye anxibe iimpahla ezininzana kwa phezu kwezi wayesele ezinxibile.

Zabuyaa zonke iingcingane kuye, suke wawabona amathuba namaphupha ache epatyalaka phambi kwamehlo akhe. Suke lamfiliba elakhe ikamva kwakamsinyane. Akazange alibone iqhinga lokuphila, yena ezakhe insuku kwakusele zibaliwe, kaloku, waacinga ukuba kakade ibingasekho anokuyiphilela.
Uze waneengqondo ezininzi ke ukuba inokuba uyifumane kubani leHIV anayo, ayinakuba nguThulani, ingenakuba nguMpumezo kuba kakade into yabo ayikagqibi neeveki ezine kakade, inokuba ngubani? Wafunisa engqondweni yakhe kodwa uthe xa ecingisisa, qatha nto;

Sisanda: (Ecingela ngaphakathi) “I-STI le ndiyifumene kuMpumezo for sho. Bendingenayo and azange shame ndibe nayo mna ngaphambili. But ndithe ndakulala noMpumezo zaqala izinto. Nditshiselwe yimichamo emincinci. Suke ndaqaqanjelwa ngamazantsi ezisu, suke ndaphunyelwa ngamaqhakuva amancinci abuhlungu kweikuku yam, suke ndaphuma into encangathi ebrown okanye esuke yabungcola kunale iqhelekieyo, suke ngoku lento yanuka kakubi, suke ndanamaqhakuva angamaqukunya apha esineneni sam, suke nalamkrazuko ndandiwenziwe nguMpumezo nawo awaphola ngokukhawuleza, suke ndaneendawo ezirhawuzelayo emilebeni wekuku yam, suke ndamana ndihanjelwa ngumzimba rhoqo ndizithwisha. Lonto abuhlungu nalamaqhakuva, bendiwonwaya kamnandi de ndizikrwela de kuphume igazi. Ibide ipeynti iyandityabula, sole ndingayinxibi. Lento yam yokuthatha kwam ithuba indilimazile, ukuba bendiye eklinik isaqala lento mhlawumbi ngendilufumene kuse early uncedo. Ntonje ndonqene ukuzijongisa ngeetshomi zam, besezikrokra kakade kuba suke ndavela kuzo ukuba andiphilanga ntonje ndixoka kuzo. Ukuba ndindimxele kuse early ke uAkhona mhlawumbi ngengazange wandihleka ntonje wandicebisa ngokuya ekliniki. Ndike ndibe sisibhanxa ngelinye ixesha kodwa isi..”

Akhona: (Enkqonkqoza) “Tshomie”

Waphazanyiswa kwezongcingan zakhe kukuva umntu enkqonkqoza emnyangweni wekamire yakhe, kaloku, utixile ngoku kumele aphakame ayovula. Wayengekho kwimood yokuncokola ke okanye yokuba nomntu. Wayefuna ukuba ake abe yedwa usisiza, mhlawumbi icebo lingavela. Kakade umntu kuyafuneka kea be yedwa, ke azifunde, azibhenca-bhence, azihlola-hlole, azinombore ukuba isenguye nha. Wayefuna naye uSisanda elothuba loke azinike yedwa phambi kokuba abelane nabanye.

Akhona: “Tshomi ndim uAkhona! Khovule torho”
Kakade umntu xa sele ethathe isigqibo sokungayenzi into, akakhathali nokuba ngubani othini, uyayimela. Nokuba ngumhlobo wakhe, nokuba sisalamani sakhe, ukuba uzixelele hay’ke uzixelele. Nalo, wazixelela ngokungavuli, angahoyi. Uyakuse abone ukuba wenzani ke uAkhona lo.
Akhona: “I heard of what has happened tshomi! Please, cela undivulele torho”

Intoni? Sele eve ntoni ngoku uAkhona? Uve ngabani? Yho! Makube sele igcwele ilali yonke ke lent yokuba yena uneZ3? Bathathu kuphela nje abantu ekumele beyazile lento okanye abayaziyo nje lento. Nguye yena mnikazi wayo, ngunesi yena owenze uhlolo kunye nonina. Ngoku lo uve ngabani? Bekumele uve ngaye yena lo ngokuba eyitshomi yakhe...! Ngoku uve ngabani?

Akhona: “Tshomi! Vula kaloku! Akumelanga ube wedwa.Ndifuna ukuba secaleni kwakho torho! Ndicela undivulele! Masisi? Masisi? Masisi? Khovule torho ohyini! Khavule kaloku my chomp”
Sisanda: “Uphinde ubuye kaloku ndisalele ngoku”
Akhona: “Andiyi kwa ndawo ke mnganam vula olucango”
Sisanda: “Ndilele maarn Akhona”
Akhona: “Akho ngxaki kaloki, nam ndifuna ukulala apha ecaleni kwakho. Khovule kaloku”

Wayiqonda nje uSisanda ukuba kungatshona ilanga kenene. LoAkhona kakade eyakhe intloko iqinile, xa eyenza into uyayenza nyhani ke kwaye akasoze ajike tu. Uzakuma ke kulamnyango okanye suke into ezomenza angakwazi ka ukulala, suke angxole okanye ankqonkqoze kakhulu de adikwe. Kodwa wona umbuzo weema ke ukuba inokuba uve ngabani?

Sisanda: “OK! OK! OK! You don’t have to break my fuckin’ door open”
Akhona: “Vula maaarn! Andonqeni kanti nokulophula shame. Xa ungavuliyo kaloku”

Wavula jike ukuya ebhedini ukuphindela ezingubeni zakhe kodwa weva ngoAkhona sele embamba, wamguqula, wamanga, wamqinisa, waamnkonya ke uAkhona loSisanda wakhe, akamyeka tu. Suke yafixiza ngoku le yaseSisanda, nayo izithe gwije-jike nayo ezayo iingalo kulomhlobo wayo. Weva uthando, ubushushu, ukuthemba, inkathalo kulomhlobo wakhe. Ingaba basekhona nha abahlobo abanje? Andiqondi kodwa aba suke balilelana ngoku bobabini, wagxwala kodwa yena uSisanda, wafixiza yena uAkhona kusihla imvula yeenyembezi.
Akhona: “Shhhhhhhh! Stop it now! Sukulila ngathi awunalo ithemba my friend! You will get through this. I mean, we will get through this, together. I promise you! Sulila! Abuphelelanga ubomi apha, kwaye busebude. USezokuphila de wodlule nabangenaso esi isifo”

Wamyeka ke uSisanda, kodwa babambana ukuya ebhedini kunye, sele bebambene ngezandla. Bangena wethu kwezongubo bobabini, sele etyedile kodwa ezinye iimpahla usisiza kodwa esanxibile. Yabangathi lusana ke uSisanda enkonyiwe nguAkhona.

Sisanda: “Uve njani? Ngabani wena?”
Akhona: “Shhhhhhh! Suthetha! I am here now! Okusalayo ndiyazi and kumele ndikunike the best support as umhlobo wakho”
Sisanda: “Really, i want to know! Uyifumene njani kanti?”
Akhona: “Honestly! Your mother was worried about you. Uthi kudala uzivalele apha and that awutyi and awumhoyi tu xa ezama ukukukroba ukuba ukuba ukahle nha”
Sisanda: “And so she told you?”
Akhona: “Everything! I am afraid! Yes”
Sisanda: “Umama ke ncncncncncncn”
Akhona: “Ube right ke tata! Ubuzozivalela wedwa de kuthini apha? She had to tell in order to get through you. So that ukwazi uthetha, ukhululeke and ukhuphe everything thing ekuwe entliziyweni. Ndilapha njengomhlobo wakho, uyayazi kaloku sisuka kude. Wenza kanje nawe ngokuya ndandifumene ilishwa lokungaphilelwa ngumntwana. Laliphelile izwe kunye nobomi kum, kodwa wena waba ngumhlobo wenene kum, wandiduduza, wandikhathalela. Uyakhumbula, undityisa ngenkani? Nam ndizokwenza lonto namhlanje. Ndizobuyisa izitya ke sisi”

Suke bahleka intsinana shame engabhekele phi. Caba iyacingwa lento ithethwa nguAkhona

Akhona: “Kodwa ke mhlobo wam, ukumithela ethunjini kona asinakubaleka. Kumele wenze le operation nakanjani, sibuye ke ngoku siqhubeke nobethu ubomi. Kamnandi wena sele unaye umntwana ona 5years and ke ngoku kumele uphilele yena.
Sisanda: “Enkosi my friend. Nditsho ndaziva ndibhetere kodwa ndisothukile. Shame, ndiyamzonda uMpumezo”
Akhona: “UMpumezo? Utheni ngoku nha mnganam? Usamzondela ukubetha kuba ungafunanga ulala naye?”

Wasuka lombuzo wamlilisa uSisanda, suke wafixiza ngakumbi kengoku. Uhlobo asuke waphefumla ngalo ngoku, lamoyikisa uAkhona, wazama ukumshishizela, ukumthuthuzela, ede ashishize naye oku komntu othuthuzela usana.

Akhona: “Intoni? Wakudlwengula? Nini? Njani? Kwathini ungandixeleli? O yiyo lento ufuna ukumbulala! Hay’wena imbi lento! Kwathini ungambambisi ke Sisanda? So, le discharge uyifumene kuye ke mos, nale AIDS uyifumene pha kuye! Yhooooooooo! Andikholelwa ke ngoku”
Sisanda: “I was stupid enough not to tell you my friend, i am so sorry”
Akhona: “U-M-P-U-M-E-Z-O”

Sibonane ke kwixa elizayo. Usuku oluhle.

