Thursday 19 December 2013

Scene #3.16

Mpumezo: (Ecinga yedwa) “Kutheni ndisuke ndanesazela nje ngokukusweleka kukaSisanda? Lonto abantu abathethi nto inye ngalento. Suke amaninzi amarhe ngokusweleka kwakhe, kwaye nam ndibuxakwa ngoku. Kanene umntu esaphila ubhala umqulu wencwadi, ze akusithetha kuthetheke ngaye, kwaye ibe ninzi nento ethethwayo ngaye. Abe engekho phofu yena ukuze aziphendulele. Ndigqitywa yile yokuba ube ejola namakwirikwiri usisiza lo. Kwaye ubelapha phandle apha ngokwasemadodeni. Ithe ndii into yokuba ubhubhe eyokwenza iArbotion, ekhupha isusu. Nam ke ndilele naye, ingakubi ebekhupha umntwana wam phofu? Akafumanekisanga ukhulelwe mhlawumbi emva kokulalana kwethu? Makube lusana lwam ke olu belubulawa pha! Ukuba kunjalo, bekutheni engatsho ke? Bekutheni ke engandixeleli? Kaloku nam, bendinalo ilungelo lokugqiba ngaye lamntwana, njengotatakhe. Ndizokwazi njani ke ngoku ukuba ibingowam? Hayi, inzima kanye xa kulapho ke ngoku! Mandizame ukuke ndithethe noAkhona! Ke ndizame ukuphanda pha kuye! Ingathi ndinayo inumber yakhe, kuzakumele ndimfowunele ke ndive pha kuye. Kaloku bebe ngootshomi ababantu kwaye ndiyathemba ukuba bebexoxa ngento yonke”

Waphaka esitulweni ebe engqendeve kuso umfo waya ngasentla. Uke wema wazolula unkabi kucaca ukuba umzimba wakhe udakumbile kwaye ubudinwarha noko. Wonde ngetafile apho ikhoyo iphone yakhe ifakwa embaneni. Uyithathile wayicofa-cofa ze wabeka endlebeni yakhe, weza esetini, wazijula phinde wangqendeva ukungqengqa oku kuyo.

Akhona: (Ethetha kwiphone) “I hate you Mpumezo”
Mpumezo: ANdiyazi ke mna lento undixelela yona”
Akhona: “You the reason my friend is dead and you know it”
Mpumezo: “Ndiyindoda kaThixo mna sisi, andibulali bantu koko ndiyabaphilisa. Wena kukundityhola ke oku ukwenzayo! Andidlwengulanga Sisanda mna”
Akhona: “Rhaa! Uzimela ngecawe wogqiba ukuba ngumdlwenguli Mpumezo! You will rot in hell ke bhuti”
Mpumezo: “Sisi, sukundithuka! Andenzanga nto mna”
Akhona: “People will know who the jeck you are very soon and mark my work, uz-a-k-u-n-y-a bhuuti”
Mpumezo: “makube ulelona gqirhwa laziwayo nhe? Lento de undifungele kangaka. Uyaxoka!”
Akhona: “Ndizakubonisa bhuti! Asoze undibulalele my friend and the uzozenza ungcwele-ngcwele apha kum. Yikaka ke leyo bhuti”
Mpumezo: “Khaphendule wethu ukuba yintoni eyenze uSisanda asweleke? Uyeke ukundibhudela mna”
Akhona: “Buz'ekunyeni! Unesazela ngoku nhe?”
Mpumezo: “Esantoni?”
Akhona: “Yini Mpumezo de umbethele ikuku yakhe angafuniyo ukunika yona! De umdlwengule? This is all your fault and I will go tell the police of what I know and bhuti, believe you me, uzakundazi ke”
Mpumezo: “Hay hey jonga, yikaka ke ngoku le undixelela yona! Andenzanga nto mna! Bendithandana noSisanda and ebenditakela njengabantu abathandanayo and wena awungeni ndawo uvile”
Akhona: “Uzakuyiphendula kakuhle ke lokaka pha emapoliseni. My friend never lied to me and I know it. Umbethe abe njeya? IBlue eye enjeya?”
Mpumezo: “Akazange ke abethwe ndim, wafika apha kum enjeya, esithi ubethwe yikaka yakhe, not mna”
Akhona: “Ulixoki gqithi”
Mpumezo: “Ngoku ndade ndamrola ngempahla entsha mfondini”
Akhona: “Suxoka rha! Unemali oyithatha phi wena ungaphangeli? Wayiphiwa nguThulani laR1200 ukuze azithengele impahla. Utsho lento wayecele wena umkhaphe niye etown? Rhhhhhaaaaaaa! Umuncu bhuti. Awuziboni nokuba uyintlama, u-m-u-n-c-u qhaaaa!”
Mpumezo: “Hey jonga wena Nomqwayitondini ndizakuku...! Hello? Hello? Hello? Njakazi ndini! Uzakuhlala usinda msunu”

