Thursday 19 December 2013

Scene #3.7

Kwakusemva kweeyure ezibalekayo emva kokuba uBonisa ebone lavido yakhe, le ashumayela kuyo ebhedini. Ukuba sibala kakuhle, kwakusemva kweeyure ezintathu ukuya kweyesine kanje. UBonisa wazibona elele ngomqolo, ukubuya kweengqondo zakhe, ewe ukubuya kweengqondo zakhe. Waqaphela ukuba lendawo akuyo ayiqhelekanga, kwaye nabantu abakuyo akabazi, nezinto azikwelo gumbi nazo akazazi. Uqaphele ukuba intloko le yakhe ibunzimarha, indindisholo de ibotshiwe. Wazama ukuyijikajika ukwenzela ukuba abone nezinye izinto ezingaqhelekanga. Ingalo le yakhe ifakwe inaliti enombhobho wedriphu, lendawo ifakwe kuyo lenaliti, idumbile. Wazama ukuva iminwe yakhe ukuba iyasebenza kusini nha, wafika lomnwe wokukhomba ufakwe entweni, caba ngokuzama ukuva leminwe, lento iye yantwela kwelinye igumbi ukuba lo uvukile. Ngoba kwangena unesi ehamba nogxa wakhe, nabo besonda ngaye. Waalayitwa-layitwa amehlo neendlebe ke ngabasisi, walungalungiswa, waphathwa-phathwa ke, baye bendumzela bethetha into angayivayo ke yena usisiza. Kaloku, waye ebotshwe intloko, kwayona indindisholo, inzima.

Bonisa: “Where am i?”

Yaba ngumbuzo owawubuzayo ke usisiza. Kodwa akuzange kubekho mpendulo kwezi zimbini zime phezu kwakhe. Wazama ukumane ebuza, nkqi ukufumana impendulo koonesi aba. Kanti akuphumi kwa elolizwi kuye. Ngelingeni wavaka omnye selesithi;

Nesi 1: “I just want to know ba kwenzeke ntoni ke shame kuye”

Nesi 2: “Lonto ubetheke kabuhlungu ngale ntloko yakhe”

Nesi 1: “Ewe maarn! Idumbe kakhulu nayo! Ide inenxeba! Ube ngakhuthuzwa phofu?”

Nesi 2: “Iripoti ithi uwile nje”

Nesi 1: “Uwile? Mwo mni ke ngoku lo ukwenza ubenje entloko?”

Nesi 2: “Itsho! ungafunda pha kula folder yakhe nawe uve”

Nesi 1: “Uyayazi nje soloko befika bexoka aba! Wofika uthwe nkaa nge empty”

Nesi 2: “Ubengalwel’indoda phofu? Umilele ukutsha phandle lo! Jonga imikrwelo apha entanye, kwaye kuyacaca ukuba isemitsha kodwa iphola”

Nesi 1: “Ndiyijongile! Mhle kelonto ukuba linxila kazi”

Nesi 2: “Ubuso obu bakhe bundifanela nalantombi besiboniswa yona ngulasisi wasePhilippi. Asinguye? Ha! Ha! Ha!”

Nesi 1: “Kulavido? Ha! Ha! Ha! Makube abantu bayafana! Kodwa asinguye lo”

Nesi 2: “Masimlungise sigqithele kwelinye igumbi! Lonto akawakhuphanga amehlo sana zezizinto sizithethayo”

Nesi 1 “Hay akasiva leliyezwa ahlatywe lona”

Bonda ndomnyango osisi babantu, bephethe itray eneenjekshini kunye nenqwaba yeepilisi, nezinye nje izinto abenza ngazo umsebenzi wabo.

Washeka yedwa umaBonie esathe thwacici-ndunya amehlo kambe uwakhuphe onke ngathi ligeza elisaqalayo. Wayezibuza imibuzo engenazimpendulo; Kwakutheni elapho? Kwenzeke ntoni? Yena alwele indoda? Ubethwe ngubani nge empty? Uwe xa bekutheni? Bekuqale kwathini? Khona kunini elapho khona? Kutheni engakhumbuli kwanto? Iphi iphone yakhe? Baphi abantu bakokwabo? uSityhilelo, uyayazi ukuba yena ulapha? Yaphala ke langqondo kaBonisa de yadinwa, suke wasindwa bubuthongo. Walala!

Caba ekuboneni kwakhe lavido usisiza lo, uye wawa, wabetheka ngentloko kwilitye elisecaleni kwendlela nalophone kaStampu inevido yakhe. Wafa isiqaqa. Kanti intloko le iye yavuleka inxeba kwampompo igazi.

Abantu abakufutshane bazame imoto ze yamphuthumisa esibhedlele ngokukhawuleza. Bezama ukunqanda kwa elogazi laliphuma inga uhlatyiwe.

