Thursday 19 December 2013

Scene #3.14

Ekufikeni kwakhe endlini ebuya esibhedlele uSisanda. Yaba ngathi alusapheli olwalamini usuku, yasuka nde kakhulu nalemini. Asuka acotha kakhulu amaxesha, ahamba kancinci namathunzi. Wazijula phezu kwebhedi usisiza, waziqotha ngeengubo zakhe zonke, engakhululanga kwaa. Indlela ke elalihlabe umhlaba ngayo ilanga phandle. Wayibona yonke into, nale yosikwa kwakhe kukhutshwe umntwana lo usesiswini, ethunjini. Wayibona ken ale yedistshaj anayo, inganyangeka iphele. Kodwa wagxwala kanobom ke akufukelela ekuyazini ukuba unesandulela-ngculaza kwelakhe igazi. Walila kanye oku komntu ove iindaba zokushiywa ngamthandayo. Kodwa ke wayezivalele, de wazitixela kuli eli gumbi lakhe. Suke wagodola inga angoleka phezu kwezi sele enazo iingubo, okanye anxibe iimpahla ezininzana kwa phezu kwezi wayesele ezinxibile.

Zabuyaa zonke iingcingane kuye, suke wawabona amathuba namaphupha ache epatyalaka phambi kwamehlo akhe. Suke lamfiliba elakhe ikamva kwakamsinyane. Akazange alibone iqhinga lokuphila, yena ezakhe insuku kwakusele zibaliwe, kaloku, waacinga ukuba kakade ibingasekho anokuyiphilela.
Uze waneengqondo ezininzi ke ukuba inokuba uyifumane kubani leHIV anayo, ayinakuba nguThulani, ingenakuba nguMpumezo kuba kakade into yabo ayikagqibi neeveki ezine kakade, inokuba ngubani? Wafunisa engqondweni yakhe kodwa uthe xa ecingisisa, qatha nto;

Sisanda: (Ecingela ngaphakathi) “I-STI le ndiyifumene kuMpumezo for sho. Bendingenayo and azange shame ndibe nayo mna ngaphambili. But ndithe ndakulala noMpumezo zaqala izinto. Nditshiselwe yimichamo emincinci. Suke ndaqaqanjelwa ngamazantsi ezisu, suke ndaphunyelwa ngamaqhakuva amancinci abuhlungu kweikuku yam, suke ndaphuma into encangathi ebrown okanye esuke yabungcola kunale iqhelekieyo, suke ngoku lento yanuka kakubi, suke ndanamaqhakuva angamaqukunya apha esineneni sam, suke nalamkrazuko ndandiwenziwe nguMpumezo nawo awaphola ngokukhawuleza, suke ndaneendawo ezirhawuzelayo emilebeni wekuku yam, suke ndamana ndihanjelwa ngumzimba rhoqo ndizithwisha. Lonto abuhlungu nalamaqhakuva, bendiwonwaya kamnandi de ndizikrwela de kuphume igazi. Ibide ipeynti iyandityabula, sole ndingayinxibi. Lento yam yokuthatha kwam ithuba indilimazile, ukuba bendiye eklinik isaqala lento mhlawumbi ngendilufumene kuse early uncedo. Ntonje ndonqene ukuzijongisa ngeetshomi zam, besezikrokra kakade kuba suke ndavela kuzo ukuba andiphilanga ntonje ndixoka kuzo. Ukuba ndindimxele kuse early ke uAkhona mhlawumbi ngengazange wandihleka ntonje wandicebisa ngokuya ekliniki. Ndike ndibe sisibhanxa ngelinye ixesha kodwa isi..”

Akhona: (Enkqonkqoza) “Tshomie”

Waphazanyiswa kwezongcingan zakhe kukuva umntu enkqonkqoza emnyangweni wekamire yakhe, kaloku, utixile ngoku kumele aphakame ayovula. Wayengekho kwimood yokuncokola ke okanye yokuba nomntu. Wayefuna ukuba ake abe yedwa usisiza, mhlawumbi icebo lingavela. Kakade umntu kuyafuneka kea be yedwa, ke azifunde, azibhenca-bhence, azihlola-hlole, azinombore ukuba isenguye nha. Wayefuna naye uSisanda elothuba loke azinike yedwa phambi kokuba abelane nabanye.

Akhona: “Tshomi ndim uAkhona! Khovule torho”
Kakade umntu xa sele ethathe isigqibo sokungayenzi into, akakhathali nokuba ngubani othini, uyayimela. Nokuba ngumhlobo wakhe, nokuba sisalamani sakhe, ukuba uzixelele hay’ke uzixelele. Nalo, wazixelela ngokungavuli, angahoyi. Uyakuse abone ukuba wenzani ke uAkhona lo.
Akhona: “I heard of what has happened tshomi! Please, cela undivulele torho”

Intoni? Sele eve ntoni ngoku uAkhona? Uve ngabani? Yho! Makube sele igcwele ilali yonke ke lent yokuba yena uneZ3? Bathathu kuphela nje abantu ekumele beyazile lento okanye abayaziyo nje lento. Nguye yena mnikazi wayo, ngunesi yena owenze uhlolo kunye nonina. Ngoku lo uve ngabani? Bekumele uve ngaye yena lo ngokuba eyitshomi yakhe...! Ngoku uve ngabani?