#DOUO

Scene #3.13

Usisanda, waye engaziva kakuhle ixesha eli lonke. Eqaqanjelwa nangamazanzi esisu, erhawuzelelwa nangumzimba wonke. Kwakusele kuntsuku ke usisiza esiva kanje, suke wanokutyhafana okuthile kunye nokudakumba komzimba. Yayingamonwabisi ke lento nkosi yam, ehleli nje unxibe shushu, vuxa vuxa. Ehleli nje uyedwa, kwaye uquqa kakhulu nangasese. Ukuba akaquqanga ngasese ube tshona ebheyileni ekamerweni. Atsho ke ngomchamo onukayo. Emva kokuyicingisisa ke lento wagqiba ekubeni andwendwele apho kufumaneka khona uncedo.

Nurse: “I am so sorry”
Sisanda: “What?”
Nurse: “Injalo sisi”
Sisanda: “I don't understand mna nurse”
Nurse: “Sisi, unedischarge! Kwaye sele ikwelinye iqondo ngoku kaloku ind...”
Sisanda: “Yenzeka njani lonto nurse?”
Nurse: “Ndithi kaloku sisi, ndilinde ndigqibe ubuyis...”
Sisanda: “Ewe bendiyisebenzisa ikhondom mna”
Nurse: “Asoze undixokise kaloku sisi! Lento ndiyibona apha kuwe kuyacaca wena ukuba awuyisebenzisi ikhondom, kalokum I...”
Sisanda: “Undazelaphi? Ufuna ukuthi ndilihule mna nesi? Ufuna ukuthi ndilala nawo onke amadoda aleLower? Huh?”
Nurse: “Owam umlomo akhange uwakhuphe ke loo magama, khawusole undixelela ke sisi, mangaphi amadoda olala nawo? Uyayisebenzisa ke ikhondom? Khona, uyacwangcisa?”
Sisanda: “Ewe, ndiyayisebenzisa, indoda yam inye nguThulani. Andicwangcisi ke mna”
Nurse: “Kutheni?”
Sisanda: “Iyatyebisa kaloku le naliti andi ayindimensisi mna”
Nurse: “Hlala phantsi kaloku sisi ndikuxelele zonke ezi ziphumo zakho”

Sisanda: “Hay ndiryt ngoku ndime ngenyawo”
Nurse: “Kulungile ke sisi! Mamela ke, bendisithi. Wena sikufumanekise unedischarge ebizwa ukuba yiSyphilis. Kwaye sele ikwiqondo elibi kakhulu, amaqhakuva la onawo kudala uwathwisha and sele enwenwele ngaphakathi. Unezilondana ezilapha emilebeni kasisi lo wakho. Kuyacaca ukuba sele kuntsuku zikhona. Unemikrwelo ke nalapha emilebeni caba kudala uzithwisha ngalamazipho wakho makhulu. Enye into, sifumanisa ukuba umlomo lo wesibeleko sakho nawo uchaphazelekile, kukho izilondala kunye namaqhakuvana engathi ngamatyana amancinci, oku kwetyuwa. Sikwafumanisa ukuba unesifo esandulela ingculaza. Ungabi nalo kodwa ixhala, sizakuzama ngako konke okusemandleni ukuba ulufumane lonke uncedo, kangangoko suinako. Sinawo amacebo kunye nezinto ezikhawulelana kunye nempilo yabantu abaphila sesi sifo. Enye into esiye sayifumanisa kukuba, ukhululelwe, kwaye lele uneeveki eziliqela. Iindaba ezimbi ke zezoba, kuthe kanti umithele ethumbini, kwaye iyingozi kakhulu ke lonto. Ngoku, kuzakufuneka wenziwe uqhaqho, ukuze kukhutshe loomntana. Iyingozi kakhulu ke sisi wam, kuzakunyanzeleka ukuba sikhawulezise ukkwenza leoperation, kungeko nakali. Siza...”

Sisanda: “Yhuuuuuuuuuuuuuuuuuuuuuuu!”
Nurse: “Hay sukukhala kaloku sisi, kuza kulunga. Qina wena ukwenzela sikwazi nathi ukuwenza ngenyameko umsebenzi wethu. Ngoku uzakusenza iinkenkene. Kuzakufuneka ndikunike amaphepha ngoku uwagcwalise, angeke sikwazi ukulinda ixesha elide. Ubeka impilo yakho emngciphekweni ngokulinda sisi. Qina wethu!”
Sisanda: “Yhuuu yhu yhu yhu yhu! Ndenze ntoni mna? Kutheni ezizinto zehla kum ndodwa? >Ndenze ntoni mna? Oyini bawo! MAAAAaaaaaAAAAaaamAAAaaaaaaa!!!! yhuuuuuuu!”
Nurse: “Oh yini ukukhala kakubi kangaka nha sisi. Thula wena kuzolunga kaloku”
Sisanda: “Ndifuna umama! Maaaaaaaaamaaaaa!”
Nurse: “Ndinike inombo yakhe ndimtsalele unxeba sisi, ewe akulunganga ukuba ube wedwa ngoku. Ungehlelwa yinto. Iphi iboyfriend yakho! Ndinke nayo inumber yayao ndiyitsalele umnxeba”

Wehla ngedonga uSisanda inga nguYesu ebethelelelwe emnqamlezweni. Wehla bhaxa phantsi sele kunzima nokuba kuphume into kodwa kowakhe umlomo, nantso imifinya, iinyembezi ngaxesha nye de yanga incangathi ukujiya oku. Waye enesingqala ke.

Unesi, waqhubeka yena ngokuqokelela lamaphepha ekumele agcwaliswe nguSisanda, ebambe ipen ngomlomo. Wayemana engena emnxebeni efowuna, ethetha nabanye kwelinye igunye, suke kwangena usisi ephe amanzi aneswekile, waseliswa uSisanda.

Nurse: “Ngomso kumele uye kuqhaqho ke sisi, ange sikwazi ukukulindisa. Kuzakumele ungatyi kutya kusasa, ungaseli kwa amanzi ukwenze amathumbu angagcwali kutya. Umama wakho kumele asayne lamaphepha, kodwa ndimfowunele ke uyeza usendleleni. Ungabinalo ixhala mntana wasekhaya uzakuhoywa zincutshe kulomsebenzi and nothing can go wrong. Uthandaze ke nawe ze uThixo akuncede. Bekumele uyisebenzisile ikhondom ke kwasekuqaleni, umncinci gqithi ke for ube nosana, kwaye nale into kwakumele uyilumkele kwasekuqaleni, kodwa ke sekwenzekile kwaye asisoli nto, kumele siqhubeke nempilo, kakade asikokuphela kwempilo oku, ntonje kukuqala kwayo. Kukuwe ke ukuba ufuna ukuziqoqosha okanye ufuna ukusole uyichitha pha phandle kwa hell. Asikokuphela kwempilo, uThixo ukhona and uyakuthanda. Nyamezela ke ubekezele, ukholwe ukuba usezakuphila ixesha elide”

Ukuba wayesiva ngeendlebe uSisanda ndingancama, kuba wayesele ethe phuhlu amehlo. Suke wawathi ndwanyi phexe ukujonga oku, wayesele ephefumla ngamagxa oku kwekwenjana eshiywe ngumvundla. Sele wathi vuxa kweladonga ahleli kulo, nanko ke ethe shwace.

Waqhubeka yena unesi ukulungalungisa izinto ezithile.

#DOUO

Scene #3.12

Mamfundisi: “Andifuni mntana uzakumosha abanye tata pha enkonzweni. Lo yena kumele asikwe once and for all. Kungenjalo kuzakugcwala ooNongongo kwela bandla tata! Cingela ireputation yethu, ireputation yakho tata as inkokheli. Akuzuthwa ukhokhela iiprostitutes nha? Akuzuthwa lenkonzo yethu yinkonzo yezi zinto? Msike tata”

Pastor: “Hay noko ndibudana ngoBonisa kengoku! Iyandikhubekisa lento undixelela yona, bendingayilindelanga tu, hay kuBonisa. Ngawusapha le vido ke ndiyiphinde ukuyibuka oku! Ingaba nguye nyhani nha torhwana? Kwek iyamvunguza ke lentwana nkosikazi, kutheni engxola kangaka naye?”

Mamfundisi: “Akho kungxola ngandawo apha. Bubuhule obu abenzayo. NguJezabel lo kwaye kuyacaca ukuba uphila lentlalo. Msike tata please, namhlanje ententeni umxelele ukuba angaze alibeke unyawo lwakhe ententeni. Mgxothe”

Pastor: “Hay nkosikazi andizukuxelelwa nguwe ukuba mandenze njani ebandleni lam. Ndizakuthandaza ngoBonisa, kudingeka ukuba nam ndidlale indima yam njengotata kuye, ndimnike the support ayidingayo. Bendicebisa nawe wenze kanjalo. ANdikubuzi ken awe ndiyakuxelela. Dlala indima yakho nje ngomama kaBonisa, umama webandla. Ithi ibhayibhile xa kukho olahlekileyo, amazulu ayavuya xa athe wafuna, walandwa ze wafunyanwa. Kugcoba iingelosi ziphaphazelise amaphiko, zivuya. So kumele senze konke okusemandleni ukuze simncede”

Mamfundisi: “Mna ndifuna uBo...!”

Pastor: “Ndigqibile nkosikazi. Khaze ngapha ekamerweni ke singqengqe, siphumle emva kwemini ende, ze sithi sisiya ententeni sibe siphumle ngokwaneleyo”

Mamfundisi: “Yinto oyaziyo ke leyo, le yofuna ibhedi apha kum! Ndidiniwe mna ndisuka emsebenzini! Ndifuna ukuhlamba”

Pastor: “Yintoni lento wasoloko waqhankqalaza nha xa kufune undiphe amalungelo am nha nkosikazi? Yintoni wasoloko wavusa uchuku nha?”

