Thursday 19 December 2013

Scene #3.10

Umamfundisi usendleleni ebuya emsebenzi, kusemva kwemini. Uhamba kunye nomnye umama akhonza naye. Umbonisa le vido kaBonisa. Kucaca ukuba akatyhilekanga umamzo lo, kwaye ukuba bekusiya ngaye ngekukudala wamgxothayo uBonisa ukuba bekusithiwa lelakhe ibandla.

Mrs Booi: “Lonto bendimthembile lomntwana ke mamfundisi” Mamfundisi: “ Ligwirhakazi elikhulu eli elisetyenziswa ngusathana” Mrs Booi: “Tjiooo! Mandoyiswe! Oh nkosi! Jonga iimpundu! Yhuuuuu!” Mamfundisi: “Yandothusa ke ukuyibona kwam” Mrs Booi: “Wawufanele! Ubethembakele lo mntwana” Mamfundisi: “Jezabel wakwabani? Kanti yinto eyenza amanyala anje?” Mrs Booi: “Ndinosizi kodwa mamfundisi mna ngaye” Mamfundisi: “Yhu! Undiphoxile mna shame and nokuba unongazi ecaweni kwakhona. Usihlazisile lomntwana” Mrs Booi: “Hay'kaloku mamfundisi! Kumele simcelele uxolo kuThixo, simthandazise kaloku” Mamfundisi: “Andinaxesha lokuthandazela izisebenzi zikasathane mna. Lo ube zenza ngcono kanti usebenzela idimoni? Uthi kitheni engazanga nje ententeni izolo?” Mrs Booi: “Makube ube neentloni kaloku waqonda makazimele” Mamfundisi: “Tyhini le! Uzakufundisa olunye ulutsha lwethu kaloku, alufake kulomkhuba wakhe” Mrs Booi: “Ungenwe nje ngumoya omdaka kaloku mamfundisi, kumele singene thina, sime egephini ngaye, silande impilo yakhe ibuye emkhathini” Mamfundisi: “Nawube nizisokolisa ke lonto” Mrs Booi: “Akuthethwa wethu njalo,m ingumsebenzi wethu thina singomama, ukuthandaza ngolulutsha lwethu. Singomama bokuthandaza, masithandaze nangaye kaloku uBonisa lo. Ungumntwana wethu ke naye” Mamfundisi: “Lihlazo eli, makase asuswe nakulecawe yethu! Ndizakumxelela umfundisi! Kaloku, libala elibi kuthi eli kaloku! Asinakube sizisokolisa ngooJezabel abazosoloko bebuyela ezintweni zabo. Lonto uyacaca nakulevido ukuba ungumakad'enetha lomntwana, jonga kwa indlela angxola ngayo, ingathi zezivido zaphesheya zamanyala. Ha.a ngcono ahambe maaan!” Mrs Booi: “Hay'ke! Ibhola ilele kuwe ke mfundisikazi, kodwa njengenkondekazi ke evangelini, ndazi ingumsebenzi wethu boomama ukuthandazela ulutsha olu, lusezintweni, lubanjiwe zizinto. Ukuze lukhululeke, kudingeka oomama bomthandazo, thina ke, sime ngabo, simcele uThixo abe netarhu ngabo” Mamfundisi: “Lo yena ngumanyaleni, uthini ke ngaye?” Mrs Booi: “Masahlukane wethu mfundisikazi, eyam indlela izonqumla apha. Sakubonana ke ngokuhlwa ke” Mamfundisi: “Awukandiphenduli kaloku mfazi; uJezabeli lona uthi makathweni ke?” Mrs Booi: “Icekwa lilele kuwe kaloku, nje ngenkokheli! Usale kakuhle ke”

Wehla ngesitalato umama umfundisi eziculela ingonyana zakhe, emana inga uyangqisha ngengalo le yakhe. Wade xa ezakufika endlini yakhe, wakhupha ifowunu, wangena kuWhatsapp.

Mpumezo: “Uthi ndize apho?” Mamfundisi: “Ewe akekho utata, iza” Mpumezo: “Ngcono uze ngokwakho kaloku apha endlini” Mamfundisi: “Ha.a kusemini for ukuba ndize apho” Mpumezo: “Kaloku, izode ibhaqwe lento! Masizame elinye ithuba kaloku! Mhlawumbi ngomso” Mamfundisi: “Yewethu! Yizapha ngoku! Awuyifuni kanti lemali yeOIL” Mpumezo: “Ok! Ndiyeza! Ndiza for yona qha ke!” Mamfundisi: “Andizuxelelwa nguwe ke leyo into” Mpumezo: “Yho!” Mamfundisi: “Ukhuza nto?

