Thursday 19 December 2013

Scene #3

Scene #3

Bonisa: “Masithatheni amabhayibhile ethu bangcwele nje sonke! Besesibheka incwadi ka Luka chapter 19 sithathe uves 5 kuphela bangcwele, bese siyathandaza and then sigoduke. Haleluya! Mayingwe inkosi! Nisekhona nhe ententeni? Oh yes! Siqhwabe izandla zethu kakhulu sibulele umoya oyingcwele! Glory to Jesus! Ha! Ha! Ha! Sibulise nje zonke iindwendwe zethu! Abefundisi, abavageli, abapostile, amadoda nje onke kaNkulu-nkulu, omama, iintombi kunye neensinzwa nabantwana nje abancinci abakhona phakathi kwethu! Sibulisa torhwana nooKeyboard masters, iiworshipers kunye nee ushers zalapha ekhaya. Siziqhwabele nazo izandla bethu! Oh Nkosi yam! Ngokukhethekile, sibulisa ubaba wala ekhaya, nomama wakwakhe nkosi yam, halelulaya! Sime nje ngenyawo, sibabethele izandla ezinkulu! Ushaye ikhwelo tata, uyiyizele mama, ushaye uzandla! Ohhhhh yessss Jesus! Siyabonga Moya OyiNgwele! Siyabonga Nkosi! Sihlale phantsi kwakhona bangcwele! Ndibulele nje ke elithuba linqabe kangaka, ndithi ndimncinci kangaka, kodwa ndime phambi kwenginginya engaka, ndime ndithi uYesu usyiyo inkosi! Oh Yes! Usemuhle loJesu bangcwele! Ndicela ukubaona nje izandla, kwaba bazana naye la etendeni! Phakamisa kanjena! Phakamisa! Oh Yesu! Siyabonga Nkosi! LUKA chapter 19 verse 5! Sicele nje umntu ozokusifundela ngokukhawuleza! (Suke wahlabela usisiza) ‘ ELODINGA LAMADINGA NGUMOYA’ Oh yes Nkosi ‘ELODINGA’ hlabelela kakhulu ‘NGUMOYA! NGUMOYA! NGUMOYA’ siyabonga Nkosi!”

Bama ngeenyawo ngoku abantu, wonke umntu. Babecula kakhulu, beyiva ingoma, inga ngabantu abasanda kukwazi ukuyicula loongoma. Zavakala iisuprano, iibhesi neetena mntakababa. Kakade naphi na, aasoloko ekhona amayile, lawendalo kakade. Kwakukho abatshothozayo ngamazwi abo amabi, nabo ke abanye bengqokola, abanye bekrasa, betsho ngamazwi nagthi ngawasesihogweni, engaqokelelwanga tu. Baenekhona ke phofu naba bacula ngemilebe, wakusondela wena ufuna ukuva into ephuma emlonyeni DOO akho kwanto iphumayo, suke umntu akuncumele. Abanye abazithembaga ke, kunzima sheme kubo.

Umfundisi uqaphele nto. Suke kwagcwala namhlanje lulutsha lwalapha eLower Crossroads. Lonke luse lwakholwa. Ingakumbi kwakuphama uBonisa, ngelaxesha abizelwa ngaphambili, kwathso intsholo, kuyiyizelwa, kuntyontyelwa, kuhlekwa, kusenziwa amakhwelo. Wonke umntu enomdla ezwini, enomdla kumsizi-zwi. Suke satshintsha isimo semvuselelo sashushu ngempela ngoku. Suke oolwalutsha luninzi, olunye lwema ngeenyawo, suke kwakhutshwa iiphone, abanye bazimisa oku kwabantu avidolazayo, abanye kwacaca ikhona lento ibukelweyo, suke abanye inga bayabhala kwakwezi phone zabo. Yamncumisa lento umfundisi. Kaloku, olulutsha lento luyenzayo ichaza ukuba luyayithakazelela inkonzo, kwaye uBonisa uzakuluba lonke luze kuYesu. Lonto ithetha ukuba, umnikelo uyenyuka, nezishumi zizakunyuka futhi nazo.