Mamfundisi: “Andivusi chuku qha ndiyakutyelela ukuba ndisuka emsebenzini mna kwaye ndifuna ukuhlamba”

Pastor: “Ubuhleli noMpumezo ke apha ungavasi nincokola isiqhazolo de wamkhapha ube ungaqhelanga ukukhaphana nabantu abatsha pha enkonzweni. Bekutheni yena?”
ngandawo apha. Bubuhule obu abenzayo. NguJezabel lo kwaye kuyacaca ukuba uphila lentlalo. Msike tata please, namhlanje ententeni umxelele ukuba angaze alibeke unyawo lwakhe ententeni. Mgxothe”

Pastor: “Hay nkosikazi andizukuxelelwa nguwe ukuba mandenze njani ebandleni lam. Ndizakuthandaza ngoBonisa, kudingeka ukuba nam ndidlale indima yam njengotata kuye, ndimnike the support ayidingayo. Bendicebisa nawe wenze kanjalo. ANdikubuzi ken awe ndiyakuxelela. Dlala indima yakho nje ngomama kaBonisa, umama webandla. Ithi ibhayibhile xa kukho olahlekileyo, amazulu ayavuya xa athe wafuna, walandwa ze wafunyanwa. Kugcoba iingelosi ziphaphazelise amaphiko, zivuya. So kumele senze konke okusemandleni ukuze simncede”

Mamfundisi: “Mna ndifuna uBo...!”

Pastor: “Ndigqibile nkosikazi. Khaze ngapha ekamerweni ke singqengqe, siphumle emva kwemini ende, ze sithi sisiya ententeni sibe siphumle ngokwaneleyo”

Mamfundisi: “Yinto oyaziyo ke leyo, le yofuna ibhedi apha kum! Ndidiniwe mna ndisuka emsebenzini! Ndifuna ukuhlamba”

Pastor: “Yintoni lento wasoloko waqhankqalaza nha xa kufune undiphe amalungelo am nha nkosikazi? Yintoni wasoloko wavusa uchuku nha?”

Mamfundisi: “Andivusi chuku qha ndiyakutyelela ukuba ndisuka emsebenzini mna kwaye ndifuna ukuhlamba”

Pastor: “Ubuhleli noMpumezo ke apha ungavasi nincokola isiqhazolo de wamkhapha ube ungaqhelanga ukukhaphana nabantu abatsha pha enkonzweni. Bekutheni yena?”

Mamfundisi: “Ubufuna ndivase phambi koMpumezo ke ngoku? Ndangamkhaphi ke ngoku uBrother Mpumezo endikhaphile, bendidibene naye kaloku ndisohlika etaxin, wandikhapha”

Pastor: “Ubuyibuzwe ngubani ke ngoku leyo?”

Waphakama utata waya ngqo kunkosikazi wakhe kwiseti ekwela cala kwale ebehleli kuye. Ufike wema phezu konkosikazi wakhe, wamkhomba ngomnwe wenjenje;

Pastor: “Iya indidina ke le ntsente undenzela yona! Ucinga ndiphiwa phi undivimba nje? Okanye kukhona apho ubhaqa khona wena ngoku so vimba mna? Kukundiqhela oku nhe? Thetha maaarn! Uzakuyenza kube nini lento yokutrafana nam? Huh? Ngubani indoda kulomzi nkosikazi? Hey ndiyathetha kuwe maaan”

Akazange aphendule umamfundisi, suke wokha ufour sana wogqiba wasonga izandla zakhe, wajonga kude. Ewuquthee lomlomo wayinyusaa loompumlo, akathetha nelimdaka.

Pastor: “OH! Awuzindiphendula ke ngoku? Huh? Ndiyathetha nawe nkosikazi! Ngamasimba antoni nha la undenzela wona? Ucinga andinakukukhaba unye mna apha kwam? Kukwam kaloku apha kwaye kukhala esam isicathulo. Ufuna ndithini kanti kuwe? Nkosikazi? Ndiyathetha nawe! Hey ndijonge! Ndijonge!”

Xexebu! Ngaloomehlo anomsindo, nezoompumlo zibhevuzayo inga zingakhupha umlilo. Loomenfu inyusiweyo mfondini kunye naloo mlomo uquthiweyo oku kwentsikizi ibala imali yayo esangxongxweni sodaka. Jike, kwakhona wajonga endenxe.

Pastor: “Yazi uyandinyela yazi wena..”

Wayifaka yaphelela impama utata wabantu, sele ebibitheka naye ngumsindo. Wayifaka yade yawisa amathwalo kamamzo, kwataka macici, mifinya, zinyembezi. Kodwa nkqi ukuphuma kwento ngomlomo.

Pastor: “Ndiyabona ukuba undilibele nhe? Izakuphela ithi saa ithsiki le unayo! Undiqhela umrhuzi ke mos! Awundiboni! Awundiva! Yiza! Phakama! Yiza! Uzakuyenza lento ndiyifunayo”

Mamfundisi: “Ndiyeke ndizakuziphakamela! Undibethela ntoni tata? De nditake imifinya? Undibethela ntoni kanye?”

Pastor: “Ndakukuphinda! Phakama! Ndilandele! Ndakuku...”

Wamlingisa ngempama kwakhona weeqikili thaxa phantsi ngempundu umamzo sezimile ngoku iinwele zakhe. Suke waavuxa vuxa ngesaquphekazi esikhawulezileyo, waphatsha kanobom kengoku. Wanga ligezana eligolozayo. Wangena kuqala kulamnyango wekamire sele ekhokela. Yayisele ilandela ngemva ke le ndedeba sele inyenyisa amabhanti, imbi ebusweni ukuze uqonde ukuba idikwe yeyokosa. Yafika sele equbude ngobuso ebhedini umamzo efixiza, ubuso bugcwele qhu ziinyembezi ezishushu. Waguqulwa nje, efixiza enjalo, wakhululwa wa...!

Thembela: (Ethetha kwiphone) “Ndiyakukhumbula kodwa baby! Ndicela uzolandwa ngo11 namhlanje ebusuku”

Mpumezo: “Nam ndiyakukhumbula njena! Kodwa ndizoshumayela namhlanje”

Thembela: “Nam ndizoba ngu MC njena! So uthini? Ndiyalandwa late?”

Mpumezo: “Phumela apha kum kaloku xa usuka ententeni! Ndizokulinda pha ekoneni, sikhwele iphela”

Thembela: “Ha.ana! Ndizoya nomakazi namhlanhe ecaweni, uthi ufuna ukundibona apho ndikhonza khona. Yena ukhonza eZiyoni, so ndincwase ukumba”

Mpumezo: “OK! Ndizazokulanda!”

Thembela: “Wayeka ke ngoku nokuthi uyandithanda? Okanye lwaphela nha?”

Mpumezo: “ Hay’maaaarn khayeke wena ngochuku! Jonga ndisagqibezela ukujonga izwi lanamhlanje! Ndiyakuthanda ke sisi! Enkosi ngo callback ke”

Thembela: “Ndicela undithumelele iR2 ye airtime torho! Andinamali yongena kuwhatsapp”

Mpumezo: “Ok! Ndizokuthumelela eyeR10 ngo ngo ke”

Thembela: “Yhuuu! Enkosi lovewam”

Mpumezo: “Sho”

Thembela: “Kodwa ndizkhumbulela umqwathi wam shame mna! Cela ukuza ngoku torho!”

Mpumezo: “Ngubani ikanti ixesha ngoku?”
Thembela: “Kuse early kodwa. Zokhwela iphela love nhe”

Mpumezo: “Khawuleza”

UMpumezo waathumela le kumele ayithumele kuThembela ze wangena kuWhatsapp.

Bonisa: “Ok! Break a leg ke bhuti! I wish to be there ke yazi qha amehlo ha.a”

Mpumezo: “Ndizokubeka ke sisi wam. Cela siye kaloku kulandoa ngomso uvile....!”

Bonisa: “OK! Zobona ngawe

#DOU

Scene #3.11

UBonisa ngou sele echacha kakuhle noko esibhedlele ngolusuku lwesibini, kwaye nabo ogqirha bavumile ukuba ayokuchachela ekhaya. Kodwa wayesabhandeshile entloko, kodwa kungasekho kangako. Kaloku, yayingumothuko eyona nto ingamandla. Kanti ke phofu akakazazi ukuba bekuqalelephi ukuze azoba lapha. Kodwa wayezama kodwa ye torhwana ukuyicenga eyakhe ingqondo ukuba ike ibuye. Wayefuna ukwazi ukuba kutheni nha. Kwafowunelwa kokwabo ukuba ze azolandwa emva kwesidlo sasemini.

Yayimmamngaza ke uBonisa into yokuba kungakhange kufike nomnye umntu wasenkonzweni yakhe, eze kumvelela. Babeyazi phofu ukuba ukhona? Ukuba babeyazi, kwakutheni bengezanga? Bamkwayile nha? Kutheni?

Wakhululwa ke esibhedlele, kwatshiwo ukuba ze aphinde abuye uzokwena uhlolo. Kodwa lamothuko, uphantse ukumenzela isifo sentliziyo, uphantse ukufumana istroke, kuba ingqondo le ibuchachamba kancinci. Ke, akufuneka aphinde akhathazeke okanye awe futhi lonto ingakhokelela ekubeni agule ngakumbi.

