Monday 6 January 2014

Scene #4.15

Bonisa: “Noko sekulithuba baby ulele apha. Ndicela uvuke torho please. Ndiyakukhumbula! Ndiyakudinga empilweni yam Mpumi! Cela uvuke torho! Ukhunjulwa nakokwenu ken tana, umama wakho akekho ryt yilento yakho, imphatha kabuhlungu! Cela uvuke torho oh yini Mpumi wam. Ndiyakuthanda wena torho! Kusisithukuthezi ungekho! Nasententeni kuse kwakubi ungekho! Ngoku andisenamntu woncokola! Nomntu wokulilela kuye! Vuka sithandwa sam! Cela uvuke torho! Ukuba awuvuki ngoku, oogqirha bazokude badinwe kukugcinana nawe apha, bacime lemitshini ufe! Uza kukhathazeka ke umamakho ubom bakhe bonke. Abantwana bakokwenu bona bazokhuselwa ngubani sebengasenabhuti? Mna ndizothini? Kaloku ndiyakuthanda Mpumezo! Cela ukele mna ke! Uvukele uthando lwethu! Uvukele ubomi bethu sobabini! Andisoze ndikwazi ukuphila mna ngaphandle kwakho mntuwam! Vula nana kaloku! Vuka torho! Noko kudala ukulekoma ukuyo ngoku! Khobuye kaloku Mqwathi! Ndiyakucela! Ndiyakuthanda”

Wayelila ke kabuhlungu uBonisa esecaleni kwebhedi kaMpumezo. Wayembambe ngesandla emana ukumphulula, emana ukusibrasha enyuka ngengalo le. Wayekhathazeke eyinyama uBonisa ngempilo kaMpumezo, yena osuke walala ncwam ethule. Suke nalombhobho ungeniswe apha ephangweni likaMpumezo lamthukuthezela kakubi. Wayenga angasuka awukhuphe, awufake kuye bhetere. Ikoma asinto ithandekayo xa umazi umntu, ngelinye ixesha inga ungamthathela iintlungu ezo lomntu ukuba usondele kakhulu kuye. Wayemana ukumjonga uBonisa lomfo, asuke awelwe zizantyalantyala zeenyembezi. Alile. 

Nurse: “Sisi, sekulixesha lokuba uhambe ngoku. Kumele singamphazamisi ubhuti alale ze zakubuya iingqondo abe nokuphila. Xa simane simkhathaza, silila phezu kwakhe, zosuka angabisafuna ukubuya. Uze ubuye ngokuhlwa ngoku okanye ngomso. Ndiyathemba ukuba ukuvile. Hamba ngoku nawe ke uyophumla, ze uthandaze ukuba akhawuleze ukuphila”
Bonisa: “Bendicela imizuzwana kwakhona sisi,nokuba mibini! Okokugqibela”
Nurse: “Liphelile ixesha kaloku sisi”
Bonisa: “Ibe mibini kuphela nesi”
Nurse: “2 minutes qha ke! Iqala ngoku ke! One minute fifty nine seconds! One minute fifty seven seco...”
Bonisa: “Phuma kaloku nurse! Tyhini!”

Waaphuma ke unesi wabantu yena esabala imizuzu eshiyekileyo ukuze uBonisa aphume. Kodwa akuphuma ngaphandle kwegumbi wayeka ukubala. Waabona esinye isigula silele phantsi bhaxa kumgangatho lowo. Intonga le iqhutywayo ijinga idriphu iwile nayo. Wakhwaza unesi ukuba kuze uncedo. Kwaphithizela ke ze naye unesi walibala ukuba ube ebalela uBonisa imizuzu, wemka nomsinga ohambayo.

Bonisa: “Jonga apha wena Mpumezo! Ndifuna uvuke! Ndithi kufuneka uvuke! Ukuba akuvuki awuzukonwaba kulendawo uya kuyo! Awuzundithembisa ngokunditshata ujike ufe apha uvile! Vuka okanye uya esihogweni! Uzakuba ziinkuni zesihogo, kuba ushiye mna ndikulentlungu ndikuyo. Uhlobo endikurhalela ngayo ke mna ngase ndikukhwele ngoku ukulebhedi ulele kuyo. Ndifuna uphume apha sizolalana, senze umntwana! Ndifuna umntwana wakho Mpumezo! Ndifuna ukulalwa nguwe wedwa ukususela ngoku! Vuka! Vuka! Ukuba awuvuki ke, ndizophinda ndibuyele kuSityhilelo, ibe nguye ondenza umntwana ngoku wena ube ulibele kukulala apha uyeva? Ingathi ngokhawuleza uvuke ke bhuti ngoku ixesha lisekhona. Ndimdala mna ngoku, kwaye andikhulu kunzonza uvile! Andonqeni kanti ukukubamba kulomqwathi wakho athunakale ze uvuke”