Kwa-uBonisa naye, wazibona suke wamkhulu. Ngalemini inguye oshumayelayo, suke kwagcwala, suke kwazala kanye olu lutsha lungakhonziyo. Lonto wazibona ezaba ngundaba-mlonyeni. Kaloku, eziphone zijongiswe, zijoliswe kuye kwaye kaloku nguye ongaphambili. Kwaye ulityile nelaphu, ixhala akanalo. Nezitretshi ezi ebenazo ziphelile, kwa la make-up ayifakileyo, igqume kwanto. Intloko intsha, iyamomozela isitayle asenzileyo, ixhala akanalo. Makube uyaziwa, de elnto antyontyelwa nangabantu angabaziyo, de bammele ngeenyawo xa kuphakanyiswa yena. Suke kwandweba kwa iitshomi ezi zakhe namhlanje. Suke wanovalo kodwa waziqonda ukuba akasoze aphoxe utatakhe, kaloku umkhethe ngokumthemba, ngoku makenze lomsebenzi. Waziva ekhukhumala nangakumbi ke ngoku, waziva enomthwalo omkhulu wokulanda olu lutsha, makube lulandwe nguThixo, ukuze luve ezi ndaba zimnandi.

Bonisa: “Sifundele dade wethu”

Lindelwa: “LUKE Chapter 19! UVerse 5 undeka ngoluhlobo: ‘5 AKUFIKA KULOO NDAWO, WAKHANGELA PHEZULU UYESU, WAYIBONA, WATHI KUYO, ZAKEYI, KHAWULEZA UHLE; KUBA NAMHLANJE NDIMELWE KUKUHLALA ENDLWINI YAKHO’ Ndigqithe sisi?”

Bonisa: “Enkosi my sister! Hlala phantsi! Baba eli lilizwi lakho. Siyabulela ngalo Nkosi. Thetha ngalo namhlanje ebusuku, lingaze liwele phantsi lingawenzanga umsebenzi walo. Mkosi, ndime phambi kwabantwana bakho, bayandazi mna, bangaboni mna Nkosi, koko babone wena, bangavi mna Nkosi, koko bave wena. Sebenza ke Moya oyiNgcwele, thabatha indawo yakho, nje ngoThixo! Amen and Amen!”

Kwavakala ihlombe lezandla kuqhwatywa, wonke umntu ehlala phantsi. Kwakuzele ke kungekho kwa indawo yokuma. Xa kwakunokumka umbane kuloontente, ndiyathemba ezohpone zazidanyaziswa apho zazinokwenza ilight ekhanyisayo ngakumbi kuezoglobe zombane, hlobo ezazikhutshwe zonke, zisebenza futhi.