Mpumezo: (Whatsapp) “Hay kudala ndimzama! Akabambi kwaphone! Ikhala yodwa”

Mamfundisi: “Makube sele eyibonile ngoku uneentloni”

Mpumezo: “Kutheni engabambi phone kengoku?”

Mamfundisi: “Utyiwa linyungu kaloku nana”

Mpumezo: “Suke ndane worry ke yazi”

Mamfundisi: “Myeke wethu! Uzakubuyela kuwe xa enethuba okanye xa ithuli lihlile”

Mpumezo: “I feel kumele ndenze something kanti mamzo yazi”

Mamfundisi: “Like what? I mean the damage is already done kaloku! Myeke!”

Mpumezo: “Ndiyamvela! Maybe ube engayazi ukuba iyenzeka lento kaloku ngelaxesha ibisenzeka! Kanti ungcolelwe!”

Mamfundisi: “Hay ngumakade enetha ke lo! Yiva kwa indlela ayikhwaza ngayo lendoda ukuba mayenze”

Mpumezo: “Sukuthetha ngolohlobo mamzo kaloku”

Mamfundisi: “Ndithethe njani? Ndenzeni?”

Mpumezo: “Kumele simthandazise! Sicele uThixo abe naye! Amxolele amkhusele”

Mafundisi: ‘Hay andinaxesh lokudlal mna! Tyhini! Siyamsokolisa loThixo! Sibe sibekana nooBonisa abenza ngabom? Makube yinto adume ngayo kaloku le!”

Mpumezo: “Sukuthetha kanjalo kaloku nana!”

Mamfundisi: “Yewethu! Uthi zizikretshi zantoni ezi anazo ebusweni nase ntanyeni kungekho kati nje kokwabo?”

Xhungu kanye xa kulapho ke uMpumezo. Kaloku waye efumene imessage evela kuBonisa ngobabusuku wayemke pha, esithi uye wakhuthuzwa laR250 wayezokuyiboleka zizikoli. Makube zake zambetha. Santuntuza ke isazela kumfo kaMaQwathini, yanga angenza nto yimbi ukuze axolelane noBonisa, kuyafuneka elicelile uxolo kungekabikho semva kwexesha. Kodwa ke naku engaphenduli uBonisa, akabambi kwaphone calls ezivela kuye. Athini bethu? Aye kulo Bonisa? Azame ukuthetha naye ubuso ngobuso. Athini? Umfo lo. Ikhona landawo isamthandayo uBonisa lo, nangoba sele ebone nale vido kodwa, wavele wayithambisa intliziyo yakhe, wavele wathamba naye. Kulevido akazange ambone uSityhilelo, akazange alive negama lakhe libizwa nguBonisa kulevido, suke wanomfanekiso wakhe inguye lo unguSityhilelo, phezu koBonisa. Asuke ancume ave igama lakhe libizwa endaweni kweli likaSityhilelo. Imenze lonto wazibona inguye noBonisa, suke kwazala uncumo, umbono wathi thaaa kuye. Wakhumbula lamini wayethetha naye okokugqubela ngobabusuku, akazange ayicinge eyengxabano yabo kodwa uBonisa lo, uyamthanda qha ke.

Mamfundisi: (Whatsapp) “Ndiyashumayela ke this evening nana”Mpumezo: “I heard that already mamfundisi”

Mamfundisi: “And i am not even prepared ke tana! Andiyazi ukuba ndizoshumayela ntoni”
Mpumezo: “Awusoze wogqithwe ngooBonisa ke”
Mamfundisi: “Hay sozeee! Ndogqithwe ngamahule? OoJezabel? Ubani? Mna? Sozee”
Mpumezo: “Lonto lojezabele wakho ushumayele kwenyuka intente yonke ifuna uYesu”
Mamfundisi: “ She is a devil worshiper kaloku! She used her evil magic to attract abantu”
Mpumezo: “Hay’ke sukuthetha njalo ngoBonisa! She is not what you are saying she is! Ndiyavala kaloku! Ha.a!”
Mamfundisi: “She is ke tana! And usezoma phambi kwebandla ahlambulule! Mark my word”
Mpumezo: “Khayeke ke ndibe ndiyothenga umbane. Ndizoke ndibe ndiyochitha isiyali ngolungisa pha ententeni pha ngoo 4 kanje”
Mamfundisi: “Ngoku bendicinga ukudlula apho kuwe xa ndiphuma apha! Sele siza kuphuma, ku quite apha so sizakugoduka and sele ndikukhumbula babywam”

Akazange aphendule uMpumezo suke wakhetha ukuyo zibukelela ivido. Wayesele eyiphindaphinde kaninzi umfo le vido. Kakade wayengayi ententeni, engayi kuthenga mbane ntonje wayefuna ithuba ke abuke levido. Wayibuka ke emana eyiqala ekuqaleni.

Simyeke apho ke umfo mQwathi

#DOUO

No comments:

Post a Comment