Thursday 19 December 2013

Scene #3.15

Gqirha: “Senze konke okusemadleni ethu mama! Sohlulakele ukuyinqanda umpfumlo wakhe ungaphumi, kaloku isi...”
Mandlovu: “Njani gqirha? Umntanaaaaammmm”
Gqirha: “Sicela ungalili ingathi awunathemba mama! USisanda, usishiyile”
Mandlovu: “Yhuuuuuuuuu! Umntanaaaaaaam”
Gqirha: “Mama! Senze konke ebesifanele ukwenza kodwa asibanga sakwazi ukumsindisa ukuba angafi”
Mandlovu: “Ndifuna umntanam mna! Buyisani umntanam gqirha! Nimbulele! Nimbulele! Nimbulele! Umntanaaaaaaam! Yhuuuuuuuuuuuuuu!”
Gqirha: “Mama, ndicela ukukushiya nonesi, uza kukucacisela yonke into kunye nemibuzo onayo uzakuyiphendula. Kumele ndiye kwelinye idinga endinalo ngoku”
Mandlovu: “Hay hay hay ndifuna umntanam mna gqirha! Mbuyise! Mbuyiiiiiiseeeeeeee”
Nurse: “Mama! Hlala phantsi kaloku, myeke ugqirha aphume mna ndizakukucaciselea kakuhle”

Waaphuma umfo wezempilo. Kucaca ukuba ukhathazekile kakhulu ngesehlo esisanda kwehla. USisanda njengoko eye kuqhaqho, kuyacaca ukuba ikhona nje into engahambanga kakuhle, wasweleka. Ngoku lomfo ube ephuma kwelagumbi loqhaqho ezochazela lomama ukuba intombi yakhe isole yasweleka. Kona-kona lomfo yayiyona ngcaphephe kwesi sibhedlela, kodwa ke umntu angeke umbuyisele umphefumlo wakhe. Xa sele ilixesha lakhe lokufa akukho mntu unokuma phambi komdali, xa sele ethatha eyakhe into. Nakuye ke uSisanda, caba kwakusele kufike elothuba, lokubonana nomdali wakhe.

Nurse: “Ewe mama! Zindaba ezibuhlungu kaloku ezi”
Mandlovu: (Egixa kabuhlungu) “Umntanam nkosiyam yini ukundishiya ndodwa, ikuphela kwakhe”
Nurse: “Ungamsoli nganto uThixo! Ube eyazi nale into kwaye ube eyazi ukuba nakuwe kuza kuba buhlungu. Xola mama! Ewe kodwa ungalila ukuze iphime lento ikuwe, de uxole. Kodwa akumelanga ulile inga awunathemba! Lila usazi ukuba uThixo unawe kwaye uyakubona”
Mandlovu: “Ibikuphela kwakhe mntanam! Andinaye ngoku omnye umntwana. Ababini baasweleka ngo re. Owokuqala wadutyulwa, owesibini wahlatywa kwezi zinto zabo zomnxilo”
Nurse: “Zabuhlungu ke nezo iindaba mama”
Mandlovu: “Undishiya nosana uSisanda! Luseyimveku! Lineminyaka emine okanye emihlanu kuphela”
Nurse: “OH petuna! Yintoni yena umntwana?”
Mandlovu: “Yintombazana ecekecekana ingathi ayondliwa. Kakade unina ubeyitya kuye le mali yegrant”
Nurse: “banjalo bonke ke mama! Masithethe ngokwenzekileyo namhlanje, kumele ndikucacisele mama”
Mandlovu: “Akunamsebenzi wethu mntwana wabantu, yiyeke iinjalo, akusoze ube sambuyisa kaloku umntwana wam”
Nurse: “Ingumsebenzi wethu ukuyicacisa kaloku mama ukwenzela singaleqwa ngumthetho. Njengoko usazi ukuba intombi yakho ibimithele ethumbini, siye sazama ke uyifunela uncedo ngokukhawuleza, sayifaka kuluhlu olungxamisekileyo kuba imeko yakhe ibisiya kuvutho ndaba. Kodwa ekuyenzeni kwethu lonto, kuye kwacaca ukuba, sisephakathi kuqhaqho, unyukelwe ziswekile, noxinzelelo lwegazi lwanyuka ngamandla, intliziyo yakhe naye yabe sele isishiya ecaleni, kuba ibisele ilumpompa kancinci igazi ngoku, lonto yenze ukuba makwenziwe macebo maambi kodwa nawo aye akalunga, wabe ke uya ekusishiyeni. Senze konke okusemandleni ethu ukusindisa ubomi bontwana wakhe, kwaye besijonge ukumnceda ngakumbi...!”
Mandlovu: “Makube uye wazikhathaza kakhulu wena mntanam, wacinga ngakumbi, ze lonto yambangela istress esikhulu. Woyisakala”
Nurse: “Inokuba naleyo ke mama ibe yenye yokusweleka kwakhe ke. Ndiyavuya ukuba uwuqonda umcimbi. Noko andithethi nomntu ekuzakufuneka ndicacise yonke into le. Ukrelekrele”
Mandlovu: “Ndiyinesi nokwam kaloku sana, kodwa ke eziya zokuqala. Ndaye ke ndaphelelwa ngumsebenzi ukungena kwalo rhulumente mtsha, kodwa ewe ndiyiyo. Kwaye akwamkeleki ukufa nakubani nha, ngakumbi xa ilelinye kumathambo akho mntanam”
Nurse: “Injalo na mama? Yhehake! Ndiyakubona ke ukuba kutheni unofifi kwezi zinto? Kuba kaloku umbuzizise kakuhle ugqirha de ndambona ukuba ingathi angaphuma emgceni. Sibuyele ke kule singayo! Mamela ke mama, sizakumthumela ke kwi..”
Mandlovu: “Post-martem! Yes ndiyayazi”
Nurse: “Yes! Ewe! Ukwenzela kujongwe oyena nobangela wokufa kwakhe yintoni! Ze emveni koko ke uzakuthunyelwa elugcinweni kwezidumbu! Kodwa ukuba kukhona indawo ofuna agcinwe kuyo, unganalo ilingelo lokuza nonoUndertaker wakho nimthathe”
Mandlovu: “Ndiyakuva sisi, enkosi mntanam! UThixo akusikelele, uwuthathele phezulu ke nalomsebenzi wakho wokunceda abantu, yanga abasemagunyeni bangakujonga de bakujongisise ke mntanam”
Nurse: “Ndiyabulela mama! Ndininqwenelela okuhle ke nakumalungiselelo omngcwabo ke mama! Ndingakunika ke nenkcukacha zomntu onokungcwabela ngemali efikelelekayo, nali ikhadi lakhe. Nimfowunele, nithi nyinikwe ndim inumba yakhe”
Mandlovu: “Kwowu! Ingaba undincedile ke sana lam, kwaba bangcwabi badura kangaka? Yhu! Uyakuba usebenzile ke sana! Ndukumfowunela ke ndive ngokwam ke amaxabiso”
Nurse: “Wenze njalo ke mama! Ndimthembile ke ukuba uyakukunceda lotata ulapho. Sele encede abantu abaninzi”

