Thursday 19 December 2013

Scene #2.7

Ekuqondeni kwakhe ukuba noko ayimeleki le wayejongene naye uNolitha, waphakama waqonda nje ngasemnyango. Waluvula ucango waphuma. Xa sele engase geyting, wajonga ukuba zonke izinto zakhe zikuye nha, wazipokotha waziphutha-phutha, wazimpampatha. Wakhumbula ukuba ushiye icharger yakhe ngaphakathi. Kwek, inqabile ke nalecharger yale phone yakhe, abanazo bayagcisa ngazo ezabo. Kwakumele ajike ayolanda le yakhe apha ngaphakathi. Yabe neyakhe iphone sele icima-cimeza ukuxela ukuba umlilo uyaphela. Wajika.

Waphinda wangena, wayophutha-phuth kwindawo aqondayo ukuba ebegqibele ikuyo, ayibanga kho. Wakhangela wagqiba indlu yonke esafuna, nkqi ukuyifumana.

Nolitha: “(Eshukumisa uSityhilelo) “Cela undijongele icharger yam andiyiboni”
Bonisa: “Hay futsek uyasingxolela”
Sityhilelo: “Ubuyibeke phi kanti wena?”
Bonisa: “Uselapha nha?”
Nolitha: “Andikathethi nawe ke mna! Ndisacela kulo ubeyondithath ekhaya. Ndifuna nje oku kwecharger yam, ogqiba ndigoduke”
Sityhilelo: “Yijonge pha ecaleni kwela crate if ayikho pha nha”
Nolitha: “Ayikho phana ndijongile! Ndicela undijongele yona!”
Sityhilelo: “Ok! Ndizakuyijonge ndiyizise kuwe jo”
Bonisa: “Awuziya apho Sithyilelo! Le kakakazi mayijonge icharger yayo, iyibethe futsek”
Nolitha: “Ha.a bhuti kufuneka ndiyisebenzise ngoku. Iphone yam iyacima and akhomntu unale charger inje pha ekhaya. So ndicela uvuke undijongise plz…!”
Sityhilelo: “Ndizoyizisa kaloku jo!”
Nolitha: “Ha.a! Andifuni nto izophinda isidibanise thina sobabini. Andifuni kuphinda ndikubone! So, icharger mandiyifumane ngoku! Kwenzela omnye angachukumisi omnye…”

Wagushuza umfo kucaca ukuba akafuni kuyenza ke le into ayicelwayo. Wathi sele ebeka iinyawo phantsi, weza ngomva wempama;

Bonisa: “Uyaphi?”
Sityhilelo: “Hay futsek maaarn yekana nobethana nam wena! Zosuka ndikukhabe unye! Nxxx”
Bonisa: “Rhaaaaa! Unganya Sityhilelo! Qalisa ngoku! (Emphekuza) Ndithi qalisa! Betha!”

Ayizange iphendule lento, yaphuma intswayi-ntswayiza ibambelele ngaphambili inga igquma ihlazo. Yayiyekelele umzimba indodenkulu kucaca ukuba idikwe yeyokosa. Yakhangela le iyifunayo, de yayifumana.

Nolitha: “Enkosi ke bhuti. Ayiphinde idibane and cela ungaphindi undifowunele please”
Bonisa: “Akazuphinda! Nawe cima inumber yakhe! Bake ndakuphinda ndikubone apha! Uzakunya!”

Waya emnayango usisiza, wajika wabajonga enyuse nje umlomo, inga uthi kubo; ‘I’ve got something instore for you, just enjoy your moments for now and soon or later! YOUTUBE!!!!!!”

Bonisa: “Mkaaaaaa! Gqwirha ndini! Usuke ngaaapho eziflethini uzosithathela amadod’ethu? Unyile! Utsho ngempundu ezidiniweyo apha! Msunu!”

Akazange aphendule uNolitha, wagoduka. Noko kwakusele kusiza ukusa phandle, nabantu abaphangelayo sele besithi lozi-lozi pha napha. Ababuyu etakaland nabo bentushuza nabo. Abafuna ukuqabula nabo bekekelela kwelabo icala. Akukho uhiye omnye, wonke umntu uhoye ezakhe. NoNolitha ke torhwana wahoya imhemhe yakhe, wayiqhwitha ukuya ngasesiporweni.

Kwavela umfana kanye xa aphezu kwesiporo uNolitha, wayevela ngaseIsland esiya ngaseThsephe-thsephe ebungxama. uNolitha kwacaca nje ukuba umbonile, wafihla iphone yakhe ekhwapheni ngaphantsi, wasonga izandla inga akaphethanga nto ngaphandle kwecharger yakhe.

Umfana: “Hey swiri”
Nolitha: “Hi”
Umfana: “Uryt?”
Nolitha: “Ewe wena?”
Umfana: “Mojo jo! NdinguGideon jo wena?”
Nolitha: “Ntokozo”
Gideon: “Hala phi Ntokozo jo?”
Nolitha/Ntokozo: “ELuzuko”
Gideon: “Cela undiphe inumber yakho jo”
Nolitha/Ntokozo: “Andinaphone bhuti”
Gideon: “So, ufumaneka njani kanti wena?”
Nolitha/Ntokozo: “Andifumaneki bhuti”
Gideon: “Ndicela nje ukukukhapha ke jo, kwenzele ndazi apho uhlala khona! Please!”
Nolitha/Ntokozo: “Hay bhuti, ndizokhwela iphela pha ngaseBarcelona!”
Gideon: “So, le number ithini jo”
Nolitha/Ntokozo: “Zero seven nine, four two six, double three zero one”
Gideon: “Enkosi jo! When can I call you?”
Nolitha/Ntokozo: “Nanini nha but not ebusuku”
Gideon: “Moja khazi! Mandijike ke nhe!”
Nolitha/Ntokozo: “Sho!”

Wajika umfo. Yathawuza yodwa intombi yodwa ukuzama ukunqumla iThsephe-thsephe, inganakanga nokuba kuza bani nha okanye kuhlani. Yayingxamele ukufika kokwayo, ihalmbe, iphumle, icharge iphone yayo, itye. Yogqiba icinge ngo plan B and the plan B would be surely to think of what to do nge video and what to do ngo Sityhilelo nentombi yakhe.

Sibonane kwisithuba esilandelayo…!

#DOUOM

No comments:

Post a Comment