Bonisa: “Ivido? Yivido etheni leyo mama?”
Maletha: “Yivido yakho usenza amanyala le kuthwa ububoniswa yona wena!”
Bonisa: “Mna? Ndisenza ntoni? Hay andiyazi mna lonto”
Maletha: “Yintoni nhe lento naze nenze izinto namalakhwenkwe enu? Ngamanyala antoni la naniwenza nina? Nanizifotelani nizumana?” Bonisa: “Hay hay hay! Andiyazi ke mna lento undixelela ngayo”
Maletha: “Uphantse ukubulalisa abantwana babantu ngabahlali, uyabazi abahlali baseIsland abasifuni isikoli”
Bonisa: “Ngobani ngoku abo bantwana? Kwenzeke ntoni na mama ukuze ndibe sesibhedlele? Elinxeba ndinalo kutheni? Kwenzeke ntoni?”
Maletha: “bathethe inyani kaloku ooStampu, noPitso lokaMampinga ukuba bakubukise ivido, becinga wena uyaya kanti akuyazi. Wawa ke, ubonwe ngabahlali ke ulele usopha, bacinga inoba ikhona into oyenzekelwe yiyo okanye bakubethile okanye bakukhuthuzile”
Bonisa: “Yho! Yivido etheni nha le?”
Maletha: “Ke uSoso, ebesele ebethiwe yena, kuthwa wophulwe ingalo, abanye yimirhuzulwano nje. Baveze lavido bebekubonisa yona ke, le uzikhwelisa kuyo ngalamfana uhlala pha ngaseBhongweni. Lonto ninamanyala Bonisa ndinincamile”
Bonisa: “Hay ndicela ke ndibone levido nililisela ngayo! Nazi njani nina ukuba ndim?”
Maletha: “Icace gca mntanam, kwaye ibonwa nanguthatha. Lonto niveza neetorosi zenu anifihli tu! Ngexesha lethu thina, wawungekhe ulale nendoda yakho kukho umntu wesithathu. Wawuqoshela ezongubo ungafuni tu. Nina senithathe le yaseNtshona into, le yokuzumana nibe nifotwa. Hay aninazintloni tu”
Bonisa: “Kutheni ungayithathanga wena mama nha le vido?”
Maletha: “Uyayazi kaloku eyam iphone ingusigedlemba, ayifoti kwaye ayingeni ezi vido zenu. Incedile ingakwazi okokufota, ukwenzela ndingahambe ndibonwa lillizwe lonke ndiqhekeze iimpundu, ndinkamfule ezendoda. Lonto unesibindi, ude uyayintyontyela mntanam ukuba mayikukhuthule igusha le? Hlobo olu opitshoza ngayo mntanam suke wandikhumbuza ngexesha lam, ndaashiya amahule amaninzi pha kutatakho ngesi sam isinqe! Ufuze mna! Kodwa hay ngobuhenyu bevido ke”
Bonisa: “Se yandenzela intloko ke le yevido ke mama, ndirhalela ukukhe ndiyibone ngoku” Maletha: “Andinayo ke mna mntanam eyophinda ndiqashe imoto ikuse kwagqirha. Ziduru kangaka ezimoto siziqashisayo? Utatakho wakhe ukumka ayoyitya namankazana imali yakhe, ndinithwele nzima ngalamazinyo am Bonisa”
Bonisa: “Ungenaphi ke utata kulento ke mama?”

Bohlika ke emotweni eyayiqashelwe ukuyolanda uBonisa ngunina. Kwakusele kuthe chasi ke esitratweni sakhe. Ingulowo efuna ukubona loBonisa udumileyo. Behleli bezithanda ke izinto abantu, behleli bezigadile ezabanye abantu. Babesele beme nangeenyawo abebehleli phantsi, inga bakrobile abasezifestileni naseminyango, zake zalityalwa ebezisenziwa phambi koko, okwexeshana.

Maletha: “Kaloku, uyiselebrithi nontombi ngoku, kwaye uzenzile”
Bonisa: “Ukuba yinyani ke lento, bathini abantu benkonzo? Umama umfundisi? Nomfundisi...? Yho! Andisenantloni”
Maletha: “Makube uvuya gqithi utatakho apho akhoyo, wayendithuka ngokungakwazi ukuqeqesha kaloku, wena wakhetha ukundihlaza”
Bonisa: “Andenzanga nto irongo mna ke mama yazi, ndifunele umntu onayo le vido ze ndiyibone nam”
Maletha: “Ndizothumelisa umntwana pha kulo Stampu ke eze nayo”
Bonisa: “Uzakube undincedile! Iphi iphone yam mama?”
Maletha: “Hasuka! Bendidikwe koku kuntwintwiza kwa ezimini nobusuku, ndaycima ndayfaka pha ebhegini yam”
Bonisa: “Yho! Makube ngaba bathanda iindaba kaloku mama”
Maletha: “Awunabathini abantu mntanam! Lixesha lokuba utye amayaza akho ngoku mntanam! Lungisa ndizakuphathela amanzi ke”
Bonisa: “Ndlela le ndirhalela ngayo umbengo mama! Awunamali nha ke undithengele ipisi zibembini?”
Maletha: “Imali yam iphelele ekuqasheni iimoto kaloku mntanam! Ndize ngoku”
Bonisa: “Akukho ngxaki Letha! Lonto igcwele iphone yam! Ide ithi 'memory full delete' khawuyeke ke ndiyongqengqa mama, ndifuna ukufunda ezi messages”

Kuzo zonke ezi messages waphuma nezikaMpumezo. Zona zazininzi kakhulu, ekhangeleka ekhathazekile kuzo zonke. Wayethumela enye emva kwenye. Caba uke wazama kaninzi ukufowuna futhi. Abanye aba, babemgxeka ngesenzo sokuvidolayza esenza amanyala. De yena Bonisa ungumanyaleni. Abanye babefuna uke eyenze kubo lonto, besithi inoku umnandi usisi lo. Abanye bavakalisa ukudana nokuthuka, ukuba ingangauye lo wenze lento. Abanye bathi ungcolisa intsindiso yabo, kwaye akafanelanga ukusindiswa yena kuba ungcolile.

Kodwa, waamane eziphinda phinda ezivela kuMpumezo. Suke wamane encuma, acimele. Kwaye, waye ONLINE kungoku lowo.

Bonisa: “I am so sorry Mpumezo”
Mpumezo: “I don't care what happened Bonisa. I want you and I am serious about you”
Bonisa: “I am a mess”
Mpumezo: “Yeyexeshana mntase, kwaye sukulilahla ithemba. UThixo ukhona!”
Bonisa: “Ziyandomeleza iimessages zakho bhuti. Enkosi”
Mpumezo: “Ndikholo lonto! Ndlela bendine worry ngayo! Ndothuswa nayile undixelela yona yokuba ubusesibhedlele? Please, cela ube right baby va”
Bonisa: “And my Boyfriend never bothered to visit or call me. Andiboni nento evela kuye, kwa callback lo”
Mpumezo: “Suwara ngaye lowo! Ndikhona ngoku and andisoze ndiphinde ndikuphuncule! Ndicela ukukuncedisa de uchache uphile! Ndizimisele ukuba secaleni kwakho de kube sekufeni”
Bonisa: “Yho! Makhulu lomazwi for umntu odume kakubi nje ngam”
Mpumezo: “Kwaye aphuma kum enyanisekile! Ndinayo imali apha kum engange R2500 ndicela sizikhuphe ngomso, ndikubonise ukuba ndiyakuthanda, kwaye ndizimisele ngawe”
Bonisa: “I don't know! And I don't think I am ready for any of this, I am so sorry bhuti”
Mpumezo: “See me tomorrow baby-B kwenzele ndikukhuphe. Ndiyakuthanda ntombi kaMaletha”

Sime apho okwa ngoku! Ifuna ukuthini na lento ngoku? See you between 9:30PM and 10:30PM

#DOUO

Scene #3.10

Umamfundisi usendleleni ebuya emsebenzi, kusemva kwemini. Uhamba kunye nomnye umama akhonza naye. Umbonisa le vido kaBonisa. Kucaca ukuba akatyhilekanga umamzo lo, kwaye ukuba bekusiya ngaye ngekukudala wamgxothayo uBonisa ukuba bekusithiwa lelakhe ibandla.

