Thursday 19 December 2013

Scene #3.5

Kwakuse kuseni ngentsimbi sesithandathu ekuseni. UMpumezo usandakufikelwa ngumamfundisi. Bakhawulezisa ke baphana iround ekhawulezileyo, yayinde kakhulu. Kucaca phofu ukuba umfo lo unomxhelo omde, kuba wagqiba kade ukukhuleka kulomduntsuzo. Kodwa ngelingeni bagqiba. Bakhe balala ixesha nje bemamela umzimba, bankonyana bemana bemmungunyana ukuphuzana oku, into ende. Ukugqiba kwabo, uMpumezo wakhawulelzisa weza namanzi abandayo, asekomini kunye netaweli yeenyawo, isepha kunye nevaselina. Wakhawulezisa ke umamfundisi wosula le ndawo ikhathazayo ngalomanzi abandayo. Suke waneendawo eziqhashumbisayo esithi iyatshotshozela, ngoku nalamazi abandayo ayayithunuka ingqatsutsu yakhe. Kodwa waanyamezela wade wagqiba ukuyisula, wayithambisa, wase wakhupha imbunga yakhe ebhegini yakhe, wanxiba. KUyacaca phofu ukuba ubeze engayinxibanga tu, ubesele ezilungiselele. Wathatha iimpahla zakhe ebesele zisongwe kakuhle pha phezi kwe washing basket ukuze zingashwabani, wanxiba ngobunono nobuchule. Wakhupha ke nezinto zokuzithwisha ebusweni, wazibhala. Wawabhala ke namehlo, wawadyobha amibalabala. Wawuzama ke nomlomo, wambejembeje. Wabuya waza ezinweleni, waziphonononga nazo. Aphathe kulungisa amagxa, anyuse amabele, azame ukuhlohla, anyuse eli icala, athobe eliya, wagqiba.

Mamfundisi: “Kaloku nam andiyazi ukuba iyimalini pha iOIL kodwa singaya ukuyokroba ngomso” Mpumezo: “Hay asinakuya ngomso kaloku” Mamfundisi: “Ngokuba kutheni nha love?” Mpumezo: “Imali ndayisebenzisa ngoku andinayo” Mamfundisi: “Wawunikwe malini kanti?” Mpumezo: “R2500” Mamfundisi: “Yho! Imali engako love” Mpumezo: “Ndaye ndaxakeka, ndayisebenzisa kaloku” Mamfundisi: “Entweni?” Mpumezo: “Umama kwakufuneka aye emngcwabeni e-Eastern Cape. Kusweleke umntu wakokwabo, ngoku kwakungekho mali yokuba ahambe, ndamcuntsulela kule, ze ndathenga negrosari apha endlini” Mamfundisi: “Oh! Shame! Uxolo wethu kumamakho uvile” Mpumezo: “Ndiyabulela” Mamfundisi: “Ungabina wari wena! Ndizoza nayo laR2500 ngomso! Siyothenga la oil” Mpumezo: “NHa you don’t have to do this much for me” Mamfundisi: “No! I want to do this, only for you! Don’t worry” Mpumezo: “Undincede kakhulu! Ndiyabulela mamfundisi” Mamfundisi: “Hay’ke! If you undibiza njalo ke andisayenzanga lonto mna” Mpumezo: “Haaaaaaaa! Ndiyabulela ke baby” Mamfundisi: “Lovely! Mamela ke kumele ndihambe! Masincokole kuWhatsapp ke love” Mpumezo: “Awunothi nje kube kanye?” Mamfundisi: “Yhuuu! Uyandiyeka ndizithwishe ogqiba xa ndihambayo bengona ufunayo?” Mpumezo: “Ngawenze maaaarn babes” Mamfundisi: “Ha.ana love ku late and nam sele ndi late kaloku” Mpumezo: “One two nje love” Mamfundisi: “Hay mandihambe maaarn! Ndizolizama elinye ithuba kaloku love”