Akhona: “Tshomi! Vula kaloku! Akumelanga ube wedwa.Ndifuna ukuba secaleni kwakho torho! Ndicela undivulele! Masisi? Masisi? Masisi? Khovule torho ohyini! Khavule kaloku my chomp”
Sisanda: “Uphinde ubuye kaloku ndisalele ngoku”
Akhona: “Andiyi kwa ndawo ke mnganam vula olucango”
Sisanda: “Ndilele maarn Akhona”
Akhona: “Akho ngxaki kaloki, nam ndifuna ukulala apha ecaleni kwakho. Khovule kaloku”

Wayiqonda nje uSisanda ukuba kungatshona ilanga kenene. LoAkhona kakade eyakhe intloko iqinile, xa eyenza into uyayenza nyhani ke kwaye akasoze ajike tu. Uzakuma ke kulamnyango okanye suke into ezomenza angakwazi ka ukulala, suke angxole okanye ankqonkqoze kakhulu de adikwe. Kodwa wona umbuzo weema ke ukuba inokuba uve ngabani?

Sisanda: “OK! OK! OK! You don’t have to break my fuckin’ door open”
Akhona: “Vula maaarn! Andonqeni kanti nokulophula shame. Xa ungavuliyo kaloku”

Wavula jike ukuya ebhedini ukuphindela ezingubeni zakhe kodwa weva ngoAkhona sele embamba, wamguqula, wamanga, wamqinisa, waamnkonya ke uAkhona loSisanda wakhe, akamyeka tu. Suke yafixiza ngoku le yaseSisanda, nayo izithe gwije-jike nayo ezayo iingalo kulomhlobo wayo. Weva uthando, ubushushu, ukuthemba, inkathalo kulomhlobo wakhe. Ingaba basekhona nha abahlobo abanje? Andiqondi kodwa aba suke balilelana ngoku bobabini, wagxwala kodwa yena uSisanda, wafixiza yena uAkhona kusihla imvula yeenyembezi.
Akhona: “Shhhhhhhh! Stop it now! Sukulila ngathi awunalo ithemba my friend! You will get through this. I mean, we will get through this, together. I promise you! Sulila! Abuphelelanga ubomi apha, kwaye busebude. USezokuphila de wodlule nabangenaso esi isifo”

Wamyeka ke uSisanda, kodwa babambana ukuya ebhedini kunye, sele bebambene ngezandla. Bangena wethu kwezongubo bobabini, sele etyedile kodwa ezinye iimpahla usisiza kodwa esanxibile. Yabangathi lusana ke uSisanda enkonyiwe nguAkhona.

Sisanda: “Uve njani? Ngabani wena?”
Akhona: “Shhhhhhh! Suthetha! I am here now! Okusalayo ndiyazi and kumele ndikunike the best support as umhlobo wakho”
Sisanda: “Really, i want to know! Uyifumene njani kanti?”
Akhona: “Honestly! Your mother was worried about you. Uthi kudala uzivalele apha and that awutyi and awumhoyi tu xa ezama ukukukroba ukuba ukuba ukahle nha”
Sisanda: “And so she told you?”
Akhona: “Everything! I am afraid! Yes”
Sisanda: “Umama ke ncncncncncncn”
Akhona: “Ube right ke tata! Ubuzozivalela wedwa de kuthini apha? She had to tell in order to get through you. So that ukwazi uthetha, ukhululeke and ukhuphe everything thing ekuwe entliziyweni. Ndilapha njengomhlobo wakho, uyayazi kaloku sisuka kude. Wenza kanje nawe ngokuya ndandifumene ilishwa lokungaphilelwa ngumntwana. Laliphelile izwe kunye nobomi kum, kodwa wena waba ngumhlobo wenene kum, wandiduduza, wandikhathalela. Uyakhumbula, undityisa ngenkani? Nam ndizokwenza lonto namhlanje. Ndizobuyisa izitya ke sisi”

Suke bahleka intsinana shame engabhekele phi. Caba iyacingwa lento ithethwa nguAkhona

Akhona: “Kodwa ke mhlobo wam, ukumithela ethunjini kona asinakubaleka. Kumele wenze le operation nakanjani, sibuye ke ngoku siqhubeke nobethu ubomi. Kamnandi wena sele unaye umntwana ona 5years and ke ngoku kumele uphilele yena.
Sisanda: “Enkosi my friend. Nditsho ndaziva ndibhetere kodwa ndisothukile. Shame, ndiyamzonda uMpumezo”
Akhona: “UMpumezo? Utheni ngoku nha mnganam? Usamzondela ukubetha kuba ungafunanga ulala naye?”

Wasuka lombuzo wamlilisa uSisanda, suke wafixiza ngakumbi kengoku. Uhlobo asuke waphefumla ngalo ngoku, lamoyikisa uAkhona, wazama ukumshishizela, ukumthuthuzela, ede ashishize naye oku komntu othuthuzela usana.

Akhona: “Intoni? Wakudlwengula? Nini? Njani? Kwathini ungandixeleli? O yiyo lento ufuna ukumbulala! Hay’wena imbi lento! Kwathini ungambambisi ke Sisanda? So, le discharge uyifumene kuye ke mos, nale AIDS uyifumene pha kuye! Yhooooooooo! Andikholelwa ke ngoku”
Sisanda: “I was stupid enough not to tell you my friend, i am so sorry”
Akhona: “U-M-P-U-M-E-Z-O”

Sibonane ke kwixa elizayo. Usuku oluhle.

#DOUO

No comments:

Post a Comment