Thursday 19 December 2013

Scene #2.16

Sizeka ukulo Akhona, kusekuseni. Bayazincokolela wethu akhonto ibitheni. Babuka nalevido ingomhlobo kaSizeka, sele ingundaba-mlonyeni ke noko levido. Baziselela umongimali obanda ceke. USisanda usendleleni ezayo kodwa bona aba abamlindelanga.

Akhona: “Hay'wena jonga iiMpundu...!”
Sizeka: “Lingqina lam ke usisiza”
Akhona: “Uyifumene phi wena le vido?”
Sizeka: “Ndifumene kwenye ichomi, yona ibiyithatha kwi internet”
Akhona: “kwi internet? Yhooooooo!”
Sizeka: “Ndinentloni ke yazi! Uhlobo aziwa esindiswe ngalo pha kulankonzo and uthenjwe kakhulu ngutata”
Akhona: “Ndingaba sakhonza ke ngoku xa ninje?”
Sizeka: “Sinje? Sinjani? Not sonke sinje kaloku”
Akhona: “Nawe nje ukhonza pha! Andithi?”
Sizeka: “Ewe! Nam ndikhonza nabo, kodwa ndiyaziwa mna ukuba ndiyajola and andisindiswanga kaloku”
Akhona: “Qha?”
Sizeka: “Ndiyakhonza qha! Yhu! Asoze ndizilambise mna!”
Akhona: “Iwes ke zichomie zakho ke ezi”
Sizeka: “Ewe kaloku! Ndikhonza nabo”
Akhona: “Yhu lentombaza ayisakhali maaaarn”
Sizeka: “Lonto kuyacaca uva kamnandi”
Akhona: “Ayisabhongi indoda”
Sizeka: “Uyayazi le ow wena?”
Akhona: “Ingathi nguSityhilelo. Uhlala kwapha eIsland”
Sizeka: “Uyayenza into yakhe shame umntana bantu! Isinqe siyamuva nje kodwa”
Akhona: “Haaaaaaaaa! Uyibeka njalo?”

Kweza uSisanda kubo, enentloni, efake iishade. Suke wanyaba.