Mrs Booi: “Lonto bendimthembile lomntwana ke mamfundisi” Mamfundisi: “ Ligwirhakazi elikhulu eli elisetyenziswa ngusathana” Mrs Booi: “Tjiooo! Mandoyiswe! Oh nkosi! Jonga iimpundu! Yhuuuuu!” Mamfundisi: “Yandothusa ke ukuyibona kwam” Mrs Booi: “Wawufanele! Ubethembakele lo mntwana” Mamfundisi: “Jezabel wakwabani? Kanti yinto eyenza amanyala anje?” Mrs Booi: “Ndinosizi kodwa mamfundisi mna ngaye” Mamfundisi: “Yhu! Undiphoxile mna shame and nokuba unongazi ecaweni kwakhona. Usihlazisile lomntwana” Mrs Booi: “Hay'kaloku mamfundisi! Kumele simcelele uxolo kuThixo, simthandazise kaloku” Mamfundisi: “Andinaxesha lokuthandazela izisebenzi zikasathane mna. Lo ube zenza ngcono kanti usebenzela idimoni? Uthi kitheni engazanga nje ententeni izolo?” Mrs Booi: “Makube ube neentloni kaloku waqonda makazimele” Mamfundisi: “Tyhini le! Uzakufundisa olunye ulutsha lwethu kaloku, alufake kulomkhuba wakhe” Mrs Booi: “Ungenwe nje ngumoya omdaka kaloku mamfundisi, kumele singene thina, sime egephini ngaye, silande impilo yakhe ibuye emkhathini” Mamfundisi: “Nawube nizisokolisa ke lonto” Mrs Booi: “Akuthethwa wethu njalo,m ingumsebenzi wethu thina singomama, ukuthandaza ngolulutsha lwethu. Singomama bokuthandaza, masithandaze nangaye kaloku uBonisa lo. Ungumntwana wethu ke naye” Mamfundisi: “Lihlazo eli, makase asuswe nakulecawe yethu! Ndizakumxelela umfundisi! Kaloku, libala elibi kuthi eli kaloku! Asinakube sizisokolisa ngooJezabel abazosoloko bebuyela ezintweni zabo. Lonto uyacaca nakulevido ukuba ungumakad'enetha lomntwana, jonga kwa indlela angxola ngayo, ingathi zezivido zaphesheya zamanyala. Ha.a ngcono ahambe maaan!” Mrs Booi: “Hay'ke! Ibhola ilele kuwe ke mfundisikazi, kodwa njengenkondekazi ke evangelini, ndazi ingumsebenzi wethu boomama ukuthandazela ulutsha olu, lusezintweni, lubanjiwe zizinto. Ukuze lukhululeke, kudingeka oomama bomthandazo, thina ke, sime ngabo, simcele uThixo abe netarhu ngabo” Mamfundisi: “Lo yena ngumanyaleni, uthini ke ngaye?” Mrs Booi: “Masahlukane wethu mfundisikazi, eyam indlela izonqumla apha. Sakubonana ke ngokuhlwa ke” Mamfundisi: “Awukandiphenduli kaloku mfazi; uJezabeli lona uthi makathweni ke?” Mrs Booi: “Icekwa lilele kuwe kaloku, nje ngenkokheli! Usale kakuhle ke”

Wehla ngesitalato umama umfundisi eziculela ingonyana zakhe, emana inga uyangqisha ngengalo le yakhe. Wade xa ezakufika endlini yakhe, wakhupha ifowunu, wangena kuWhatsapp.

Mpumezo: “Uthi ndize apho?” Mamfundisi: “Ewe akekho utata, iza” Mpumezo: “Ngcono uze ngokwakho kaloku apha endlini” Mamfundisi: “Ha.a kusemini for ukuba ndize apho” Mpumezo: “Kaloku, izode ibhaqwe lento! Masizame elinye ithuba kaloku! Mhlawumbi ngomso” Mamfundisi: “Yewethu! Yizapha ngoku! Awuyifuni kanti lemali yeOIL” Mpumezo: “Ok! Ndiyeza! Ndiza for yona qha ke!” Mamfundisi: “Andizuxelelwa nguwe ke leyo into” Mpumezo: “Yho!” Mamfundisi: “Ukhuza nto?

USisanda wayencokola noAkhona.

Akhona: “Tshomi, kuthwa iza nantoni?” Sisanda: “Ndibuze mfondini again” Akhona: “Yhooo! Uzakuyifumana kanjani ke ngoku?” Sisanda: “Nalowo umbuzo, uphinde uwubuze kwalapha kum” Akhona: “Hay'maaaan Sanda yeka lento” Sisanda: “Ndizakuzifumana phi kalokun iinwele zakhe uMpumezo mna Akhona?” Akhona: “Yhoooo! Lonto inzima ke lento bathi iza nayo” Sisanda: “Andimazi nokuba ucheba phi ke lonto, zomana ndigadana naye kengoku mna?” Akhona: “Ufuna athini na mntase?” Sisanda: “Ndifuna aphambane, okanye atye emigqomeni” Akhona: “Yhooooooo! Hay'chomie! Awurongo! Yhuuuuu! Hay'sana ungcolile shame” Sisanda: “Ukuze yenzeke ke lonto, kumele ndifumane isixa esithile seenwele zakhe” Akhona: “Hay'maaarn chomie myeke maaarn! Yhoooo andisoyiki ke lonto! Myeke maaarn!” Sisanda: “Kanti andizukumyeka tu ke sana! Ukuba wawuyibonile indlela awayendibetha ngayo lamntu! Andimfuni kakubi” Akhona: “makube ke inkulu lento ungafuni ukuyithetha! Walala noMpumezo nha chomie? Cela uthethe inyani kaloku! Coz ke why umzonda kangaka uMpumezo?” Sisanda: “Angakaka xa enovulelwa ndim amathanga! Rhaaaaaaaaaaa!” Akhona: “Hay inkulu ke sana and andifuni nokuyingena oku” Sisanda: “Ucheba phi uMpumezo?” Akhona: “Hay andimazi! Nokuba bendimazi I think bendingazukuyithetha, andifuni kuyingena le” Sisanda: “Kanti usecaleni lam ke yam! Ukhetha ukukhusela loMpumezo! Uyamfuna nhe?” Akhona: “Ay kengoku! Uyanya ke nhe! Ukuba bendimfuna ngekukudala kaloku ndaz'thathelayo mos mna! Kaloku wena ukhetha ukumtya qha!” Sisanda: “Bendiba uyitshomi yam ke yazi” Akhona: “Ndiyio and nawe uyayazi lonto, kodwa kule yothakatha umntwana wabantu andikusupporti ke sisi”

Ukuvakala kokugquma kwemoto kamfundisi pha phandle kwaabangela ukuba ibe ngudulukubhentsu ukuphumakwabo ebhedini umamfundisi kunye noMpumezo. Kamnandi bebengakhange bakhulule, kakade ibhedi leyo ibingakhange yondlulwa so akho xhala labuxhashilili bebhedi. Kanti ukufika kukaMpumezo, umamfundisi uye wakhwela ezehlela kuye de bayophelela ebhedini. Kwavezwa nje ezizinto zihluphayo, bakhawulezisa ukugabhisa nje abantwana aba babo. Kodwa namhlanje iQwathi lalingekho mdleni, suke lapetseza nje into engacacanga, laswantsula ke lagqiba esapitshoza umamfundisi. Kwacaca phandle ukuba akekho mdleni tu unkabi kwaye ufuna nje lemali agoduke. Waphazanyiswa yile moto igquma phandle naye umamfundisi kuba wayesayifuna ngamandla lentwana.

Wangena umfundisi sele besedinning room aba, sekuselwa idrinki. Wawungenotsho tu ukuba sebevela ezibhedini. Wawungenotsho ukuba sedibanise izinto zangaphantsi. Wavuya kakhulu umfundisi ukudibana kwakhe noMpumezo.

Mfundisi: “Ewe! Kumele ndikuxelele izolo kaloku nceku yam! Kodwa ndiyaxolisa!” Mpumezo: “Hay ibingekho ingxaki wena tata! Ndilijoni, ndilala ndiguqile, ndizakuzibamba iintambo, ndishumayele”

#DOUO

Scene #3.9

Mamfundisi: (Enesingqala) “Sihlale phantsi bangcwele! Haleluya! MmmmmMMMhmhmhmmm! Oh yes! Makhasha! Mandelebekhe! Oh yes! Moy’oyiNgcwele! Siyabonga! Ribokhosa! My God! Mmmmmmmmmmmmhhhhhhhhhh! Oh yes! Ndiva amandla namhlanje! Ukhon'uThixo kulendawo! Ukhona! Ukhona! Aaaaaaaahhhh! Ukhona umntu ozoncedakala namhlanje ebsuku! Ukhona! Ukhona! Ukhona! Ingaba nguwe nha? Thank You Jesus......!”

Yaaba nguwacawaca zole tu phantsi wonke umntu owayenaso isitulo sokuhlala. Abanye ke bachophisana ezitulweni, abanye beema pha ngemva, abanye bachopha phantsi bhaxa pha phambi kwe pulpit, kanye apha phambi komamfundisi. Abanye baachopha phezu kwezipika, bekhona abachophe kwii crates zee beer kwalapho. Wonke umntu onebhayibhile wayiqubula ze wayibamba ngesandla, abanye bazibeka apha phezu kwamathanga abo. Abasebenzisa izinto zamehlo, igoogles okanye izipeksi ke bazikhupha, zosulwa sulwa kakuhle zafakwa. Abanye bathatha elithuba ukosula imibilo yabo ngemikhoni, ngeetshefu, ngeetawuli zabo. Bazola. Nalamantombazana aculayo, bawo afumana ithuba loku phefumla. Behla eqongeni ke sebekhawulelwa ngee powerades uke bathobe unxano.

Mamfundisi: “Sikhawulezi nje bazalwane! Siye ezincwadini zethu! Sifumane ilizwi lethu lanamhlanje! Isaya 60:1-3 sikhawuleze nje sicele umntu ozosifundela ngokukhawuleza, asincede”

Kwakhawuleza kwaphakama uSiyabulela nebhayibhile yakhe kweziya zininzi aziphathayo. Wafunda kweyesixhosa wenjenje;

Siyabulule: “Suk'ume, ukhanye, kuba kufikile ukukhanya kwakho, nobuqaqawuli bukaYehova buthe chapha kuwe. Ngokuba, uyabona, ubumnyama buwugubungele umhlaba, isithokothoko sizigubungele izizwe; ke kuwe uYehova uthe chapha, ubuqaqawuli bakhe bubonakele phezu kwakho. Ziyakuhamba iintlanga zize ekukhanyeni kwakho, ookumkani beze ebumhlotsheni bokuthi chapha kwakho”

Mamfundisi: “Siyabonga ke Brother Siya! Kwowu usifunda kamnandi isixhosa bhuti wam. Enkosi!”

