Thursday 19 December 2013

Scene #3.3

Akhona: “Lazola! Uth’umama mbothenga umbane emaSomaliyeni” Lazola: “Uaxoka kuthunywe wena qha uziqhathela mna” Akhona: “Hamba mbobuza pha kumama! Ndiyapheka kaloku mna and uyaphela umbane” Lazola: “Uyathanda ukuzimela ngeembiza wena Akhona! Sapha ndiye! Ndizozithengela ichips ngale R2 izobuya apha” Akhona: “Uzobethwa unye ke sana ngumama” Akhona: Khakhaleze torho”

Kwasele kungena uSisanda.

Akhona: “Hay’bo tshomi, khokhulule ezi shades kaloku! Yintoni ntombi suke wagungxa ngazo nokuba sele usendlini. Lonto uyipakile nale make-up yakho” Sisanda: “Indenzela iintloni ke yazi mnganam lemeko yelimehlo lam” Akhona: “Hay’maarn tshomi, zizinto ezenzekayo kaloku ezi. Kumele uqine ke sana” Sisanda: “Ndiyamzonda ke laMpumezo ke sana ngokundibetha” Akhona: “Uthi kwenzeka ntoni nha tshomi?” Sisanda: “Undibethela ukungafuni ukulala naye” Akhona: “Uthini nha tshomi?” Sisanda: “Yandingoma lakaka mfondini, indibethela igusha yam” Akhona: “Uvele wakubetha nje nha skim?” Sisanda: “Besiye etown kaloku, sayokhulula ezampahla zam. Qha safika iyi-sale pha and the ndaqonda mandizithengele ezinye iimpahla, nala jacket bendiyinxibe izolo” Akhona: “Nalajini bendisithi andiyazi?” Sisanda: “Ewe nayo! Sahamba ke sayotya ogqiba kwethu sabuya! Uxuthe ezampahla besiyozithenga, wathi masigqithe pha kuye andlini avule. Suke wandijikela umntu, wandincamisa, wandibamba bamba. Wandifuna apha esiqwini” Akhona: “Yintoni kanye ibethisa apho ke nana?” Sisanda: “Ndiye ndamphuza back nam kaloku ndingaqondanag ukuba izakunyukela kwiqondo elingentla lento. And bekushushu ke lamini, suke ndadinwa, ndanesifuthfuthu, ndamsusa, caba yena sele ezixelele ngonditya. Emini?” Akhona: “Hay’wena! Kwathini ke ngoku?” Sisanda: “Ndamxelela kaloku ukuba andizuyenza lonto mna! Wandibetha ke! Undibethela ukutya lamali yakhe ze andabuya, le yala mini yeyogat” Akhona: “Hay’suka yimalini khona leyo?” Sisanda: “Iisenti kaloku! So, oko ndinje ke tana” Akhona: “So, naphela nibhalana ke ngoku?” Sisanda: “hay’fondin, sijijisene wade wancama. Emane endibetha ke kodwa andazuma! Waxutha ezimpahla! Tyhini, kodwa zithengwe ndim ngemali yam, endiyinikwe nguThulani” Akhona: “Wawungathi loThulani wakho akakuniki mali nha?” Sisanda: “Nam undothusile kaloku, wandinika iR1200 yothenga iimpahla. Wandibethela zona ke looMpumezo” Akhona: “Uzothini ke kuThulz?” Sisanda: “Kufuneka ndixoke mforin, coz if ndiye ndamxelele, ifile le yaseMpumezo, mna ndiyibekele umbeko” Akhona: “And ingambulala nyhani ke le yakho indoda” Sisanda: “Akanangqondo uThulani tshomi. Angadutyulwa uMpumezo” Akhona: “Kutheni ndine feeling yokuba uyamkhusela loMpumezo wakho nha?” Sisanda: “Ha.a! Ndimbekele nje umbeko mna” Akhona: “Uzomenza ntoni?” Sisanda: “Zomyela emntwini” Akhona: “Emntwini? Andikuva ke ngoku tshomi” Sisanda: “Awuvanga ndawoni nha Aykho? Ndiya emntwini ngomso” Akhona: “Hay’wena sungcola tshini! Uzovisa omny’umntwana kabuhlungu tshi” Sisanda: “Naye undivise kabuhlungu. Uzimela ngecawa ogqiba kwakhe! Nam ndifuna ave le ndiyiveleyo” Akhona: “Ungambambisi nje kutheni?” Sisanda: “Amapolisa azojika amkhulule and uzoyazi ukuba ndim ombambisileyo” Akhona: “Ha.a sana andikusaphoti ku ke kule into! Uzakuthi umntu makathini ke ngoku?” Sisanda: “Ndifuna atye emigqomeni, okanye afe ingqondo, okanye abe neentwala zehagu” Akhona: Yhooooo! Ungcolile Sisanda! Rhaaaaa! Hay’maaarn yiyeke lento lento tshomi. Ndicebeisa use umbambise qha ke! Azofunda isifundo”

