Monday 6 January 2014

Scene #5.2

Kungokuhlwa eNkanini, umfundisi uhleli nomkhaya wakhe bayancokola.

Mkhaya: “Kutheni ungandiniki landlu yakho? Wena ube uthatha leyam kaloku mkhaya”
Pastor: “Tyhini! Elityotyombe lakho? Yithi uphambe!”
Mkhaya: “Awungomfundisi nha?”
Pastor: “Lento?”
Mkhaya: “Undithukela ntoni? Ungumfundisi onjani lento uthukayo? Kanene ungabafundisana besheleni wena”
Pastor: “Ndikuthuke ndathini nha mkhaya? Kodwa khawujonge elityotyombe lakho mfondini! Uthi kungahlala umfundisi apha?”
Mkhaya: “Phofu loo mfundisi uhleli phi kungoku? Oh, caba ityotyombe lam yindawo yokuzimela abefundisi nhe? Jonga ke bhuti! Uphume singazalani nje”
Pastor: “Uzazokundilahla kude eKapa nha mkhaya? Xa ndigxothwa nanguwe ndingayaphi?”
Mkhaya: “Buyela kulandlu yakho kaloku! Uyobulawa unye ngabahlali”
Pastor: “Ndizakuyithengisa maarn landlu”
Mkhaya: “Uhlale phi wena? Uncwase ukuhlala kweligali lam ngoku uligxekayo? Jonga andikho muncu mna undivile? And kufuneka urente ke kabawo! Awuzolala nje, utye nje mahala kaloku! Rhafa!”
Pastor: “Ndiyithatha phi nha mkhaya imali?”
Mkhaya: “Yenza icebo njengomfundisi kaloku”
Pastor: “Andinalo kaloku, ngaphandle kokuthengisa indlu okanye imoto yam”
Mkhaya: “Iphi imoto kakade? Yinike mna, wogqiba ungahlala mahala ke ngoku”
Pastor: “Ngoku iduru kangaka imoto kabawo! Hay uyandityabula ke ngoku!”
Mkhaya: “Jonga bhuti! Akukho kwakho apha kukwam, awuzuhlala mahala! Yenza icebo ke! Rholisa”
Pastor: “Ndilinde mkhaya maaarn! Iintsukwana kaloku”
Mkhaya: “Ndihlala ndisiva ukuba aba befundisi banobuqhphololo! Unyile ke apha kum! Uzakutya isanti ke apha kwam! Awuzuchola naphantsi”
Pastor: “Yini mkhaya wam! Undenzani ngoku? Ngoku ndithembele ngawe! Andiphangeli nje mna”
Mkhaya: “Awuphangeli? Xa nitya ubunewunewu nezaa saladi zenu pha nisela nezijusi zenu zika 100% anisicingi tu! Kodwa nakuxakeka nibuyela kwalapha kuthi! Ziphi ezonto ngoku?”
Pastor: “Kwowu! Wathetha kabuhlungu kodwa mkhaya”
Mkhaya: “Jonga ke tata! Kusasa sivuka kunye! Idaka likulindile pha ekontrakini! Sivukela khona ke!”
Pastor: “Idaka? Ekontrakini? Angeke mkhaya! Mna kaloku ndingumfundisi so akumelanga ndisebenze kanzima! Mna kumele ndishiyeke apha ndithandazele nina bantu bayophangela ukuze ningaqhathwa ngabelungu”
Mkhaya: “Uphambene! Kulenkqatho ingaka asenza yona amsilamusi? Unyile! Kukwam apha! Xa ndiphuma mna, andizoshiya mntu apha! Ndizakutixa! Siyaya”
Pastor: “Ndizakuqala kaloku nam mkhaya kuleveki izayo!”
Mkhaya: “Unyile”

Waaphakama umkhaya waya ngasentla. Lungisa imbiza eyaye inomhluzi wamafele etyiphu, wamane eyinukisa kodwa engabonisi ukuva vumba libi. Walayita iflem ze wayibeka lembiza. Wawugrwantyiza ke nalomhluzi unamafutha amaninzi kakhulu. Waqhaqha itopnotch aze nayo ngoku abuya emsebenzini uphopho wayigalela iseso sigaqa sinjalo embizeni, wayicika. Elixesha umfundisi ubukele naye, lomkhaya wakhe mbi ebusweni ke akathethi koko uyenza qha. Ukhangele icala letswere ke, wanqunqa, wlithi quba embizeni nalo. Wadlwabhazela ke loonyama yenkukhu inemiqolo eneendununu ezityheli. Ityebe idleke dleke.

Uke waphuma kancinci umfo, kanti usazithengela uhafu wesonka esibrown. Wawubeka pha entla wogqiba wathatha icephe wayovuyavuya esophula esasigaqa urheme. Sabeke naso sesiphasalaka. Athathe ifele alibimbilize ngoko nangoku inga akatshi tu. Wake wangathi ugalela amanzi abandayo ekomini, azokosula umzimba odiniweyo. Wayesanxibe ezi asebenza ngazo ke iiovalolo, zimhlophe wee yisamente, iigambutsi ezimnyama kodwa vele yangathi zenziwa zamhlophe, udaka lwazenza ukuba zitshintshe umbala. 