Bonisa: “I feel honoured bangcwele nje ukuthetha ngezwi kulenginginya ingaka. I thank You ngelithuba linje. Sibuyele apho sifunde khona! Haleluya! Zakeyi! Yehla! This is Jesus! Commanding indoda emfutshane ukuba yehle kumthi eyayikhwele kuwo! Bangcwele, it was before uYesu angene eJerusalem ekhwele iesile and it was after uYesu ephilise imfama yaseYeriko manje uYesu uhlangana noZakey ekhwele kulomthi, kuba wayefuna ukumbona loYesu ngcono, wayevile ukuba uzakudlula phantsi kwawo lomthi. Yehla! Yehla! Those were the words uYesu awawatshoyo to this man. Yehla! He didn’t matter ukuba lomfo wenzeni kubani, ukuba abantu bathini ngaye, ukuba wenza msebenzi mni, ukuba udla ntoni, okanye ungumni yena lomfo. Bangcwele He never cared, azange anake, azange abheke imeko, azange azihluphe ngabakufutshane kunye nezinto ababezitsho but wavele wazi ukuba this man need help. Yehla! OHHHHHHHH Might God! Namhlanje Jesus is
asking you ukuba wehle nawe! Namhlanje ebusuku utsho kuwe, Yehla! I don’t care no-matter what situation you are facing, kodwa Yehla! No-matter what people are saying behind your back, Yehla! Awunamali? Yehla! Awufunwa yi family yakho? Yehla! Awuphangeli? Yehla! Uyagula? Yehla! Yehla! Yehla! Yehla! Ukhon’uYesu! Yithi yehla nawe ebusuku! Uza kwakho! Yehla! Yehla! Uzakwakho! Uza kwaaaaaaaakho! Yehla! Bantu abatsha, no-matter awupasi esikolwe! Uba ngazama kodwa uyantywila, wogqithwa nangabanye, awunampahla kokwenu kuyasokolwa, abanye sebeyajola, banama boyfriends wena awunayo, abanye sebehlalisana wena ungenzi lutho. Lalela, kumele uzigcine unyulu, kumele ungajoli. Uzigcine nyulu, ungathintwa ukuba ungudade, ungathinti ukuba ungumzalwane. Uphile nyulu maaarn, nje ngam lo, niyandibona moss, ndiyintombi enoYesu, esindisiweyo sie, andidli sono. Kumele niphilele ingalala engumdali wethu”

Xa kulapho kanye suke zasebenza eziphones ukuthath imifanekiso, zividolayza. Yabe inquntsuza intombi pha eqongeni. Abazali beme ngeenyawo, beqhwaba, beyiyiyezela kuyiloonto.

Umamfundisi yena wathukuthezelwa yivido ebukelwe ngamanye amantomabazana apha ecaleni kwakhe. Tyhini, ngabantwana aba babukele ivido enkonzweni? Kushunyayelwa nokutsho? Le pjone ifakwe iiearphones, bazifakile kwaye icaca mhlophe ukuba bona abekho tu kulentshumayelo imnandi kangaka. Wayixutha ngolunya loophone, wogqiba wabatyityimbisela umnwe bobabini, wabakhombisa ukuba mabajonge phambili bamamele. Ngelo xesha, yaavabreytha ken ale yakhe iphone, kwanyanzeleka ayokuyiphendulela pha phandle, waphuma ngokuchwechwa, ebugoba ukwenzela ukuba angasithi bantu. Wafika pha phandle waphendula iphone le yakhe ikhalayo, wathetha esiya ngasemotweni yomyeni wakhe. Waathetha ke wathetha eme ngasekucangweni. Ekugqibeni kwakhe, wathi makajonge lephone ayiphetheyo, kwaye yayisadlala nalavodo, heke, wafaka neza eaephones zijinga kulephone. Wawarhola amehlo umamfundisi, kukuva okusendlebeni zakhe engekaboni oku kukhalisa lentombi ikahalyo, kodwa ikhala kamnandana. Wabheka-bheka umamzo kuqala, wajonga kulephone! YHO! Amanyala! Wabheka0bheka kwakhona! Waonke umntu usajonge ententeni! Waphinda wajonga! Impundu! YHU! Suke yamkhumbuza uMpumezo ngoko nangoko lemeko ayibona apha kulevido! Suke kwakhawuleza kwasika iindawo! Hay’bo! Ngubani ngoku lo? Hay! Yhooooooooo! AsingoBonisa nha lo? Watyikitya amehlo! Yhoooo! Wayokuwa ngeempundu! YHOOOO! Waziva sele esothukela ngaphandle ngoku! Kodwa akubanga kho mntu umvayo, kuba wonke umntu umdla wakhe ukuBonisa ngaphakathi ententeni! Yhooooooooo!

Sime njalo kanye kuloondawo! Okusalayo sithi; in whatever situation you’re facing right now, as we speak, yehla, bow down and call unto Jesus, he will have mercy unto you...!
Goodnight!

#DOUO

No comments:

Post a Comment