Thursday 19 December 2013

Scene #3.13

Usisanda, waye engaziva kakuhle ixesha eli lonke. Eqaqanjelwa nangamazanzi esisu, erhawuzelelwa nangumzimba wonke. Kwakusele kuntsuku ke usisiza esiva kanje, suke wanokutyhafana okuthile kunye nokudakumba komzimba. Yayingamonwabisi ke lento nkosi yam, ehleli nje unxibe shushu, vuxa vuxa. Ehleli nje uyedwa, kwaye uquqa kakhulu nangasese. Ukuba akaquqanga ngasese ube tshona ebheyileni ekamerweni. Atsho ke ngomchamo onukayo. Emva kokuyicingisisa ke lento wagqiba ekubeni andwendwele apho kufumaneka khona uncedo.

Nurse: “I am so sorry”
Sisanda: “What?”
Nurse: “Injalo sisi”
Sisanda: “I don't understand mna nurse”
Nurse: “Sisi, unedischarge! Kwaye sele ikwelinye iqondo ngoku kaloku ind...”
Sisanda: “Yenzeka njani lonto nurse?”
Nurse: “Ndithi kaloku sisi, ndilinde ndigqibe ubuyis...”
Sisanda: “Ewe bendiyisebenzisa ikhondom mna”
Nurse: “Asoze undixokise kaloku sisi! Lento ndiyibona apha kuwe kuyacaca wena ukuba awuyisebenzisi ikhondom, kalokum I...”
Sisanda: “Undazelaphi? Ufuna ukuthi ndilihule mna nesi? Ufuna ukuthi ndilala nawo onke amadoda aleLower? Huh?”
Nurse: “Owam umlomo akhange uwakhuphe ke loo magama, khawusole undixelela ke sisi, mangaphi amadoda olala nawo? Uyayisebenzisa ke ikhondom? Khona, uyacwangcisa?”
Sisanda: “Ewe, ndiyayisebenzisa, indoda yam inye nguThulani. Andicwangcisi ke mna”
Nurse: “Kutheni?”
Sisanda: “Iyatyebisa kaloku le naliti andi ayindimensisi mna”
Nurse: “Hlala phantsi kaloku sisi ndikuxelele zonke ezi ziphumo zakho”

Sisanda: “Hay ndiryt ngoku ndime ngenyawo”
Nurse: “Kulungile ke sisi! Mamela ke, bendisithi. Wena sikufumanekise unedischarge ebizwa ukuba yiSyphilis. Kwaye sele ikwiqondo elibi kakhulu, amaqhakuva la onawo kudala uwathwisha and sele enwenwele ngaphakathi. Unezilondana ezilapha emilebeni kasisi lo wakho. Kuyacaca ukuba sele kuntsuku zikhona. Unemikrwelo ke nalapha emilebeni caba kudala uzithwisha ngalamazipho wakho makhulu. Enye into, sifumanisa ukuba umlomo lo wesibeleko sakho nawo uchaphazelekile, kukho izilondala kunye namaqhakuvana engathi ngamatyana amancinci, oku kwetyuwa. Sikwafumanisa ukuba unesifo esandulela ingculaza. Ungabi nalo kodwa ixhala, sizakuzama ngako konke okusemandleni ukuba ulufumane lonke uncedo, kangangoko suinako. Sinawo amacebo kunye nezinto ezikhawulelana kunye nempilo yabantu abaphila sesi sifo. Enye into esiye sayifumanisa kukuba, ukhululelwe, kwaye lele uneeveki eziliqela. Iindaba ezimbi ke zezoba, kuthe kanti umithele ethumbini, kwaye iyingozi kakhulu ke lonto. Ngoku, kuzakufuneka wenziwe uqhaqho, ukuze kukhutshe loomntana. Iyingozi kakhulu ke sisi wam, kuzakunyanzeleka ukuba sikhawulezise ukkwenza leoperation, kungeko nakali. Siza...”

Sisanda: “Yhuuuuuuuuuuuuuuuuuuuuuuu!”
Nurse: “Hay sukukhala kaloku sisi, kuza kulunga. Qina wena ukwenzela sikwazi nathi ukuwenza ngenyameko umsebenzi wethu. Ngoku uzakusenza iinkenkene. Kuzakufuneka ndikunike amaphepha ngoku uwagcwalise, angeke sikwazi ukulinda ixesha elide. Ubeka impilo yakho emngciphekweni ngokulinda sisi. Qina wethu!”
Sisanda: “Yhuuu yhu yhu yhu yhu! Ndenze ntoni mna? Kutheni ezizinto zehla kum ndodwa? >Ndenze ntoni mna? Oyini bawo! MAAAAaaaaaAAAAaaamAAAaaaaaaa!!!! yhuuuuuuu!”
Nurse: “Oh yini ukukhala kakubi kangaka nha sisi. Thula wena kuzolunga kaloku”
Sisanda: “Ndifuna umama! Maaaaaaaaamaaaaa!”
Nurse: “Ndinike inombo yakhe ndimtsalele unxeba sisi, ewe akulunganga ukuba ube wedwa ngoku. Ungehlelwa yinto. Iphi iboyfriend yakho! Ndinke nayo inumber yayao ndiyitsalele umnxeba”

Wehla ngedonga uSisanda inga nguYesu ebethelelelwe emnqamlezweni. Wehla bhaxa phantsi sele kunzima nokuba kuphume into kodwa kowakhe umlomo, nantso imifinya, iinyembezi ngaxesha nye de yanga incangathi ukujiya oku. Waye enesingqala ke.

Unesi, waqhubeka yena ngokuqokelela lamaphepha ekumele agcwaliswe nguSisanda, ebambe ipen ngomlomo. Wayemana engena emnxebeni efowuna, ethetha nabanye kwelinye igunye, suke kwangena usisi ephe amanzi aneswekile, waseliswa uSisanda.

Nurse: “Ngomso kumele uye kuqhaqho ke sisi, ange sikwazi ukukulindisa. Kuzakumele ungatyi kutya kusasa, ungaseli kwa amanzi ukwenze amathumbu angagcwali kutya. Umama wakho kumele asayne lamaphepha, kodwa ndimfowunele ke uyeza usendleleni. Ungabinalo ixhala mntana wasekhaya uzakuhoywa zincutshe kulomsebenzi and nothing can go wrong. Uthandaze ke nawe ze uThixo akuncede. Bekumele uyisebenzisile ikhondom ke kwasekuqaleni, umncinci gqithi ke for ube nosana, kwaye nale into kwakumele uyilumkele kwasekuqaleni, kodwa ke sekwenzekile kwaye asisoli nto, kumele siqhubeke nempilo, kakade asikokuphela kwempilo oku, ntonje kukuqala kwayo. Kukuwe ke ukuba ufuna ukuziqoqosha okanye ufuna ukusole uyichitha pha phandle kwa hell. Asikokuphela kwempilo, uThixo ukhona and uyakuthanda. Nyamezela ke ubekezele, ukholwe ukuba usezakuphila ixesha elide”

Ukuba wayesiva ngeendlebe uSisanda ndingancama, kuba wayesele ethe phuhlu amehlo. Suke wawathi ndwanyi phexe ukujonga oku, wayesele ephefumla ngamagxa oku kwekwenjana eshiywe ngumvundla. Sele wathi vuxa kweladonga ahleli kulo, nanko ke ethe shwace.

Waqhubeka yena unesi ukulungalungisa izinto ezithile.

#DOUO

No comments:

Post a Comment