Wacaphuka ke umnganam kucaca ukuba akayithandanga ke le yobethwa nge phone esathetha. Kaloku, akumelanga kugqibele umfazi, kumele yindoda egqibayo. Le yotyholwa ngento angayaziyo yena unkabi ayikhange imphathe kakuhle noko. Kaloku, yena uzazi ethandana noSisanda, akayazi ke le yotyholwa kangaka leliphuqekazi, de limxelele ezinkonkqeni ukuba ungumbulali. Suke yazula ngoku ngakumbi ingqondo yakhe umfo omkhulu. Yamcingisa ngakumbi mpela ngoku le into. Makube bethu uSisanda lo ube engathethi nyani kwezi tshomi zakhe. Ubexoka!

Mpumezo: (Esacinga) “Ukuba ke ziyinyani ezi zinto zokuba uSisiza lo ukhulelwe, makube ndim lo; ukuba unayo nyhani lengculaza, makube nam ndizithathele pha kuye; ukuba nantoni ebenayo eyosulela ngesondo, ndinayo nam ke mos! Yho! Ndongayithini ke loonto yokugcakamela ilanga kube kushushu mna? Yho! Hay make ndiyochama! Suke wanditshisa ngesaquphe nawo lomchamo. Lona elagqwirha linguAkhona! Ndizakulitshiza ngomlilo wezulu. Uzakumazi uYesu ukuba uyinkosi”

Uye waphuma ke unjabi sele ekhawulezile ukuya ngasese. Ndlela le wawungxame ngayo lamchamo wakhe, suke yangathi ungaphuma kungoku. Wathi sele esaya wabe sele enyenyisa ibhlukhwe yakhe. Xa sele ephezu kwethobhi, watsiba ke umchamo. Usisichenenana esingayanga phi, suke sajiya kakhulu. Yangathi uke wabethwa ngoswazi apha kubudoda bakho, ndlela le suke bashushu ngayo, suke banga bundindisholo, suke banga bungawa ukusuka apha ngasesineneni, ngendlela obasuka babuqaqamba ngayo. Uke wazama ukukhama umfo ecinga ukhona apho uxinge khona umchamo, nkqi, suke kwatshotshozela. Wabambelela edongeni phezu kwethobhi wabujingisa bona.

Mpumezo: “Andiyazi ke lekaka indehlalayo kodwa ngoku! Yintoni wavele wanje umqwathi? Makube unemikhinkqi kaloku, uyasebenza kodwa umfo. Kodwa abuzange baqaqamba kanjena maarn! Andinakuba ndine drop kaloku, izokuba yenziwe ngubani? Noko umamzo akananto ibheke ecaleni, ugrend, nThembela akho whwey itheni. Ngoku inga ingaba ndenziwe ngubani? Kodwa iyatshosthozela maaarn! Suke wastrongo nalomchamo, kwa ivumba lawo lakrakra. Mxm, izophela ngo ngo le whey. Kumele ndicele iiBICO apha kuOledi ubuya kwakhe ke ndizicoce maarn yho!”

Ukuphuma kwakhe aphe wacofa amanani kwiphone yakhe, wathenga iairtime ngeepoints zakhe. Watsalela umnxeba uThembela.

Thembela: “Ha.a andenzi nto, kodwa ndingeza ukuba wena awuzuya ndawo”
Mpumezo: “Ndiyakyukhumbula baba wam! Iza kaloku”
Thembela: “Ndilambile kodwa, funa uqale ndizenzele into etyiwayo then ndize ke ngoku”
Mpumezo: “Suwara! Nam besele ndilambile, ndizakuzama into yotya nam, iza qha wena”
Thembela: “Uza nedrinki torho ke! Kushushu ndinxaniwe”
Mpumezo: “Akho ngxaki, uza ngantoni?”
Thembela: “Zoza ngeenyawo kaloku! Andinamali”
Mpumezo: “Awonkwazi ukuyiboleka?”
Thembela: “Zoyiboleka kubani nha Mpumezo? Ngoku suke kubolekwe eyegwinya kwalapha kum ke tana”
Mpumezo: “Boleka wethu! Zokubhatala nam xa ugoduka”
Thembela: “Ndoku undigciselayo wena ube unayo phofu imali”
Mpumezo: “Khawuze kaloku maaarn”
Thembela: “Awusengxame! Ndiyeza wethu! Ndifike nditye ke apho otherwise, zojika mna ndigoduke”

Sike sibe sisima ke apho. Siyabiya nokuninzi okuzakuqhubeka.

#DOUO

No comments:

Post a Comment