Thursday 19 December 2013

Scene #3.6

Ekuyifumaneni kwakhe ivido uBrother Mpumezo. Yaba ngathi ayide igqibe ukudownloadeka kule phone yakhe, yathatha ithuba elide ukungena. Makube yi network engekho kakuhle, kodwa yade yangena. Wayengayekanga ukuncokola phofu nomamfundisi, yena owayemana ebuza ukuba sele ingeni nha levido, ingaba iyavela kusini nha kwiphone yakhe. Suke akwabikho mpendulo evela kuMpumezo isithutyana eside. Makube wothukile? Makube ufe/uwe isiqaqa nha nkosi. Ube ngazama ukumthethisa suke akwabikho mpendulo, suke wa offline umfo ngoku. Wafowuna;

Mpumezo: (Ethetha efowunini) “Kaloku, ndisazama ukuyidlala. Andikayibukeli” Mamfundisi: “Iyavela phofu yona apho kuwe?” Mpumezo: “Ewe ingathi iyavela! Ndicela uke ndiyibukele” Mamfundisi: “I love you honey” Mpumezo: “Ok”

Wakhawuleza uMpumezo wabuyela apho kufele khonan ithole. Wayivula le vidongomdla kazi omkhulu, sele efake nee earphones ukuze ave kakuhle lento caba ibonwe ngabanye. Wothuka wayokuwa xa ebona iimpundu zendoda ezimnyama, ezibilileyo, nentombi ezandla zayo zisezimpundwini zomfana, yabe intloko kaBonisa ivele thwitshi yonke kucaca ukuba nguye ke tana, uBonisa. Wayibukela le vido uphopho ngomdlakazi omkhulu. Ebudana ke noko kuBonisa lo, ingaba okukusindiswa yena Bonisa alilisela ngako ingaba kuko oku? Waamane eyiphindaphinda levido umfo, engatyhilekanga ebusweni. Ezibuza umbuzo, ingaba wakuvumela njani ukungcola okunye uBonisa? Ukuba kwenziwe kuye? Ngoba ke kuyacaca ukuba levido ithathwe ngephone, kwaye ithathwa ngumntu wesithathu, kuba yayishukuma levido ingamanga ndawonye. Iphathe kusondezwa kubo, iphathe kujikwa, iphathwe kubuyiswa umva. Akasangxoli loBonisa ezindlebeni zikaMpumezo, de wafinga intshiyi uphopho wasole esineka.

Mpumezo: (Whatsapp) “Andidane” Mamfundisi: “Uyakhumbula ngalamani ndithi kuwe ndimdaka pha ententeni?” Mpumezo: “Ndiyakumbula nana! Izolo” Mamfundisi: “Izolo nha?” Mpumezo: “Ewe, izolo!” Mamfundisi: “Iyho! Makube ndiyaguga ke sana! Ndawa ndigqiba kubona lovido ke sana” Mpumezo: “Kukothuka sisi nhe?” Mamfundisi: “Ewe wethu! Ndinexhala ke sana, utatakho umthembe kakhulu uBonisa and umthatha as intombi yakhe. Linyala elikhulun ngoku eli alenzileyo and andimazi uzakuphuma njani ngalo eli isikizi!” Mpumezo: “Kumele simthandazise kaloku” Mamfundisi: “Akumelanga nathi sizixakekise ngabantu abangasindiswanga, lo kucacile ukuba yinto aphila yiyo le. NguJezabel wakuleLower” Mpumezo: “Hay ndidanile mna shame” Mamfundisi: “Awunakufika kum! Khayeke ke ndiphindele enkomeni ke toto! I love you ke nana wam ava”

Akazange aphendule uMpumezo. Wayesothukile! Inguwe wawunokwenza kanjani? Ubona umntu omthandayo, umntu omnqwenelayo. Sele edume ngalento.

Wakhawuleza wangena kwakhona kuWhatsapp. Wakhangela uBonisa, wamfumana. Wafika noko engemkanga xesha lide, kucaca nje ukuba ewe wena usekhona.

Mpumezo: (Whatsapp) “I need to see you”

Akakhawulezanga ukungena usisiza. Yaphela imizuzu eyileyo pha kwengamashumi amathathu.

Mpumezo: (Whatsapp) “Cela uthethe nam torho! Please”

Wangena ke naye uBonisa kodwa kucaca ukuba uyifunde nje lento ithunyelwa nguMpumezo, kuba waaphinda waphela emehlweni engakhange aphendule. Yamba bumcaphukisa ke uMpumezo lento. Inga angathetha naye, ave ukuba yena Bonisa uziva njani nha. Mhlawumbi udinga ukusekelwa ngokwasemphefumlweni okanye mhlawumbi lukhona uncedo anokulinika yena.

UBonisa, uzibonile imessages zikaMpumezo kuWhatsapp. Suke wacinga esasiganeko sangalamini wancama wahamba ebusuku. Into eye yafika kuye engqondweni, makube umpumezo ufuna laR250 wayeyibolekile. Akanamali ngokun for ukumbhatala, kwaye ke ubecinga ukungayibhatali naloomali. Kaloku, wasinda ekurojweni ngobabusuku ukuba kwakungazanga kuvele abazalwane, bamkhaphe. Ngoku sevela sefuna ukuthetha naye lo Mpumezo, ubephi ixesha eli lonke? Okanye ufuna ukuphinda aziqhathele yena? Efuna ukuthetha ngantoni ke phofu ukuba ke inga ngayimali yakhe? Wayefuna ukumphendula ngesona sikhulu isiphoxo kodwa wazibamba kuba ezophinda adibane naye late enkonzweni. Kungcono angaphenduli koko aqhubeke nokungamhoyi.