Kwangena uLazola esitya ichips, ephethe ne-apile kunye nephepha lombane. Wayokuma kwibhokisi yombane, wawufaka. Yayithe chu lentwana ukuyenza oku lento uyenzayo, ingangxamana ukuyenza nale yokucofa amanani kulebhokisi.

Entla kwaye kudlwabhaza imbiza enomnqambulo. Yayinkulu kakhulu ke nalembiza inga yeyokupheka isonka samanzi. Sasimana ukukhenkceza nesixiko sayo kucaca ukuba iya ibila ngamandlakazi amakhulu. Ivuma lenyama yenkomo lizalise elikhitshi babekulo aba, yayingekanongwa kodwa wena. Nalo ke itswele phezu kwetafile, kukho neetomato ezibalekayo, igreen paper kunye nezinye izinongo eziyitsho inyama inuke kamnandi. Wawuyiva ke noko ukuba, lenyama yenkomo makube noko, kudala isitsha lilanga okanye sele kuntsuku ikhona. Kuba ivumba layo lalingaxolisi ncam, de neempukane zathanda ukuphaphazela phezu kwalembiza. Isitya esi ibinqunqelwa okanye ibihlanjelwa kuyo sona, sithe mome ngoohodoshe ade amema namaphela ukuzoxhamla kulenxutha.

Kwakuthe cwaka ke endlini inga akukho bantu, sisitsho sodwa esasiciko sembiza. Nelaphepha lezatshipsi zityiwa nguLazola, nontwintwi owenziwa yilabhokisi yombane. Ezintombi suke zaqwalasela kwiiphone zazo, enye ikuFacebook, enye ikuWhatsapp. Zazitshintshe ebusweni de inga zibuqumbarha kanje, kucaca nje mhlophe ukuba kulindwe lomfo aphume, okanye ade agqibe.

Lazola: “Akhona, khandiphe ipisi torho” Akhona: “Ayikavuthwa mntase” Lazola: “Ndukucela torho” Akhona: “Andikagaleli netyiwa kaloku! Ndizokubiza ke xa sele iryt va” Lazola: “Ohyini torho sisi wam” Akhona: “Zobethwa ngumama ke” Sisanda: “Hay khaphe umntana tshin, ude athi sisi wamu?” Akhona: “Isile lento ke! Unembeko za ezazi ukuba uncwase into” Lazola: “Noba linqatha ke sisi wam” Akhona: “Ugeza ke xa kufuneka uthunyiwe” Sisanda: “Khamphe hay’bo!” Lazola: “Cela torho” Akhona: “Thatha wethu”

Yatsiba ke lanto ukuya embizeni. Yazama ukukhupha ngesandla kodwa yamana isitsha. Imunce iminwe, ithi ‘shuuu’ kucaca ukuba iyabuva ubushushu, kodwa yade yayifumana lepisi ikhala ngayo. Yayibamba shuu yatsha yayiwisa phantsi, thaxa yaqengqeleka pha phantsi. Kodwa umniniyo walahla esosiciko waleka ekhondweni lenyama yakhe, ayibambe, ayiyeke, ayphuthaphuthe. Suke wayithi hlasi jwii etafileni. Wathatha ityuwa swayi swayi enyameni yakhe, wayithi nkamfu. Wayixhwitha ukuyophuma ngomnyango.

Akhona: “Tshomi! Ndoyakucela torho sukukwenza oku kungcola ukucingayo torho”
Sisanda: “Uzakundazi laMpumezo, ukundibetha kangaka! Asoze ndimyeke…!”

Sibuye sibonane kwixa elizayo!

#DOUO

No comments:

Post a Comment