Thursday 19 December 2013

Scene #3.2

Siyabulela: “Kwek! Ubethile ke namhlanje dade” Bonisa: “Ndiyabulela mzalwane wam” Siyabulela: “Ukuncedile uMoya oyiNgcwele sis’wam” Bonisa: “Undincedile ke tana uBawo” Siyabulela: “Tjiooo! Bekugcwele ke namhlanje” Bonisa: “Heeee! Khawutsho ke nyhani, bekwenze njani kwagcwala kanje?” Siyabulela: “Lonto ivele yangathi bavulelwe tepini ithile, kwagcwala msinya! Ingabantu abatsha bodwa” Bonisa: “Yho! Lonto bandenzele isifuthufuthu ekuqale, suke bonke bolathisana ngam, abanye befuna ufota nam, abanye bendindibuza igama, abanye bendibuza ukuba ndihla phi emva kwenkonzo. Abanye besithi nantsi le whey” Siyabulela: “I am sure ukhona okuxhome kwezi social networks wathi uzoshumaye, lonto beze bonke. Kuze nabaselayo, kunye nababuya emsebenzini. Bekugcwele maaaarn” Bonisa: “Lonto suke bavutha bonke ngoku ndishumayelayo, abanye bendifota, yhoooo ndizogcwala kwezi page ke nkosi yam” Siyabulela: “Ungabinalo nelincinci ixhala xa uvela ngento kaThixo my sister. Ukuncedile uYesu shame and ngoku uyakhula ezwini” Bonisa: “Ndiyabulela bhuti wam. Nakum iimpendulo zizobuya, iphupha lam lokuba ngumshumayelikazi lisezofezkiswa” Siyabulela: “Hay’bo! Sele ililo nje eli. Ngoku ushumayele lanyuka lonke elahlokondiba belize namhlanje. Akwabikho nendawo yokuma kwelaqonga. Usebenzile” Bonisa: “Ha! Ha! Ha! Hay’ke kumele ndizivulele elam ibandla ke nceku, ndishumayele oko oko” Siyabulela: (Ebhekisa ku driver) “Cela usishiye ngasesitishini driver” Driver: “Hay’bo! Zisekhona iitrain elixesha?” Bonisa: “Hay’bhuti! Ndiya eIsland” Driver: “Uzowela isiporo wedwa elixesha sisi?” Siyabulela: “Ndizakumweza tata ungabi nalo ixhala” Bonisa: “Noko kuse early! Qhele ukuwela ngo 12 ebusuku kaloku mna apha” Driver: “Uzube uvela wena sisi ke ngeloxesha? Uzube useiya eGwadana? Ha! Ha! Ha! Ndiyancokola ke!” Bonisa: “Umlomo wakho sele uyidlulisile imessage kaloku! Mamela ke, mna ndisindisiwe andinabo ubudlelwane nabantu basegwadana and andinanto yam ipha de ndihambe ebusuku. Mna, ndinendoda enguYesu, yiyo eza kum, andihambi ngobusuku ndisiya kuyo. Lendoda, iyandipotopotoza ke bhuti, indiphdthaphathe ngokwayo, igwadana andinato nayo” Driver: “Ndiyakuva ke sisi, mamela maaarn, singamkhapha ubhuti siyombeka apho ahlala khona nhe, and then kengoku ndijikelise wena pha eIsland. Undiphe nje inumber yakho and then ndibone napha kokwenu. Umhlawumbi singathetha evanayo sobabini” Siyabulela: “Awu! Latsho isoka dade” Driver: “Ndizimisele ngalo sisi mfondini” Bonisa: “Hay wethu mntu wabantu, sibeke kulendawo sifuna kuyo, leyo sakubeka ingca kuyo” Driver: “Sakuze sihlangane njani ke ngoku? Ndicela nje oku kwe number yakho ke nodoli wam” Siyabulela: “Ha! Ha! Ha! This guy is serious! Ha! Ha! Ha! Hay’ke dade nali isoka lizibika” Bonisa: “Xa undifuna kaloku bhuti wam, kumele uye pha ententeni, nangomso ke ungaya! Kodwa ke uhlambe ngoba unuka amakhwapha ngoku, unxibe nje kakuhle. UZoqale wamkele uYesu and then ke ngoku, singabuya siphinde sithethe ngalonto” Driver: “Kweyiphi inteinet? Yey kukho ivido egqiba indawo yonke yosisi opha kulantente, kwaye ingundaba mlonyeni and kuthwa uyayenza into yakhe, ususa amaphepha. Nam ndiyayifuna iqwela loovido leyo” Siyabulela: “Heeeee! Sezigcwele nha ezivido? Yhoooo! Hay mandoyiswe ke lonto” Driver: “Phantse zonke eziphone zalapha eKapa zinayo! Zininzi nnha ezivido?” Bonisa: “Zininzi bhuti kwaye usezozibona” Driver: “Ngase ndizibone zonke ke ngoku! Maaaarn uyanconywa kuthwa uyayenza into uyakhe” Bonisa: “Cela usimisele ke bhuti, enkosi. Kufuneka uye ententeni ke ngomso, nwe uzozifumanela iivido nawe. Zininzi and i am sure uzozifumana mahala nawe nje ngabanye! Kwaye mhlawumbi, awuzufumana lentombazana yodwa, nezomama, ootata kunye nabantwana. Uze” Siyabulela: “Kwaye neyam ke tana” Bonisa: “Hay’ke eka my brother intswempu ke, uze qha wena” Driver: “Hay’suka nawe? Ndizoyithini eyakho? Uyimofi gqithi, ndizoyithini eyakho?”

