Thursday 19 December 2013

Scene #3.9

Mamfundisi: (Enesingqala) “Sihlale phantsi bangcwele! Haleluya! MmmmmMMMhmhmhmmm! Oh yes! Makhasha! Mandelebekhe! Oh yes! Moy’oyiNgcwele! Siyabonga! Ribokhosa! My God! Mmmmmmmmmmmmhhhhhhhhhh! Oh yes! Ndiva amandla namhlanje! Ukhon'uThixo kulendawo! Ukhona! Ukhona! Aaaaaaaahhhh! Ukhona umntu ozoncedakala namhlanje ebsuku! Ukhona! Ukhona! Ukhona! Ingaba nguwe nha? Thank You Jesus......!”

Yaaba nguwacawaca zole tu phantsi wonke umntu owayenaso isitulo sokuhlala. Abanye ke bachophisana ezitulweni, abanye beema pha ngemva, abanye bachopha phantsi bhaxa pha phambi kwe pulpit, kanye apha phambi komamfundisi. Abanye baachopha phezu kwezipika, bekhona abachophe kwii crates zee beer kwalapho. Wonke umntu onebhayibhile wayiqubula ze wayibamba ngesandla, abanye bazibeka apha phezu kwamathanga abo. Abasebenzisa izinto zamehlo, igoogles okanye izipeksi ke bazikhupha, zosulwa sulwa kakuhle zafakwa. Abanye bathatha elithuba ukosula imibilo yabo ngemikhoni, ngeetshefu, ngeetawuli zabo. Bazola. Nalamantombazana aculayo, bawo afumana ithuba loku phefumla. Behla eqongeni ke sebekhawulelwa ngee powerades uke bathobe unxano.

Mamfundisi: “Sikhawulezi nje bazalwane! Siye ezincwadini zethu! Sifumane ilizwi lethu lanamhlanje! Isaya 60:1-3 sikhawuleze nje sicele umntu ozosifundela ngokukhawuleza, asincede”

Kwakhawuleza kwaphakama uSiyabulela nebhayibhile yakhe kweziya zininzi aziphathayo. Wafunda kweyesixhosa wenjenje;

Siyabulule: “Suk'ume, ukhanye, kuba kufikile ukukhanya kwakho, nobuqaqawuli bukaYehova buthe chapha kuwe. Ngokuba, uyabona, ubumnyama buwugubungele umhlaba, isithokothoko sizigubungele izizwe; ke kuwe uYehova uthe chapha, ubuqaqawuli bakhe bubonakele phezu kwakho. Ziyakuhamba iintlanga zize ekukhanyeni kwakho, ookumkani beze ebumhlotsheni bokuthi chapha kwakho”

Mamfundisi: “Siyabonga ke Brother Siya! Kwowu usifunda kamnandi isixhosa bhuti wam. Enkosi!”

Wake wathatha amanzi la athengwayo, la ase bhotileni wawasela. Uke wema umama wabantu wajonga phezulu imizuzwana noko evisayo. Suke wee naa izandla emacaleni kodwa esajonge phezulu. Wayebambe labhotile yamanzi kunye ne mic kwelinye icala, esajonge phezulu, suke zazihlela iinyembezi, esazithe naa izandla inga kukho umntu ozakumnika ihug. USiseko waye emhlelele emkhapha nge string sakhe esitsho kamnandi. Suke kwazala uMoya ofukuza kamnandi, oshushu, obabethe abanye suke kwagcwala iinyembezi ebusweni babo, naabo abanye besima ngeenyawo, bechukunyiswe yinto. Suke nabanye benza njengokuba umamfundisi enzile, naa ezozandla nabo, gwiqi ukujonga nabo phezulu. Kwaaamane kuvakala iincwina, kwavaka izikhalwana, kwavakala ukungqukuleka, kwavakala untsintsintsi wezililo. Umoya wawukhona ngenene nangenyaniso. Kuba akubanga kho mntu uthe makwenziwe ntoni, kodwa basuke bonke abantu bawa endumisweni, badumisa. Noko akubanga kho mntu uzame ukuqina suke bonke bamdumisa, bathandaza, bamcenga uThixo.

Asuke aphela emqaleni kumamfundisi amagama, suke watya kwizilwimi, inga wenza umbhedesho wasecaweni, ebebezelisa umlomo kunzima kwa ukukhupha iganyana elipheleleyo. Wayebanjiwe nguMoya oyingcwele. Wayengcangcazela ke ukusuka emadolweni ukuya ebunzi, ebonakala nakubani ukuba umama ubanjiwe ngumoya oyingcwele. Suke wagevezelisa amadolo umama umfundisi ngoku. Wabambelela esiswini. Kwawa zi mic zibhotile kwawa nalento ube eyixwaye emagxeni egqume iingalo. Zatsiba ke esintombi zimbini bezimkhaphile. Zachola ezonto ziwileyo, zama nje apha ecaleni kwakhe. Zama zimlingalungisa ukwenzele angaweli ndaweni imbi de abhentsele ootata.

