Thursday 19 December 2013

Scene #2.5

It was now 09H50 in the morning and Sisanda was on her way to town and walked passed Mpumezo's place. Sele edlulile wacinga ukuba makangene acele uMpumezo amkhaphe ukuyomkhwelisa. Khumbula, izolo loSisanda ngulo udampe ingwenya sele izixelele ngaye.

Ngethamsanqa umfo omkhulu waye esele evukile, sele ebuyile ekukhapheni uThembela. Ngoku wayezifudumezela umngqusho wakhe ukuze axhase umzimba. Waye esazityhafele ke umzalwane kucaca ukuba akhange alale nyhani.

Sisanda: “Ndiyaxolisa ngokwenzeke izolo, umama akhange avume ndihambe. Uye wathi masambe siye kwa-GOAL siyothenga amanqina la awojayo. Nephone ibisele icimile”
Mpumezo: “Awazama nokuthumela umntu okanye umntwana apha endlini ze ndazi ukuba awusaphumeleli kwidinga lethu?”
Sisanda: “Nditsho kaloku ukuba andikhange ndibe nalo mna ithuba lokwenza oko kuba umama ube me apha phezu kwam”
Mpumezo: “And ndiyamazi ke umamakho! Usasela phofu?”
Sisanda: (Ebona ikroba) “Ewe yhuuu! Ndimshiye enentloko ngoku yibhabhalaza shame! Uyadika kodwa ke shame umama ngokukusela kwakhe...!”
Mpumezo: “Wamhle kwasekuseni! Uyaphi?”
Sisanda: (Encuma) “Enkosi wethu! Ndisayokhulula ilay-byes zomntan'ama etown”
Mpumezo: (Emjonga) “Uya etown? Kufuneka nam ndiye khona! Zikhona izinto ekumele ndizithenge zekerk”
Sisanda: “Sapha imali kaloku undinike nelist ze ndikuthengele ezo zinto ngokwam”
Mpumezo: “Okanye sihambe sobabini nhe? Ha! Ha! Ha!”
Sisanda: “Sumosha imali kaloku Mpumie love, sapha ndizokuthengela uyaqo?”
Mpumezo: “OHHHHH! Awufuni kuya nam etown nhe? Nhe?”
Sisanda: (Encuma) “Akhange nditsho kaloku mna njena! OK ke singaya ukuba usafuna ukuya”
Mpumezo: (Ephaka umngqusho) “Masiqale sitye k'qala and then siye”
Sisanda: (Equmba) Hay'bo baby! Uzotya umngqusho kodwa uya etown?”
Mpumezo: “Ndilambile kalok nje mna! OHHH awutyiwa umngqusho nguwe nhe? Okanye awufuni ukutya nam? Huhu?
Sisanda: “Hay anditshongo mna! Masambe kaloku nana hay'bona!”
Mpumezo: “Sezoqale ndihlambe kaloku! Ndisezotya ngoku! Ogqiba ndi...!”
Sisanda: “Habo nana sezotya nyhani? Saba satya ntoni etown ke hoku? Khon'ukuba awuhlambanga?”
Mpumezo: “Hay'bo?”
Sisanda: “Ewe! Kaloku wena uyindoda and akhange ulale namntu ebusuku and awunuki”
Mpumezo: “He! He! He! Hay'ke yaziwa nguwe ke le yolala nomntu”
Sisanda: “yosula nje ubuso kaloku, unxibe ijean neskipa, nalateki yakho ibomvu. Sihambe”
Mpumezo: “Kutheni undimele ngoya etown khona?”
Sisanda: “Ndiyakuthanda kaloku and ndifuna uchitha ixesha elininzi nawe pha etown and sizoyohlala egardens siphole, asingxamanga mos nhe? So uthini ke?”
Mpumezo: “Kutheni singenohlala apha kum then sizipholele? Sinkale idrink eninzi nezinye iwhey yaqo? Why itown?”
Sisanda: “Kaloku kumele ndiyokwenza le whey yale lay-bye yomntanam and nawe ufuna ukuya etown mos andithi? So, lithuba lethu eli sazane grend yabo? Masiye!”
Mpumezo: “And then later xa sibuyile?”
Sisanda: “Eya later ixhomekeke ekundi spoileni kwakho namhlanje! Anything is possible! And the ball is in your court”
Mpumezo: (Eyeka nesositya) “Anything is possible?”
Sisanda: “Spoil me and see what will happen emva koko”
Mpumezo: “Give me 5minutes then to change and wipe some places in me”
Sisanda: “4 minutes and 58 seconds! 57seconds! 56seconds! 55Seconds! Uselapha?”


#DOUO

No comments:

Post a Comment