Waaphuma ke apho kwelogumbi uMandlovu inga ukhululekile okwexeshana. Waya apho azakufumana iimpahla zomntwana wakhe uSisanda, osandula ukusishiya. Wayithatha loplastiki inazo wonda ngee taxi. Wazama ukuthumela umyalezo kumntu amaziyo wasefemelini ukuba asole exelela abanye ukuba intombi yakhe isandula kusweleka kungoku esibhedlele kwaye naye ezindaba ziyamothusa.

Nurse: (Ethetha kwi phone yasendlini) “Kaloku usanda ukuphuma apha ngoku. Wena lindela inumber evela kuye. Umsebenzi ke ume ngendlela”
Undertaker: “Zindaba ezimnandi ke ezi undixelela zona. So bangaphi ke namhlanje?”
Nurse: “Sele ndifumene abathathu, lo ngowesine”
Undertaker: “Ewe, abanye sele beqhagamshelene nam, ngomso ke ndizakuzisa umgodlo wakho. Ilungile iR3900?”
Nurse: “Ke ngoku usayishiyelani iR100 le ishotayo?”
Undertaker: “R4000? Ok ke kulungile! Sisebenzisana kakuhle ke ntombazana! Mhlawumbi singathetha, ukwezele sikwenze ipartner kulebusiness yethu”
Nurse: “Hay ilunge ngoluhlobo kaloku sana, ingandikrokrisa kaloku apha emsebenzini”
Undertaker: “Mamela ke, andikwazi ukuyifaka kwibank yakho ke lemali, kumele ndikuphathele ilunch ngomso, uzakuyifumana pha phakathi wena lomali yonke”
Nurse: “Kulungile ke tata! Bakhona abanye abanokusishiya namhlanje, kuxakekiwe ke tana, kwaye ndim osondeleyo kubaqhaqhi namhlanje, ngoba kuxelelwa mna”

Zakhawuleza ke iindaba zokubhubha kuka Sisanda, inga zinwenwa okomlilo wedobo. Yaba sisanxwe somothuko ke kwabamaziyo, abamthandayo bagxwala, akufutshane naye suke nabo bengqukuleka, yasisijwi sento ebuhlungu. Bazisana ke abantu ngalomphanga, besothukile benjalo. Yayinguwele-wele esitratweni sakhe beme bubini okanye besisiqhu abanye, begwadla lomhlola. Kwakungekho waziyo isizathu, kuba lomntu ubephilile, lomntu ubeqakatu kwezi zitalato engenanto.

Makube kwenzeke ntoni bethu? Makube utheni?

Bazicingela inyhadudu yovobe ke abantu. Bambi besithi, kakade uhlobo ebephandle ngalo loSisanda, ubegula ehamba. Abanye besithi, kuyaxokwa, ugqitywe yiZ3 iphandl'apha. Abanye bezicingela ukuba ubeyokhupha isisu, suke izinto zahamba kakubi. Abanye bathi, udliswe ngalamadoda anawo maninzi kakade. Abanye baqamba nje izinto ezibheke ecaleni, uve nje ukuba hay'lo uyaxoka.

Oyena mntu usazi sonke isitori, nanko ezingalweni zika-Mandlovu ethuthuzelwa, uAkhona. Wayexheleke kabuhlungu umntwana wabantu ngetshomi yakhe. Wayengasakwazi nokukhupha isikhalo, hlobo awayetshelwe ngayo lilizwi, wayephelelwe naziinyembezi kusihla nje amathe nemifinya kuphela.

Lona usana likaSisanda lwaluthe shwace luzityela iichips zalo nesitoki, luneelekese ezininzi nkqu nemali eninzi, lumana luqhayisa ngayo kwelimdeleleyo umntu. Ndiyabona ukuba yayiyindlela yokuduka umkhondo ze lingabe libuzisa ngonina. Lwalugrwamza ichipsi lona, lunqunquthe isitoki kumnandi kulo. Mntanam, ukuba nje ubusazi ukuba awusenamama. Kakade utata wakho wakuphika uselityam-tyam esiswini sikamamakho. Ngoku, uwedwa.

Sime apho. Sibonane kwixa elizayo. ENKOSI!

#DOUO

No comments:

Post a Comment