Wake wathatha amanzi la athengwayo, la ase bhotileni wawasela. Uke wema umama wabantu wajonga phezulu imizuzwana noko evisayo. Suke wee naa izandla emacaleni kodwa esajonge phezulu. Wayebambe labhotile yamanzi kunye ne mic kwelinye icala, esajonge phezulu, suke zazihlela iinyembezi, esazithe naa izandla inga kukho umntu ozakumnika ihug. USiseko waye emhlelele emkhapha nge string sakhe esitsho kamnandi. Suke kwazala uMoya ofukuza kamnandi, oshushu, obabethe abanye suke kwagcwala iinyembezi ebusweni babo, naabo abanye besima ngeenyawo, bechukunyiswe yinto. Suke nabanye benza njengokuba umamfundisi enzile, naa ezozandla nabo, gwiqi ukujonga nabo phezulu. Kwaaamane kuvakala iincwina, kwavaka izikhalwana, kwavakala ukungqukuleka, kwavakala untsintsintsi wezililo. Umoya wawukhona ngenene nangenyaniso. Kuba akubanga kho mntu uthe makwenziwe ntoni, kodwa basuke bonke abantu bawa endumisweni, badumisa. Noko akubanga kho mntu uzame ukuqina suke bonke bamdumisa, bathandaza, bamcenga uThixo.

Asuke aphela emqaleni kumamfundisi amagama, suke watya kwizilwimi, inga wenza umbhedesho wasecaweni, ebebezelisa umlomo kunzima kwa ukukhupha iganyana elipheleleyo. Wayebanjiwe nguMoya oyingcwele. Wayengcangcazela ke ukusuka emadolweni ukuya ebunzi, ebonakala nakubani ukuba umama ubanjiwe ngumoya oyingcwele. Suke wagevezelisa amadolo umama umfundisi ngoku. Wabambelela esiswini. Kwawa zi mic zibhotile kwawa nalento ube eyixwaye emagxeni egqume iingalo. Zatsiba ke esintombi zimbini bezimkhaphile. Zachola ezonto ziwileyo, zama nje apha ecaleni kwakhe. Zama zimlingalungisa ukwenzele angaweli ndaweni imbi de abhentsele ootata.

Yebethuna, bagxwala anatu ententeni. Suke yasisankxwe sengxolo ezikhalo. Abanye bezibhuqa phantsi, abanye nabo inga ngamageza ukubaleka, abanye bexhuma-xhuma, abanye suke behla benyuka kulentente oku kwamaza olwandle, abanye suke bazulazula inga bazifunela loNobenani kukudala ekhangelwa.

Nalamantombi ancedisayo ayexakekile, athi engapha, nangaya phaya. Athi ekulo, suke abe kulowa, athi ebambe lo, abe ephamisa lowa. Kwakunzima umsebenzi kuwo umninzi kakhulu.

USiseko makangqinwe ngokuvuselela abantu nge keyboards. Xa benyuka, naye nanko edlalela phezulu, xa usihla umxhelo, naye adlalele ezantsi. Yayisitsho kamnandi into ayidlalayo uphopho lo, nanko noLwando ecaleni kwakhe ekhupha into emnandi ukuncedisa ubhululu wakhe, wayemkhaphela ngalamaqhosha emana ewafakela, emana ukutswiniza yedwa ke unkabi etsho ngento ephucukuleyo. Ibangela abantu bakaThixo bazive sele besezulwini uqobo.

Mamfundisi: “Ndiva amandla! OHHHHHHHHHHHH! Akhona amandla! Ammmmmmmmaaaaaaaaaaaaaaaandla! OH! Ikhona ivisitor! Sinomhambeli ovela ezulwini! AAAAAAAAAAAHHHHHHHHHH! Sinevisitor engumoya oyingcwele”

Waphinda waphakamisa izandla zakhe zonke umama lo, wazinikela enkosini! Ubuso buse bakhazimla, bubilile. Esekwazi ngxadidi ziinyembezi, suke waphatsha maarn! Wakumila kumbi!

Mamfundisi: “Kufikile ukukhanya kwakho! Kufikile ukukhanya kwaaaaaaaakho! Kufikiiiiiiiile!”

Washumayela lomama madoda ethetha izinto ngomlomo. Wabetha phantse yonke intente yema ngenyawo. Wayethetha ngokukhanya okunguYesu. Emchaza ukuba ungubani na loYesu, kutheni sekusithiwa ukukukhanya nje, bekuqalelephi, kwaza kwathini. Hey, wayede alinganise ke, evutha, etsinatsiba, etaka-taka de agqibe indawo yonke. Wayesitsho ngodlwabevu lentshumayelo, de kume ngenyawo kwa izithwalandwe ezi zakwalizwi. Ziphathe kumqhwabela izandla, ziphathe kumkhomba, ziphathe kwenza iHI5 ziphathe kunyolana, ziphathe kumbambathana emagxeni. Kucaca ukuba hay'madoda uyashumayela lomama, kwaye uthetha impiliso. Waye ebetha umazo phofu yena engenaxhala. Kwaye ke kwakufikile ukukhanya ngalomini, ngoba wonke umntu waziva engcwalisekile ngamandla avela ezulwini. Ukuba awuzange uhluthe lizwi ingabe wawuthanda ngoba lomama wayeqhaqha amabhodlo. Wayevula amabibi, echitha amajaqa ndiyakuxelela. Waye ethetha into ngomlomo kwaye kucaca nje ukuba ube ebhalele kuye wonke ubani osententeni.

Kufikile ukukhanya kwakho; lawo yayingamazwi ankenteze kamnandi kuninzi olwaye lupha. La ngamazwi ethemba, kwaye aye ethethwa litsha-nxiziyo lakwamoya! Wayevutha bhee edinga isicima-mlilo umamfundisi. Abantu bathanda nje ukuba engabethi isono, engagxeki, engashumayelu gwenxa kodwa ethetha izwi. Kaloku, inkitha eninzi iyakhubeka xa kubethwa isono. Kuyo, noko makungabethwa sijolo, makungabethwa mifriko nazindywala, makungabethwa mihlaliswano kaloku, nokuzala makuyekelwe kubo. Xa uthetha iindaba zabo kwi pulpit, kwek ubachukumisile, ubagxothile. Umamfundisi lo wayeshumayela kamnandi engabethi mntu, ethetha izwi. Ingqina yazala mpu loo pulpit ngabantu abafuna ukubekwa izandla. Ngenxa yexesha zadityaniswa zonke ngxowenin nye zasiwa ediphini. Kwakuzeke de kungekho ndlela yokuba amadoda amakhulu abeke izandla. Ancedisana ke onke ukubeka izandla phezu kwemilwelwe nabo bafuna nje ukuphila.

Lwaphela olwa ngaloo mini usuku. Akuzange kubekho nomntu ocingana noBonisa, ngaphandle kukaMpumezo. Wayemana elaqaza unkabi, engekho kuyo tu ke lemvuselelo.

Sibonane kwithuba elizayo.

#DOUO

Scene #3.8

Lindelwa: (Ententeni) “Kukhon’umhlabelelo bazalwane ohamba kanjena; othi ‘uzungamlibali uThixo wakho. Uzungamlibali uThiiiiiiiiiiiiixooooooo wakhoooo’ Haleluyaaaaaa! Haleluuuuuuuuuya! Glory to Jesus! Ake siphinde futhi! ‘Uzungamlibaaaaaaali......!’ Yhoooooo! Raphakasa Rilalabakha! OH yes! Rindolobokhosa! Rilabakhayeeende! ‘Uzungamlibaaaaaali’ Yilabakasa! Hilabakhasa! Ribabayende! Iyhoooooo! Iyhooooo! Iyhooo yho yho yho yho yho! Hlabelela! Hlabeeeeeleeeela! Iyho yho yho yho yho! Siyabonga moya oyingcwele! Uyingcweeeeeeele! Uyingcweeeeeeeele! Uyingcweeeeeele! Mondorobokhosa! Uphakeme Jehova! Eila bokhosanda libabayende! Ungamlibali uThixo wakho mntaka baba! Yes! Yes! Yes! Yes! Yeeeeeeeeebo! Uphakeme Jehova! Nanamhlanje eb’suku, asikamboniswa onje ngawe! Uyaphiiiiiiiiiiiiiiila! Uyaphiiiiiiiiiiiiiila! Yhoooooo! Yhooooooooooo! Yhoyoyoyoyoyoyoyoyoyoyoyoyoyoyo! Rilabokhosa! Whooooooooooooaaaaaaaa! Hlabeleeeeeeeeeeela! Uzuuuuko! Oh yes! Lonke lukuwe! Imbeeeeko Jehova! Nayo ikuwe! Angeke seeeeeenza nto wen’ungekho! Yes! Yes! Yes! Yes! Kuyavakaaaaaal! Kuyavaaaaakala! Raa! Phaa! Khaa! Saa! Rilabokhosa! Kuyenzeeeeka! Kuyeeeeeenzeeeeeeekaaaaaa! Iyhooooooooooooooooo! OHHHHHHHHHHH Jehova! Oh yes! Oh yes! Uyizulu uyesabeeeeeka! Umang’akekho! Kodw’ekhona! Uyabonakaaaaala!! Siyabooooonga! Siyabooooonga! Siyabooooonga! Siyabooooonga! Usekhona nanamuhl’ebsuku! Uyabonakala! Thabatha indawo nkosi! Thel’umlilo wakh’ovuthayo! Touch us!!!! Yes! Touch us! Lay your hands on us! Change our lives! Transform us! My redeemer! Tshintsh’impilo yethu! Nelebekhese! Riyalabakhase! Rendelebekhe! Waze wamuhl’ebsuku Nkosi! Thabath’indaow yakho nje ngoThixo! Abagulayo bayaphila! Abathathiwe ngamadimoni bayabuuuuuuuya! Abaloyiwe bayaphila! Abanamabekelo bayakhululeka! Ngegama lika Jesu! Ngegama lika Jesu! Ngegama lika Jesu! Wase Nazaretha! Bayaphila! Bayaphila! Kuyenzeka! Kuyenzeka! Kuyenzeeeeeeeeeka! Oh siyabonga moy’oyingcwele ngokukhulula impilo yethu! Mokhose! Shilabokhosa! Shandalibakhasa! Ralabakhashandelikha! Uzuko likuwe Nkosi! Mmmmmmmmmmmhhhhhhhhmmmmmm! Mmmmmmmmmmhhhhhhhh! Ndicela my brother, uthi nje ukuyidlalela phantsi iKeyboard, siyabonga! Cela bazalwane siphamise izandla zethu phezulu! Rolobokho! Aaaahhhh! Yes! Phakamisa ezozandla unto the Lord. He is Jehova Jaira! UkwanguJehova Elohim, abe nguJehova Raphar, uJehove Tsikeino, abe ngu Mikhadesh,Ikwa ngu Edinai. Ukwasisiqalo, abesisiphelo! Ubekhona emandulo, umhlaba ungekabikho, wakhona izolo nanamhlanje, nangomso naphakade usezobakhona. Sezikufikela izinto ukhona! Nangoku usekhona! Shay’izandla zakho zakh’umdumise! Umnikeze uzuko! Umbonge! Isenguye nanamhlanje! Usaphila!”