Bohlika, waze uBonisa wakhokela indle bephinyeza kwezoflethi zaseThsephe-thsephe, besiya ngasesiporweni. Uyamozi ke uBonisa ngocishilela icleavage ngebhayibhile, abe bugoba amadolo ke ingathi yinjana egodolayo, azimince de aziqoqoshe ke oku kwekatana ephuma emanzini.

Siyabulela: “Ye maBonie, uthi ezivido sezigqibe ilizwe nha?” Bonisa: “Zindaba ezimnandi ke ezi ndizivileyo namhlanje! Ndizolala kamnandi ke namhlanje” Siyabulela: “Ndiyavuyisana nawe sisi wam” Bonisa: “Ndivuyela nje ndizoduma ngezinto ezintle, ukushumayela hay ukulwela amadoda okanye ezinye izinto ezimbi” Siyabulela: “Ey! Kumnandi ukukholwa sisi wam! Ngoku uThixo uvula nje ezinye iingcango” Bonisa: “Ewe my brother! Ngoku sele ndiyi celebrity and sendizomenywa kwii seminar, kwii workshops, conferences Ha! Ha! Ha! Sendisisithethi sembeko nceku! Yhuuuuuuuu!” Siyabulela: “Uyibeka njalo nha ncekukazi?” Bonisa: “Ewe! Sendibizwa nakwiiredio nakwii tivi nana! Haaaaaaa! Ndi famous! Yazi into iqala kancinci” Siyabulela: “Ingakutyisa ke tana yazi lento uyithethayo...! Ncekukazi, mandijike maaaarn! Ndiyabulela ngokwenzileyo namhlanje uvile! Usebenze kakhulu! Kumele umfundisi akusebenzise oko yazi. Ungalanda imiphefumlo ke ngale talente yakho! Ulale kakuhle”

Babelana ke nge hug eshushu, uSiyabulela wambamba omnye encumile, waybeka intloko yakhe kweka Bonisa, inga umamele ukubetha kwemithambo phaa phakathi entlonzeni. Yanga uyamkrwitsha ukumnkonya oku. Nosisiza, wanga uyamnukisa ubhutiza lo, impumlo yakhe isentanyeni, ingalo zakhe ezifake ekhwapheni likabhutiza, inga uyamfunqula. Babethene nca, de ogqithayo wayenokugqiba ukuba ezi mhlawumbi ziyajola. Bayekana, omnye wajonga ngakwicala lakhe.

*DOUO*

No comments:

Post a Comment