Thursday 19 December 2013

Scene #2.6

USisanda noMpumezo basedolophini.

Sisanda: “Siqale phi ke love?”
Mpumezo: “Masiyokhulu le mpahla yomntana wakho kaloku”
Sisanda: “Uzothenga nto kanit wena k’qala?”
Mpumezo: “Kumele ndikhangele iOIL yasenkonzweni kaloku”
Sisanda: “YiOil enjani ke leyo love?”
Mpumezo: “Nam andiyazi kaloku! Kumele ndiyikhangele”
Sisanda: “Ok! Masambe siye eGolden Acre kwa Mr Price”
Mpumezo: “OK! Let me ask, ikhona iOIL echeap oyaziyo wena?”
Sisanda: “Andiyazi kaloku ukuba ufuna iOIL enjani. Ibe yenjani?”
Mpumezo: “Nokuba ibe njani! Ingabi duru kodwa:
Sisanda: “Ibe yimalini ke? Uphethe malini?”
Mpumezo: “Kumele siyithenge ibe ninzi kaloku. Abazalwane bazakuyifuna bonke, bayayifuna”
Sisanda: “Yi-Oil yantoni khona le? Yeyokwenzani?”
Mpumezo: “Le oil isetyenziselwa ukukwenza ithamsanqa, iyintambiso, iyakhusela, iyakhanyisa, ikhulula okubotshiweyo, yenza nje konke okufunwa ngumntwana kaThixo”
Sisanda: “So you mean yonke nje ingxaki endinayo kumele ndiqabe le-oil? Izophela? Yhooo!”
Mpumezo: “Ukhuza ntoni? Iyanceda nana! Inentambiso yomgcotywa kaThixo”

Bafika kwa Mr Price. Kwaye kugcwele ngeyona ndlela. Mntu ngamnye unento ayiphetheto esandle, kuyaphithizelwa, kuyatyhalwana, kufoliwe, kuyangxolwa. Ndlela le kwakuxakeke ngayo kule venkile de kuyaxokozelwa.

Mpumezo: (Ebhekisa kosecaleni kwakhe) “Yintoni kugcwele kangaka namhlanje apha? Ziyaphisa ezimpahla niziphetheyo?”
Umthengi: “Yi-sale kaloku namhlanje kwaye kufuneka iishelves zibe empty”
Mpumezo: “OH! Yiyo lonto! Khanithuthe ke”
Umthengi: “Tyhini! Waziyekela! Kukho iijezi ezintle zamadoda kunye neebhrukhwe. Hambozikhethela mfo”
Mpumezo: “Hay! Ndikhaphe elinenekazi ndihamba nalo. LIzokhulula iLay-bye zomntana”
Umthengi: “Hay mfondini! Thengela owakwakho maaaarn! Sukuba ligqolo apha! Zihle kakhulu ke zo sisi izinto! Jonga le top! YiR17.50 qha...!”
Mpumezo: “Ha! Ha! Ha! Akadingi mpahla lo, uyambona n je nawe!
Sisanda: “Heeeeee! Mandoyiswe”
Mpumezo: “Uyayidinga ke?”
Sisanda” Ewe tshini!”
Umthengi: “Umntu obhinqileyo mfo kumele asoloko efumana into entsha. Lonto iyamvuyisa! Angakwenzela yonke into ke xa umana umvuza ngento entsha! Take it from me, i am a woman and i am with my man, he is the one obhatalayo and ingumsebenzi wakhe ke lowo”
Sisanda: “Kuvuya wena sana! Mna andithengelwa nix and nangoku ndizokhulula ilay-bye endiyenze ngemali yegranti”
Umthengi: “Yhoo! Utata lo womntana uthini kanti yena?”
Mpumezo: “Hay andingo...!”
Sisanda: “Hay suba naxhala sisi, nam ndizothengelwa namhlanje and ubabywam naye uzobhatala nje ngalo wakho...!”

Baya kwi counter ke nabo ooSisanda, wafika wakhupha islip wanikisa, yayojikela intombi enikwe isilip kwelinye igumbi.

Sisanda: “Baby, cela ube undinike iR300 kulemali uyiphetheyo, kugcwele kwi ATM, zokunika xa sele siyikhuphile le yam”
Ukubuya kwentombi kunye nempahla. UMpumezo uqaphele ukuba asiyompahla yomntwana kodwa leya. Kodwa wathula, wakhupha R200’s ezimbini wanikisa. Wancuma uSisanda, kakade kulaR300 ebezokongeza iR95 ukuze ikhululwe impahla yakhe. Wothukela ngaphakathi umfo xa kubuya iR3 qha enadweni yeR100 kodwa wathula. Bagqiba.

Ikhona enye itop efana nale yalasisi besithetha naye. CEla siyojonga yonga yona ke nana! Nezinye izihlangu! Ndifuna nee peynti ke tana, zindiphele, that’s why zange ndikwazi ukukhulula phambi kwakho lamini. Wawuzondihleka!”
Mpumezo: “ Masenze kaloku kwenzela siyokhangela le oil”
Sisanda: “And ke nguwe ozobhatala ke sana. Eye oil sizokuyikhupha xa siphuma apha! Heke zisekhona! Jonga le! Injani xa ndiyinziba nale jin ndisandokuyithenga? Intle nhe?”
Mpumezo: “Ingathi incinci njena! Phofu intle”
Sisanda: “Cela sikhangele izihlangu ke! Yima nazi iipeynti, zinjani ezi? Ndaythnda ke le! Ihlala nje kamndana and azipitsi. Awuzithandi wena nana?”
Mpumezo: (Enentloni) “Intle love” Yimali ke yona?”
Sisanda: “YiR45 inye, funa noba zintathu kaloku baby. Zabangathi ndinxiba ipeynti enye ke xa inye yaqo and ndizohletywa!”
Mpumezo: “Ok! Maside sihambe kaloku. Kuthwa yindoda etheni le isezipeyntini?”
Sisanda: “HA! Ha! Ha! Ha! Ok ke love! Yhu! Intle kodwa le Jacket babywam...! Ndiyayithanda!

Siyiyeke apho ke...! Sizobuya kwangoku ke bafundi....!

#DOUO

No comments:

Post a Comment