USisanda wayencokola noAkhona.

Akhona: “Tshomi, kuthwa iza nantoni?” Sisanda: “Ndibuze mfondini again” Akhona: “Yhooo! Uzakuyifumana kanjani ke ngoku?” Sisanda: “Nalowo umbuzo, uphinde uwubuze kwalapha kum” Akhona: “Hay'maaaan Sanda yeka lento” Sisanda: “Ndizakuzifumana phi kalokun iinwele zakhe uMpumezo mna Akhona?” Akhona: “Yhoooo! Lonto inzima ke lento bathi iza nayo” Sisanda: “Andimazi nokuba ucheba phi ke lonto, zomana ndigadana naye kengoku mna?” Akhona: “Ufuna athini na mntase?” Sisanda: “Ndifuna aphambane, okanye atye emigqomeni” Akhona: “Yhooooooo! Hay'chomie! Awurongo! Yhuuuuu! Hay'sana ungcolile shame” Sisanda: “Ukuze yenzeke ke lonto, kumele ndifumane isixa esithile seenwele zakhe” Akhona: “Hay'maaarn chomie myeke maaarn! Yhoooo andisoyiki ke lonto! Myeke maaarn!” Sisanda: “Kanti andizukumyeka tu ke sana! Ukuba wawuyibonile indlela awayendibetha ngayo lamntu! Andimfuni kakubi” Akhona: “makube ke inkulu lento ungafuni ukuyithetha! Walala noMpumezo nha chomie? Cela uthethe inyani kaloku! Coz ke why umzonda kangaka uMpumezo?” Sisanda: “Angakaka xa enovulelwa ndim amathanga! Rhaaaaaaaaaaa!” Akhona: “Hay inkulu ke sana and andifuni nokuyingena oku” Sisanda: “Ucheba phi uMpumezo?” Akhona: “Hay andimazi! Nokuba bendimazi I think bendingazukuyithetha, andifuni kuyingena le” Sisanda: “Kanti usecaleni lam ke yam! Ukhetha ukukhusela loMpumezo! Uyamfuna nhe?” Akhona: “Ay kengoku! Uyanya ke nhe! Ukuba bendimfuna ngekukudala kaloku ndaz'thathelayo mos mna! Kaloku wena ukhetha ukumtya qha!” Sisanda: “Bendiba uyitshomi yam ke yazi” Akhona: “Ndiyio and nawe uyayazi lonto, kodwa kule yothakatha umntwana wabantu andikusupporti ke sisi”

Ukuvakala kokugquma kwemoto kamfundisi pha phandle kwaabangela ukuba ibe ngudulukubhentsu ukuphumakwabo ebhedini umamfundisi kunye noMpumezo. Kamnandi bebengakhange bakhulule, kakade ibhedi leyo ibingakhange yondlulwa so akho xhala labuxhashilili bebhedi. Kanti ukufika kukaMpumezo, umamfundisi uye wakhwela ezehlela kuye de bayophelela ebhedini. Kwavezwa nje ezizinto zihluphayo, bakhawulezisa ukugabhisa nje abantwana aba babo. Kodwa namhlanje iQwathi lalingekho mdleni, suke lapetseza nje into engacacanga, laswantsula ke lagqiba esapitshoza umamfundisi. Kwacaca phandle ukuba akekho mdleni tu unkabi kwaye ufuna nje lemali agoduke. Waphazanyiswa yile moto igquma phandle naye umamfundisi kuba wayesayifuna ngamandla lentwana.

Wangena umfundisi sele besedinning room aba, sekuselwa idrinki. Wawungenotsho tu ukuba sebevela ezibhedini. Wawungenotsho ukuba sedibanise izinto zangaphantsi. Wavuya kakhulu umfundisi ukudibana kwakhe noMpumezo.

Mfundisi: “Ewe! Kumele ndikuxelele izolo kaloku nceku yam! Kodwa ndiyaxolisa!” Mpumezo: “Hay ibingekho ingxaki wena tata! Ndilijoni, ndilala ndiguqile, ndizakuzibamba iintambo, ndishumayele”

#DOUO

No comments:

Post a Comment