Thursday 19 December 2013

Scene #3.11

UBonisa ngou sele echacha kakuhle noko esibhedlele ngolusuku lwesibini, kwaye nabo ogqirha bavumile ukuba ayokuchachela ekhaya. Kodwa wayesabhandeshile entloko, kodwa kungasekho kangako. Kaloku, yayingumothuko eyona nto ingamandla. Kanti ke phofu akakazazi ukuba bekuqalelephi ukuze azoba lapha. Kodwa wayezama kodwa ye torhwana ukuyicenga eyakhe ingqondo ukuba ike ibuye. Wayefuna ukwazi ukuba kutheni nha. Kwafowunelwa kokwabo ukuba ze azolandwa emva kwesidlo sasemini.

Yayimmamngaza ke uBonisa into yokuba kungakhange kufike nomnye umntu wasenkonzweni yakhe, eze kumvelela. Babeyazi phofu ukuba ukhona? Ukuba babeyazi, kwakutheni bengezanga? Bamkwayile nha? Kutheni?

Wakhululwa ke esibhedlele, kwatshiwo ukuba ze aphinde abuye uzokwena uhlolo. Kodwa lamothuko, uphantse ukumenzela isifo sentliziyo, uphantse ukufumana istroke, kuba ingqondo le ibuchachamba kancinci. Ke, akufuneka aphinde akhathazeke okanye awe futhi lonto ingakhokelela ekubeni agule ngakumbi.

Bonisa: “Ivido? Yivido etheni leyo mama?”
Maletha: “Yivido yakho usenza amanyala le kuthwa ububoniswa yona wena!”
Bonisa: “Mna? Ndisenza ntoni? Hay andiyazi mna lonto”
Maletha: “Yintoni nhe lento naze nenze izinto namalakhwenkwe enu? Ngamanyala antoni la naniwenza nina? Nanizifotelani nizumana?” Bonisa: “Hay hay hay! Andiyazi ke mna lento undixelela ngayo”
Maletha: “Uphantse ukubulalisa abantwana babantu ngabahlali, uyabazi abahlali baseIsland abasifuni isikoli”
Bonisa: “Ngobani ngoku abo bantwana? Kwenzeke ntoni na mama ukuze ndibe sesibhedlele? Elinxeba ndinalo kutheni? Kwenzeke ntoni?”
Maletha: “bathethe inyani kaloku ooStampu, noPitso lokaMampinga ukuba bakubukise ivido, becinga wena uyaya kanti akuyazi. Wawa ke, ubonwe ngabahlali ke ulele usopha, bacinga inoba ikhona into oyenzekelwe yiyo okanye bakubethile okanye bakukhuthuzile”
Bonisa: “Yho! Yivido etheni nha le?”
Maletha: “Ke uSoso, ebesele ebethiwe yena, kuthwa wophulwe ingalo, abanye yimirhuzulwano nje. Baveze lavido bebekubonisa yona ke, le uzikhwelisa kuyo ngalamfana uhlala pha ngaseBhongweni. Lonto ninamanyala Bonisa ndinincamile”
Bonisa: “Hay ndicela ke ndibone levido nililisela ngayo! Nazi njani nina ukuba ndim?”
Maletha: “Icace gca mntanam, kwaye ibonwa nanguthatha. Lonto niveza neetorosi zenu anifihli tu! Ngexesha lethu thina, wawungekhe ulale nendoda yakho kukho umntu wesithathu. Wawuqoshela ezongubo ungafuni tu. Nina senithathe le yaseNtshona into, le yokuzumana nibe nifotwa. Hay aninazintloni tu”
Bonisa: “Kutheni ungayithathanga wena mama nha le vido?”
Maletha: “Uyayazi kaloku eyam iphone ingusigedlemba, ayifoti kwaye ayingeni ezi vido zenu. Incedile ingakwazi okokufota, ukwenzela ndingahambe ndibonwa lillizwe lonke ndiqhekeze iimpundu, ndinkamfule ezendoda. Lonto unesibindi, ude uyayintyontyela mntanam ukuba mayikukhuthule igusha le? Hlobo olu opitshoza ngayo mntanam suke wandikhumbuza ngexesha lam, ndaashiya amahule amaninzi pha kutatakho ngesi sam isinqe! Ufuze mna! Kodwa hay ngobuhenyu bevido ke”
Bonisa: “Se yandenzela intloko ke le yevido ke mama, ndirhalela ukukhe ndiyibone ngoku” Maletha: “Andinayo ke mna mntanam eyophinda ndiqashe imoto ikuse kwagqirha. Ziduru kangaka ezimoto siziqashisayo? Utatakho wakhe ukumka ayoyitya namankazana imali yakhe, ndinithwele nzima ngalamazinyo am Bonisa”
Bonisa: “Ungenaphi ke utata kulento ke mama?”