Yebethuna, bagxwala anatu ententeni. Suke yasisankxwe sengxolo ezikhalo. Abanye bezibhuqa phantsi, abanye nabo inga ngamageza ukubaleka, abanye bexhuma-xhuma, abanye suke behla benyuka kulentente oku kwamaza olwandle, abanye suke bazulazula inga bazifunela loNobenani kukudala ekhangelwa.

Nalamantombi ancedisayo ayexakekile, athi engapha, nangaya phaya. Athi ekulo, suke abe kulowa, athi ebambe lo, abe ephamisa lowa. Kwakunzima umsebenzi kuwo umninzi kakhulu.

USiseko makangqinwe ngokuvuselela abantu nge keyboards. Xa benyuka, naye nanko edlalela phezulu, xa usihla umxhelo, naye adlalele ezantsi. Yayisitsho kamnandi into ayidlalayo uphopho lo, nanko noLwando ecaleni kwakhe ekhupha into emnandi ukuncedisa ubhululu wakhe, wayemkhaphela ngalamaqhosha emana ewafakela, emana ukutswiniza yedwa ke unkabi etsho ngento ephucukuleyo. Ibangela abantu bakaThixo bazive sele besezulwini uqobo.

Mamfundisi: “Ndiva amandla! OHHHHHHHHHHHH! Akhona amandla! Ammmmmmmmaaaaaaaaaaaaaaaandla! OH! Ikhona ivisitor! Sinomhambeli ovela ezulwini! AAAAAAAAAAAHHHHHHHHHH! Sinevisitor engumoya oyingcwele”

Waphinda waphakamisa izandla zakhe zonke umama lo, wazinikela enkosini! Ubuso buse bakhazimla, bubilile. Esekwazi ngxadidi ziinyembezi, suke waphatsha maarn! Wakumila kumbi!

Mamfundisi: “Kufikile ukukhanya kwakho! Kufikile ukukhanya kwaaaaaaaakho! Kufikiiiiiiiile!”

Washumayela lomama madoda ethetha izinto ngomlomo. Wabetha phantse yonke intente yema ngenyawo. Wayethetha ngokukhanya okunguYesu. Emchaza ukuba ungubani na loYesu, kutheni sekusithiwa ukukukhanya nje, bekuqalelephi, kwaza kwathini. Hey, wayede alinganise ke, evutha, etsinatsiba, etaka-taka de agqibe indawo yonke. Wayesitsho ngodlwabevu lentshumayelo, de kume ngenyawo kwa izithwalandwe ezi zakwalizwi. Ziphathe kumqhwabela izandla, ziphathe kumkhomba, ziphathe kwenza iHI5 ziphathe kunyolana, ziphathe kumbambathana emagxeni. Kucaca ukuba hay'madoda uyashumayela lomama, kwaye uthetha impiliso. Waye ebetha umazo phofu yena engenaxhala. Kwaye ke kwakufikile ukukhanya ngalomini, ngoba wonke umntu waziva engcwalisekile ngamandla avela ezulwini. Ukuba awuzange uhluthe lizwi ingabe wawuthanda ngoba lomama wayeqhaqha amabhodlo. Wayevula amabibi, echitha amajaqa ndiyakuxelela. Waye ethetha into ngomlomo kwaye kucaca nje ukuba ube ebhalele kuye wonke ubani osententeni.

Kufikile ukukhanya kwakho; lawo yayingamazwi ankenteze kamnandi kuninzi olwaye lupha. La ngamazwi ethemba, kwaye aye ethethwa litsha-nxiziyo lakwamoya! Wayevutha bhee edinga isicima-mlilo umamfundisi. Abantu bathanda nje ukuba engabethi isono, engagxeki, engashumayelu gwenxa kodwa ethetha izwi. Kaloku, inkitha eninzi iyakhubeka xa kubethwa isono. Kuyo, noko makungabethwa sijolo, makungabethwa mifriko nazindywala, makungabethwa mihlaliswano kaloku, nokuzala makuyekelwe kubo. Xa uthetha iindaba zabo kwi pulpit, kwek ubachukumisile, ubagxothile. Umamfundisi lo wayeshumayela kamnandi engabethi mntu, ethetha izwi. Ingqina yazala mpu loo pulpit ngabantu abafuna ukubekwa izandla. Ngenxa yexesha zadityaniswa zonke ngxowenin nye zasiwa ediphini. Kwakuzeke de kungekho ndlela yokuba amadoda amakhulu abeke izandla. Ancedisana ke onke ukubeka izandla phezu kwemilwelwe nabo bafuna nje ukuphila.

Lwaphela olwa ngaloo mini usuku. Akuzange kubekho nomntu ocingana noBonisa, ngaphandle kukaMpumezo. Wayemana elaqaza unkabi, engekho kuyo tu ke lemvuselelo.

Sibonane kwithuba elizayo.

#DOUO

No comments:

Post a Comment