Waakhulula, wazama ukosula ubuso, kodwa caba lambamba kanobom iphango kuba waya ngogaga embizeni yakhe, waqubula ityiwa, wayithi thwishi-thwishi nje ukuba ivakale. Akazange agalele nesiphi nha isiqholo sokunonga inyama ke ngaphandle kwetswele netyiwa. Wosula isityakazi sokutyela umvubo ze wayongula emafutheni lanyama akashiya nepisi. Wathatha uhafu wakhe wajikela ekamerweni wakhe wazinika. 

Suke yancinci intliziyo kamfundisi ke ngoku. Akakhange atye imini yonke yanamhlanje, akukho kutya kulomzi akuwo, phinde akanayo nesenti. Selecenge nje indawo yokufihla intloko nje ngoku. Kuba lomkhaya wakhe lo ingathi ubhalele kuye namhlanje. Uke wazama ukuya entla ecinga ukuba ushiyelwe imbizeni noko amaqathana athile, kodwa kwakungekho nkqu nepisi yefele eshekeleyo. Caba umkhaya ukhambe kwa elo tswere lingavuthwanga nakakade. Wazama ukuncinda ngomnwe emhluzini kambalwana. Kodwa ucinge nto, xa inovela lendedeba apha ngoku asalibele kuncinda yena. Wayivala ngocoselelo imbiza ukuze ingangxoli ibize umniniyo.

Waayohlala kulaseti alala kuyo. 

Yathi thaa imini abethe ngayo unkosikazi wakhe. Suke wee thaa naye ethe natya pha etyinga ukuba ufile. Wabubona obo buso bakhe buntlimfi-ntlimfi, budumbile, buntleke-ntleke. Wambona ethe naa izandla inga ufile. Suke lwangongoza ngoku uvalo, suke waba bubilarha noko ngoku. Zaachiphiza iinyembezi umfo ekhumbula inkosikazi yakhe. 

Pastor: (Ethetha yedwa) “Ndikwenkulu ingxaki ngoku! Ndizenzile futhi andinakukhalela mntu! Unkosikazi ube endikhathalela! Endiphekela! Endihlambela iimpahla zam! Endikhuthaza endithanda! Ngoku ndimenzakalisile! Kwaye senokwenzeka angaphindi abenguye! Okanye akhubazeke ngengqondo! Hay! Hay! Hay! Ndimenzakalisile! Umsindo! Umsindo! Umsindo! Sendivinjwa nje ukutya kulemizi ngumloomsindo! Sendilala ezisetini nje kwezihoki zineentwala zalapha eNkanini ikwanguloomsindo! Ukuba ndandithethe inyani kuphela kunkosikazi, mhlawumbi ngendaxolelwa! Mhlawumbi naye ngewayethethe inyani! Saxolelana sagqitha apho! Kodwa ngenxa nje yomsindo! Unkosikazi wam ulele esibhedlele! Mhlawumbi kungasa kuthwe ufile! Ngubani owaziyo? Ndixolele mamfundisi wam! Ndenziwe ngumsindo”

Suke wachiphiza ngoku umfo ezicelela kule yabantwana imeko. Suke wafixiza ngoku enesingqala.

Mkhaya: “Ndoda! Kukwam apha! Andinamntwana ukhwinayo ke man! Ulile inyama? Hasuka thatha nanga amathambo namafele utye! Izilayi zesonka zimbini! Thatha!”

Waphuma kulakamire sele esiphethe ngesinye isandla isitya, esinye ebambe umqolo ngezilayi ezimbini. Phakathi kweminywe kusihla amafutha eqengeleka kanobom. Unkabi wayehlihliza ukuganga naye loomafutha ngomlomo nagelwimi.

Mkhaya: “Ina maarn! Awufuni? Ayindixakanga ke le nyama Bulelani! Thatha okanye uyeke! Ukuba awuvuki kusasa, kuzakuba nje apha endlini! Ndizakubulala ngendlala mna! Akhange ndithi nkula umfazi wakho mna!”
Pastor: “Enkosi my brother”
Mkhaya: “Futsek! Ndingomntakwenu mna undijonge kakuhle! Ngoku niziphakamise kangaka pha kokwenu! Kugeza kwa odade wethi ingathi basuza iairtime bona! Kupetsula kwa wena pha emakhaya ungasazi! Kodwa wakuxakeka ubalekela kwalapha kuthi...! Jou moer!”

Gwije inomsindo indoda yekhaya. Ayizange ibuyele ekuvaseni, kucaca ukuba ihluthi ngoku koko idinga nje ukungqengqa qha qwaba. Yaashwaqa ke, ithukisa ingapha kwela cala ilala kulo. Yayingekho eyayingathukisi ngayo. Kodwa wayengahoyanga ye uBulelani entlantlatha laamathambo ebetyiwa ngumlomfo. Ebimbiliza amafele etyebe eenjalo.

Sime apho.

#DOUOM

No comments:

Post a Comment