Watsho ezama ukuphutha-phutha kumazantsi esisu sikaMpumezo uBonisa. Wafika apho abe ebhalele khona, wothuka! Tyhini madoda, umqwathi omfutshane ume ngeenyawo inga ukhoma indlela ebheka esitishini. Uke wema uBonisa ejonge kumpumezo ebusweni, wafika kukho uncumo ebusweni bukamqwathi ngoku. Suke wabobotheka uMpumezo inga uvezelwe iqanda lasebusuku. Waaphinda kwangoko uBonisa waphutha-phutha apho ebebambe khona, wabamba, kwaqina kwakhona ngakumbi futhi. Suke lwanwebeka uncumo kumfo ngoku kucaca ukuba ukhunjuzwa eBhakubha apho abuya khona. Waba nochulumanco ke uBonisa akuba ebona lentshukumo, kwaye yamvuyisa ngakumbi. Eyona nto waye eyifuna yena kukude avuke uMpumezo, aphile ze baqhubeke nobomi babo bona bodwa bebobabini kuphela. Makavuke ke uMqwathi. 

Bonisa: “Nesi! Yizobona!”

Cwaka akuzange kubekho mntu ungena ngomnyango kwamsinya. Kodwa lemeko iphambi kwakhe naye uBonisa suke yamenzela iintloni noko. Kuba kaloku uye wavuselela isigulane ze savuseleleka naso. Ngoku uxakwe yeyokosa. Suke naye ngoku kwasika emazantsi kwesisu, yanga anganesiluma esikhawulezileyo. Suke wanombilini ngoku, kwantushuza nenye into endingeawukwazi ukuyibiza ngegama. Suke wanesifuthu-futhu esivele samenza wanovuyokazi olukhulu ngoku umamakho. Iyaqala ukumehlela lena into.

Bonisa: “NeeeeeeeeeeeesssssssssssssssssssssIiiiiiiiiiiii”

Balulu amehlo kumqwathi! Qhwanya Qhwanya Qhwanya! Suke ndunya amehlo, ntshoooooooo! Waphinda wathi Qhwanya Qhwanya Qhwanya! Suke ndunya amehlo, ntshoooooooo! Makube uvukile ngoku umqwathi?

Bonisa: “Mpumezo! Mpumezo! Mpumi! Mpumi! Uyandiva? Oh thank God! Mpumezo! Mpumezo”

Kwaangena oonesi sele bebathathu begxalathelana ngoku ukungena ngomnyango.

Nurse: “Uvukile?”
Bonisa: “Ewe! Jonga amehlo! Mpumezo”
Nurse: “Biza ugqirha! Biza ugqirha! Bhuti? Bhuti? Bhuti? Uyazazi ukuba uphi? Uyandiva?”
Bonisa: “Mpumi! Baby ndim uBonisa! I missed you! Please come back to me”
Nurse: “Sisi, kuzafuneka ulinde kwelacala lokulinda! Sizakusebenza ngoku! Wena akumelanga ube ulapha! Futhi ne two minutes yakho iphelile”
Bonisa: “Hay ndifuna ukuba lapha! What if uphinde walala? What if uphinde wakwikoma? Mpumi baby? Uyandiva?”

Watyhilizelwa ngaphandle ke uBoniswa. Wagilwa ngabantu abaninzi abebe ngena kwelo gumbi. Elapho nalasisi ungumophathi sibhedle, enxibe idyasi yakhe yobugqirha emhlophe wee. Kwaangena noogqirha aba balekayo ke kunye neenessi ezininzi kwelogumbi. Wayemana ekroba ke noBonisa kwifestilana yeglasi esemnyangweni. Emana esuswa ngabangenayo okanye abaphumayo. Suke yavalwa lafestilana ngelaphu elenzelwe oko ukuze angaboni uBonisa okuqhubeka ngaphakathi. Wasole wayochopha kwisitulo esikwalapha epasejini , waqubuda walila.

Mphathi sibhedlele: “Ntombazana! Ungubani igama lakho? Kuthwa nguwe lo uvuse ubhuti”
Bonisa: “NginguBonisa mna sisi”
Mphathi: “Tell me wenze njani kaloku”
Bonisa: “Ndimoyikisile qha”
Mphathi: “Ngantoni? Come to my office! You need to tell me more”
Bonisa: “Is he gonna be alright?”
Mpathi: “It looks like ukuba umbuyisile! Al'thanks to you”

Baalandelelana ke ukuya kwi ofisi yomphathi sibhedlele, wafika wenzelwa ke iti uBonisa ze wanikwa namaqebengwane ukuze athobe amaphaphu.

Masime apho okwangoku...!

#DOUO

No comments:

Post a Comment