Thursday 19 December 2013

Scene #2.13

Mpumezo: “Ake siphakamise nje izandla zethu bangcwele senjenje (Waphakamisa esasekunene naye phezulu) Phakamisa! Phakamisa! OH yes Nkosi! Simnekeze uzuko! Mighty God! He is worthy! Phakamisa isandla sakho! Uyingcwele Nkulu-nkulu wethu! Ufanelwe kukubongwa! Vala amehlo akho! Ngubani ongangaye? Akekho! Vala amehlo! Uth'uDavide 'Uzuko lonke lukuye!' Oh yes! Lolwakhe! Lukuye! Siyabonga Nkosi! (Wadla kwizilwimi) OH Thank You Jesus! We are walking in the finished work of the cross! Saanqoba, ngalo igazi lika Yesu! Thina, sizindlifa zezulu! Sincede nkosi...! Uth'umhlabelelo; 'Alikho igama elihle nje ngalo' Lona libongwa ngabantu, nazingeliosi, ithi iiKherobhi neeSerafi zimana zimemeza kuye, zith'uyingcwele yena, uJehova! OH mighty God! Uphakeme! Sizotsho nje umhlabelelo bangcwele, sihlabelele kakhulu okokugcina nje, bese siy'ezwini! Who is ready for the word? Hay'bangcwele ndiyabuza, are you ready for the word? (Wahlabela) 'Owuqalile umsebenzi, uzowufeza, empilweni yami, nom'usathane ehlasela, ndiyamethemb'owaseKhalvari' Ake seiphinde futhi; 'Owuqalile' My God! 'Umsebeeeeeeeenzi' Ohhh yes! 'Empilweni yami' (Watya ezilwimini) 'Akasoze andidele, owandifela eKhalvari' Oh yessss! My God! My God! My God! Kunendawo ethi bangcwele kwakuwo lomhlabelelo; 'Msindisi wami, wongihola, bambisisa isandla sam, akasoze angidele, owangifela eKhalvari' Hooooooooo! Hoooooooooooooo! Hoooooooooooo! Betha izandla zakho, umdumise, umnikez'imbeko, umbonge, uth'uyingcwele, uphakeme! Mbonge! Mbonge! Mbonge! Mnikez'uzuko! Imbeko! Thandaaaaaaza! Thetha naye umdala weentsuku! Thandaaaaza! Thandaza! Mxelele! Mxelele! Mxelele! (Izilwimi) Thank You Jesus! Thank You Jesus! Thank Jesus! We may be seated, in the presence of the Lord. Simshayele ihlombe elikhulu uMoya oyiNgcwele, esekhona phakathi kwethu, egame lenkosi uJesu”

Umfo omkhulu wabulela ithuba eli eselinikiwe ukuba ashumayele. Wadomboza ebulela, nangona ibe iyi short notice kuye kodwa uhlala yena e-ready for ukwenza umsebenzi kaThixo.

Mpumezo: “Daniel Chapter 3 and verse 26. Sizofunda nje iverse ibenye bangcwele sogqiba sithandazeni sigoduke”

Thembela: “Sizofumana izwi leNkosi kwincwadi kaDaniel chapter 3, ivesi ngu 26, ifundeka kanjena; Verse 26; “Waze uNebhukadenetsare wasondela esangweni leziko elivutha umlilo, waphendula wathi, Shadraki, Mishaki, abhede-niko, bakhonzi boThixo Osenyangweni, phuma nize. Baza baphuma”

Mpumezo: “Thandaza sisi”

Thembela: “Baba eli lizwi lakho, liyaphila linguwe, likuwe. Thetha Moya oyiNgcwele ngesicaka sakho. Siphe ke indlebe kaMoya, silive, siliqiqe, silenze. Egameni leNkosi uJesu. Amen”

Mpumezo: “Amen! Thank You Jesus! Nali izwi lanamhlanje bangcwele ekuhlweni! Phumani! OH yes! Phumani emlilweni! Andizubamde banngcwele! Ningakhathazeki! Kodwa namhlanje uthi uYesu, Phumani emlilweni! Phumani! Phumani! I don't care whatever kind yomlilo okuwo right now as we speak, kodwa Phuma kulowo mlilo! Nokuba ufakwe ngubani! Nini! Ekufakelani! Kodwa yewethu, phuma kulomlilo! Phuma! Phuma! Phuma! Akuntlobo yamlilo, engamelana nomlilo kaJesu, umlilo wemililo, phuma kulo ukuwo ungene kumlilo wezulu. Nokuba ngumlilo wokuthanda amadoda, phuma! Nokuba ngumlilo, wokujola, phuma! Nokuba ngumlilo wokuhlalisana, phuma! Nokuba ngumlilo wokungatshati kodwa uthanda amadoda phuma! Phuma! Phuma! Phuma!”