Amandla ententeni ayekhona. Kwakuzele kunangakumbi namahlanje. Abantu bedinga uYesu. Abantu befuna uYesu. Abantu befuna ukuphila! Abantu benxanelwe impiliso. Bonke bedinga uncedo. Wawuyibona lonto apha kubo ebusweni. Suke babhalwa oontlungu, oonkxwaleko, iingxaki, ukugula, izidingo, imisebenzi beyidinga. Wawunga abasisana basandula ukutshata, besenza izicelo kuThixo, kwaye kucaca ukuba ziliqela noko. Amagxegwazana ingxenye yawo ihleli phantsi, kodwa kuphu into ngomlomo, becenga uThixo, nazo ke ezonduku basimelela ngazo bezimisile phambi kwabo, bede baqubuda phezu kwazo ukuxhasa intloko le, bethandaza!

Ulutsha kunye nabanye abantu abadala, bezulazula apah ententeni, bethandaza. Abanye bephosa-phosa, abanye bexhuma-xhuma, abanye inga batsala okuvela phezulu. Abanye beme bhunxe kodwa bekhupha izinto ngomlomo. Abanye beqhwaba izandla bethandaza. Iiworshipers nazo zime ngomthandazo kweza microphones, bemcenga uThixo. Inga bavuselelwa nanguSiseko nolWando abadlali beekeyboards, nabo bewubasa umlilo ngengxolo emnandi. Yayinguntiiiiii omnandi ezindlebeni womntu omameleyo ngaphandle.

Zazikhona ke nezithwalandwe zakwamoya. Iinceku zikaThixo, amadoda ahloniphekileyo akwaMoya. Ekhona nawo amadoda anamagama apha enkolweni, abefundisi, abavangeli, abapostile, oobhishiphi, abaprofeti belizwi. Yayigcwele inente qha ke. Lwalukhona ke nolulutsha ludla ikeyboards pha ngemva, nalo lumana lusalathisana ngoSiseko noLwando. Ungazi nokuba bayahleba okanye bayancoma, kaloku ivamile lento yabo yokhuphiswano, omnye udlala wikhi kunomnye, omnye untswempu kunomnye. Kodwa eziya zazingoSiseko, noLwando babengahoyanga nto, kucaca phofu ukuba bayazana oophopho aba.

Lindelwa: “Halelua! Ngaphandle nje kokumosha ixesha bazalwane! Hake sithuleni nje kancinci! Lalela! UDavide bangcwele wayengenayo ibackground yomkhosi. Waye engazange alwe emfazweni, engazange futhi aphume nomkhosi welakubo. Wayengena History ngamanye amagama! And futhi bazalwane, yayizigusha kuphela ezimaziyo! Waye ne bonding nazo igusha, ezazi, nazo zimazi! Oh yes! Uma kulahleke eyodwa, ubephuma ayoyibheka, aze aythole! Lalela! Ekuveni kwakhe ukuthi uGoliyathi usefikile and uyayazi ukuba loGoliyathi udume ngokuwuqed’umkhosi abhekene nawo! OHHHH my God! Uma esefika yena uDavide empini, abafo wabo bamvikela ukuba angedluli alwe noGoliyati! Kodwa wanqaba! Babe seyamgqokisa lezinto zokulwa! Kodwa zamsinda uDavide wazikhulula! Amakrele okulwa nawo amsinda wawayeka! Thetha moya oyingcwele! Lith’ibhayibhile, ubesethatha amatye amahlanu kuphe, ne keti yakhe! Oh my God! Wabe sebhekana notshana olunguGoliyathi wamaFilisti. Wahleka uGoliyathi! Wambiza ngamagama! Heeeey! Wamdelela! Lale uDavide uthi, wheee Goliyathi, ewe andingazi, kodwa mina, ngalibulala ibhere, ngayibulala ingonyama ngalezi zami izandla. Ewe kakungenamuntu as my witness, kodwa zona iigusha zona ziyangazi! Lalela mzalwane, kunegusha enguYesu, yona iyakwazi. Linda ithuba lakho, loGoliyathi obhekene naye manje uzakumnqoba. Ewe yena uyakudelela because of your background, kodwa wena yekela ipast ibe kwei past, ubhekane noGoliyathi wakho manje! Uzakumnqoba loyoGoliyathi wakho! Kholwa! Kholwa! Kholwa! I don’t care ukuba uGoliyathi wakho yi cancer, okanye yi HIV/AIDS, okanye, yi TB, okanye kukungafumani umsebenzi, ukungafumani bantwana, ukungathandwa ngabakuni emndenini, nokuba awuphethekanga kakuhle emsebenzini wakho, nokuba awupasi esikolweni, nokuba uthanda amadoda, nokuba yini, nokuba uGoliyathi wakho yintoni, manje ngegama likaYesu uyamnqoba! Uyamnqoooooooooooooooba! UGoliyathi wakho usekewile! Haaaaaaaaaaaaaaa!!!!!! Akanamandla! Akanamandla! Akanamaaaaaaaaandla! Face your Goliath right now as we speak! Face your Goliath right now as we speak! Face your Goliath right now as we speak! Face! Face! Face! Face! Face! Face! Mbheeeeeeekeeeeeee! Your Goliath is no-more namhlanje ngegama likaJesu! Shay’izandla! Shay’izandla! Shay’izandla! Shay’izandla!”

Zatsho ke eza zandla zibethwa ngohlobo olungafaniyo zatsho kwanga kuvulele umbona ufaka emhadini, uzokwenziwa ihasa. Zaxokozela zibethwa ngabaninizo zikhatshwa ngumthandazo, udlwabevu lomthandazo owatsho kwakhalaza iindlebe kwabanye apho ngaphathi ententeni.

Lindelwa: “Sime ngenyawo sonke bazalwane! Sizokwamkela the woman of God! Umama ogcotyiwe! Umama wezizwe! Umama wethu! Umama omthanda kakhulu uThixo. Umama onendoda enye qha! Umama onomyeni oyedwa qha! Umama osindisiwe! Umama ongahambi elala! Umama onezwi! Heeeeeey bangcwele! Uphathisiwe lomama phakathi kwabanye oomama! Ungumama onomqolo! Umama oyisekelayo indoda yakhe! Bangcwele, ndisathetha ngomama, oh yes! Ithi ibhayibhile, ekuvukeni kukaYesu, yaba ngomama k’qala ukukwazi lokho, kuba yayingabo abafika kuqala engcwabeni likaYesu. Lo mama uzele bangcwele, naba abantwana bakhe bazelise lelitende, Oh haleluya! Lomama ushumayela inga ugalelwe ideasel, ushumayela inga kutaka umlilo emlonyeni wakhe, kuqaka amalangabi omlilo! Uphathisiwe lomama bangcwele! Ungamama omvusile kwelixesha lomama abanoo Ben10, omakhwapheni njalo njalo, uvusiwe lomama! Simbethele izandla eseza ngaphambili! Oh yes! Shaya lezo zandla! Shaya! Shaya! Shaya lezo zandla! Shaya! Shaya! Shaya lezo zandla! Shaya! Shaya! Thank You Jesus!”

Waqhwatyelwa ke izandla umama umfundisi ezeza ukuza ngaphambili. Wayekhokelelwe ngaphambili ke yintombi engumncedisi, iphethe ibhayibhile yakhe yesiXhosa. Kukho nenye intombi emphethele into yokosula, yona ithe chu kuhle apha emva kwalemazi kamfundisi. Wafika wangana ke noLindelwa ixesha elide bebambene. Suke wayingxadidi zinyembezi ngoku uLindelwa, elilela umamakhe. Kwawa naloo microphone ibikuLindelwa. Bake bankonyana ke, besikelana ngalento yabantwana, belila. Zatsho ngakumbi kengoku ezo zandla ziqhwatywa kanobom.

Mamfundisi: (Enesingqala) “Sihlale phantsi bangcwele! Haleluya! MmmmmMMMhmhmhmmm! Oh yes! Makhasha! Mandelebekhe! Oh yes! Moy’oyiNgcwele! Siyabonga! Ribokhosa! My God! Mmmmmmmmmmmmhhhhhhhhhh! Oh yes! Ndiva amandla namhlanje! Ukhon'uThixo kulendawo! Ukhona! Ukhona! Aaaaaaaahhhh! Ukhona umntu ozoncedakala namhlanje ebsuku! Ukhona! Ukhona! Ukhona! Ingaba nguwe nha? Thank You Jesus......!”