Bohlika ke emotweni eyayiqashelwe ukuyolanda uBonisa ngunina. Kwakusele kuthe chasi ke esitratweni sakhe. Ingulowo efuna ukubona loBonisa udumileyo. Behleli bezithanda ke izinto abantu, behleli bezigadile ezabanye abantu. Babesele beme nangeenyawo abebehleli phantsi, inga bakrobile abasezifestileni naseminyango, zake zalityalwa ebezisenziwa phambi koko, okwexeshana.

Maletha: “Kaloku, uyiselebrithi nontombi ngoku, kwaye uzenzile”
Bonisa: “Ukuba yinyani ke lento, bathini abantu benkonzo? Umama umfundisi? Nomfundisi...? Yho! Andisenantloni”
Maletha: “Makube uvuya gqithi utatakho apho akhoyo, wayendithuka ngokungakwazi ukuqeqesha kaloku, wena wakhetha ukundihlaza”
Bonisa: “Andenzanga nto irongo mna ke mama yazi, ndifunele umntu onayo le vido ze ndiyibone nam”
Maletha: “Ndizothumelisa umntwana pha kulo Stampu ke eze nayo”
Bonisa: “Uzakube undincedile! Iphi iphone yam mama?”
Maletha: “Hasuka! Bendidikwe koku kuntwintwiza kwa ezimini nobusuku, ndaycima ndayfaka pha ebhegini yam”
Bonisa: “Yho! Makube ngaba bathanda iindaba kaloku mama”
Maletha: “Awunabathini abantu mntanam! Lixesha lokuba utye amayaza akho ngoku mntanam! Lungisa ndizakuphathela amanzi ke”
Bonisa: “Ndlela le ndirhalela ngayo umbengo mama! Awunamali nha ke undithengele ipisi zibembini?”
Maletha: “Imali yam iphelele ekuqasheni iimoto kaloku mntanam! Ndize ngoku”
Bonisa: “Akukho ngxaki Letha! Lonto igcwele iphone yam! Ide ithi 'memory full delete' khawuyeke ke ndiyongqengqa mama, ndifuna ukufunda ezi messages”

Kuzo zonke ezi messages waphuma nezikaMpumezo. Zona zazininzi kakhulu, ekhangeleka ekhathazekile kuzo zonke. Wayethumela enye emva kwenye. Caba uke wazama kaninzi ukufowuna futhi. Abanye aba, babemgxeka ngesenzo sokuvidolayza esenza amanyala. De yena Bonisa ungumanyaleni. Abanye babefuna uke eyenze kubo lonto, besithi inoku umnandi usisi lo. Abanye bavakalisa ukudana nokuthuka, ukuba ingangauye lo wenze lento. Abanye bathi ungcolisa intsindiso yabo, kwaye akafanelanga ukusindiswa yena kuba ungcolile.

Kodwa, waamane eziphinda phinda ezivela kuMpumezo. Suke wamane encuma, acimele. Kwaye, waye ONLINE kungoku lowo.

Bonisa: “I am so sorry Mpumezo”
Mpumezo: “I don't care what happened Bonisa. I want you and I am serious about you”
Bonisa: “I am a mess”
Mpumezo: “Yeyexeshana mntase, kwaye sukulilahla ithemba. UThixo ukhona!”
Bonisa: “Ziyandomeleza iimessages zakho bhuti. Enkosi”
Mpumezo: “Ndikholo lonto! Ndlela bendine worry ngayo! Ndothuswa nayile undixelela yona yokuba ubusesibhedlele? Please, cela ube right baby va”
Bonisa: “And my Boyfriend never bothered to visit or call me. Andiboni nento evela kuye, kwa callback lo”
Mpumezo: “Suwara ngaye lowo! Ndikhona ngoku and andisoze ndiphinde ndikuphuncule! Ndicela ukukuncedisa de uchache uphile! Ndizimisele ukuba secaleni kwakho de kube sekufeni”
Bonisa: “Yho! Makhulu lomazwi for umntu odume kakubi nje ngam”
Mpumezo: “Kwaye aphuma kum enyanisekile! Ndinayo imali apha kum engange R2500 ndicela sizikhuphe ngomso, ndikubonise ukuba ndiyakuthanda, kwaye ndizimisele ngawe”
Bonisa: “I don't know! And I don't think I am ready for any of this, I am so sorry bhuti”
Mpumezo: “See me tomorrow baby-B kwenzele ndikukhuphe. Ndiyakuthanda ntombi kaMaletha”

Sime apho okwa ngoku! Ifuna ukuthini na lento ngoku? See you between 9:30PM and 10:30PM

#DOUO

No comments:

Post a Comment