Ngelixesha kanye kwangena ipolisa emnyangweni wentente. Labe livathile, liphelele. Lema ngasemnyango bhunxe lajonga entla. Lalisonge izandla kucaca phofu akukho apho libhalele khona, kodwa apha ententeni. Lema pha lingahoywanga nazi ushers, abantu bejonge phambili besiva ubushushu bentshumayelo. Abanye beme ngeenyawo kutshisa izitulo, umfo kaQwathi ekhupha abantu emlilweni, abanye bentyontyela ngamakhwelo, abanye beyiyizela, abanye beqhwaba izandla, abanye belila ke phofu.

Ulibonile uMpumezo elipolisa. Yakhawuleza ke neyakhe ingqondo. Mhlawumbi uSisanda ukhethe ukuyobambisa. Makube kunjalo, ngoba akazange ashumayele kungene ipolisa lisavthile ententeni. Xa inokuthi kanti yinyani le, le yokubanjiswa nguSisanda, angathini? Ngoku, kutheni lona lingezi? Limele ntoni pha lingenzi umsebenzi walo? Kodwa wazixelela ukuba uzakuyibona ngoko xa sele isenzeka, phofu yena akanatyala. Kodwa limthukuthezele elipolisa, litheni bethu? Kodwa wandweba ngakumbi ngoku umfo kamQwathi! Wakhupha izinto ngomlomo, bahlahlamba abantu.

Mpumezo: “Abazange bafune ukuguqa kunopopi osisithixo aba bafana, because they knew that their God is able to move, their God hears, that their God can talk. Akafani naloThixo wamaKaledi, obekwe ethafeni lase Dura, ooko wajongiswe ngaphaya, usajonge pha, ukuba wenziwe wasonga izandla uhla ezisongile ke. They refuse to bow to the god ka Nebhukadenetsare, inkosi. Lale mntakaBaba, you must refuse to bow kwizinto ongazazi, bow only to God! Do not bow kwizinyanya zakho, but to God. Do not bow to any situation, but only to God. Do not bow kumyeni wakho, but to God. To not bow unto your boyfriends, but bow only to God. Becase if you bow to the situatio, it will be stuck unto you for ever! Asimeni ngenyawo bangcwele! Phuma to the fire that the devil has put you in. Do not bow unto the devil...”

Zanyuka izandla ukuphakanyiselwa phezulu engekatsho uBrother Mpumezo. Beza kuye abafuna uYesu, engekatsho yena. Laazala qhu iqonga. Kwabhekeliswa izitulo ukwenzela indawo ibenkulu ze bonele nabo banqwenela ukubekwa izandla. Kusisijwili nje! Wayithatha inkonzo wayinikela kuwabo, uSiyabulela. Yena wahlokomisa izipika, inga iMic le uyifake emlonyeni, ebakhwaza ukuba bathandaze aba baze ngaphambili. Esamile kumyalezo wokuba ze bangaguqi kusathana kodwa baguqe kuYesu, yena oyothulayo imithwalo. Mabangaze baguqe nakwesiphi nha isimo abajongene naso. Amadoda amakhulu alo ibandla, nango ebeka izandla kwabo bazileyo ngaphambili. Zisiwa ke izigede zabantu phantsi. Inga lamadoda ahamba ngombane, kuba ayebeka nje isandla entloko ebetyokololo umntu, okanye aqine ze awe. Kukho nabakhutshwa amadimoni. Nabanamafufunyane. Nababanjwe ngumoya omdaka, bempringa mfondini.

Imehlo likaMpumezo lalikweliya polisa, lisame ngasemnyango. Lingqunga pha ngasesangweni. Suke wabila ngakumbi umfo kamQwathi nangoku sele ehlile eqongeni. Lifuna ntoni na eli polisa?

Babe sebembalwa abantu eqonge ukuza kwelipolisa entla, leza lithe chu lingangxama.

Masime kanye xa kulapho. Sibonane kwixa elizayo.

#DOUO

No comments:

Post a Comment