Thursday 19 December 2013

Scene #3.1


 It was after the service and Bonisa was on her way to take a taxi home. Siyabulela was with her and a few other people. It was nearly 22:30 and by this time, amaphela taxis were too scarce. Abanye abantu babesazincokolela ngaphakathi nangaphandle ententeni. Kwakuziziqhu ngapha nangapha. Abanye bejonge kweziphone zabo, abanye bevakala behleka, bekhuza, besothuswa yinto ababyibona kweziphone zabo. Abanye babengahoyanga bezincokolela, abanye behlalutya umyalezo kaThixo wangalomini. Abanye beme ngasezimotweni, kucaca nje balinde abaninizo bazivule, bangene. Abanye bencwase ukufumana iilifts, abanye sebephakathi kakade kuzo, bekhohlwe kuphuma. Suke kwanyakazela, kwangxolwa, kwaxokozelwa kwayilonto.

Umfundisi wayesele esemotweni yakhe, inguye wonke bethu. Kaloku wayethanda ukuphuma mva ententeni, alinde kuhambe wonke umntu, asheke kunye naba bafana bahlala entente. Ubeqala aqondisise ukuba yonke into ihamba ngendlela nha. Namhlanje ngumamfundisi olibazisayo, wayeme naba bantwana abe exuthe kubo iphone, wayethetha egadlela kubo, esolatha ngeminwe yakhe kwezozifuba sele zigcwele amabelana kakade. Wayethetha kucaca ukuba iyamcaphukisa ke lento ayithethayo. Ukusuka apho waabanika iphone yabo, kodwa isathetha. Shame, babethe shwace abo bantwana, suke nabo banyaba ukuya ngakumakwabo, bekhawuleza.

Ukusuka apho umamfundisi, weema ixesha elide nomzalwan'uMpumezo. Uqale ngogadlela uthetha nakuye, esolatha, ekhomba, ephekuza. Suke ngelingeni wazivuthulula idaka ngasemva kwilokhwe yakhe entle kunene. Wazama ukosula-sula ngelaphu awayeliphethe, osule nangesandla kucaca oludaka shame luse manzi kwaye lumngcolisile. NoMpumezo umane ekroba ngapha kweempundu zikamamfundisi, ejonga lento kuthethwa ngayo.

Umfundisi wayeyibukele yonke ke lento, yena wayengxamele kuhanjwe qha, wayeyibona yonke le imane isenzeka kodwa enganakanga nto. Suke wamana ebetha ihutari yemoto, aweyvishe isandla, akhwaze ngefestile, astate imoto, phinde ayicime; akezi umamfundisi. Yade yamthukuthezela lento, waqhuba weza ngakubo.

Pastor: “Mpumezo! Ngawuyeke umamakho maaarn! Kuhlwile”
Mpumezo: “Mthathe mruti! Ha! Ha! Ha!”
Mamfundisi: “Tyhini! Wandithengisa ngoku my Brother”
Pastor: “Masambe nkosikazi”
Mpumezo: “Ndisancanca kaloku tata apha kumam'am”
Pastor: “Ndiyijongile lonto nceku”
Mpumezo: “Nihambe kakuhle bethuna, sibonane ngomso”
Pastor: “Ngoku mzalwane wam, Lamcimbi umisa njani kuwo?”
Mpumezo: “Owuphi kanene mruti?”
Pastor: “Lo we oil kaloku ndoda kaThixo”
Mpumezo: “OHH! Hay ndisawuphethe tata, kwaye ndiyathembisa noko ukuba izakufumaneka” Pastor: “Ndingxamile ke ndoda! Ndifuna siqalise ukwenza umsebenzi kaThixo ze bancedakale abantu:
Mamfundisi: “Ikhona ke indawo endicinga ukuba ziyafumaneka kuyo, ndiyacinga ukuba iphi nha, kodwa ndakukwazisa Brother xa sele ndiyiphandile ndayifumana, ndikwazise”
Mpumezo: “Ndiyabulela mama! Ndingavuya kakhulu”
Pastor: “Hay'ke! Masikushiye ke s'caka senkosi! Usale kakuhle”
Mpumezo: “Alright bazali nihambe kakuhle”

Wayindulula utata umfundisi.

#DOUO

No comments:

Post a Comment