Thursday 19 December 2013

Scene #2.14

Lenyuka ipolisa labantu nkosi yam, lingangxamanga, lipholile kwaye linga lingababuka bonke. Leza ngqo ngaku Mpumezo, lema, lalinda, lijonge ntsho phambili, linganakanga nto. Lamenzela isithukuthezi ke noko uMpumezo, suke akakholwa ncam, wamane eligxelesha inga uthi phuma sathana, inga uthi lifuna ntoni na elipolisa? Suke lanezothe! Lwabetha uvalo kuphopho inga angaphuma abalekel, inga yintoni ukubanjwa ententeni? Nkosi yam!

Waacinga okwenzeke phambi kokuba eze ententeni uMpumezo, ingxoxo eshushu phakathi kwakhe noSisanda;

Sisanda: “Undenzakalisile Mpumezo! Igazi elingaka!”
Mpumezo: (Esosula ngetawuli) “Hay makube uqalisa ukumensa!”

Sisanda: “Hay bhuti andimensi mna! Inaliti endiyisenzisayo ayindimensisi”
Mpumezo: “Makube utheni?”
Sisanda: “Nguwe! Undixikixile kaloku”
Mpemezo: “Xa uthenselani wena?”
Sisanda: “Kukuthini ukuthensa?”
Mpumezo: “Kukuziqinisa ungafuni, ungenzi nawe”

Sisanda: “Qonda mawundenzakalise ke ngoku? Undikrazule! Jonga igazi...! Undimoshile!”

Mpumezo: “Uyandinyela! Umoshwe ngamadoda akho ngoku wena utyhola mna? Unyile!”

Sisanda: “Uzondinika imali yokuya kwagqirha ke bhuti. Kanti uzondibhatala!”

Mpumezo: “Uthi ndiyithathe phi imali kanene? Kuba ingathi isetyenziswe kwa nguwe kwayona lo mali”

Sisanda: “Mpahla ezo ungafuni ndizithathe? Yimalini khona le caba ndiyityile? Huh? Undixelela ngezisenti ubuzisebenzisa namhlanje? Zisenti kaloku bhuti...!”

Mpumezo: “Uyandiqhela ke ngoku! Uhluthi yimali yam ngoku uyanya. Zisenti ngoku? Buyisa ke ezo senti, ndingekakukhabi unye ngoku”
Sisanda: “Rhaa! Ukhabe bani? Waka wakhaba bani wena?”
Mpumezo: “Nxiba jo uvaye”
Sisanda: “Ndithunge igusha yam le uyikrazulileyo! Ndiyayifuna!”
Mpumezo: “Ize ibengekile kaloku kwalapha kum yona”

Sisanda: “Ibinegazi ngoku ubuyinkula wena? Ngoku ibengwe nguwe lo! Uyikhuthule njalo nje uyityele emoneni”

Mpumezo: “De uhambe jo, ndifuna ukulungisa”
Sisanda: “Andihambi ke tana!”

Mpumezo: “Usole usonga le duvet uyihlambe pha kokwenu. Uyingcolisile nge gazi elo lakho”

Sisanda: “Andizuyenza ke mna sana lonto”

Mpumezo: “Yandiqhela yazi wena! Umensela ingubo yam”

Sisanda: “Ungase undibethe Mpumezo! Ndakubambisa unye mna! Awundazi kakuhle! Uyandikrazula wogqiba uyaphika! Uyandizuma ngenkani ndingafuni, yi rape kaloku leyo bhuti. Ndingakubambisa unye mna! Fane uthi peee nje bhuti! Yitsho!”
Mpumezo: “Uyandinyela qha wena! Coz yikaka ke le uyithethayo. Khonxibe uvaye jo”

Sisanda: “Ndithe andiyi ndawo! Xa ndimkayo, ndizohamba neempahla zam. Andinoxikixwa kangaka jike kanti andifumana mpahla zam. Andiyonja kaloku! Soze ndilalwe nje mahala!”

Weva ngempama kazi enkulu uSisanda wayokutshona ngentloko kwiwodrophu evulekileyo. Kulewodrophu kwakuzele qhu yimpahla engasongwanga kakuhle. Kwakukho yonke intlobo yempahla yamadoda. Kukwakho ezimdaka zikwaxutywe nezicocekileyo. Wathi ephuma apho uSisanda, wabe ephuma igazi ngeempumlo, emongoza. Wathi akubona igazi wakhala kakhulu.

Sisanda: “UNDIBETHELA NTONI MPUMEZO? NDIKWENZE NTONI?”

Mpumezo: “Ndakukuphinda ukuba awundiboni nje! Undiqhela ikaka ngoku?”
Sisanda: “UNDIBETHELA NTONI? NDITHETHA INYANI NANGOKU UNDIKRAZULE AND UNDIZUME NDINGAFUNI! Ndithe ‘hayi’ kuwe! Awumazi uhayi kanti? Undibethele ntoni? Alonelanga eli sele ulikhuphile igazi undikhupha elinye? Uzakunya ndizakubambisa unye mna bhuti! Awundazi kakuhle nyhan! Uzolala ubaliwe kwanamhlanje, uzovuka uchetyiwe utye isonka esithostwe ngomoya ngqumakho! Uzakunya!”

Mpumezo: “Ndakukuphinda kanti”

Sisanda: “Phinda! Betha! Betha! Khawufane uthi uphindile ngoku! Ipolice station ilapha kufuthi! Phinda!”

Mpumezo: “Mxm! Tsek! Thatha ezimpahla zakho uvaye! Tsek!”

Sisanda: “Sapha! Zezam kakade! Uzakunya qha wena!”

Wothuswa uMpumezo kukuqhwatywa kwezandla libandla. Kwakuhlokonywa kuvuywa. Imiyiyizelo amakhwelo igcwalise intente, abanye behleka abanye befota. Wake walahleka ngokwengqondo uMpumezo. Wabila ngakumbi ngoku, wamana ezosula ukubila. Wabheka bheka inga ubone nto, waphunguphunguza ngathi ukhangela umhlola.

Wothukela ngaphakathi akubona ipolisa lixhome izandla phezulu inga lixhonyiswe zizikoli. Lalime bhunxe inga libethelelelwe kuloondawo lalimi kuyo. Lalise lathulisiwe into eliyithwalayo. Lalitsho ngenkqayi eshaynayo, ibengezela inga ungazibona nawe kuyo, suke yabila nalenkqay’ibhekile. Tshini kwenzeka ntoni nha? Yabangumbuzo azibuza wona uMpumezo lowo.

Wabe uSiyabulela eme phambi kwepolisa, kukho usisana kwabasisi baququzelelayo. Kukho nomfanyana kwalapho phof kwacaca ukuba naye uyancedisa.

Siyabulela: “Namhlanje”
Polisa: “Namhlanje”
Siyabulela: “Ndiyakwamkela”
Polisa: “Ndiyakwamkela”
Siyabulela: “Ukuba ube yiNkosi nomsindisi wam”
Polisa: “Ukuba ube yiNkosi nomsindisi wam”

Laamkeliswa ke uYesu elo polisa ngumvangeli onguSiyabulela. Kwatsho kwee qwenge kengoku kumfo kamQwathi. Hayi makube uyashumayela ngenene, kude kuhlidike ipolisa lizokwamkela uYesu? Kodwa zange akhululeke kakuhle ncam de ligoduke, ze axole. Wasicinga kodwa isenzo asenzileyo, esi sokusa isandla kuSisanda, akugqiba ukumlala kabuhlungu, wazimisela ukuzama acele uxolo ngesenzo sakhe.

#DOUO

No comments:

Post a Comment