Sibonane kwixesha elizayo.

#DOUO

Scene #3.7

Kwakusemva kweeyure ezibalekayo emva kokuba uBonisa ebone lavido yakhe, le ashumayela kuyo ebhedini. Ukuba sibala kakuhle, kwakusemva kweeyure ezintathu ukuya kweyesine kanje. UBonisa wazibona elele ngomqolo, ukubuya kweengqondo zakhe, ewe ukubuya kweengqondo zakhe. Waqaphela ukuba lendawo akuyo ayiqhelekanga, kwaye nabantu abakuyo akabazi, nezinto azikwelo gumbi nazo akazazi. Uqaphele ukuba intloko le yakhe ibunzimarha, indindisholo de ibotshiwe. Wazama ukuyijikajika ukwenzela ukuba abone nezinye izinto ezingaqhelekanga. Ingalo le yakhe ifakwe inaliti enombhobho wedriphu, lendawo ifakwe kuyo lenaliti, idumbile. Wazama ukuva iminwe yakhe ukuba iyasebenza kusini nha, wafika lomnwe wokukhomba ufakwe entweni, caba ngokuzama ukuva leminwe, lento iye yantwela kwelinye igumbi ukuba lo uvukile. Ngoba kwangena unesi ehamba nogxa wakhe, nabo besonda ngaye. Waalayitwa-layitwa amehlo neendlebe ke ngabasisi, walungalungiswa, waphathwa-phathwa ke, baye bendumzela bethetha into angayivayo ke yena usisiza. Kaloku, waye ebotshwe intloko, kwayona indindisholo, inzima.

Bonisa: “Where am i?”

Yaba ngumbuzo owawubuzayo ke usisiza. Kodwa akuzange kubekho mpendulo kwezi zimbini zime phezu kwakhe. Wazama ukumane ebuza, nkqi ukufumana impendulo koonesi aba. Kanti akuphumi kwa elolizwi kuye. Ngelingeni wavaka omnye selesithi;

Nesi 1: “I just want to know ba kwenzeke ntoni ke shame kuye”

Nesi 2: “Lonto ubetheke kabuhlungu ngale ntloko yakhe”

Nesi 1: “Ewe maarn! Idumbe kakhulu nayo! Ide inenxeba! Ube ngakhuthuzwa phofu?”

Nesi 2: “Iripoti ithi uwile nje”

Nesi 1: “Uwile? Mwo mni ke ngoku lo ukwenza ubenje entloko?”

Nesi 2: “Itsho! ungafunda pha kula folder yakhe nawe uve”

Nesi 1: “Uyayazi nje soloko befika bexoka aba! Wofika uthwe nkaa nge empty”

Nesi 2: “Ubengalwel’indoda phofu? Umilele ukutsha phandle lo! Jonga imikrwelo apha entanye, kwaye kuyacaca ukuba isemitsha kodwa iphola”

Nesi 1: “Ndiyijongile! Mhle kelonto ukuba linxila kazi”

Nesi 2: “Ubuso obu bakhe bundifanela nalantombi besiboniswa yona ngulasisi wasePhilippi. Asinguye? Ha! Ha! Ha!”

Nesi 1: “Kulavido? Ha! Ha! Ha! Makube abantu bayafana! Kodwa asinguye lo”

Nesi 2: “Masimlungise sigqithele kwelinye igumbi! Lonto akawakhuphanga amehlo sana zezizinto sizithethayo”

Nesi 1 “Hay akasiva leliyezwa ahlatywe lona”

Bonda ndomnyango osisi babantu, bephethe itray eneenjekshini kunye nenqwaba yeepilisi, nezinye nje izinto abenza ngazo umsebenzi wabo.

Washeka yedwa umaBonie esathe thwacici-ndunya amehlo kambe uwakhuphe onke ngathi ligeza elisaqalayo. Wayezibuza imibuzo engenazimpendulo; Kwakutheni elapho? Kwenzeke ntoni? Yena alwele indoda? Ubethwe ngubani nge empty? Uwe xa bekutheni? Bekuqale kwathini? Khona kunini elapho khona? Kutheni engakhumbuli kwanto? Iphi iphone yakhe? Baphi abantu bakokwabo? uSityhilelo, uyayazi ukuba yena ulapha? Yaphala ke langqondo kaBonisa de yadinwa, suke wasindwa bubuthongo. Walala!

Caba ekuboneni kwakhe lavido usisiza lo, uye wawa, wabetheka ngentloko kwilitye elisecaleni kwendlela nalophone kaStampu inevido yakhe. Wafa isiqaqa. Kanti intloko le iye yavuleka inxeba kwampompo igazi.

Abantu abakufutshane bazame imoto ze yamphuthumisa esibhedlele ngokukhawuleza. Bezama ukunqanda kwa elogazi laliphuma inga uhlatyiwe.

Mpumezo: (Whatsapp) “Hay kudala ndimzama! Akabambi kwaphone! Ikhala yodwa”

Mamfundisi: “Makube sele eyibonile ngoku uneentloni”

Mpumezo: “Kutheni engabambi phone kengoku?”

Mamfundisi: “Utyiwa linyungu kaloku nana”

Mpumezo: “Suke ndane worry ke yazi”

Mamfundisi: “Myeke wethu! Uzakubuyela kuwe xa enethuba okanye xa ithuli lihlile”

Mpumezo: “I feel kumele ndenze something kanti mamzo yazi”

Mamfundisi: “Like what? I mean the damage is already done kaloku! Myeke!”

Mpumezo: “Ndiyamvela! Maybe ube engayazi ukuba iyenzeka lento kaloku ngelaxesha ibisenzeka! Kanti ungcolelwe!”

Mamfundisi: “Hay ngumakade enetha ke lo! Yiva kwa indlela ayikhwaza ngayo lendoda ukuba mayenze”

Mpumezo: “Sukuthetha ngolohlobo mamzo kaloku”

Mamfundisi: “Ndithethe njani? Ndenzeni?”

Mpumezo: “Kumele simthandazise! Sicele uThixo abe naye! Amxolele amkhusele”

Mafundisi: ‘Hay andinaxesh lokudlal mna! Tyhini! Siyamsokolisa loThixo! Sibe sibekana nooBonisa abenza ngabom? Makube yinto adume ngayo kaloku le!”

Mpumezo: “Sukuthetha kanjalo kaloku nana!”

Mamfundisi: “Yewethu! Uthi zizikretshi zantoni ezi anazo ebusweni nase ntanyeni kungekho kati nje kokwabo?”

Xhungu kanye xa kulapho ke uMpumezo. Kaloku waye efumene imessage evela kuBonisa ngobabusuku wayemke pha, esithi uye wakhuthuzwa laR250 wayezokuyiboleka zizikoli. Makube zake zambetha. Santuntuza ke isazela kumfo kaMaQwathini, yanga angenza nto yimbi ukuze axolelane noBonisa, kuyafuneka elicelile uxolo kungekabikho semva kwexesha. Kodwa ke naku engaphenduli uBonisa, akabambi kwaphone calls ezivela kuye. Athini bethu? Aye kulo Bonisa? Azame ukuthetha naye ubuso ngobuso. Athini? Umfo lo. Ikhona landawo isamthandayo uBonisa lo, nangoba sele ebone nale vido kodwa, wavele wayithambisa intliziyo yakhe, wavele wathamba naye. Kulevido akazange ambone uSityhilelo, akazange alive negama lakhe libizwa nguBonisa kulevido, suke wanomfanekiso wakhe inguye lo unguSityhilelo, phezu koBonisa. Asuke ancume ave igama lakhe libizwa endaweni kweli likaSityhilelo. Imenze lonto wazibona inguye noBonisa, suke kwazala uncumo, umbono wathi thaaa kuye. Wakhumbula lamini wayethetha naye okokugqubela ngobabusuku, akazange ayicinge eyengxabano yabo kodwa uBonisa lo, uyamthanda qha ke.

Mamfundisi: (Whatsapp) “Ndiyashumayela ke this evening nana”Mpumezo: “I heard that already mamfundisi”

Mamfundisi: “And i am not even prepared ke tana! Andiyazi ukuba ndizoshumayela ntoni”
Mpumezo: “Awusoze wogqithwe ngooBonisa ke”
Mamfundisi: “Hay sozeee! Ndogqithwe ngamahule? OoJezabel? Ubani? Mna? Sozee”
Mpumezo: “Lonto lojezabele wakho ushumayele kwenyuka intente yonke ifuna uYesu”
Mamfundisi: “ She is a devil worshiper kaloku! She used her evil magic to attract abantu”
Mpumezo: “Hay’ke sukuthetha njalo ngoBonisa! She is not what you are saying she is! Ndiyavala kaloku! Ha.a!”
Mamfundisi: “She is ke tana! And usezoma phambi kwebandla ahlambulule! Mark my word”
Mpumezo: “Khayeke ke ndibe ndiyothenga umbane. Ndizoke ndibe ndiyochitha isiyali ngolungisa pha ententeni pha ngoo 4 kanje”
Mamfundisi: “Ngoku bendicinga ukudlula apho kuwe xa ndiphuma apha! Sele siza kuphuma, ku quite apha so sizakugoduka and sele ndikukhumbula babywam”

Akazange aphendule uMpumezo suke wakhetha ukuyo zibukelela ivido. Wayesele eyiphindaphinde kaninzi umfo le vido. Kakade wayengayi ententeni, engayi kuthenga mbane ntonje wayefuna ithuba ke abuke levido. Wayibuka ke emana eyiqala ekuqaleni.

Simyeke apho ke umfo mQwathi

#DOUO