Akazange athethe uMpumezo, suke weza kumamfundisi wamphuza. Wamphuza kanobom suke yethaxa ibhegi phantsi, ekamamfundisi. Jike iingalo ngapha koMpumezo, nca edongeni, tshwa amalwimi emlonyeni. Ngebhaqo yaphela lamithambiso ibisemlonyeni kamamfundisi. Kucaca ukuba uyitye yonke uMpumezo. Nazo izandala zikaMpumezo ziphuthaphutha ilokhwe, yenyuswa buphuthuphuthu. Tshwa ezozandala ekusitheleleni, esinye isandla sagada isowuthi apha emathangeni, sizula-zula, ingade icace phofu nento esiyenzayo. Naso eke esinye emnyangweni wobuhlanti bakwamfundisi. Ngelishwa kuvaliwe, kodwa isela alixakwa tu ukufumana ithuba okanye ikroba lokungena apho lifuna ukungena khona. Wajokelisa iminwe ngapha kwepeynti unkabi wawuhlaba waphelela. Wabonakala ngonyuka ngedonga umama wabantu ukuze uqonde ukuba kufayayo kuye. Suke wayeka noko kuphuza wakhamisa emagxeni kulenkwenke, eyisondeze aphakuye inga uyayithuthuzela. Waxhathisa ke uMpumezo, de wavula nemilenze le yakhe wangxabalaza. Wasithetha esinye isandla wasijikelisa ngapha ezimpundwini zelinenekazi, wazinkamfula ukuzibamba oku inga zinetyala. Suke wayeka wazama ukuphakamisa elithangakazi likhulu mfondini. Walizisa esinqeni apha kuye, wayeka ukugromba imithombo enamanzi uphopho kucaca nje ukuba sekwanele ukufaka imigqala emifutshane, kwakudingeka lowa mde kuneminwe. Kaloku, yena wayehamab ze kakade, kuba akazange anxibe kaloku kuba esalele yena, kwaye esaza kulala futhi. Wase wavela ngokugoba umqolo unkabi, thwaca ke isinqe ukutshona ngaphathi, minci yane iimpundu inga uvele wabanjwa yi naagmaarn esenza itsipatsipa. Wawuhlaba waphelela lomnwe mkhulu besithetha ngaye, lomlenze wesithathu ke ukutsho. Wakhamisa umamzo nagkumbi ke ngoku. Suke kwaphuma izilwimi mfondini. Wawungafunga ukuba ingathui ubanjwe nguMoya oyiNgcwele, hlobo awayebhedesha ngalo. Lathathwa nelinye ithanga lakhe ukusiwa kwelinye icala lesinqe, wafunqulwa ke. Naye wagwencela ke kwayiwa! Ukuba phi ke nam andazi. Yayinga yinja ebaleka nethambo ke uBrothers lo, hlobo awayesuke ngayo emakini. Hlobo awayekhaulezisa ngayo yangathi sisithunywa sakomkhulu sihlaba umkhosi. Kwakusekukhala uthwaxu thwaxu kudiba iinyama zaba babini, kodwa kungekho uhoyileyo ukuthwaxaza kwazo, okusalayo imnandi into etsho pha ngaphantsi. Funquliyane uMpumezo weza ebhedi, wabeka, wanyusa loomathangakazi, izithende ecaleni kweendlebe, wapresa, wabamba yena intamo ngazo zombini izandla, waqhwitha!

Emsebenzini;

Mamfundisi: (Whatsapp) “Le yesibini iround ibimnandi maaaarn! Kodwa indikrazule! Kuyatshotshozela ngoku” Mpumezo: “Ndim ugqirha wayo, kumele uyizise apah kum xa ubuya ndiyiphulule kwakhona” Mamfundisi: “Haaaaaa! Ha.a soze kaloku! Ndizakubona ngomso xa siya kuthenga” Mpumezo: “Oh ya kanene! Enkosi nana uvile” Mamfundisi: “Don’t mention it babe! I love you” Mpumezo: “I love you too and work well uvile” Mamfundisi: “Nawe baby ube nemini emnandi ke” Mpumezo: “Enkosi” Mamfundisi: “Namhlanje ke sana ndim oma kwi pulpit” Mpumezo: “Ewe nhe! Good luck” Mamfundisi: “Hahahahah! Enkosi babes! NDiyabona ucinga ndizakumpha utatakho ngosuka andinike ipulpit, asoze” Mpumezo: “Kanti wenze njani izolo? Awukhange de umphe?” Mamfundisi: “Ha.a! Ndiye ndalala esetini kaloku mna! So uvuke sele endixelela ngoshumayela namhlanje late, nam ndavuma” Mpumezo: “OK! Kodwa ndiyakwazi ukuba uyancedwa ngubawo, uThixo uzakusebenzisa. Ndikuthembile” Mamfundisi: “Enkosi! Baby wenzani ngoku kaloku? Sele utyile?” Mpumezo: “Ndibukele itivi, ewe sele ndityle, isonka esinamaqanda” Mamfundisi: “OK! Yewena! Sele uyibonile na levido kaBonisa?” Mpumezo: “Ewe! Hay’ushumayele usisiza shame! Kwaye unentambiso yokuvangela! Kuba kuvele kwagcwala xa kuzakushumayele yena” Mamfundisi: “Ewe kona! KOdwa andithethi ngaleyo” Mpumezo: “Uthini nha mamzo? Ikhona engenye nha?” Mamfundisi: “Yima ndikuthumelele baby apha kuWhatsapp ngoku” Mpumezo: “Ok! Itheni? Injani? Hahahahah! Wenzani kuyoi?” Mamfundisi: “Yima! Uzakuzibonela kaloku nawe” Mpumezo: “Khawuthumele!” Mamfundisi: “Isa senda kaloku, sukungxama”

#DOUO

No comments:

Post a Comment