Akhona: “My chomp”
Sizeka: “Awusazithanga shades sana”
Akhona: “Lonto se wanyaba inguye wonke”
Sizeka: “Lilanga tshini Akhona”
Akhona: “Hay akukaqalisi ukuba shushu apha”
Sisanda: “Lonto wolekileyo wena ngathi ungumntu onethibhi?”
Sizeka: “Uyambona? Ude wanamafutha ebsweni”
Sisanda: “Hay Aikho, khulula kushushu”
Akhona: “Hay suka! Khaqale nge shades ezi uzinxibe endlini! Khulula nawe!”
Sisanda: “Hay'maarn ndinamehlo”
Akhona: “Nam ndinefiva ke”
Sizeka: “Oko ubusela lomongi ubandayo ke wena”
Sisanda: “Anengxaki maaarn amehlo am, iwes eli lise left, de libomvu”
Akhona: “Khathi ndilibone tshomi”
Sisanda: “Lise lilile ke xa lingenwa ngumoya! Libuhlungu futhi”
Sizeka: “Khoveze”
Akhona: “Lonto use wanyaba maaarn! Yontoni ngqina lam?”
Sisanda: “Andiphilanga nyhan fethu”
Akhona: “Lonto khange ndikubone imini yonke izolo! Awufumaneki nasefowunini”
Sisanda: (Ekhulula iishades) “Uyakwazi nje ekhaya mforin”
Bobabini: “Yhuuu! Xa unje?”
Sisanda: “No! Its nothing serious guys really”
Akhona: “Hay'wena! Utheni? Ubethwe nguThulani?”
Sizeka: “Hay'utheni wena?”
Akhona: “Linegazi ngaphakathi imehlo lakho! Utheni my friend?”
Sisanda: “Lizoba ryt maaarn”
Sizeka: “Khothethe maaarn wena! Coz ke ikhona into eyenzekileyo”
Sisanda: “Akho nix mfethu! Bendinxilile izolo elinye and then ndawa”
Akhona: “Ingathi awudumbanga nje chocho!”
Sizeka: “And andiyibhilivi ke mna leyo. Inyani tu”
Akhona: “Ingathi kanti ngula Thulani. If nguye zomthuka anye”
Sisanda: “Akandazi ndinje ke ubaby”
Akhona: “Yewena! Wahamba njani nomzalwane etown kaloku?”
Sizeka: “Umzalwane? Unomzalwane ngoku?”
Akhona: “Yhooo! Awuzazi izinto wena! Uzithe mzakesman umngane lo wethu!”
Sizeka: “Kanti uThulani?”
Akhona: “Ngumntu wakhe kaloku! Umzalwane lo, yiBank Statement!!”
Sisanda: “Hay'ke hoku! Khayeke maaarn!”
Akhona: “And ke Sizie, usisiza ebekhutshiwe ke izolo elinye”
Sizeka: “Nhe! Ngubani kaloku? Igama please!”
Akhona: “M-P-U-M-E-Z-O”
Sizeka: “Ubani?”
Akhona: “Yana kanye! Sekulithuba”
Sizeka: (Shocked) “Lo ukhonza pha kuleyam inkonzo? You are kidding don't you?”
Akhona: “Ukhona omnye? Yena kanye!”
Sizeka: “Hay hay hay andikholwa ukuba kuxelwa kanye lo ebeshumayela phezolo, esithi masingajoli, singahlalisani! Yena? Yinyani le Sanda?”
Sisanda: “Yaxoka maaarn lo! Andijoli noMpumezo mna”
Akhona: “Ohhh! Uyamphika ngoku? Sigqibotya kamnandi apha ngenxa kaMpumezo wakho, ekutendile. Uyamphika ngoku?”
Sizeka: “Yhooooo! Andikholwa! Lo ulunge kangaka ecaweni! Kwaye inga usindiswe sii”
Sisanda: “Awungowokuxelelwa nto ke wena Akhona”
Akhona: “Akutshowongo wethu ukuba ayithethwa kaloku! Lonto usuke wamtsha! Ha.a! Andizazi ke ezi iimpahla! Le jacket kudala ndiyifuna kanye le...! Ijini intsha sana! Umntu nguwe! Ukuzamile etown uMpumezo nhe?”
Sizeka: “Uyithatha phi imali nha waziwa engaphangeli nje enkonzweni? Se ndaxakwa! UMpumezo lo uhlala kwala eBlock 4?”
Akhona: “Lombuzo ungamhle apha kulo sisi, ngoba uyayitya one shame”
Sisanda: “Iphi na le vido ubundixelela ngayo kuWhatsapp?”
Sizeka: “Nantsi, khathethe le kaMpumezo wethu! Andikholwa”
Sisanda: “Hayiiiiiiiini! Ngobani aba? Yhuuuu! Impuuuundu! Yhoooooooooooo! Yho! Lentombi iyayiphakamisa imilenze tjioooo! Iflexi sana! Haaaaaaaaaa!”
Akhona: “Tshomie khathethe maaaan ngoMpumezo”
Sisanda: “Ingathi ndibuqhelile nje obu buso! Asi latsheri ithanda ukuza apha kuMpumezo le?”
Sizeka: “Ewe. NguBonisa lo itshomi yam, sikhonza sonke”
Akdona: “And ke sana iyabalekwa le kaMpumezo into! Khaththe tshomi”
Sisanda: “Ndibethwe nguye”
Bobabini: “Ubethwe nguye? UMpumezo? Suxoka”
Sisanda: “Undibethele ukungafuni ukumpha!”
Sizeka: “Yhooo! Hay'suxoka wena”
Akhona: “Yhu! Ude ube nje imehlo”
Sisanda: “Lizophola wethu”
Akhona: “Wampha ke ngoku?”
Sisanda: “Ndigoloze kwaphela tshomi! Wancame wandibetha”
Sizeka: “Andizibhilivi tu ke mna ezi zinto ndiziva apha namhlanje”
Akhona: “Kutheni ungambambisi tshomi?”
Sisanda: “Ha.a! Ikhona into nje endimbekele yona...! Usezozibona esibilini wena!”

Baqhubeka ke bebuka levido, bemana betshintshana ukuyibukela oku. Kuhlekwa kumnandi.

Kwixa elizayo, kwakhona.

#DOUO

No comments:

Post a Comment