Wayezimisele ke umaBonie ukuya ententeni ke namhlanje. Isiganeko sangezolo sasimenza akhuthalele ukuya. Kwakuse early kakhulu kodwa walungisa impahla yakhe etshoyo azakuyinxiba pha ententeni. Waa ayina, walungisa zihlangu, zibhayibhile zakhe, wena nto zothambisa imilomo njalo njalo. Wa ayina intloko yakhe yamomozela ke unkabi.

Suke yamdika ke le phone yakhe, inalo mntu umjikeleza ngokumbona. Wayifala etshajeni ngokukhawuleza. Waphuma ukuya evenkileni. Yantwintwiza yodwa ke pha ayahoywa, umniniyo ephumile.

Wayechula ukunyathela ke pha endlele. Encunyiswe ngoo nqothi bakhe abaninzi. Mntu ngamnye adlula kuye ephethe iphone inga senazo iivido zakhe zasententeni. Isiganeko sayizolo sasimncumisa kakhulu akusicinga. She is now famous usisiza. Wayesonge izandla ke ngaphantsi kwamabele la, enxibe isikeyti esifutshane kakhulu, enxibe into nje engacacanga apha ngentla, emhle kodwa shame. Yayimenza azidle ukuhamba oku xa abantu bejika naye wonke, besitsho imilozi namakhwelo ejoliswe kuye. Yamphatha kamnandi ke lonto.

Kulevenkile eze kuyo, kukwakho isiqhu sabafanyana abaselula, ongeke ubagqibe ukuba ngamadoda okanye zinkunzi zamakhwenkwe kusini nha. Ndlela le babengacacanga ngayo ke, bamdakana abanye, baxwebile abanye, abanye ungafunga zizikoli ndlela le baruse ngayo. Fike becela becela amashumi neefayf bhobho kuye wonke umntu ophuma evenkileyo. Zinkuthuzi ke ezi uzijongile.

Pitso: “Ekse majita! Kancane! Natsi le sisiter” Soso: “Eyphi mfethu?” Pitso: “Le ikulephone ka Stampu Khazi” Kiki: “Yile whey le madala! Yhooo! Intswemp la whei mchana” Soso: “Yiyo nyhan khazi! Ekse khavrayz'isignature bhoza lam” Pitso: “Ekse Mabhabha! Uyayenza le way yakho jo” Bonisa: “Hahaha! Enkosi bhuti” Stampu: “Mna ndiz'shaya nge Othograf kaloku” Soso: “Nebhelas kaloku sister” Bonisa: “Andiphethanga pen kaloku bo sweetie bam” Pitso: “Suwara sister! Ikhona! Wawuyigelela phi la whey uythyuna pha kakade, yeeeeerrrrrrr untswemp jo” Bonisa: “Hahahah! Ndayiphiwa nguThixo kaloku” Stampu: “Ha.a makangakhethi kaloku loThixo wakho, neyam imedi mayibe so ngawe aloku” Bonisa: “Anganje ngam naye kaloku! Makeze pha kuleyam icawe, siyafundisana singamanina kaloku” Soso: “Iphi lokerk kanti sister? If ndingafumana imedi yapha kungagrend” Bonisa: “Hay'akujolwa kaloku enkonzweni! Akufunakanga uyele ujola” Pitso: “Kanti wena uyenzelani ke ngoku le whey wena?” Bonisa: “Ndiyashumyela kaloku mna apho kulovido, lento sifundisana ngayo pha enkonzweni” Stampu: “Ekse bafo bethu! Ingathi yikerk egrend l kanjani! Kufuneka sigcwale ngayo nine nine! Singantswempu nathi” Soso: “Imnandi moss ipreaching yale kerk! Umlalo all the way! Ola!!!!” Pitso: “Ekse madala, inoba nalomjita ukerka pha! Ayiziyekeli untswemp!” Soso: “And imisile lakaka fethu” Bonisa: “He! He! He! Nithetha ngantoni kengoku? Ha! Ha! Ha! Sisathetha ngentshumayelo?” Pitso: “Siringa ngale ntshumayelo yekerk yakho aloku sister! Nalomzakes ushumayela naye” Bonisa: “Asithethi ngento enye kaloku. Ngomphi lomntu nithethe ngaye? Coz ke ndishumayela ndodwa mna” Stampu: “Hay'sister! Awuwedwanga kulavido! And uyashumayela strongo kunakuqala! I wish ungandishumayeza ngoku nam” Bonisa: “Iphi levido ke ndiyibone! Coz ke mna ndiyashumayela kwivido endiyaziyo” Pitso: “Ha! Ha! Ha! Not le ubhalwa kuyo? Tjiooo! And uyayileqa lakaka sister! Hahahahahahah!” Bonisa: “Ndibhalwa kuyo?”
Akazange aligqibe usisiza. Wayithi xhwiphu iphone kaStampu. Wabe ebesele emcofile u'play' ukuze idlale ivido. Woma, kuba kaloku, akaboni qonga lentente ngoku kule ivido, njengezinye asele ezibonile. Akaboni malaphu agqume idonga lentente, akaboni worship team emvakwakhe, akaboni pulpit, akaboni flowers, akaboni izipika, akaboni kwantente. Suke wabona nto yimbi...! Yena! NoSityhilelo! Besenza intshumayelo yasebhedini...!

Simshiye apho ke uBonisa! Sibuyele kuye kwixa elizayo....!

#DOUO

1 comment: